Ileta Yoxabiso
KWIINYANGA ezimbalwa ezidluleyo ababhali bephephancwadi uVukani! bafumana ileta eyayivela kumfundi oselula owabhala kuyo okulandelayo:
“Oolindixesha benu ngabona banenkcazelo efundisayo, kulula ukubafunda nokubaqonda, basexesheni ibe bangabona lindixesha bakhuthazayo ndakha ndabafunda. Baphethe inyaniso yeLizwi likaThixo ngendlela ekhethekileyo. Babonakalisa ukuqonda baze banikele ithemba ngekamva xa bethetha ngeziganeko eziqhubeka ngoku.
“Isigama esisetyenzisiweyo kulula ngokwaneleyo ukuba umntu oselula asifunde, silula ngakumbi kunamanye amaphephancwadi, iintyilalwazi nezinye iincwadi ezifundwayo. Ibe bafika ngexesha elililo. Ngamaxesha amaninzi xa ndinombuzo othile, loo mbuzo uphendulwa kwinkupho elandelayo.
“Ekubeni ndingumfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo, ndimele ndenze uphando olungakumbi ukulungiselela amanqaku athile nophando ngezinto ezahlukahlukeneyo, olufuna iincwadi ezininzi ezifundwayo. Kulapho amaphephancwadi enu eye angqineka eluncedo gqitha. Ndiyavuyiswa kukuthi inkoliso yenkcazelo engemibandela endiye ndaphanda ngayo ivela kumaphephancwadi enu. Kusoloko kubonakala ngathi xa ndifuna umxholo wombandela endiza kuphanda ngawo, ulapha kweli phephancwadi. Okanye xa ndifunda okuthile esikolweni, ndifumana inqaku elithetha ngaloo mxholo elindinceda ndiwuqonde.
“Ngokomzekelo, ndandifuna umbandela endinokuthetha ngawo kwiNdibano Engezoshishino Lwezinto Zenzululwazi ekwakufanele sibe nenxaxheba kuyo. Wawumele ube nezibhengezo ezibhaliweyo ezintathu, iingxelo nomboniso othile. Ngoko ndagqiba ngokuthetha ngombandela abantu abaninzi ababezibuza ngawo kule mihla: ukufudumala komoya ojikeleze umhlaba [greenhouse effect]. Kwakuxutyushwe ngawo kuVukani! [wesiNgesi] kaSeptemba 8, 1989. Ndasebenzisa umfanekiso ongaphakathi eqweqweni njengesibhengezo esibhaliweyo sokuqala nomfanekiso okwiphepha 7 kwesinye. Isibhengezo esibhaliweyo sesithathu sasiphathelele umaleko wemeko-bume yesibhakabhaka. Kwakhona ndasebenzisa inkcazelo ekula manqaku kwingxelo yam. Wonke umntu wawuthanda umbandela endandenze uphando ngawo nendlela endandiwubeke ngayo, ngokukodwa umfundisi-ntsapho wam webhayoloji. Wandinika awona manqaku aphezulu, ibe ndafumana ibhaso njengobagqwese bonke kwicandelo lam endandilenza leZifundo Ngemekobume Yezinto Eziphilileyo neZifundo Ngokulondoloza Indalo.
“Ndandula ke, ngoMatshi, ndafuna umbandela endingathetha ngawo kwisabelo sam esingoNcedo Lokuqala. Ndabona kuVukani! [wesiNgesi] kaMatshi 22, 1990, inqaku elalithetha ngephika nendlela yokulinyanga. Ndagqiba ekubeni ndisebenzise umfanekiso okwiphepha 17 kwisibhengezo esibhaliweyo nenkcazelo yenqaku. Kwakhona ndafumana amanqaku aphezulu kweso sabelo.
“Kwizifundo zethu ezingezeMbali yaseMerika, sasifunda ngabemi bamandulo, njengamaMaya, ama-Aztec namaInca, ibe uyazi, xa ndafikayo ekhaya ngenye ingokuhlwa, inkupho [yesiNgesi] kaMeyi 8, 1990 kaVukani! yayisele ilapho kwibhokisi yeposi. Ndayiqhaqha ukuze ndiyifunde ndaza ndafumana inqaku elikwiphepha 13, elixubusha ngabemi abangaMaya. Ndavuya gqitha. Ngokukhawuleza ndalifunda elo nqaku ndaza ndanika umfundisi-ntsapho wam wezifundo zembali umbhalo walo.
“Ndiyabulela kakhulu ngale nkcazelo isexesheni, ethi ngokwenyaniso yenze ukuba le mibandela ndenze uphando ngayo ibe ngamava okufunda novuyo endaweni yokuba ngumthwalo. Eneneni, la maphephancwadi anjengamatye exabiso anqabileyo. Andinakuze ndifune ukwahlukana nawo. Aluncedo ngokwenene, ngokukodwa kubantu abaselula njengam, abanokuphazamiseka ngokulula. Ngokufunda amaphephancwadi, kuquka amanqaku athi ‘Abantu Abaselula Bayabuza,’ siyakhuseleka ngamandla kwiziphazamiso size sigcine amehlo ethu ejonge emvuzweni wobomi obungunaphakade. Ndibulela kakhulu ngomsebenzi wenu onzima ekusilungiseleleni la maphephancwadi ukuze sizuze ulwazi novuyo.”—Linikelwe.