IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • pr ica. 6 iphe. 22-25
  • Kutheni Kukho Ukubandezeleka Nokungekho Sikweni Okungaka?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Kukho Ukubandezeleka Nokungekho Sikweni Okungaka?
  • Iyintoni Injongo Yobomi? Unokuyifumana Njani?
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umzekeliso
  • Konakale Phi
  • Kutheni Kuthabathe Ixesha Elide Kangaka?
  • UThixo Uza Kungenelela Kungekudala
  • Ukuvumela KukaThixo Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Isizathu Sokuba UThixo Evumele Ukubandezeleka
    Vukani!—1990
  • Konke Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela!
    Konke Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela!
  • Ube Yintoni Umphumo Wemvukelo?
    Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
Khangela Okunye
Iyintoni Injongo Yobomi? Unokuyifumana Njani?
pr ica. 6 iphe. 22-25

Icandelo 6

Kutheni Kukho Ukubandezeleka Nokungekho Sikweni Okungaka?

1, 2. Ngenxa yoko kuye kwenzeka ebantwini, yiyiphi imibuzo esinokuyibuza?

1 Noko ke, ukuba uMntu oPhakamileyo wayenenjongo yokuba abantu abafezekileyo baphile emhlabeni ngonaphakade kwiimeko zeparadisi yaye ukuba oko kuseyinjongo yakhe, kutheni kungekho paradisi ngoku? Kutheni, kunoko, uluntu luye lwabandezeleka yaye lwangamaxhoba okungekho sikweni iinkulungwane ezininzi kangaka?

2 Ngokungathandabuzekiyo, imbali yabantu izaliswe kukubandezeleka okubangelwa yimfazwe, yinkqubo yamathanga, ukuxhatshazwa, ukungabikho kokusesikweni, ubuhlwempu, iintlekele, ukugula nokufa. Kutheni kusenzeka izinto ezimbi ezininzi kangaka kumaxhoba amaninzi kangaka amsulwa? Ukuba uThixo unamandla onke, kutheni evumele oku kubandezeleka kuninzi kangaka kangangamawaka eminyaka? Ekubeni uThixo wayila waza wabangela ukuba indalo iphela ibekho kakuhle kangaka, kutheni evumela ukungalungelelani nokutshatyalaliswa komhlaba?

Umzekeliso

3-5. (a) Nguwuphi umzekeliso onokusinceda siqonde isizathu sokuba uThixo wolungelelwano evumele ukungabikho kolungelelwano emhlabeni? (b) Yiyiphi kwizinto eziliqela ezisenokuba zenzekile eyifanelayo imeko yalo mhlaba?

3 Makhe sisebenzise umzekeliso ukuze sibonise isizathu sokuba uThixo wolungelelwano evumele ukungabikho kolungelelwano emhlabeni. Khawuzithelekelele, uhamba ehlathini uze udibane nendlu. Njengoko uyihlolisisa le ndlu, ubona ukuba ayilungelelananga. Iifestile zaphukile, uphahla lonakele kakhulu, iveranda eyenziwe ngamaplanga izele imingxuma, umnyango ubambelele ngehinjisi enye kuphela yaye imibhobho yamanzi ayisebenzi.

4 Phezu kwazo zonke ezi zinto zonakeleyo, ngaba ubuya kugqiba kwelokuba akunakuba kukho umntu okrelekrele owayila loo ndlu? Ngaba oko kungalungelelani kwayo bekuya kukuqinisekisa ukuba loo ndlu imele ukuba yazivelela ngamabona-ndenzile? Okanye ukuba ubugqibe kwelokuba ukho umntu owayiyilayo waza wayakha, ngaba ubuya kuvakalelwa kukuba loo mntu wayengenabuchule yaye engacingi?

5 Xa usihlolisisa ngokucokiseke ngakumbi eso sakhiwo, ubona ukuba ekuqaleni sasakhiwe kakuhle yaye sibonisa ukuba sasicingisiswe ngenyameko. Kodwa ngoku sasonakele yaye siwohloka. Izinto ezonakeleyo kuso neengxaki zaso zinokubonisa ntoni? Zinokubonisa ukuba (1) umniniso wafa; (2) ungumakhi onobuchule kodwa akasenamdla kuloo ndlu; okanye (3) loo ndlu usayiqeshise kubaqeshi abangenaluxabiso. Le meko yokugqibela iyafana nemeko okuyo lo mhlaba.

Konakale Phi

6, 7. Kwenzeka ntoni kuAdam noEva xa baphula umthetho kaThixo?

6 Ngokusuka kwingxelo esekuqaleni yeBhayibhile, sifunda ukuba kwakungeyonjongo kaThixo ukuba abantu babandezeleke okanye bafe. Abazali bethu bokuqala, uAdam noEva, bafa ngenxa nje yokuba bengazange bamthobele uThixo. (Genesis, isahluko 2 nesesi-3) Xa bathi abathobela, babengasenzi ukuthanda kukaThixo. Bazikhupha ngaphantsi kwenyameko kaThixo. Eneneni, bazahlukanisa noThixo, “ithende lobomi.”—INdumiso 36:9.

7 Njengomatshini oya usehla ngesantya uze ucime xa wahlukanisiwe nomthombo wawo wamandla, imizimba neengqondo zabo zaya zisonakala. Ngenxa yoko, uAdam noEva baya bephelelwa, besaluphala, baza ekugqibeleni bafa. Kwenzeka ntoni ke emva koko? Babuyela apho babevela khona: “Ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.” UThixo wayebalumkisile ngelokuba ukufa kwakuya kuba ngumphumo wokungayithobeli imithetho yakhe: “Uya kufa.”—Genesis 2:17; 3:19.

8. Isono sabazali bethu bokuqala sayichaphazela njani intsapho yabantu?

8 Akuzange kufe abazali bethu bokuqala nje kuphela, yonke inzala yabo, lonke uhlanga lwabantu, luye lwangeniswa ekufeni. Ngoba? Ngenxa yokuba ngokwemithetho yemfuza, abantwana bazifumana njengelifa iimpawu zabazali babo. Yaye bonke abantwana babazali bethu bokuqala bakuzuza njengelifa ukungafezeki nokufa. AmaRoma 5:12 asixelela oku: “Isono sangena ngamntu mnye [uAdam, uyisemkhulu woluntu] ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo [ngokuzuza ukungafezeki, oko kukuthi, utyekelo lwesono, njengelifa].” Yaye ekubeni isono, ukungafezeki nokufa ikuphela kwezinto ezaziwa ngabantu, bambi bazijonga njengezinto ezingokwemvelo nezingenakuphepheka. Sekunjalo, abantu bokuqala badalwa benako ukuphila ngonaphakade yaye benomnqweno wokwenjenjalo. Kungenxa yoko abantu abaninzi befumanisa ukuba ingcamango yokuba ubomi babo buya kunqanyulwa kukufa iyenxunguphalisa gqitha.

Kutheni Kuthabathe Ixesha Elide Kangaka?

9. Kutheni uThixo evumele ukubandezeleka kuqhubeke ithuba elide kangaka?

9 Kutheni uThixo evumele abantu ukuba bahambe ngabayibonayo ithuba elide kangaka? Kutheni evumele ukubandezeleka kubekho zonke ezi nkulungwane zininzi? Esinye isizathu esibalulekileyo sikukuba kwavela imbambano ebaluleke gqitha: Ngubani onelungelo lokulawula? Ngaba uThixo ufanele abe nguMlawuli wabantu, okanye ngaba banako ukuzilawula ngokunempumelelo ngaphandle kwakhe?

10. Abantu banikwa ntoni, ephelekwa yiyiphi imbopheleleko?

10 Abantu badalwa banenkululeko yokuzikhethela, oko kukuthi, bakwazi ukukhetha. Abazange benziwe njengeerobhothi okanye izilwanyana, ngokuyintloko ezilawulwa lithuku. Ngoko abantu banokuzikhethela ukuba bafuna ukukhonza bani. (Duteronomi 30:19; 2 Korinte 3:17) Ngaloo ndlela, iLizwi likaThixo linikela esi siluleko: “Nithi ningabakhululekileyo nje, ningabi ngabayenza inkululeko ibe sisigqubuthelo sobubi; nibe ngabakhonzi bakaThixo.” (1 Petros 2:16) Noko ke, ngoxa abantu benesiphiwo esimangalisayo senkululeko yokuzikhethela, bamele bayamkele imiphumo yoko bakhetha ukukwenza.

11. Yiyiphi ekuphela kwendlela yokufumanisa enoba ikhondo lokuzimela geqe kuThixo linokuphumelela na?

11 Abazali bethu bokuqala benza ukhetho olungalunganga. Bakhetha ikhondo lokuzimela geqe kuThixo. Liyinyaniso elokuba uThixo ngewayesibulele ngoko nangoko eso sibini sokuqala sinemvukelo emva kokuyisebenzisa kakubi kwaso inkululeko yaso yokuzikhethela. Kodwa oko ngekwakungayizinzisanga imbambano engelungelo likaThixo lokulawula abantu. Ekubeni isibini sokuqala sasifuna ukuzimela geqe kuThixo, kumele kuphendulwe lo mbuzo: Ngaba elo khondo lalinokuphumela kubomi obonwabisayo, nobuphumelelayo? Ekuphela kwendlela yokufumanisa yayikukuvumela abazali bethu bokuqala nenzala yabo bahambe ngabayibonayo, ekubeni babekhethe njalo. Ixesha laliya kubonisa enokuba abantu babedalwe ukuze bakwazi ukuzilawula ngokunempumelelo bezimele geqe kuMdali wabo.

12. UYeremiya waluchaza njani ulawulo lwabantu, yaye kutheni oko kunjalo?

12 Umbhali weBhayibhile uYeremiya wayesazi ukuba umphumo wawuya kuba yintoni na. Esalathiswa ngumoya oyingcwele kaThixo onamandla, okanye amandla asebenzayo, enyanisile wabhala oku: “Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo. Ndithethise, Yehova.” (Yeremiya 10:23, 24) Wayesazi ukuba abantu bamele bakhokelwe bubulumko basezulwini bukaThixo. Ngoba? Ngenxa nje yokuba uThixo akazange abadale abantu ukuba babe nempumelelo ngaphandle kokhokelo lwakhe.

13. Imiphumo yamawaka eminyaka olawulo lwabantu ibonise ntoni ngokungathandabuzekiyo?

13 Imiphumo yamawaka eminyaka olawulo lwabantu ibonisa ngokungathandabuzekiyo ukuba abantu abanako ukuyalathisa imicimbi yabo ngaphandle koMdali. Ekubeni bezamile, ityala libekwa kubo ngemiphumo eyintlekele. IBhayibhile ikwenza kucace oku: “[UThixo] nguLiwa; ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni; nguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; lilungisa, uthe tye yena. Isizukulwana esijibilizayo, esibhijeleneyo, sizonakalisile kuye—singenyana bakhe, sisiphako sabo.”—Duteronomi 32:4, 5.

UThixo Uza Kungenelela Kungekudala

14. Kutheni uThixo engayi kuqhubeka engangeneleli ithuba elide kwimicimbi yabantu?

14 Ekubeni eye wavumela ukubonakaliswa ngokwaneleyo kokusilela kolawulo lwabantu ukutyhubela iinkulungwane zexesha, ngoku uThixo unokuqalisa ukungenelela kwimicimbi yabantu aze aphelise ukubandezeleka, usizi, ukugula nokufa. Ekubeni eye wavumela abantu ukuba bafikelele incopho kwimisebenzi yabo kwezenzululwazi, ezorhwebo, ezonyango, nakwezinye iinkalo, akusekho mfuneko yokuba uThixo abavumele iinkulungwane ezingakumbi zexesha abantu abazimele geqe kuMdali wabo ukuze abonise ukuba abanako ukuzisa ihlabathi elinoxolo, neliyiparadisi. Abakwazanga yaye abanakuze bakwazi. Ukuzimela geqe kuThixo kuye kwaphumela kwihlabathi elibi, elinentiyo nelibulalayo.

15. Sisiphi isiluleko seBhayibhile esiya kuba senza kakuhle ngokusiphulaphula?

15 Nangona kuye kwakho abalawuli abanyanisekileyo abanqwenela ukunceda uluntu, imizamo yabo ayiphumelelanga. Naphi na namhlanje sibona ukusilela kolawulo lwabantu. Kungenxa yoko iBhayibhile isiluleka isithi: “Musani ukukholosa ngamanene, ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso.”—INdumiso 146:3.

[Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]

Kwanabalawuli behlabathi abanyanisekileyo abakwazanga ukuzisa ihlabathi elinoxolo neliyiparadisi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share