Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngamaphephancwadi
1 Abakho abanye oolindixesha embalini abakhe banempembelelo eyenza abantu batyekele kokulungileyo kubomi babo njengoko iye yenjenjalo IMboniselo noVukani! Nkupho nganye izaliswe kukutya kokomoya okunik’ impilo. Imiphumo yophando olunzulu olunikelwe luxhaswa ngokuqinileyo ngeZibhalo yenza ukuba isigidimi senyaniso sibetheleleke ezingqondweni nasezintliziyweni zethu.
2 IMboniselo, kumaphepha ayo, icacisa iimfundiso zeBhayibhile ize itsalele ingqalelo yethu kwinzaliseko yeziprofeto zeBhayibhile. Ikhuthaza bonke abo balambileyo ngokomoya ukuba bahlaziye ingqondo yabo baze bambathe umntu omtsha. (Roma 12:2; Efe. 4:22-24) UVukani! ulumkisa abafundi bakhe ngeziganeko ezibalulekileyo ezenzeka ehlabathini. Imifanekiso yakhe echukumisayo ebonisa imimangaliso yendalo ivuselela umdla ngehlabathi elitsha ize ilwenze nzulu uxabiso lwethu ngoMdali onothando.
AWAFANI NAMAPHEPHANCWADI EHLABATHI
3 Amaphephancwadi ehlabathi awababonisi abantu indlela yokunandipha ubomi obanelisayo kweli hlabathi. Awanikeli themba ngekamva yaye awabafundisi abantu indlela yokufumana ubomi obungunaphakade. Loo maphephancwadi ehlabathi acetyelwe ukubalaselisa izinto zehlabathi. Onjani wona umahluko ngeMboniselo noVukani!—1 Yoh. 2:15-17.
4 Ngokungathandabuzekiyo, nawe unemvakalelo enzulu yombulelo ngenkupho nganye yeMboniselo noVukani!—maphephancwadi lawo aqulethe ivumba elimnandi lenyaniso evela ‘kwigosa elithembekileyo.’ (Luka 12:42) Yintoni esinokuyenza ukuze siphucule ukuhambisa kwethu amaphephancwadi size ngaloo ndlela sincede abangakumbi ukuba bangenelwe kwaba lindixesha bethu?
UKWENZA INDIMA YETHU
5 Ngaphambi kokuba sibe singabakhuthaza ngokufanelekileyo abantliziyo zinyanisekileyo ukuba bafunde amaphephancwadi ethu, kufuneka sikwazi oko ulindixesha ngamnye akuquletheyo. Oku kufuna ukuba sifunde inkupho nganye ngaphambi kokuba siyisebenzise kubulungiseleli. Ngokuqhelana kakuhle noko ikuquletheyo, sinokusebenzisa inkalo yobulungiseleli bendlu ngendlu, umsebenzi wasesitratweni nokunikela ubungqina obungacwangciswanga ekusasazeni amaphephancwadi.
6 Ngaphezu koko, ngokusoloko sinamaphephancwadi akutshanje ngoxa sisiya kuthenga, xa sikhwele izithuthi zikawonke wonke, esikolweni, kwindawo esisebenza kuyo, okanye naphi na apho siya khona, siya kukwazi ukuzixhakamfulela amathuba amahle okunikela ubungqina. Intshayelelo ekhethwe kakuhle kwincwadi ethi Ukuqiqa kunye nengongoma ekwelinye lamanqaku zisenokuvuselela umnqweno womntu wokufunda amaphephancwadi ethu.
7 Nangona incoko yethu isenokuba mfutshane xa sinikela amaphephancwadi, akuyomfuneko ukuba siphelelise ingxubusho yethu kumzuzu nje omnye okanye malunga nalapho. Sifuna ukuzinika ixesha lokuqinisekisa enoba umntu lowo unomdla ngokwenene kwisigidimi nokuba uya kulifunda kusini na iphephancwadi. Ukuba kuphakama imibuzo, sifanele ngalo lonke ixesha sizabalazele ukuphendula imibuzo ngokusebenzisa ngokupheleleyo iBhayibhile yethu okanye incwadi ethi Ukuqiqa. Ngokuba ngabakulungeleyo ukuziphendulela ngokholo lwethu, sinokuvuna iintsikelelo ezimangalisayo.—1 Pet. 3:15.
8 Ukuba umntu lowo uyavuma ukufunda amaphephancwadi, sinokuthetha ngohlobo olulo umsebenzi wethu nendlela la maphephancwadi apapashwa ngayo kabini ngenyanga njengenxalenye yomsebenzi wazwenibanzi wemfundo yeBhayibhile. Inkcazelo ekwiphepha 2 leMboniselo okanye kwiphepha 4 likaVukani! ikuchaza kakuhle oku. Ekubeni okuqulathwe yinkupho elandelayo kusoloko kudweliswa, sinokulungiselela imibuzo ehlobene nako okanye sitsalele ingqalelo kumanqaku ezayo. Oku kusenokuvuselela umdla kumntu lowo kuze kumshukumisele ekubeni avakalise umnqweno wokufumana loo nkupho xa iphuma. Oku kusenokuba sisiqalo somzila wamaphephancwadi.
9 Njengoko isiphelo sale nkqubo sisondela, ngamana singakhawuleza ukuya kunceda abantu abantliziyo zinyanisekileyo basabe kwiBhabhiloni Enkulu baze beze enyanisweni. (ISityhi. 18:4) IMboniselo noVukani! baneyona ndima inkulu kumsebenzi wethu wazwenibanzi wemfundo yeBhayibhile. Sinombulelo kuba uYehova eye wasilungiselela wona ukuba siwasebenzise kubulungiseleli. Ngamana uYehova angaqhubeka ekusikelela ukusebenzisa kwethu aba lindixesha ngenyameko nangenjongo yemveliso enkulu!