IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g90 7/8 iphe. 10-11
  • Ukwenza Uphando Ngezilwanyana—Imbono Elungeleleneyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukwenza Uphando Ngezilwanyana—Imbono Elungeleleneyo
  • Vukani!—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imbono YeBhayibhile
  • Ukwenza Uphando Ngezilwanyana—Iindlela Zokusabela Ngogonyamelo
    Vukani!—1990
  • Ngaba Kuphosakele Ukutya Inyama?
    Vukani!—1997
  • Ukuphathwa Kwezilwanyana Ngenkohlakalo—Ngaba Kuphosakele?
    Vukani!—1998
  • Ngaba UThixo Uzikhathalele Izilwanyana?
    Vukani!—2011
Khangela Okunye
Vukani!—1990
g90 7/8 iphe. 10-11

Ukwenza Uphando Ngezilwanyana—Imbono Elungeleleneyo

NANGONA kusenokuphikiswana ngelahleko ekhoyo, abantu abaninzi bakholelwa kwelokuba ukusetyenziswa kwezilwanyana ekwenzeni uphando kuye kwaluzisela ingenelo enkulu uluntu. Kwanabo bakhuthaza ukusetyenziswa kogonyamelo ngokuchasene nokusetyenziswa kwezilwanyana ekwenzeni uvavanyo baye bangenelwa kolu lwazi nemigaqo yotyando emitsha yezonyango kwanakwiziyobisi zokulwa nezifo.

UMartin Stephens woMbutho Wezobuntu eUnited States wathi: “Simele sinyaniseke size sivume ukuba kuye kwakho iingenelo ezithile ngokusetyenziswa kwezilwanyana ekwenzeni uphando. Kodwa olona sukelo lwethu lukukusetyenziswa ngokupheleleyo kwezinye izinto endaweni yezilwanyana.” (IParade Magazine, kaOktobha 9, 1988) UVicki Miller, ongumongameli woMbutho Wezobuntu eToronto, wathi: “Ndiyavuma ukuba ukusetyenziswa ngokunengenelo kwezilwanyana kwaqaliswa ekuqaleni kwale nkulungwane. Ukunyangwa ngokufanelekileyo kwesifo seswekile kwafumaneka ngokusetyenziswa kwezilwanyana ekwenzeni uphando. Kodwa oku akuseyomfuneko ngoku ekubeni sinabo bonke obunye ubugcisa esingabusebenzisa.”​—⁠The Sunday Star, yaseToronto, eKhanada.

Lo mhlalutyi ukwamnye wabuzwa indlela ebeya kubaphendula ngayo abo baphikisa ngokuthi: Ukuba ibuzi limele life ukuze kusindiswe ubomi bosana, malife ke. Ukuba izilwanyana azisetyenziswa ukwenza uphando, iintsana mazife ukuze kusindiswe amabuzi. Impendulo yakhe ekwiGlobe and Mail yaseToronto yayisithi: “Yimbambano ebandakanya iimvakalelo, yaye xa izinto zijongwa ngolo hlobo phantse kube nzima ukuyoyisa . . . Nguloo khetha oyikhethayo phakathi kwempuku nosana yaye ngalo lonke ixesha uyoyisakala.”

Lo mbuzo ubuziwe kwinqaku elandulelayo: “Ukuba uphando olwenziwa kwisilwanyana lunokukusindisa wena okanye umntu omthandayo kwisifo okanye ukufa okuthuthumbisayo, ngaba ubuya kulugatya?” UJohn Kaplan, ongunjingalwazi wezomthetho kwiYunivesithi yaseStanford, eKhalifoniya, wabhala impendulo kwinkupho kaNovemba 1988 yephephancwadi iScience: “Abo bangahambisaniyo nokusetyenziswa kwezilwanyana ekwenzeni uphando bebengasoloko benamathele kuloo mgaqo yaye ababayalelanga oogqirha babo ukuba bangayisebenzisi imiphumo yophando lwezonyango olwenziwa ngezilwanyana xa beluya kuba lolwengenelo kubantu ababathandayo okanye kubo. Yaye bengakulungele nokuzincama iingenelo zayo nayiphi na inkqubela yexesha elizayo ebakho ngokusetyenziswa kwezilwanyana ekwenzeni uphando. Sinokuyincoma imigaqo enyanzelisa amaNgqina kaYehova ukuba alwale utofelo-gazi . . . neyabo bakuchasileyo ukuzingelwa kwezilwanyana ezinoboya into yokuba bengazinxibi izambatho ezenziwe ngoboya. Kodwa simele siyilwe ngamandla ingcamango ekhokelela abo bakuchasileyo ukusetyenziswa kwezilwanyana ekwenzeni uphando ukuba balandele ikhondo labo kungekhona ngokumisela umzekelo woko bafuna kwenziwe kunoko ngokusebenzisa ukunganyaniseki besilwela ukubandeza wonk’ ubani iingenelo.”

Umhleli wephephancwadi iScience kaMatshi 10, 1989 wabhala oku: “Uluntu lumele lwaziswe ukuba ngophando olwenziwa kwizilwanyana kukwancedakala nezinye izilwanyana. Enyanisweni, iyeza lokugonyela ulindipasi, intsholongwane ebulala izigidi zeenkomo ngokuthe ngcembe nebangela iintlungu, lafunyanwa ngokwenza ulingelo kwizilwanyana; yeza elo ngoku elisetyenziswa yiNtlangano Yehlabathi Yezempilo kwizigidi zeenkomo eAfrika.”

Imbono YeBhayibhile

Ngemva koMkhukula wehlabathi lonke womhla kaNowa, uYehova uThixo wanika uNowa nenzala yakhe lo mthetho, osebenza nakwisizukulwana sethu: “Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukudla kuni; njengomfuno oluhlaza, ndininikile oko konke. Yinyama yodwa enomphefumlo wayo, enegazi layo, eningasayi kuyidla.” (Genesis 9:​1, 3, 4) Izikhumba zezilwanyana zazikwanokusetyenziselwa ukwambatha. Oku kwakungayi kuba kukwaphulwa kolawulo uThixo alunika umntu phezu kwezilwanyana.​—⁠Genesis 3:⁠21.

Iphephancwadi uVukani! kaDisemba 8, 1980, lathi: “Ukuba izilwanyana zinokusetyenziselwa ukutya kokuxhasa ubomi babantu, kubonakala kusengqiqweni ke ukuzisebenzisa kwimifuniselo yezamayeza ukusindisa ubomi. Phofu ke, oku asikokunikela imvume kwimifuniselo egabadeleyo nengenaxabiso ngokufuthi, ephindaphindwayo nebandakanya intlungu enkulu.” Ngokuqinisekileyo, ngokwembono yeBhayibhile, inkohlakalo yokuswela intliziyo ngakwizilwanyana ayinakuthethelelwa.​—⁠Eksodus 23:​4, 5, 12; Duteronomi 25:⁠4; IMizekeliso 12:⁠10.

Oogqirha nezazinzulu ezininzi bayavuma ukuba kukho okuthile okulungileyo okuye kwabakho ngenxa yokungafuni nokuva nto kwabo bachasene nokusetyenziswa kwezilwanyana ekwenzeni uphando. Esinye isazinzulu savuma sisithi, “Iingongoma ezininzi gqitha eziphuhliswa yimibutho enyamekela izilwanyana zibaxiwe kodwa ziyinene.” Isazinzulu saseMerika uJeremy J. Stone savakalisa oku, “Ubomi neentlungu eziviwa zizilwanyana ngokuqinisekileyo zimele zithethe lukhulu.” Ingcaphephe kwezemithambo-luvo yaseBritani uGqr. D. H. Smith yavuma isithi, “Lumbi ulwazi lunokufumaneka ngelahleko enkulu gqitha.” UGqr. J. B. Wyngaarden wamaZiko Esizwe Ezempilo kwelaseUnited States wathi, “Siyahambisana nomnqweno wokwenza ukuba uphando lungabi buhlungu kangako, ukuzinyamekela izilwanyana nokunciphisa inani lazo elisetyenziswa kulingelo.” Yaye omnye olwela amalungelo ezilwanyana wavuma: “Phantse kwakudla ngokuba libhongo ukusetyenziswa kwezilwanyana yaye kungacingwa nento le ngako. Namhlanje, ukucinga ngezinye iindlela ezinokusetyenziswa kujongwa njengento ekufuneka yenziwe.”

Ukuthi “ezinye iindlela” kulibinzana eliyintloko. Izazinzulu ziyavuma ukuba azinakuze zifikelele kwinqanaba lokukuyeka ngokupheleleyo ukusebenzisa izilwanyana kuphando, kodwa xa kunokwenzeka zisoloko zikhangela ezinye iindlela. Ngokomzekelo, imivundla ayisasetyenziselwa ukuthintela ukumitha komntu, ekubeni umgaqo wokusetyenziswa kwamachiza ngoku ufumaneka. Iiguinea pig alusasetyenziselwa ukufumana intsholongwane ebangela isifo sephepha. Iindlela zenkqubela ngoku ziyazisindisa ezi zilwanyana ebeziya kuthi ukuba bekungenjalo zife. Eminye imigaqo yokusetyenziswa kwenkqubela ngezicwili iye yakuthabathel’ indawo ukwenziwa kovavanyo kwiimpuku ezithile. Yaye imivundla emininzi ebibethekiswa koomatshini kuvavanyo olubuhlungu lweDraize isenokusinda ngenxa yenye indlela yokusetyenziswa kwenwebu yeqanda lenkuku njengendlela yokuvavanya. Ngokuqininisekileyo, abantu abavakalelwayo ngobuhlungu obuviwa zizilwanyana banethemba lokuba kuya kufunyanwa ezinye iindlela ezingakumbi, yaye ngokukhawuleza.

Noko ke, enye indlela eyeyona ibalaseleyo kunokuvavanywa ngezilwanyana iya kuba yiloo paradisi yasemhlabeni ekudala ilindelwe leyo amaKristu okwenyaniso ebeyithandazela. UYehova uThixo, onguMdali onothando, uthembise ukuba zonke izifo nokufa ziya kushenxiswa ngokupheleleyo. Kwihlabathi elitsha elithenjiswe nguThixo, umntu nezilwanyana baya kuba seluxolweni ngonaphakade, yaye akukho nto iya kuboyikisa. Akusayi kubuya kubekho zifo yaye ngaloo ndlela akusayi kubakho mfuneko yokwenza ulingelo ngezilwanyana. Inkohlakalo iya kuphoswa kwelokulibala.​—⁠Isaya 25:⁠8; 33:​24; 65:​25; Mateyu 6:​9, 10.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share