Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Kuthekani Ngemisebenzi Yokubonisa Ngempahla Yefashoni Nokhuphiswano Loonobuhle?
“XA WAYEKUKHENKETHO lokuya eNew York nyakenye, omnye umfo onehotele waxelela umama oku, ‘Ufanele use intombazana yakho kwisikolo sokubonisa ngempahla yefashoni. . . . Imanz’ andonga,’” wakhumbula oko uAmy oneminyaka eli-12 ubudala.
Inyambalala yolutsha olucikiziweyo luye lwafumana amava afanayo. URacine oneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala wafumana umnxeba ovela kwindoda eyayizama ukumkhuthazela yena nomsakwabo kumsebenzi wokubonisa ngempahla zefashoni. Inenekazi eliselula laseMzantsi Afrika lacelwa ukuba libe nenxaxheba kukhuphiswano loonobuhle. Yaye asingomaqobokazana kuphela axhamla le nyhweba enengeniso eninzi. Ityendyana elinguJonathan lathiwa jize ngomsebenzi wokubonisa ngempahla yamadoda.
Ewe, kulo lonke ihlabathi, amanene namanenekazi nabantwana babo bonke ubudala barhwetyeshelwa kwimisebenzi yokubonisa ngempahla, kwimiboniso yoonobuhle, nakweminye imisebenzi efana naleyo. Kukhutshwe ingxelo yokuba, kwelaseUnited States kuphela, kubakho ukhuphiswano loonobuhle kangangezihlandlo ezingamakhulu amawaka nyaka ngamnye. Abaphumelele emagqabini bawelwa ngumqa esandleni ngokufumana amawakawaka eerandi, amabhaso nemali yokufunda simahla. Kwabo bambalwa bakhethiweyo, ukuphumelela kumboniso woonobuhle kunokuphumela kukuzonwabisa nakwimisebenzi yokubonisa ngempahla enengeniso eninzi.
Elinye inenekazi eliselula lithi: “Kubo bonke ubomi bam ndifuna ukuba ngumbonisi wempahla yefashoni—ndibonise ngempahla kumaphephancwadi nakwimiboniso yefashoni yasekuhlaleni. Lo msebenzi uhlawula imali esusela [kwii-R65] ukusa [kwii-R260] ngeyure.” Noko ke, kukhutshwe ingxelo yokuba bambi ababonisa ngempahla bodidi oluphezulu bafumana umvuzo ofikelela kwii-R6 500 eedola ngemini! Akumangalisi ke ngoko ukuba, lumbi ulutsha olucikiziweyo lwamaKristu luye lwahendelwa ekubeni lungenise imali ngenkangeleko yalo entle. Ubuya kusabela njani ukuba ubunokujizekwa ilungelo elilolo hlobo lokunyhwalaza?
Ubuhle Bunokuba Yingenelo
Ngokubhekisele kwintombi enyulu engumYuda uEstere kwathiwa “yayimile kakuhle, intle nasebusweni.” (Estere 2:7) Enyanisweni, usenokuthi wangenela ukhuphiswano loonobuhle lohlobo oluthile nakubeni wayengazimiselanga. Ziziphi iziganeko ezakhokelela koko? UKumkanikazi wamaPersi uVashti waye waguzulwa kwisihlalo sobukhosi ngenxa yokungathobeli. Ukuze afumane umntu ofanelekileyo owayenokungena ezihlangwini zakhe, uKumkani uAhaswerosi wahlanganisa iimbelukazi ezinyulu zawo wonke loo mmandla. Kangangeenyanga ezili-12, walungiselela ukuba la mabhinqa aselula anikwe ukutya okukhethekileyo aze athanjiswe rhoqo ngobulawu nangeoli yemore. Ntombazana nganye yayifumana ithuba lokuhlolwa. Yaye xa kwafika ithuba lokuhlolwa kukaEstere, wanyulwa ukuba abe ngukumkanikazi omtsha!—Estere 1:12–2:17.
Noko ke, kwakutheni ukuze uEstere angenele olu khuphiswano? Ngaba wayefuna uzuko olulambathayo? Akunjalo, uEstere wayelandela ulwalathiso lukaYehova, awalufuna ngokuphindaphindiweyo ngokuncedwa ngumza nomgcini wakhe ohlonel’ uThixo, uMordekayi. (Estere 4:5-17) Indoda engendawo egama linguHaman yenza iyelenqe lokutshabalalisa abantu bakaThixo, uhlanga lwakwaSirayeli. Olo ‘khuphiswano loonobuhle’ lwavulela uYehova ithuba lokuba enze uEstere abe kwisigxina esibalulekileyo apho wayeza kuba nako ukutshitshisa eli yelenqe. Ngaloo ndlela inkangeleko entle kaEstere yangqineka iyintsikelelo kubo bonke abantu bakaThixo!
Kuthekani namhlanje? Ngokuqinisekileyo inkangeleko kabani asiyiyo eyona nto ibalulekileyo ebomini.a Sekunjalo, xa iphelekwa kukundiliseka nokuthobeka, inkangeleko entle inokuba sisiphiwo esiligugu. Noko ke, ngaba oku kuthetha ukuba ukubonisa ngempahla okanye ukungenela imiboniso yoonobuhle kuyindlela yobulumko yokusebenzisa esi siphiwo siligugu? Okanye ngaba kukho iinkalo ezimele ziqwalaselwe ezingaphaya kokulukuhlwa ludumo, uzuko okanye ubutyebi?
Okungaphaya Kobo Bukhazikhazi
Ukubonisa ngempahla yefashoni kunazo izinto ezincomekayo. Impahla entle, izinto zexabiso ezenziwe ngamatye anqabileyo, umvuzo oncumisayo, amathemba okukhenketha nawokuvela kumabonwakude—konke oku kunamandla atsalayo. Ukongezelela, uqeqesho lokubonisa ngempahla luye lwanceda amanenekazi namanene amaninzi aselula ukuba ahambe ngendili yaye athethe ngokuzithemba nangokunesithozela. Kodwa ezi zinto zincomekayo, ubukhazikhazi, nobuqheleqhele bunokumzisela iingozi zokwenene umKristu.
Asikuko ukuba ukubonisa ngempahla kona ngokwako kubi. Eminye imiboniso yempahla iphumeza injongo entle: ukwenza imveliso ibonakale inomtsalane. Eso sesinye sezizathu zokuba kusetyenziswe abantu abanezandla ezihle ekuboniseni ipolishi yeenzipho kwimifanekiso yamaphephancwadi nakwiintengiso zikamabonwakude. Ngokufanayo, kusetyenziswa amanene namanenekazi amile kakuhle ekuboniseni iintlobo zempahla. Ukuba loo mpahla indilisekile, kusenokungabi yinto echasekileyo ngomKristu ukuhlawulelwa ukubonisa ngayo.
Sekunjalo, kukho iingxaki ezininzi ezihambisana nokubonisa ngempahla ekungasoloko kulula ukuziphepha. Ngokomzekelo, ubuya kusabela njani ukuba bekuthiwe nxiba impahla edlulisela intsingiselo ethile okanye engafanelekanga kumaKristu? Okanye ukuba intatheli yemifanekiso ikurhwebesha ngokuchuliweyo ukuba ume okanye uhlale ngendlela engandilisekanga nevuselelayo? Ngokungakumbi, ubani akanakusoloko eqinisekile ngendlela imifanekiso eza kusetyenziswa ngayo. Ngokomzekelo, ezo foto zisenokuvela kumbandela okhuthaza iiholide zonqulo lobuxoki okanye onokuthanani nokuziphatha okubi.
Kwakhona kukho umphumo umsebenzi onjalo osenokuba nawo kubuntu bukabani, umkhuthazela ekuveliseni izimbo ezingatshongo khona. Ukugxininisa ngokuzingisileyo kwinkangeleko kabani yangaphandle ‘kunomntu ofihlakeleyo wentliziyo’ kubangele ukuba ukubonisa ngempahla yefashoni kube bubuvuvu nje. (1 Petros 3:4) Kwakhona, ukusebenza ngempahla yexabiso, ngezinto ezenziwe ngamatye anqabileyo, nangezinye izinto ezifana nezo kunokubangela ukuba utyekele nzulu ekucingeni ngezinto eziphathekayo.—1 Timoti 6:10.
Umsebenzi wokubonisa ngempahla yefashoni ukwadume kakubi ngokuchanaba ubani kubantu, abangamadoda namabhinqa, abagxininisa ukuziphatha okubi ngokwesini njengomchankcatho wokunyuselwa emsebenzini. Kunjengokuba omnye owayesakuba ngumbonisi wempahla yefashoni ephawula oku: “Xa kuthethwa ngokuphandle, ufanele uvule zibhuqe [ngokwesini] ukuze ulungelwe naphi na.” Abanye ngokubhekele phaya bathi nobufanasini buxhaphakile phakathi kwabantu ababonisa ngempahla yamadoda. Ngoxa oku kusenokungasoloko kunjalo, kusenokuba yingxaki ephawulekayo kwimisebenzi yokubonisa ngempahla kunokuba kunjalo kweminye imisebenzi.
Imiboniso Yoonobuhle
Ubukhulu becala oku kukhankanywe ngasentla kuyasebenza nakwimiboniso yoonobuhle. Phofu ke, ukongezelela koko, kukho ingcinezelo yokhuphiswano olukhulu. Oku kuye kwabaqhuba abanye abathabatha inxaxheba kolo khuphiswano ukusa kwinqanaba lokuba babonakalisele ngabom abo bathabatha inxaxheba kunye nabo. Ngokutsho kwenye ingxelo, “bambi abathabatha inxaxheba kukhuphiswano bakufuna ngamehlo amnyama ukuphumelela kangangokuba bade baqabe ilipstick kwimpahla yokuqubha yabo bakhuphisana nabo okanye bachithele ngeCoke impahla yabo abayinxiba kumatheko angokuhlwa besenza ngathi oko kube ‘yimpazamo’.”
Kwakhona, abaququzeleli bemiboniso yoonobuhle balindele ukuba amantombazana abo azibhakaxe ngokupheleleyo emsebenzini wawo njengoko engabameli babo kwezentengiso nakuwonke wonke. Ngokufuthi oku kufuna ukuba abuthe kude kuse gede. Elinye inenekazi eliselula laxelelwa oku: “Sithandwa, akuzange udinwe nanini na. Ungawuyeki lo mkhwa. Uba ngowokuqala ukufika ethekweni yaye uba ngowokugqibela ukuhamba.” Noko ke, oku kunokumchanaba umKristu oselula kunxulumano olungakhiyo yaye kusenokude kumkhokelele ubani ekubeni athandane nongakholwayo.—2 Korinte 6:14.
Ngelokuqukumbela, kukho isibakala sokuba ukhuphiswano loonobuhle luwubetha ngoyaba umgaqo weBhayibhile okwabaseRoma 1:25, obagwebayo abo ‘bahlonela baze bakhonze isidalwa kunoMdali.’ (Thelekisa IZenzo 12:21-23.) Ngokusekelwe kweso sizinzi nje kuphela, umKristu oselula usenokuba wenza kakuhle ukurhoxa ekuthabatheni inxaxheba kukhuphiswano loonobuhle kwanokuba luyinto nje engenamsebenzi yasesikolweni.
Ubuhle Bokwenene
Ulutsha olukhankanywe ngaphambilana kwaye kwafuneka ukuba luhlolisise ezi zibakala xa lwaluzenzela izigqibo zobuqu. Nangona ukufuna umsebenzi wengqesho wokubonisa ngempahla yefashoni kusenokungabi kokuphosakeleyo kona ngokunokwako, uAmy noRacine bagqiba ekubeni bangenzi njalo. Ngokukwanjalo noJonathan wawuyeka umsebenzi wengqesho wokubonisa ngempahla yamadoda yaye sithetha nje ukhonza kwikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova, enosukelo kumsebenzi wobulungiseleli bexesha elizeleyo. Kodwa enye imbelukazi yangenela ukhuphiswano loonobuhle yaza yaphumelela emagqabini kangangezihlandlo ezibini. Namhlanje, ayisayi kwiintlanganiso zamaKristu. Asikuko nokuba ayinyaniso amazwi athi: “Into enomtsalane nentle ayisoloko ilungile; kodwa into elungileyo isoloko intle.”
Kwakhona sikhunjuzwa ngoEstere. Ngenxa yobuhle bakhe bangaphandle, waqukwa kungcelele lweentombi ukumkani awayeza kuzikhethela kuzo umfazi. Noko ke, yayikukuthozama kwakhe, ukuzithoba nokunganyoluki okwakububuhle bakhe bokwenene. (Estere 2:13, 15-17) Wamisela umzekelo kumazwi kaPetros athi: “Ukuhomba kwenu makungabi kokwangaphandle, kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo; makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.” (1 Petros 3:3, 4) Ekugqibeleni, ukuhlakulela ezi mpawu zobuKristu kuya kukuzisela iingenelo ezinkulu lee kunemivuzo ekhawuleza iphel’ emoyeni yobuhle bangaphandle.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Ibaluleke Kangakanani Inkangeleko?” elivela kwinkupho kaVukani! kaJanuwari 8, 1986.
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Iimpawu zobuKristu zizisa iingenelo ezinkulu lee kunemivuzo ekhawuleza iphel’ emoyeni yobuhle bangaphandle