Umhlaba Ococekileyo—Siyawufuna
Ngumbhaleli kaVukani! eBritani
UBUSAZI na ukuba abaqhubi beeteksi baseLondon babotshiwe ngumthetho ukuba bagcine iiteksi zabo zicocekile? Ukusilela kwabo ukwenjenjalo kusenokuphumela ekubeni bagxothwe kangangethuba elithile kwizitrato zesi sixeko. Kwanaxa iimeko zendlela zimbi ize inkoliso yeenqwelo-mafutha ihlale imdaka kangangeentsuku ezininzi, iteksi yaseLondon ayinalo nebala kukucoceka. Ukubengezela komphandle wesithuthi kuvuselela iimvakalelo zokuba nebhongo novuyo kumqhubi nakubantu abahamba ngesithuthi eso.
Ngokufanayo, xa ikhaya lethu, iimpahla zethu nezinto zethu zicocekile, oko kukhulisa imvakalelo yokuba sempilweni. Yeha ishwangusha elehlela inkwenkwe yesikolo ebonwa ngunina ingena endlwini ize ishiye izibhaxu zodaka ezivela kwizihlangu zayo ezinodaka ekhaphethini!
Enyanisweni, ukuba sempilweni entle kuxhomekeke kakhulu ekucocekeni komntu siqu. Umzimba wethu ufuna ukunyanyekelwa nokucocwa rhoqo ukuze kushenxiswe ubumdaka obebuya kuvulel’ ithuba izifo. Iinkampani zezorhwebo zifumana ingeniso enkulu ngokuthengisa izinto zokucoca, izihlambululi, iipolishi, iisepha, iisepha zokuhlamba iinwele nezibulala-ntsholongwane esizisebenzisayo ukuze thina nezinto esizisebenzisayo sihlale sicocekile. Ngokuqinisekileyo, inkoliso yabantu iyixhalabele imfuneko yokucoceka. Kodwa ukuba uhlala esixekweni, uyazi ukuba oku akunjalo.
Ingozi—Ungcoliso
Abantu abahlala ezixekweni balwazi kakuhle ungcoliso nommandla ongacocekanga. Oku bakubona kwinkunkuma ethe saa, izinto ezimdaka ezithe ngokungenankathalo zashiywa ezitratweni, nakwimibhalo ekrwada ebhalwa ezindongeni zezakhiwo zikawonke wonke. Oku bakusezela kumsi otsarhayo ovela kwizithuthi nakwivumba lomsi elikrakra ezimpumlweni elizalise ezinye izixeko.
Mhlawumbi kungenxa yoko le nto abaninzi abahlala ezixekweni ngezihlandlo ezithile bezama ukuchitha ixesha emaphandleni. Bayakunandipha ukuphefumla umoya ococekileyo, mhlawumbi nokude basele amanzi acocekileyo aphuma emthonjeni wentaba. Abanye bathanda ukuya elunxwemeni baze baphumle esantini okanye babethwe ngumoya bequbha kamnandi kulwandlekazi.
Noko ke, khawunqumame kancinane! Ubumdaka nongcoliso zikwancathamile nalapho. Uyabuza ‘Kunokwenzeka njani oko? Kukhangeleka kucoceke gqitha.’ Kaloku, makhe siwukhangele ngokusondeleyo lo moya “ucocekileyo” nala manzi “ahlambulukileyo.”