Ulutsha Lwanamhlanje—Umfanekiso Osehlabathini Lonke
NGOKUQHELEKILEYO abantu bacinga ukuba abakwishumi elivisayo banjengabavukeli abaphanjaniswe ziziyobisi, abangenangqondo, abazingcayo nabangamavila, abangenanto bayicingayo ngaphandle kwempahla, iinkqubo zikamabonwakude nesini. Noko ke, kwabaninzi le mbono ingentle ngolutsha ibonakala ichasene ngokupheleleyo nenyaniso.
Kuhlolisiso oluchazwe kwiPsychology Today kwafunyaniswa ukuba ‘phantse abantu abathathu kwabane ekwenziwa kubo uhlolisiso babonakala belungelelene. Ubukhulu becala babonwabile, bendilisekile, benolwazelelelo ngabanye, beyixhalabele imiphumo yezenzo zabo.’ Lwalungengabo abangenabuhlobo nabazali babo, ulutsha oluninzi lwafunyaniswa “lunesimo sengqondo esihle kakhulu ngakwiintsapho zakowalo.”
Olunye uhlolisiso olwenziweyo lutyhila ukuba, amathemba, iminqweno enamandla nenkxalabo yolutsha lwanamhlanje ngokukwanjalo ezo zinto zibonisa ukucinga ngendlela yobulumko nangokunzulu. Ngowe-1985 iUnesco Courier yabuza ulutsha olukumazwe angama-41 oku: “Yintoni ingxaki exhalatyelwe gqitha ngabo bonke abantu abaselula banamhlanje?” Yafumana iimpendulo ezinengqiqo ezinjengokuthi “ziingxaki ezingemfazwe noxolo” (ama-50 ekhulwini), “ukungaqeshwa nomsebenzi” (ama-30 ekhulwini) ‘nekamva’ (i-10 ekhulwini).
Kwanaxa ingqalelo ijoliswa kwiminqweno engokobuqu, kwakhona ulutsha lwaphendula ngendlela enobuchule ngokumangalisayo. Emva kokudlan’ indlebe “neqela lamadoda namabhinqa aselula amele isizwe [eUnited States] akubudala beminyaka elishumi elinesine ukuya kwengamashumi amabini ananye,” iphephancwadi iSeventeen laxelela abafundi balo abaselula oku: “Ngaphezu kwayo nayiphi na enye into, nifuna ukutshata nize nibe nentsapho. Into yesibini eniyifunayo kukuphangela okanye umsebenzi eniza kuwenza bonke ubomi benu. Ninenjongo yokwenza imali. Nixhalabele imali nemfundo. Kodwa abangaphezu kwama-60 ekhulwini kuni abakholelwa ekubeni iingxaki zehlabathi zinkulu gqitha ukuba isizukulwana senu singakwazi ukuzilungisa.”
Ngoko, ubukhulu becala, ulutsha olusehlabathini lufuna izinto ezifanayo nezo zifunwa ngabantu abakhulileyo kunalo: ulonwabo, ukunqabiseka, iintsapho ezisondeleleneyo. Luxhalabele ihlabathi eluphila kulo kwaye ngokunyanisekileyo lufuna ukuliphucula. Sekunjalo, kukho inkalo engathandekiyo kulo mfanekiso.
Ulutsha Olunxungupheleyo Noluzibulalayo
Kuhlolisiso olukhankanywe ngaphambili kwafunyaniswa oku: “Omnye kwabane kwabo bakhulela kubuntu obukhulu abavavanywayo bathi basoloko benxunguphele yaye bengamalolo kwaye baziva bengento yanto ngokweemvakalelo, yaye bathwaxwa ziingxaki ezininzi zobomi. Abambalwa bakwavuma ukuba bafikelwa ziingcinga nalutyekelo lokuzibulala.” Kwamanye amazwe ulutsha alucingi nje kuphela. Umlinganiselo wokuzibulala phakathi kwabo bakhulele ekubeni babe kwishumi elivisayo baseUnited States phantse ube uphindeke kabini kwiminyaka engama-20 edluleyo.a
Omnye unobangela wokuxhalaba okukhulu kukwanda okusehlabathini lonke kokusetyenziswa kweziyobisi ngabakwishumi elivisayo, ezinjengomya, iheroin, icocaine necrack, eluhlobo oluthile lwecocaine. Enye intwazana eneminyaka eli-14 ubudala yaseUnited States yathi ngokutshaya umya: “Awuseyiyo into ‘eyifashoni.’ Phantse ukuba uyinxalenye nje yobomi babantu bonke.”
Kumazwe asakhasayo ayikwazanga ukungabikho le ngxaki. Ukubona ulutsha olutshaya icoca paste nezinto ezifanayo kuyinto eqhelekileyo kumazwe amaninzi anjalo. Ngaloo ndlela uSosiba-Jikelele weZizwe Ezimanyeneyo uJavier Pérez de Cuéllar wathi ingxaki yokuthengisa ngokungekho mthethweni nokusetyenziswa kakubi kweziyobisi “izisa isisongelo esitshabalalisayo kwizizukulwana ezikhoyo nezisezayo njengezibetho ezatshabalalisa imimandla emininzi yehlabathi kwiminyaka yangaphambili.”
Ukusetyenziswa kweziyobisi ezisemthethweni, ezinjengotywala necuba lulutsha nako kuye kwabangela inkxalabo—kwiingcali ezininzi—nakubazali. IUN Chronicle inikela le ngxelo: “Ngokutsho kweNtlangano Yempilo Yehlabathi, kwiminyaka engama-30 ukuya kwengama-40 edluleyo, abantwana nabo bakhulela ebuntwini abangamanani awandayo obukhulu baye baqalisa ukusela utywala; umlinganiselo nokuxhaphaka kokusela kuye kwanda; yaye iminyaka yobudala ebekuqaliswa kuyo ukusela iye yathotywa.”
Kuyavunywa ukuba, ngabantu abaselula abambalwa kuphela abadandathekayo okanye ababandakanyeka kwihambo yokuzitshabalalisa. Noko ke, kwihlabathi lonke, oku kufikelela kwizigidi ezininzi ezineengxaki ezinzulu. Njengoko siza kubona ngokulandelayo, abantu abaselula namhlanje bachanabeka kwiinzingo nakwiingcinezelo ezingenakuthelekiswa nanto kumaxesha esiphila kuwo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokutsho kwencwadi ethi Helping Your Teenager Deal With Stress, bambi bakholelwa kwelokuba “ukuntlithwa kwenqwelo-mafutha kuyinkqubo esetyenziswa ngokufuthi kakhulu lulutsha oluse lukhulile ekuzibulaleni.” Ekubeni iingozi zenqwelo-mafutha ngokuqhelekileyo zingabalelwa kwindlela yokuzibulala, amanani abantu abakwishumi elivisayo abazibulalayo asenokuncitshiswa kunokuba enjalo.