Xa UGawulayo Engesosisongelo
Ngengokuhlwa yango-Oktobha 3, 1984, uKyle Bork oselula wazalwa kwiiveki ezisixhenxe ngaphambi kwexesha elifanelekileyo. Imiphunga yakhe emincinane yayingekakhuli ngokwaneleyo ukuba ingasebenza kakuhle, ngoko wathunyelwa kwiSibhedlele Sabantwana saseOrange County ekwakuziikhilomitha ezingama-56 ukuya kuso, apho zazinokufumaneka khona izixhobo zokunyamekela iintsana ezikwimeko emandundu ngolo hlobo.
Ugqirha wanikela inkcazelo yokuba igazi likaKyle laliza kufuna ukuzaliswa kwakhona ngokutofelwa kwegazi; ngapha koko nakanjani na wayeza kufa. Nangona oku kwakunzima gqitha kubazali bakhe, baqina kwisigqibo sabo esisekelwe eBhayibhileni sokungavumeli ukuba usana lwabo lutofelwe igazi. (Genesis 9:4, 5; Levitikus 17:10-14; IZenzo 15:28, 29) Ugqirha wakuqonda oko babekuthetha waza wasebenzisana nabo. Ukanti, wathi, ukuba imeko yayisiba yesemngciphekweni ngokupheleleyo, wayeza kufumana umyalelo ovela enkundleni aze atofele igazi.
Ngokuphawulekayo, uKyle wachacha ngokuthe ngcembe, ibe ngosuku lwesithoba, wasuswa kwisixhobo esasimncedisa ekuphefumleni. Kwiintsuku ezimbini kamva abazali bakhe baya naye ekhaya, ibe wakhulela ekubeni ngumntwana owonwabileyo, nosempilweni, njengoko ungambona kulo mfanekiso. Kodwa oko akuzange kuphelele apho.
Kunyaka ophelileyo usasazo ndaba ngomabonwakude lwaseLos Angeles lwanikela ingxelo yokuba abantwana abaninzi ababekwiSibhedlele Sabantwana saseOrange County malunga nexesha awayelapho ngalo uKyle babosulelwe nguGawulayo ngenxa yokutofelwa igazi elasulelayo. Isibhedlele sasizama ukuqhagamshelana neentsapho zabantwana ababemalunga nama-3000 ukuze bahlolwe ukuba babengenayo kusini na intsholongwane kaGawulayo.
Ngoko nangoko, abazali bakaKyle batsalela umnxeba esibhedlele ukuqinisekisa ukuba akazange atofelwe igazi na ngaphandle kolwazi lwabo. Kungekudala, isibhedlele saphendula sibaqinisekisa ukuba akazange afumane naliphi na igazi ibe ngoko wayengekho kwingozi yokwasulelwa nguGawulayo. Abazali bacacisa, “Saguqa phantsi ngamadolo ngokoqobo saza sambulela uYehova, ngokusinika imithetho elungileyo namandla okuba silondoloze ingqibelelo yethu xa sasijongene novavanyo olunjalo.”