IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g91 12/8 iphe. 9-11
  • Xa Amanxeba Amadala Epholiswa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Amanxeba Amadala Epholiswa
  • Vukani!—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubulungiseleli Boxolo
  • Indlela Eziphela Ngayo Zonke Iimfazwe
  • Imfazwe Eya Kuphelisa Iimfazwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Iimfazwe
    Vukani!—2017
  • “Asizifuni Kwakhona IiHiroshima!”
    Vukani!—1991
  • Kungekudala Kuza Kubakho Ihlabathi Elingenazimfazwe
    Vukani!—1996
Khangela Okunye
Vukani!—1991
g91 12/8 iphe. 9-11

Xa Amanxeba Amadala Epholiswa

UADELINE NAKO oselula, okhankanywe ekuqaleni kolu ngcelele, wakha intiyo enzulu ngelizwe lookhokho bakhe, iJapan. Xa abanye abantwana bewabiza amaJapan aseHawaii ngokuthi zii-“Japs,” wayedla ngokuphendula athi, “SingamaMerika.” Wabhala izibhengezo ezithi, “Watshabalaliseni Loo Magunya Mathathu Amanyeneyo” ibe wayesekuqaleni kwiphulo lokuthenga izitampu zokwandisa imali yokuxhasa imfazwe. UAdeline wathi, “Ndandizidla kakhulu ngeqela le-100 nelama-442 lomkhosi owawubunjwe ngamanisei, okanye isizukulwana sesibini samaMerika angamaJapan, awayilwela ngenkalipho iMerika.”

Noko ke, njengoko wayeya ekhula, waqalisa ukuzibuza: ‘Yintoni ebangela ukuba abantu babulalane?’ Konke kwakubonakala kuphosakele. Wacinga oku: ‘AmaBhuda ayesiya emfazweni. AmaKristu ayesiya emfazweni. Bonke bangabahanahanisi.’ Njengoko wayeqalise ukufundisisa iBhayibhile ngoncedo lwamaNgqina kaYehova, wacel’ umngeni iNgqina elalimfundisa ngombuzo othi, “Ngaba nina maNgqina kaYehova niyaya emfazweni?”

Waxelelwa ukuba awazithabathi izixhobo ukuze abulale nabani na. Ngelo xesha imfazwe yayisaqhuma eYurophu naseAsia. UAdeline wafumanisa ukuba amaNgqina eJamani ayethunyelwa kwiinkampu zoxinaniso ibe lawo aseUnited States ayevalelwe ezintolongweni ngenxa yokungathabathi zixhobo emfazweni. Wacinga oku: ‘Kumele ukuba lulo olu unqulo lokwenyaniso.’

Ubulungiseleli Boxolo

Njengoko ulwazi lwakhe lweBhayibhile lwalusanda, washukunyiselwa ukwahlulela ubomi bakhe kuYehova, uThixo weBhayibhile. Uzahlulelo lwakhe ‘kuThixo woxolo’ lwamshukumisela ekulwandiseni uthando lwakhe ngokulandela amanyathelo amaJapan aseHawaii amahlanu awazinikelayo ukuba aye eJapan ngokukhawuleza emva kweMfazwe Yehlabathi II. (Filipi 4:⁠9) Babekulangazelela ukunceda abantu abakwilizwe looyisemkhulu, nokwenza ababeziintshaba zabo ngaphambili, ngokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ezithuthuzelayo ezivela eBhayibhileni njengabavangeli basemazweni.​—⁠Mateyu 24:⁠14.

Omnye owazinikelayo ukuya kunceda kwilizwe laseJapan elalonakaliswe yimfazwe, uShinichi Tohara, ukhumbula indlela awavakalelwa ngayo kumsebenzi wakhe wobuvangeli. Uthi: “Ndacinga ngokuthembeka kwabantu baseJapan ngokuphathelele ukukhonza iinkosi ezingabantu nomlawuli wabo. Ndacinga ngabaqhubi beenqwelo-moya ezidubula xa zingqubene nezotshaba, abanikela ubomi babo ngenxa yomlawuli ngokuthi ngabom baziqhubele iinqwelo-moya zabo ziye kungqubana neenqwelo zokulwa zotshaba. Ndacinga ukuba, ukuba amaJapan ayethembeke ngolo hlobo ebantwini, ayeya kwenza ntoni xa efumene iNkosi yokwenyaniso, uYehova?”

Eneembono ezikhuthaza ngolo hlobo, ngowe-1949 la matsha-ntliziyo angena eTokyo, eyayisandul’ ukubhuqwa ziinqwelo-moya ezithwala iibhombu ezibhuqayo ii-B-29. Afumana ntoni kwizindlu eziphakathi komonakalo? Bafumana abantu abanoloyiko ababesebenza ngenkathalo. Kakade ke, babekho abantu ababefukame intiyo nolunya. Noko ke, abaninzi babesabela kakuhle kwisigidimi seBhayibhile soxolo.

Ngowe-1953, uAdeline wabathelela abo bavangeli basemazweni bokuqala. Wabanceda ngomdla abo babelambele nababenxanelwe isigidimi esithuthuzelayo esifumaneka eBhayibhileni. Wayebafumana nabantu abachasayo kumsebenzi wakhe wokushumayela. Babedla ngokumxelela oku: “Nina bantundini naphosa iibhombu zeathom eHiroshima naseNagasaki!”

Wayephendula athi: “Niyazi ukuba ndisuka eHawaii. Ibe yiJapan eyahlasela iZibuko iPearl kuqala yaza yabulala abantu abaninzi apho. Kodwa oko akukhange kundithintele ekubeni ndize eJapan ukuze ndibaxelele ezi ndaba zilungileyo abantu balapha.” Ngokufuthi oko kwakubanqumla iimpondo, ibe babeya kulwamkela uncwadi olucacisa iBhayibhile.

Ngenxa yesiseko esihle esabekwa ngabo bavangeli basemazweni bokuqala ababevela eHawaii nakwamanye amazwe, ngoku amaJapan angaphezu kwe-150 000 ayinxalenye yobuzalwana babo bangasayi ‘kuphinda bafunde ukulwa.’​—⁠Isaya 2:⁠4; 1 Petros 2:⁠17.

Indlela Eziphela Ngayo Zonke Iimfazwe

Eneneni, ukwazana nokuhlakulela ukuthandana ngokungazingci kuyafuneka kuxolo lwehlabathi. Noko ke, oko akwanele. Kwanabantu ababethanda uxolo nababenabahlobo kwelinye icala bathelela kwimfazwe eyayikwiPasifiki beziva benyanzelekile ngenxa yezizathu “ezithethelelekayo.” Impembelelo yenkohliso yokuthand’ izwe yaphembelela utyekelo lwabo lwemvelo. Nangona bambi bengazange bavume ukuya emfazweni kwanasesichengeni sokuthunyelwa kwiinkampu zoxinaniso okanye ezintologweni, izenzo zabo nangona izezincomekayo, azizange zibe nampembelelo ingako ukuba zaba nayo kwaukuba nayo, ekuthinteleni umoya wokutshisekela imfazwe.

Xa lonke ilizwe likhokelelwa emfazweni, likhokelwa kokungaphaya kwezandla zabantu. Ngokufuthi bonke ababandakanyekileyo bazingisa kwelokuba banqwenela ukuphelisa imfazwe. Sekunjalo umoya othile onamandla kakhulu ubaphembelela ngokunxamnye neminqweno yabo. IBhayibhile iwuchaza loo moya unamandla ngokuba ‘nguthixo weli phakade.’ (2 Korinte 4:⁠4) Eneneni, “ihlabathi liphela lilele kongendawo,” uSathana uMtyholi.​—⁠1 Yohane 5:⁠19; bona kwakhona uYohane 12:​31; 14:⁠30.

Noko ke, iBhayibhile ithembisa ukuba “uThixo ke woxolo uya kumtyumza uSathana.” (Roma 16:​20) Isandulela soku kutyumza senzeka ezulwini kwiminyaka enokuba ngama-77 eyadlulayo. Phulaphula ingcaciso yoko umpostile uYohane wakubonayo kumbono ochulumancisayo kwiinkulungwane ezili-18 ngaphambi kokuzaliseka kwawo ngowe-1914: “Kwaza kwabakho imfazwe emazulwini . . . Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo.”​—⁠ISityhilelo 12:​7-⁠9.

Ukususela ngoko uSathana uMtyholi ebekummandla womhlaba. Ngokusebenzisa abalawuli bezobupolitika nabaxhasi beemfazwe okoonodoli, uye wabangela iintlungu ezingathethekiyo kwiimfazwe zale nkulungwane. Noko ke, ukungabi namonde kwakhe kubonisa nje ukuba unomsindo omkhulu, “esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.” (ISityhilelo 12:​12) Ngezandla ezinamandla ‘zoMthetheli woxolo,’ uYesu Kristu, uThixo uya kumenza uSathana angasebenzi emva ‘kwemfazwe yaloo mini inkulu kaThixo uSomandla eArmagedon.’​—⁠Isaya 9:⁠6; ISityhilelo 16:​14, 16.

Ngokungafaniyo nazo zonke iimfazwe eziye zaliwa ngabantu, umlinganiselo wokusesikweni oya kulawula loo mfazwe kaThixo izayo ugqibelele. Ngumlinganiselo woMdali woluntu, olunqwenelela okuhle uluntu. Ngokungafaniyo neenkokeli zobupolitika ezinyanzelela abantu bazo emfazweni, uYehova, uMdali wethu, uya kubaxelela abantu bakhe kanye oko waluxelela kona uhlanga lwakwaSirayeli ngemihla kaYehoshafati wakwaYuda ngenkulungwane yeshumi Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo: “Akuyi kufuneka nilwe kule meko. Thabathani iindawo zenu, yimani nimi nize nilubone usindiso lukaYehova onani.”​—⁠2 Kronike 20:​17, NW.

Lishenxisiwe ilifu lobumnyama lempembelelo kaSathana, abantu abavela kuzo zonke iintlanga baya kunandipha uxolo nonqabiseko lokwenyaniso ehlabathini ngokubanzi. Ngoko iimeko ezilandelayo ezachazwa kwangaphambili nguIsaya ziya kube ziyinyaniso. “Niyabona, ndidala amazulu amatsha nomhlaba omtsha. Izinto zokuqala aziyi kuphinda zikhunjulwe yaye azisayi kuphinda zithi qatha engqondweni.”​—⁠Isaya 65:​17, The New English Bible.

Ngaloo ndlela, okwenzekayo kwiZibuko iPearl akusayi kuphinda kukhunjulwe ngendlela ebuhlungu, namaxhoba odubulo lweebhombu zeathom eHiroshima naseNagasaki awasayi kuphinda akhwaze esithi “Asizifuni Kwakhona IiHiroshima!” Ngoba? Ngenxa yokuba la mazwi alandelayo esiprofeto sikaIsaya aya kuba yinyaniso kubo bonke abantu emhlabeni: “[UThixo] uya kugweba phakathi kweentlanga, ohlwaye izizwe ezininzi; ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.”​—⁠Isaya 2:⁠4.

Inzaliseko yezi ziprofeto sele ibonakala kumaNgqina kaYehova, ngoku abumba ubuzalwana obomeleleyo bezigidi ehlabathini ngokubanzi. Oku kubonakala ngokukodwa kwiindibano zezizwe ngezizwe zamaNgqina kaYehova eziqhutyelwa kwiindawo ezahlukahlukeneyo zehlabathi. Nawe unokuba yinxalenye yolo manyano noxolo lwezizwe ngezizwe. Yiza uze kufunda indlela onokuthi ngayo ube ngomnye wabantu abasele ‘bewakhandile amakrele abo aba ngamakhuba nezikhali zabo zaba zizitshetshe zokuthena izidiliya, abangasayi kuphinda bafunde ukulwa,’ nabajonge phambili ekufikeni kweparadisi emhlabeni kwakamsinya, apho kungasayi kuphinda kubekho zimfazwe.​—⁠INdumiso 46:​8, 9.

[Umfanekiso okwiphepha 9]

UJerry noYoshi Toma, uShinichi noMasako Tohara noElsie Tanigawa bazinikela ekuncedeni abo babeziintshaba zabo ngaphambili

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Namhlanje amaqela abantu bezizwe ngezizwe anqula uThixo ngomanyano nangoxolo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share