IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g90 10/8 iphe. 8-9
  • Isizathu Sokuba UThixo Evumele Ukubandezeleka

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isizathu Sokuba UThixo Evumele Ukubandezeleka
  • Vukani!—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukusetyenziswa Kakubi Kwenkululeko Yokuzikhethela
  • Oko Siye Sakufunda Njengoko Ixesha Lihamba
  • Ube Yintoni Umphumo Wemvukelo?
    Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
  • Iizathu Sokuba UThixo Evumele Ukubandezeleka
    Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
  • Ukuvumela KukaThixo Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Kutheni Kukho Ukubandezeleka Nokungekho Sikweni Okungaka?
    Iyintoni Injongo Yobomi? Unokuyifumana Njani?
Khangela Okunye
Vukani!—1990
g90 10/8 iphe. 8-9

Isizathu Sokuba UThixo Evumele Ukubandezeleka

“Akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo. Ndithethise, Yehova.” ​—⁠Yeremiya 10:​23, 24.

LOO mazwi abhalwa kumawaka eminyaka emva kokudalwa kwabantu. UYeremiya wayeqonda ukuba ukuza kuthi ga kumhla wakhe, imbali yabantu yayiyintlekele xa ithelekiswa nesiqalo esihle uThixo awasinika abazali bethu bokuqala.

Oko kwaphawulwa nguYeremiya kuye kwaqiniswa yingxelo yeminyaka engaphezu kwama-2 500 eyongezelelekileyo yembali ukususela ngexesha lakhe. Intlekele yabantu iye yaba mbi ngakumbi. Konakele phi?

Ukusetyenziswa Kakubi Kwenkululeko Yokuzikhethela

Abazali bethu bokuqala basilibala isibakala sokuba babengadalelwanga ukuba baphumelele ngaphandle koThixo nemithetho yakhe. Bagqiba kwelokuba bazimele geqe kuThixo, becinga ukuba oko kwakuya kubuphucula ubomi babo. Kodwa oku yayikukusebenzisa kakubi inkululeko yabo. Baphumela ngaphandle kwemida emiselwe nguThixo yenkululeko yokuzikhethela.​—⁠Genesis, isahluko 3.

Kutheni uThixo engazange amtshabalalise uAdam noEva aze aqale ekuqaleni ngesinye isibini esingabantu? Kungenxa yokuba ulongamo lwakhe lwendalo iphela nendlela yakhe yokulawula zathi zathandatyuzwa. Ukuba nguThixo kwakhe onguSomandla nokuba nguMdali wazo zonke izidalwa kumnika ilungelo lokuzilawula. Ekubeni enoBulumko Bonke, ulawulo lwakhe lolona luzilungeleyo zonke izidalwa. Kodwa ngoku ulawulo lukaThixo lwalucelwe umngeni.

Ngaba abantu babenokulawula bhetele kunokulawulwa nguThixo? Ngokuqinisekileyo uMdali wayeyazi impendulo kuloo mbuzo. Indlela eqinisekileyo abantu ababenokufumanisa ngayo yayikukubavumela ukuba babe nenkululeko engasikelwe mda ababeyinqwenela. Ngoko ke, esinye isizathu, phakathi kwezinye, sokuba uThixo eye wavumela ubungendawo nokubandezeleka sikukubonisa ngaphandle kwamathandabuzo enoba ulawulo lwabantu ngaphandle kwakhe lunokuphumelela kusini na.a

UAdam noEva bazizisela ukubandezeleka bona nenzala yabo. ‘Bavuna ababekuhlwayele.’ (Galati 6:⁠7) ‘Bazonakalisile kuye​—⁠bengenyana [bakaThixo], sisiphako sabo.’​—⁠Duteronomi 32:​5.

Abazali bethu bokuqala babelunyukisiwe ukuba ukuzimela geqe kulawulo lukaThixo kwakuya kuphumela ekufeni kwabo. (Genesis 2:​17) Oko kwangqineka kuyinyaniso. Ngokushiya uThixo, bashiya umthombo wabo wempilo nobomi. Baphelelwa ngamandla de ukufa kwabongamela.​—⁠Genesis 3:⁠19.

Emva koko, uThixo wavumela ixesha elaneleyo lokuba intsapho engabantu ibonakalise ngokupheleleyo enoba nayiphi na inkqubo yobupolitika, yezentlalo, okanye yezoqoqosho abayiyile ngaphandle kolawulo lwakhe yayiya kungqineka isanelisa ngokupheleleyo kusini na. Ngaba nayiphi na yezi nkqubo yayiya kuzisa ihlabathi elonwabileyo, elinoxolo elingenalo ulwaphulo-mthetho okanye imfazwe? Ngaba nayiphi na yayinokuzisa impumelelo engokwezinto eziphathekayo kubo bonke? Ngaba nayiphi na yayinokukoyisa ukugula, ukwaluphala nokufa? Ulawulo lukaThixo lwalulungiselelwe ukufeza zonke ezo zinto.​—⁠Genesis 1:​26-⁠31.

Oko Siye Sakufunda Njengoko Ixesha Lihamba

Kungekudala imbali yayenza yacaca inyaniso ekumaRoma 5:​12: “Ukufa kwabatyhutyha abantu bonke.” Le ndinyana icacisa ukuba “isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono.” Xa abazali bethu bokuqala baluvukelayo ulawulo lukaThixo, baba ngabanesiphako, abangafezekanga. Esi siphako sasikuphela kwento ababenokuyidlulisela kwinzala yabo. Ngokomphumo, sonke siye sazalwa sinesiphako, sichanabeke ekuguleni nasekufeni.

Kwakhona ukuhamba kwexesha kuye kwatyhila indlela embi kunene abantu abanesono abaye baphathana ngayo. Kuye kwakho iimfazwe ezingenakubaleka ezihambisa umzimba. Intiyo yobuhlanga neyonqulo, iinkundla zokuncina amakholwa, ulwaphulo-mthetho oloyikekayo lweentlobo ngeentlobo, nezenzo zokuzingca nokubawa. Ukongezelela, izigidi ezingenakubalwa zabantu ziye zangamaxhoba obuhlwempu nendlala.

Ebudeni bamawaka eminyaka edluleyo, uluntu luye lwazama zonke iindlela ezinokucingwa zoorhulumente. Kanti, omnye emva komnye baye basilela ukwanelisa iintswelo zabantu. Kutshanje, oorhulumente bobuKomanisi baye bachaswa kumazwe amaninzi. Kwiintlanga zolawulo-melo ulwaphulo-mthetho, ubuhlwempu, ukungazinzi kwezoqoqosho, nokonakala kwandile. Eneneni, zonke iintlobo zoorhulumente babantu ziye zangqineka zisilela.

Ngokubhekele phaya, uThixo uye wavumela abantu ithuba lokuba bafikelele konke abanokukufikelela kwinzululwazi nakwizinto eziphathekayo. Kodwa ngaba oku kuyinkqubela yokwenene xa utolo nesaphetha ziye zathatyathelwa indawo yimijukujelwa yenyukliya? xa abantu benokuya emajukujukwini kodwa bengenakuhlalisana ngoxolo emhlabeni? xa izigidi zabantu zisoyika ukuphuma ebusuku ngenxa yolwaphulo-mthetho?

Okuye kwaboniswa kukuhamba kwexesha kukuba akuseyonto inokwenzeka ngabantu ‘ukuqinisela ukunyathela kwabo’ ngokunempumelelo kanye njengokuba kungenakwenzeka ngabo ukuphila ngaphandle kokudla, amanzi nomoya. Sasenzelwe ukuba sixhomekeke kukhokelo loMenzi wethu kanye njengokuba sasenzelwe ukuba sixhomekeke kukudla, amanzi nomoya.​—⁠Mateyu 4:⁠4.

Ngokuvumela ubungendawo nokubandezeleka, uThixo uye wayibonisa okokugqibela imiphumo elusizi yokusebenzisa kakubi inkululeko yokuzikhethela. Esi sisipho esixabisekileyo kangangokuba endaweni yokuba athabathe inkululeko yokuzikhethela ebantwini, uThixo uye wabavumela ukuba babone oko kuthethwa kukuyisebenzisa kakubi.

Mayela nenkululeko yokuzikhethela, impapasho ethi “Statement of Principles of Conservative Judaism” ithi: “Ukuba bekuyinto engenakwenzeka ngabantu ukuba benze ukhetho oluphosakeleyo xa bejamelene nokulungileyo nokubi, ingcamango yokhetho xa iyonke ayinantsingiselo. . . . Okuninzi kokubandezeleka kwehlabathi kubangelwa ngokungqalileyo kukusebenzisa kwethu kakubi inkululeko yokuzikhethela esiyinikiweyo.”

Ngokuqinisekileyo, uYeremiya wayechanile xa wathi: “Akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.” Yaye uSolomon naye wayechanile xa wathi: “Ngexesha athi umntu agunyazele umntu, kube kubi kuye.”​—⁠INtshumayeli 8:⁠9.

Ngendlela esebenzisekayo, oko kubonisa ukungakwazi komntu ukuphelisa ukubandezeleka. KwanoSolomon, kubo bonke ubulumko, ubutyebi, namandla akhe akazange akwazi ukuyiphelisa inkxwaleko ebangelwa lulawulo lomntu.

Ngoko, uThixo uya kukuphelisa njani ukubandezeleka? Ngaba uya kuze ababuyekeze abantu ngokubandezeleka kwabo kwexesha elidlulileyo?

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane ingxubusho epheleleyo yazo zonke iimbambano ezibandakanyekileyo, bona incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, isahluko 11 nese-12, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

[Umfanekiso okwiphepha 9]

UThixo wanika uluntu isiqalo esigqibeleleyo, kodwa imbali ibonisa ukuba ngokuzimela geqe kuThixo abantu abanako ‘ukuqinisela ukunyathela kwabo’ ngokunempumelelo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share