Ingqiqo Yenkawu
ESierra Leone, eNtshona Afrika, kukho isaci esithi: “Inkawu ayisuki imxelele nje umntwana wayo ukuba, ‘Bambelela nkqi!’ Ithi, ‘Jonga ezantsi.’”
Oku kwenza ubani abe nomfanekiso-ngqondweni wentshontsho lenkawu eliphezulu emthini, libambelele nkqi kumqolo kanina. Ingcamango yesi saci ikukuba ukuba uMama usuka nje athi malibambelele, intshontsho lakhe lisenokwenjenjalo okwexeshana, kodwa ekubeni lingasazi isizathu saloo myalelo wakhe, lisenokulibala kamsinya lize liyekelele.
Noko ke, ukuba intshontsho lijonga ezantsi liya kubona indlela elikude ngayo emhlabeni yaye liya kuziva linyanzeleka ngakumbi kuba ubomi balo bubandakanyekile. Kuba, linokwenzakala kakhulu okanye lide life! Lakuba liyiqonde ngokuphelele ngakumbi ingozi linentshukumisa eqinileyo yokubambelela nkqi. Ngoku nasiphi na isiluleko okanye umyalelo owongezwayo uya kuhlonelwa ngokungakumbi.
Onjani wona ukuba mhle umgaqo wokufundisa abanye, ingakumbi abantwana. Isifundo esisebenzisekayo kweli bali sikukuba kunokuvakalisa nje imiyalelo, kubalulekile ukudlulisela ukuqonda.
Kakade ke, kwezinye izihlandlo kusenokungabikho xesha laneleyo lokuqala ngokwenjenjalo. Ngokomzekelo, ukuba umntwana wakho ngaphandle kokujonga ngenyameko, uqalisa ukuwela kwisitrato esixakeke ziimoto ezibalekayo, unokumyalela ukuba eme yaye abuye umva ngokukhawuleza. Ukunikela umyalelo kuqala apha kubaluleke gqitha. Kodwa ke inkcazelo ngengozi umntwana abekuyo inokudlulisela ukuqonda.
Ingenelo yokwenza ngale ndlela—kungekhona nje ukuyalela kodwa kwanokudlulisela ukuqonda ifumaneka kumzekeliso weBhayibhile othi: “Obambe [“owuqondayo,” NW] umyalelo ngunyana onengqondo.”—IMizekeliso 28:7.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 31]
© Zoological Society of San Diego