Ukoyisa Ubomi Bogonyamelo
MNA nomhlobo wam sababeleka abasicatyana kangangoko sasinako, yaye xa safika kumlambo owawukufutshane nedolophu yakowethu, saziphosa kuwo. Njengokuba sasivela, saqalisa ukuqubha ngokungxama ukuya kunxweme olungaphesheya.
Ngaba oku kwakulolunye uhlobo lomdlalo wamakhwenkwe? Akunjalo konke konke! Kwakungumcimbi wokufa nokuphila. Xa ndakrwaqula ngasemva, ndathi ntla ngabakwantsasana bejolise kuthi izixhobo zabo. Ndantywila ngaphantsi kwamanzi ukuphepha iimbumbulu ndaza ndaqhubeka ndiqubhela kunxweme olungaphesheya. Nangona ndandingaphantsi kwamanzi, ndandiziva izithonga zompu.
Ukufika kwethu kunxweme olungaphesheya, sasiphumelele ukuzimela entolongweni, apho sasivalelwe khona ngenxa yokuqhekeza nokuba iinqwelo-mafutha.
Eli yayilelinye lamaxesha amaninzi endandifunwa okanye ndizingelwa ngokwenene ngamapolisa ngesenzo esithile solwaphulo-mthetho. Nangona ndandineminyaka eli-17 ubudala ngelo xesha, ndandisele ndinengxelo ende yokubanjwa eyayibhalwe phantsi ngabasemagunyeni. Ekugqibeleni, mna nomhlobo wam sabanjwa, ndaza kwakhona ndagwetywa elinye ixesha entolongweni, ngeli thuba kangangeminyaka emibini enesiqingatha.
Kwanasentolongweni ndabonisa isimo sengqondo sogonyamelo. Ngenxa yokulwa ngokufuthi namanye amabanjwa, ndanikwa iyunifomu emhlophe. Oku kwenza ukuba mna nabanye abanenkathazo sinikwe ingqalelo ekhethekileyo ngabalindi.
Ukuba Nogonyamelo Olungakumbi Emva Kokukhululwa
Ndakhululwa entolongweni, kodwa ndandingaguqukelanga ekubeni ngumntu olunge ngakumbi. Enyanisweni ndandindlongondlongo ngaphezulu kunanini na ngaphambili. Kungekudala ndaziwa njengomlawuli wezitrato ezahlukahlukeneyo. Nabani na owayendicela umngeni wayendifumana ndikulungele ngokukhawuleza ukulwa.
Ndakha ndacatshukiswa liqela labafana. Ndabahlasela, ndisenzakalisa abaninzi ngaphambi kokuba amapolisa ayiphelise le ngxwabangxwaba, nakubeni isandla sam sokunene sasophuke kumlo weveki ephelileyo.
Ngenye imini mna nabahlobo bam ababini sacela undikho kwiqela lamadoda asuka kwidolophu ekufutshane. Inkokeli yalo yeza kum izokundibetha ngentonga yentsimbi. Ndazihlutha izixhobo zayo, kodwa yaphuncuka yabaleka. Ekuphela kwento endandinokuyenza ukuze siqhubeke sisilwa yayikukuyinika intonga yayo yentsimbi, nto leyo endayenzayo. Yabuya, ndaphinda ndazihlutha izixhobo kwakhona, ngeli xesha ndiqinisekisa ukuba ayibaleki de ndibe ndiyibethile.
Ngobunye ubusuku, ukwenzela nje “ukuzonwabisa,” ndema kwimbombo yesitrato saseHarlem, kwisiXeko saseNew York, ndicela undikho kuye nabani na ukuba silwe. Abantu abahlukahlukeneyo balwamkela ucelomngeni lwam, yaye amadabi ayemaninzi. Ngenxa yoko, udumo lwam njengomntu onobungozi nonogonyamelo lwakhula. Kula madabi ahlukahlukeneyo, ndandibethwa ngeebhotile, izixhobo zokutshintsha amavili emoto, nangamagqudu yaye ndikhutshelwa iimela nezinye izixhobo. Kodwa konke oku akuzange kwenze nto ukundiguqula kwiindlela zam zogonyamelo.
Ugonyamelo Luyanda
Kungekudala ndafumanisa ukuba umntu unokwenza imali eninzi kushishino lweziyobisi. Ekubeni ndandingumsebenzisi weziyobisi, ndandiqhelene nabantu abasebenzisa iziyobisi. Kungabanga thuba lide ndandinabantu ababendithengisela iziyobisi, bendenza ndibe nogonyamelo olungakumbi.
Sakha sahlasela endlwini yomnye umthengisi weziyobisi, ngethemba lokuba iziyobisi zakhe. Sixhobe ngompu nemela, saqhekeza ekhayeni lakhe saza saxhomisa amadoda amathathu nebhinqa ngoxa sasigqogqa indlu yakhe, sikhangela iziyobisi.
Ngesinye isihlandlo mna nomhlobo wam sixhobe ngemipu yaye sinxibe izigqubuthelo ezenziweyo ukufihla ubuso, sagqiba ngokukhuthuza enye indoda esisityebi ukuze sikwazi ukufumana imali yeziyobisi. Sayilalela ekhayeni layo, kodwa ayizange ivele, ngoko sahamba. Ngaphandle kwamathandabuzo, ukuba yayivelile, ngesasikwenzile oko sasineenjongo zokukwenza.
Ngaloo ndlela, xa ndandineminyaka nje engama-20 ubudala, ndazifumanisa ndibandakanyeke ngokupheleleyo kugonyamelo, kwiziyobisi, nakolunye ulwaphulo-mthetho olunzulu. Elona kamva lam, laliza kuba lelo lobomi basentolongweni—yaye ndandingonwabanga kwaphela.
Ngokufuthi ndandizibuza ukuba ngubani owayefanele enze izigqibo ngoko kulungileyo noko kuphosakeleyo. Ndagqiba kwelokuba yayinguye nabani na onegunya elingakumbi ebuthweni. Kwakhona ndaqiqa ngelokuba ekubeni yayingabantu ababesenza izigqibo ngokulungileyo nangokubi yaye ndandingenantlonelo kwaphela ngawo nawaphi amagunya abantu, ndandinelungelo njengaye nawuphi na umntu ukwenza isigqibo ngombuzo onjalo. Kodwa kungekudala ndandiza kufumana impendulo elunge ngakumbi.
Indlela Elunge Ngakumbi
Udade wethu, owayetshate nomnye wabahlobo bam endandikunye naye entolongweni, wavuma ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Wayesabelana nabo bonke entsatsheni ngezinto awayezifunda eBhayibhileni—ngaphandle kwam. Intsapho yasekhaya yayidla ngokundixelela ukuba ndimphephe udade wethu. Ngoba? Babesithi kwakungenxa yokuba konke awayethetha ngako yayilolwa “nqulo luphambeneyo.”
Ndandifuna ukwazi. Yintoni le kwakunokwenzeka ukuba abe uyithethile ukuphazamisa abantu kangaka? Ndandifuna ukuyazi, kodwa udade wethu akazange athethe nam ngalo mcimbi. Kwakutheni ukuze angafuni? Wayecinga ukuba ndandonakele kakhulu ukuba ndingaphulaphula nantoni na engeBhayibhile.
Kodwa ngenye ingokuhlwa ndamcela ukuba ndiye endlwini yakhe ukuba ndiyokutya isidlo sangokuhlwa nabo. Ndandihleli apho ndisitya nodade wethu kunye nomyeni wakhe, ndaza ndathi: “Khanindichazele ngolu nqulo lutsha.” Bandichazela—kangangeeyure ezintandathu! Kwakunengqiqo gqitha kum kangangokuba ndabuyela apho ngengokuhlwa elandelayo ukuze ndive okungakumbi.
Emva kolu tyelelo lwesibini, ndandeyisekile kukuba ndandisifumene isizathu sokuphila, injongo yokwenene ebomini. Kamsinya ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova kwiHolo yoBukumkani yaye ndikwathetha nakubahlobo bam ngoko ndandikufunda.
Indlela yokuphila kwam yahlala ingaguqukanga okwexesha elithile. Kodwa ndaqhubeka ndifundisisa yaye ndifunda ngoko uYehova uThixo akulindeleyo, yaye ndaqinisekisa ukuba ndandingaphoswa ziintlanganiso eHolweni yoBukumkani, apho kwakuxutyushwa ngeBhayibhile. Ngale ndlela ndafumana ukomelela ngokomoya ukuze ndikwazi ukuguqula ubomi bam, into ibenye ngexesha.
Okokuqala, ndakuyeka ukuthengisa iziyobisi. Oku kwabacaphukisa abathile kwabo ndandinxulumene nabo ngaphambili, kodwa ndandisadumile ngokuba nogonyamelo, nto leyo eyandigcina ndikhuselekile. Okwalandelayo, ndakuyeka ukusebenzisa iziyobisi ezinamandla ndaza ndabuyeka ubomi bokuziphatha okubi. Into yokugqibela endayiyekayo ngumkhwa wam wecuba. Kwiinyanga ezisibhozo ndenza inkqubela ukusa kwinqanaba lokufanelekela ubhaptizo, yaye ndabhaptizwa ngowe-1970.
Ekugqibeleni ndandifumene impendulo yombuzo wam ongalowo ofanele enze izigqibo ngokulungileyo nangokubi. Impendulo ikukuba: UYehova, uMniki-Bomi wethu, unalo elo lungelo, yaye ukwanelungelo lokulindela izidalwa zakhe ziphile ngokuvisisana noko.
Ngokufuthi bendisoloko ndicinga ngendlela umzekeliso okuIsaya 65:25 osebenza ngayo kum ngokufuziselayo. Eso siprofeto sithetha ngexesha elizayo xa isimo sengqondo sengonyama sogonyamelo siya kuguqukela ekubeni sesoxolo ukusa kwinqanaba lokuba ibe iya kudla umququ njengenkunzi yenkomo. Ndavakalelwa ngendlela efanayo, ndaguquka ekubeni ngumntu onogonyamelo gqitha ndaza ndaba ngulowo unesimo sengqondo soxolo nonembonakalo yokuba seluxolweni ebomini.
Sekunjalo, ndandisenodumo olubi ekwakufuneka ndiloyise ngehambo elungileyo. Ngokomzekelo, ngokuthe rhoqo ndandisiya kwizindlu ngezindlu ndixubusha nabantu ngeBhayibhile. Kwenye indlu omnye umfana omncinane owavelayo wakwazi ukundifanisa waza woyika, ecinga ukuba ndandizokumenzakalisa. Ngokukhawuleza ndacacisa isigidimi sam soxolo ngokusuka eBhayibhileni, ndimshiya ekhwankqisekile kodwa ekhululeke gqitha.
Kungekudala ndibhaptiziwe, ndatshata omnye wamaNgqina kaYehova. Okubuhlungu kukuba, ngowe-1974 umfazi wam wagqiba kwelokuba akasafuni kwenza ukuthanda kukaThixo. Wandinika isisongelo sokugqibela sokuba ndilahle unqulo lwam okanye wayeza kundishiya, athabathe abantwana bethu ababini abancinane. Elo yayilelona xesha linzima ebomini bam. Kodwa ndandingenakululahla unqulo lwam kuThixo, yaye ndaqhubeka ndisenza ukuthanda kwakhe.
Indlela Entsha Yobomi
Sekunjalo, uYehova wandivuza ngokuqhubeka ndithembekile kuye. Ngowe-1977 ndadibana nelinye iNgqina elihle, saza satshata. Lalinomntwana oneminyaka emihlanu ubudala. Kwakamsinya mna nomfazi wam sangenelela inkonzo yexesha elizeleyo, sizinikela ekufundiseni abanye ngoThixo nangeenjongo zakhe. Xa unyana wethu wakhulayo, naye wangenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo. Ngoku uluncedo kwimisebenzi eyahlukahlukeneyo ebandleni lasekuhlaleni.
Mna nomfazi wam siye sanelungelo lokuhambahamba kwimimandla emininzi yehlabathi, sisenza umsebenzi wamatsha-ntliziyo wokwakha. Oku kuquka ukwakha amasebe amatsha afunekayo kumazwe ngamazwe ukuxhasa umsebenzi wemfundo wamaNgqina kaYehova zwenibanzi.
Xa sisekhaya, sihlala sixakekile ekuhlaleni, sinceda abanye ukuba bafunde ngeBhayibhile yaye sincedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani ezintsha. Kwakhona ndikhonza kwiKomiti Yokwakha Yenqila kummandla osemazantsi eUnited States. Yaye mna nalowo wayesakuba liqabane lam lasentolongweni—umyeni kadade wethu—sikhonza njengabadala kwibandla elinye lamaNgqina kaYehova.
Ndinombulelo kuYehova ngokundinceda ndibulawule ubomi bam, ndize ndibuguqule bube butsha ngokupheleleyo. Njengokuba ndiye ndamvumela ukuba andibonise okulungileyo nokubi, ubomi bam buya busiba bobulunge ngakumbi.—Linikelwe.