Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ngaba Ndifanele Ndinxulumane Neqela Leenjubaqa?
“Njengoko ndandihleli kwigumbi lokutshintshela esikolweni, aba bafana beza kum baza baqalisa ukundikhathaza. Omnye wabo wandiphosa inqindi esifubeni. Kanye ngaloo mzuzu omnye umfana endandimazi elilungu leqela leenjubaqa eliselumelwaneni lwam waba ngakwicala lam waza wandinceda. Ngaphakathi ndandicinga ukuba, ‘Mhlawumbi ukuba ndinokunxulumana neqela elithile, ndinokufumana inkuseleko elolu hlobo.’”—Greg.
UKWANDA kwamaqela eenjubaqa kuya kuthabath’ unyawo ezikolweni naselumelwaneni. Ngowe-1989 amapolisa aqikelela ukuba kwiNqila yaseLos Angeles, eUnited States, kuphela kwakukho amaqela angama-600, anamalungu anokuba ngama-70 000. Noko ke, asiyoUnited States kuphela enamaqela eenjubaqa. Ngokomzekelo, iphephancwadi iMaclean’s lachaza ukuba kwisixeko iVancouver, eKhanada, kukho amaqela anokuba li-13, anamalungu angaphezu kwama-600.
NjengoGreg, abaninzi bangenelela iqela leenjubaqa ukuze bakhuselwe kugonyamelo lwasesikolweni, ibe kula maxesha ogonyamelo, akunzima ukusiqonda isizathu sokuba ulutsha oluthile luzive luyifuna inkuselo enjalo. Sizibonela ngokwethu ‘ukwanda kokuchasa umthetho’ ehlabathini liphela. (Mateyu 24:12) Noko ke, kusekho ezinye izizathu zokuba amaqela eenjubaqa zesitalato enomtsalane onamandla ngolu hlobo kulutsha oluthile.
Inkxaso Nobuhlobo
UBernard, owayesakuba lilungu leqela leenjubaqa uchaza esenjenje, “Ndandifuna ngokwenene ukuba nabahlobo, imvakalelo yokunxulumana nomntu okanye iqela elithile, umntu onokumkhathalela.” UMarianne, owangenela iqela lamantombazana, uyavuma ukuba wakwenza oku “ngokuqhutywa ngumnqweno [wakhe] wokulawula okuthile,” ‘kwanomoya wentsapho’ iqela elaliwubonakalisa.
Ngoxa kuyinyaniso ukuba lumbi ulutsha luthelela amaqela eenjubaqa khon’ ukuze luhlangabezane nesithukuthezi okanye ngenxa yolonwabo loo maqela asenokulunikela, kubonakala ukuba ulutsha oluninzi luthelela la maqela khon’ ukuze lube nemvakalelo yokuba nendawo yalo, ukufumana inkxaso engokweemvakalelo nokuba nabahlobo abangamaphuthi ahlathinye nalo. Ngokufuthi oku kwenziwa ukuthaba-thel’ indawo imeko yentsapho enganqwenelekiyo.
Ethetha ngaye namalungu eqela awayekulo uBernard uthi: “Uninzi lwethu lwaluphuma kumakhaya aqhekekileyo. Uninzi lwalukhulela kwiintsapho ezinkulu, lukhuliswa ngumzali omnye, ngokuqhelekileyo ongumama. Ngoko kwakungekho mntu wayenexesha lokuthetha nabo. Abaninzi babephuma kumakhaya apho babephethwe kakubi khona emzimbeni yaye bethukwa nalapho kwakungekho bani ukhathalayo enoba babenazo iimvakalelo okanye bengenazo kusini na. Ngoko baziva bengabantu, njengoko ndandinjalo, ngokukwazi ukuthetha nothile yaye babekelwe iindlebe.”
Oku kuye kwaphawulwa nangumcebisi wolutsha waseKhanada, uLew Golding. Wachaza oku: “Abantwana abaneengxaki ekhaya banamathela kwiqela leenjubaqa ukuze bakhulise iimvakalelo zabo.”
EUnited States, amaqela amaninzi ayilwa ngokuvisisana nobuzwe okanye izithethe zabantu. Ngoko ke, amaqela kwelo lizwe avulela ithuba elongezelelekileyo lokuba abo bavisisanayo ngokuphathelele ukutya, umculo, uhlobo lokuthetha kwanentlaninge yezinye izinto banxulumane kunye. Umnqweno wokuziva ufunwa yaye wamkelekile uqhelekile kulutsha nakubantu abakhulileyo ngokufanayo. Kodwa ngaba ezi mvakalelo neentswelo zinokwaneliswa ngokwenyaniso ngokunxulumana neqela leenjubaqa?
IMizekeliso 17:17 ithi: “Umhlobo [wokwenyaniso, NW] uthanda ngamaxesha onke.” Ngaba amalungu eqela leenjubaqa ngokwenene anako ukunyaniseka nobuhlobo bokwenyaniso obunjalo? Ngokuchasene noko, ukungavisisani kwanemilo ebakho phakathi kwamalungu eqela elinye akuyonto ingaqhelekanga ukwenzeka. Eneneni, kwiimeko ezimaxongo apho amaqela eenjubaqa asebenzela khona, kulula kakhulu ukuba nenqala. Ukwahlukana ngezimvo kunokugqalwa njengokunganyaniseki. UBernard uyabalisa: “Ukuba besikhe sanengxabano, kwakufuneka ndihlale ndivul’ amehlo kuba ngequbuliso, oxabene naye usenokuthi rhuthu imela okanye umpu. Ibe aba ngabantu abebefanele ukuba ngabahlobo bam! Ubomi bokuba lilungu leqela leenjubaqa bundishiye ndidandathekile kuba ndandingenabo abahlobo bokwenene.”
Kunjengokuba elinye ilungu leqela leenjubaqa elineminyaka eli-18 lisongezelela oku: ‘Akunabahlobo nje kwaphela, kwanakwiqela elo lakho. Uzimele wedwa.’
Musa ‘Ukulandela Isininzi’
“Uze ungalandeli isininzi ukuya kwenza izinto ezimbi.” (Eksodus 23:2) Oku kwathethwa kubantu bakaThixo kumaxesha amandulo, ibe ngokomgaqo kusebenza kakuhle kuye nawuphi na oselula ocinga ngokungenela iqela leenjubaqa. Usenokucinga ukuba ukunxulumana neli qela kuya kukukhusela okanye kuya kukuzisela ubuhlobo. Noko ke, ukuba lilungu leqela leenjubaqa kuthetha ukunyanzelelwa ukwenza “izinto ezimbi.”
IThe Globe and Mail ithi ngako oku: ‘Iqela leenjubaqa liba yintsapho. Oku kukwathetha ukuba iqela lenza izigqibo ngendlela eyamkelekileyo yokuziphatha. Kwihlabathi lolutsha lukavula-zibhuqe, ukuphanga, ukubethana kwaneentlaselo ezingokwesini zinokuba “zezona” zinto ziphambili ezinokwenziwa.’
Ngowe-1989 kuphela, amaqela eenjubaqa kwiNqila yaseLos Angeles ayebandakanyekile ekubulaweni kwabantu abanokuba ngama-570. Yaye phantse kuzo zonke iindawo apho kukho amaqela eenjubaqa, kukho ubundlobongela. Naliphi na ilinge lokungabandakanyeki kubo ngokuqinisekileyo ligqalwa njengokungalixhasi iqela okanye, okubi ngakumbi, ligqalwa njengobugwala. Kuyo nayiphi na imeko, ngokulula unokuba lixhoba lokuhlaselwa. Kunjengokuba elinye ilungu leqela lathi: “Akunakuthi hayi [kwiqela] lakho.” Ngaba ukuze ube nemvakalelo yokumanyana nabathile okanye yokukhuseleka kufuneka ujamelane nengcinezelo elolu hlobo?
Umbhali weMizekeliso 1:10-15 uyaphendula: “Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda, uze ungavumi ke. Ukuba bathe, Hamba nathi, masilalele igazi, masibalalele abamsulwa bengenatyala; . . . wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho. . . . Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo.”
Ukuphila Ngekrele
Kwakhona, cinga ngemiphumo enokubakho kwimpilo nentlalo-ntle yakho. Elinye ilungu leqela leenjubaqa lathi ‘umele ukulungele ukuwafela amalungu eqela lakho.’ Ibe kusoloko kusiba njalo.
Ngokuchasene noko, phawula oko uYesu wakufundisa abafundi bakhe ngobusuku bokubanjwa kwakhe. UYesu wayengaxhobanga yaye wayejamelene nehlokondiba elindlongondlongo. Ngaba wayefuna ukuba abafundi bakhe badibane baze bamkhusele ngokuphakamisa izigalo? UPetros wayecinga njalo. Warhola ikrele lakhe waza wahlasela enye indoda eyayikwihlokondiba, wayinqumla indlebe. Noko ke, intsabelo kaYesu imele ukuba yamkhwnkqisa uPetros. Ngokumangalisayo uYesu wayiphilisa indlebe yaloo ndoda waza wathi kuPetros: “Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.”—Mateyu 26:52.
Kusifundisa ntoni oku? Ukuxhoba ngenjongo yokuzikhusela asikokuba akukho ngokwesibhalo kuphela, kodwa kukwabubudenge, akuncedi nto. Umzekeliso ukuchaza oku ngale ndlela: “Ozondelela okulungileyo ufuna okwamkelekileyo, ongxamele ububi buya kumfikela.”—IMizekeliso 11:27.
Ukuba Nemvakalelo Yokunxulumana Neqela Elifanelekileyo
Kwiminyaka enokuba ngama-50 eyadlulayo, kwenziwa uhlolisiso olwabhenca oothunywashe abahlukahlukeneyo abanegalelo ekusekweni kwamaqela eenjubaqa. Phakathi kweengxaki ezakhankanywayo yayibubomi bentsapho obungekho mgangathweni unguwo, ubuhlwempu, ukudodobala kokuhlalisana kakuhle kwabamelwane nemfundo ephantsi. Inkqubo yokusekwa kwamaqela ayiyilungisanga konke konke le meko, ayikwazanga kwanokunceda ngokwenene ulutsha olungamalolo ukufumana ubuhlobo bokwenene. Noko ke, ibandla lamaKristu likuvulela ithuba lokunxulumana nabantu abakunqwenelela okona kukulungeleyo. Kutheni ungahlakuleli ubuhlobo apho?
Phofu ke, unokuzikhusela njani ukuba uhlala kummandla onamaqela amaninzi eenjubaqa? Kwinqaku lexesha elizayo kuya kuxutyushwa ngako oku.
[Ibhokisi ekwiphepha 16]
‘Ndangenela Iqela Leenjubaqa Zesitalato’
“Ndandineminyaka eli-17 ubudala. Mna nabahlobo bam sasikruqukile kukubona abantu elumelwaneni bedutyulwa, bephangwa yaye bedlwengulwa. Sacinga ukuba ukuba sinokuvusa elethu iqela, mhlawumbi sasinokukuphelisa oku. Kwangaxeshanye, ndandinayo nala mvakalelo yokuba ngoweqela elithile. Ngoko sabumba iqela.
“Saqalisa ukujikeleza elumelwaneni yaye, kungekudala amanye amaqela eenjubaqa asicel’ umngeni. Amalungu amabini eqela lethu ahlaselwa liqela esasingavani nalo. Omnye wabo wantlithwa ebusweni ngephini lokudlala ibaseball, omnye wahlatywa. Sakuphindisela okungekho sikweni ibe ngokukhawuleza saba lelona qela loyikwayo kuloo ngingqi.
“Noko ke, ndafumanisa ukuba amalungu eqela akangobahlobo bokwenene. Akunakuwathemba onke. Amanye awakuncedi xa usengxakini. Yaye amanye ayengahambisani neembono zam—aqalisa ukuphanga kwanokubulala abantu ngaphandle kwesizathu. Ngoko ndaqalisa ukuyithiya indlela endandiphila ngayo. Ndandivakalelwa kukuba uThixo ukho kodwa ndandizibuza isizathu sokuba evumele okungekho sikweni okungaka. Ndandikhe ndafunda esikolweni ukuba icawa yayibekek’ ityala ngokuNcinwa Kwamakholwa kwanangokuphelisa impucuko iphela egameni likaThixo. Ndandikholelwa ukuba eyona nto iphambili ezinkonzweni yayikukungenisa imali.
“Ngolunye usuku ndathandaza kuThixo ukuba andincede ndifumane intlangano awayeyisebenzisa. Ndatyhila iBhayibhile endandiyiphiwe ngumalume ndaza ndafunda IZenzo 20:20. Yathetha ngokuya kwindlu ngendlu. Ekuphela kwabantu endandibazi bekwenza oku yayingamaNgqina kaYehova. Ngoko ndafumanisa apho iHolo yoBukumkani ikhoyo ndaza ndaya ngentsasa elandelayo. Ndaya komnye wamaNgqina, amehlo ethe gwantyi iinyembezi, ndaza ndamsebezela ndathi, ‘Ndifuna ukufunda.’ Ndandibafumene abantu bakaThixo. Zaziphelile iintsuku zam zokuhamba neenjubaqa.”—Umbhali, okhethe ukungalichazi igama lakhe, ngoku ukhonza njengomveleli owongamelayo kwibandla lamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Kutheni ungahlakuleli ubuhlobo nabantu abanomdla wokwenene nosuka entliziyweni kuwe?