Ngoko Kutheni Ukwenza Nje Oku?
“Nam njengentshayi andinakuyikhanyela inyaniso yokuba ukubandakanyeka kulo mkhwa kubobona buyatha bokwenene. Ngoku yaziwa nanguthathatha into yokuba ukutshaya kuyayisongela impilo kabani. Ngumkhwa ombi nongcolileyo odla imali eninzi. . . . Kwiintshayi, ubomi buthetha ukujamelana nezityana ezimdaka zothuthu lwecuba, amabala angasukiyo entshongo, amabala okutsha kwanemfumba yamatyala eendawo zokuhlamba impahla—unozala wempahla enevumba lomsi wecuba.”—NguDiane Francis, kwiphephancwadi iMaclean’s, eKhanada.
“Abo batshayayo banokulindela ukuphila ubomi obufutshane kunabo bangatshayiyo: ngokomzekelo, ubomi boneminyaka engama-25 ubudala otshaya iipakethi ezimbini zomdiza ngosuku, buya kuba bufutshane kangangesi-8,3 seminyaka kunobomntu ongatshayiyo. Abo batshayayo basesichengeni sokubulawa ngumhlaza kangangezihlandlo ezithathu kunabangatshayiyo.”—The Columbia University College of Physicians and Surgeons Complete Home Medical Guide.
“Nyaka ngamnye ukutshaya umdiza kusuba imiphefumlo yamaMerika angaphezu kwalawo abulawa kwiMfazwe Yehlabathi I, kwiMfazwe yaseKorea neyaseVietnam zidibene; phantse alingana nalawo afa kwiMfazwe Yehlabathi II. Nyaka ngamnye ukutshaya umdiza kuqengq’ ugodo amaMerika aphindwe kahlanu kunalawo afa kwiingozi zendlela. Umhlaza wemiphunga uwodwa ubulala abaninzi njengabo bafa ezindleleni. Umzi-mveliso wecuba uqhubeka uthengisa isixhobo esibulalayo.”Ilungu Lendlu Yeengwevu uRobert F. Kennedy, kwiNkomfa Yokuqala Yehlabathi Mayela Nokutshaya Nempilo, ngoSeptemba 11, 1967)—The Cigarette Underworld, ehlelwe nguAlan Blum, uGgqirha.
“Nyaka ngamnye icuba libulala abantu abamalunga nezigidi ezibini ezinesiqingatha ehlabathini jikelele. Lingoyena nobangela mkhulu wokufa onakho ukuthintelwa ehlabathini namhlanje. . . . Enoba lijongwa ngayiphi na indlela, lingumkhwa oyingozi, obiza imali eninzi nokhobokisayo.”—NguGqr. Judith Mackay, umongameli olawulayo weBhunga Elijongene Nokutshaya Nezempilo eHong Kong, ocatshulwe kwiphephancwadi iWorld Health.
“Ukuba isandla esikhe sandondla ngumzi-mveliso wecuba, oko bekuya kuthetha ukuba kwaeso sandla siye sabulala izigidi zabantu ibe sisaya kuqhubeka sibulala izigidi ngokungakumbi ngaphandle kokuba abantu banokuziphaphela iingozi zomdiza . . . Ndifuna ukunceda abantu bayiphaphele indlela umdiza oyityhefu ngayo.”—NguPatrick Reynolds, umzukulwana womsunguli weNkampani YeCuba kaR. J. Reynolds.
Ngoko kutheni izigidi zamadoda, zabafazi nezolutsha zitshaya icuba? Kwabanye impendulo isenokuba yingcinezelo yoontanga, umnqweno wokubonakala ungolandelayo. Kodwa kwabaninzi isizathu nje sikukukhotyokiswa licuba okukhokelela ekunqanqathekeni. Kunjengokuba enye incwadi enikela amacebiso ngamayeza ibonisa: “Isizathu sokwenene sokuba abantu abaninzi batshaye sikukuba bakhotyokiswe sisiyobisi esinamandla esifunyanwa ecubeni—intshongo.”
Ngoko intshayi ingawuyeka njani lo mkhwa? Ngokuba nentshukumisa enamandla, enamandla ngakumbi kunokunqanqathekela komzimba intshongo. Kumntu ozabalazela ukufikelela imilinganiselo yobuKristu, kuya kuthetha ukwakha uthando ngoThixo nomelwane oloyisa inkanuko yenyama yokuzingca.—Mateyu 22:37-40; 1 Korinte 13:5, 7, 8.
Kunjengokuba incwadi yezamayeza ekhankanywe ngaphambilana ibonisa: “Iintshayi ezifuna ukwahlukana necuba zifanele zikhumbule indlela isiyobisi esiyintshongo esikhobokisa ngayo zize zikulungele ukwamkela iimpawu ezimbi eziza kuvela zokuyeka njengomphumo wokwemvelo wokuyeka. Bafanele bakhumbule ukuba, ukuyeka kuyimeko yokwexeshana engenabungozi, nangona nje ingemyoli. Bonke abantu abasebenzisa icuba, kungakhathaliseki indlela abakhotyokiswe ngayo, banako ukuyeka ukutshaya.”—The Columbia University College of Physicians and Surgeons Complete Home Medical Guide.
Ukuba ungathanda uncedo ekufumaneni uhlobo lwentshukumisa efunekayo ukuze uyeke ukutshaya, zive ukhululekile ukudibana namaNgqina kaYehova kwiHolo yawo yoBukumkani kummandla ohlala kuwo okanye ngekhelingi yabashicileli ebhalwe kweli phephancwadi.