Imbono YeBhayibhile
Ngaba Ukho Ngokwenene UMtyholi?
XA WAWUNGUMNTWANA, ngaba wawuboyika ubumnyama? Mhlawumbi wawucinga ngesigebenga esincathame phantsi kwefestile yakho, silindele ukukuxhiphula kubazali bakho. Ngoku njengomntu okhulileyo, onako ukufunda inkcazelo eyinyaniso nokucinga ngokusengqiqweni ngakumbi, uloyiko lwakho lobuntwana lubonakala luyinto ehlekisayo. Bambi abahlalutyi bathi: “Ngoko, kutheni singahlabeli mgama nje size simgqale uMtyholi ekuluhlu olufanayo—engasenguye owokwenene ngaphezu kokuba esisigebenga esithelekelelwa ngumntwana?”
Ngaba akakho uMtyholi ongowokwenene? Oko koko kanye enye incwadana yonqulo ikuqinisekisayo isithi: “IBhayibhile ayithethi nento le ngesigebenga esikhohlakeleyo esinjalo” ibe, “Kwigama elithi uMtyholi nelithi uSathana . . . sinengcamango yesono nobungendawo obuzuzw’ ilifa kwimveli yobuntu.” Okanye kunjengokuba umfundisi-ntsapho weSikolo Secawa eUnited States wakubeka ngale ndlela oku: “Okuphela kwabatyholi abakhoyo ngabantu.” Ngaba oku kubonakala kulula gqitha—mhlawumbi kulula ngokugqithiseleyo?
Ukucacisa Indlela Yomntu Yokuziphatha
Ukuba thina bantu singabakuphela kwabatyholi abakhoyo, ngoko ke kutheni phantse sonke sibonakalisa inkxalabo ngempilontle yeentsapho zethu? Ngokomzekelo, njengabantu ngabanye inkoliso yabantu ilungiselela iintsapho zayo ukudla; abathi ngabom bazigalelele ityhefu, ibe bayaziphepha iingozi ezisongela ubomi babo. Akukho nto inobusathana kuloo nto! Sekunjalo, xa aba bantu banye besenza izinto njengezizwe, nto ithile ithintela imbono yabo ngempilontle abayixhalabele bonke. Njengezizwe, bavumela izixa ezikhulu zokutya kubole kunokuba bondle abantu abakumazwe abo abalambayo. Bangcolisa imekobume yomhlaba. Bayazixhobisa ukuze batshabalalisane—kwimfazwe yenyukliya. Onjani wona ummangaliso, isimo sengqondo sokuzitshabalalisa!
Yintoni ephembelela ukumfameka okunje ekuziphatheni koluntu? Ngaba sisimo sengqondo sehlokondiba labantu? Ngaba ligcudwana nje leenkokeli ezingaqiqiyo? Ngokuqinisekileyo kukho okungaphezu koko okubandakanyekileyo. YiBhayibhile kuphela emchazayo lowo ‘umfamekise ingqiqo yeli phakade’ elilihlabathi liphela elingakholwayo. Ngubani lowo? ‘Ngulowo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela.’ Ulawula uluntu olulungelelanisiweyo ngokuphumelela kangangokuba iBhayibhile imbiza ngokuba ‘nguthixo’ wale nkqubo yeli hlabathi.—2 Korinte 4:4; ISityhilelo 12:9.
Lo ‘thixo’ akalozim nje elizifihla ngaphantsi kwefestile yakho. Kodwa uliqhawe lezobupolitika elinamandla, isidalwa sokomoya esingabonakaliyo, esathi, sikatyile kwilinge laso lokufuna ukunqulwa nguYesu samthembisa ukumnika zonke izikumkani zehlabathi. (Luka 4:6, 7) Kubonakala ukuba, uSathana wayekhe walinikezela elo gunya kwabanye ngaphambi kukaYesu Kristu, kuba incwadi yeBhayibhile kaDaniyeli ityhila ukuba njengamabamba, izithunywa zezulu ezinemvukelo zathi zamkela igunya phezu kobukhosi behlabathi—ezazibizwa ngokusesikweni ngokuba ‘ngumthetheli wamaPersi,’ ‘nomthetheli wakwaYavan.’—Daniyeli 10:20, 21.
Ngaloo ndlela uSathana uye wayila intlangano enkulu—kokubini ‘njengomphathi wehlabathi [elibonakalayo]’ ‘nanjengomphathi weedemon [ezingabonakaliyo].’ (Yohane 14:30; 16:11; Mateyu 12:24) Le ngqiqo yokuba, uMtyholi ukhokela intlangano yehlabathi liphela, icacisa okuninzi.
Isizathu Sokuba Abe Ukhokela Iintlangano
Kanye njengokuba ingqwayingqwayi yeqela lezaphuli-mthetho ezilungelelanisiweyo isenokuvelela imisebenzi emininzi engekho mthethweni—iziyobisi, ubunongogo, ubusela, ukungcakaza, ukurhweba ngokungekho mthethweni, njalo njalo—ngaphandle kokuzibonakalisa yena ubuqu kubo bonke abaphantsi kwakhe, uSathana ngoko usebenzisa intlangano ethile ukulawula abantu abaninzi ngakumbi kunokuba ebeya kwenjenjalo ngokwakhe eyedwa. Ukwenza njani oku? Ngaphandle kokubandezela abantu ngabanye, yena needemon baziphatha izihlwele zabantu ngokungathi yimihlambi yeenkomo. Akukho mfuneko yokwalathisa ngamnye ngokobuqu. Kulula nje ukujika inkokeli yomhlambi ibe inkoliso iya kulandela. Wandula ke anikele ingqalelo kwabaphambukayo.
Ewe, uMtyholi ungowokwenene ngokupheleleyo, kodwa ukufaniswa kwakhe kokwenyaniso akunanto yakwenza kangako nenkohliso esiyibona kwimifanekiso ehlekisayo okanye kwiingcamango ezimfiliba zabefundisi bezakwalizwi. Ngaba zimfiliba? Ewe, kunjengokuba incwadi ethi Satan, A Portrait iphawula isithi: “Ukukholelwa kuSathana kube yinto engacacanga” kwinkulungwane ye-19, ibe abefundisi bezakwalizwi “baye balinga ukucacisa uSathana njengento ethile kunokuba abe sisidalwa esiphilayo sokomoya.”
Ngubani Oxela Inyaniso EngoMtyholi?
Ukukuthandabuza kweenkonzo zanamhlanje oko iBhayibhile ikutshoyo ngoMtyholi kufaka isandla kwibutho elikholelwa kwizinto ezibonakalayo eliye alaqiniseka ngoThixo ngokwakhe. URuth Ansher kwincwadi yakhe ethi The Reality of the Devil, uthi “Namhlanje, uMtyholi uye wathi shwaka ibe . . . uThixo ngokwakhe uye walala emqokozweni.”
Ngokuthandabuza imbono yeBhayibhile, “iingcaphephe” zanamhlanje zonqulo ziye azayigqala inyaniso ekhanyisa oko kwenzeke kwixesha elidlulileyo. Kunjengokuba umbhali wemidlalo waseRoma uEugène Ionesco wavuma kwiphephandaba laseJamani esithi: “Imbali ibiya kuba yengenakuqondwa ukuba besiya kuyikhuphela ngaphandle ingcamango yeedemon.”—Welt am Sonntag, kaSeptemba 2, 1979.
Ngaba kukho nabani na onenkalipho yokuphakamisa inyaniso engendima kaMtyholi kumanqam anamhlanje ehlabathi? Ngokucacileyo, ukho! Qwalasela “Isibhengezo sokumela uYehova nxamnye noSathana” esamkelwa ngamxhelo-mnye kwindibano yowe-1928. Sashukumisela amaNgqina kaYehova ukuba avakalise, ngokungathi kuhlatywa umkhosi nxamnye notshaba lomntu, uSathana, ukuba idabi elikhulu elizayo leArmagedon ngokukhawuleza liya kunqumamisa uSathana nentlangano yakhe ekhohlakeleyo.
Enyanisweni, imbali iyangqina ukuba uMtyholi ulutshaba lokwenene lakhe ngamnye wethu. Kodwa, ngokucacileyo, uYehova uThixo akasishiyanga sisedwa. Kutheni ungafundi okungakumbi nje? Kunembuyekezo ukwazi utshaba lwethu, “ukuze singabonelelwa nguye uSathana; kuba amaqhinga akhe siyawazi.”—2 Korinte 2:11.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 13]
“Namhlanje uMtyholi uye wathi shwaka ibe . . . uThixo ngokwakhe uye walala emqokozweni.”
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UMtyholi wokwenene akafani nalowo okwimifanekiso yonqulo okanye okwiingcamango ezimfiliba zabefundisi bezakwalizwi
[Inkcazelo]
Gustave Doré