IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g92 1/8 iphe. 12-14
  • Kuthekani Ukuba Abazali Bam Abandixhasi Kwinkolo Yam?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuthekani Ukuba Abazali Bam Abandixhasi Kwinkolo Yam?
  • Vukani!—1992
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ulutsha Oluthembekileyo Ngamaxesha Okubhalwa KweBhayibhile
  • Ukufumana Inkxaso Namhlanje
  • Ukuhlakulela Inkxaso Ekhaya
  • UYosiya Wakhetha Ukwenza Okulungileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Unokuphumelela Ingakhathaliseki Indlela Okhuliswe Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • UYosiya Othobekileyo Wafumana Inkoliseko KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • UYosiya Wayeneetshomi Ezilungileyo
    Fundisa Abantwana Bakho
Khangela Okunye
Vukani!—1992
g92 1/8 iphe. 12-14

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Kuthekani Ukuba Abazali Bam Abandixhasi Kwinkolo Yam?

ULUTSHA oluninzi olungamaKristu lunabazali abangakholwayo. Enye intombazana eneminyaka eli-12 ubudala ithi, “Ndim kuphela ofundisisa iBhayibhile kwintsapho yasekhaya. Yaye umama wam ufuna ndiyeke ukuyifundisisa.” Olunye lunabazali abasilelayo ukukhokela ngokomoya. Ezi meko zisenokuba sisilingo sokwenene koselula okufuna ngokunyanisekileyo ukukhonza uThixo.

Ukuzama ukuba ngumKristu wokwenyaniso ngaphandle koncedo nokhuthazo lwabazali kunzima. Kodwa usenokuphumelela! Imizekelo emininzi, yexa elidluleyo neyangoku, iyakungqina oko.

Ulutsha Oluthembekileyo Ngamaxesha Okubhalwa KweBhayibhile

Qwalasela uAbheli, unyana wesibini sokuqala esingabantu, uAdam noEva. UAdam noEva babefanele babaxhase ngokomoya ngendlela egqibeleleyo abantwana babo. Kodwa bamvukela uYehova baza bamnikela umva, beshiya abantwana babo ukuba baziphandele ngokonqulo. Kunokuba uAbheli azisizele okanye avumele intsilelo yokomoya yabazali bakhe idodobalise uxabiso lwakhe ngezinto ezingcwele, kuyabonakala ukuba wafunda oko wayenokukwazi ukukufunda ngoMdali. UYehova wayenxibelelana noonyana baka-Adam, uKayin noAbheli, yaye uAbheli waba nolwalamano noThixo waza wakhulela ekubeni yindoda yokholo. “Ngokholo uAbheli wasondeza kuye uThixo umbingelelo ogqithileyo kunokaKayin, awangqinelwa ngawo ukuba ulilungisa.”​—⁠Hebhere 11:⁠4; Genesis 4:​2-⁠15.

UYosiya ungomnye umzekelo woselula ekwafuneka aqhubeke ngaphandle kwenkxaso yonqulo lwabazali. Uyise, uKumkani uAmon wakwaYuda, wagetyengwa xa uYosiya wayeneminyaka esibhozo ubudala. Ngoxa wayesaphila, uKumkani uAmon “wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise. UAmon wabingelela kwimifanekiso yonke eqingqiweyo awayenzayo uManase uyise, wayikhonza. . . . UAmon walikhulisa ityala.” (2 Kronike 33:​22, 23) Ngoko ke, khawuthelekelele imekobume eyonakalisayo yokomoya unyana ka-Amon uYosiya engewayekhulele kuyo.

Sekunjalo, uYosiya “wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, wahamba ngeendlela zikaDavide uyise . . . Waqala wamquqela uThixo kaDavide uyise, nangomnyaka weshumi elinesibini [eneminyaka enokuba ngama-20 ubudala] waqala wawahlambulula amaYuda neYerusalem, kwiziganga, nooAshera, nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo.”​—⁠2 Kronike 34:​2-⁠4.

UYosiya waba nawo njani amandla anjalo ngaphandle koncedo lukayise? Wafumana inkxaso kwamanye amadoda okomoya, njengombingeleli omkhulu uHilekiya nombhali wakhe uShafan. Impembelelo yokomoya elungileyo ababa nayo kuYosiya oselula yamnceda ukuze “amise amazwi omyalelo.” (2 Kumkani 23:​24; 2 Kronike 34:​14-19) Ngokwaloo Myalelo kwakufuneka ukuba ookumkani benze umbhalo wawo wobuqu baze bawufunde imini nobusuku. (Duteronomi 17:​18; Yoshuwa 1:⁠8) Ngokungathandabuzekiyo ukwenjenjalo kwafak’ isandla kakhulu ekukhuleni kukaYosiya ngokomoya.

Ukufumana Inkxaso Namhlanje

Nawe unokukhula ngokomoya, nokuba abazali bakho abakuxhasi ngendlela obungathanda ngayo. Ngokufuthi usenokuxhaswa ngabazalwana noodade noomama nootata bokomoya kumabandla amaNgqina kaYehova. (Marko 10:​30) Kusenokubakho ulutsha olukhulileyo ngokomoya ebandleni onokuba ngumhlobo walo. Okanye kusenokubakho amaNgqina akhulileyo aya kuba nomdla kuwe. Ngokomzekelo, omnye okwishumi elivisayo owayengenatata ogama linguJerry wamenywa ngumdala ebandleni ukuba ampheleke aye kwesinye isifundo sekhaya seBhayibhile. Emva kwesifundo, ngokufuthi babedla ngokuya kutya kwivenkile yokutyela ethengisa ukutya okusele kulungile baze bancokole. UJerry ukhumbula oku, “Waba ngathi ungutata kum.” Namhlanje uJerry utshatile yaye ukhonza njengesicaka solungiselelo. Usoloko enombulelo ngenkxaso awayifumana kuloo mdala.

Ngaba kukho nabani na okhulileyo oye wafuna ukukunceda ngenye indlela? Ngoko kutheni ungasabeli ngokuvumayo? Yaye ukuba akukho bani ukhe wazinikela ngolo hlobo, qala wena uthabathe inyathelo elithile elisa ekuhlakuleleni ulwalamano oluhle. Usenokude uzame ukuthetha nomnye wabaveleli bebandla lasekuhlaleni. Mhlawumbi ufuna ubani akuqhubele isifundo seBhayibhile sekhaya okanye akuncede ekulungiseleleni isabelo seSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo.a Okanye usenokuba nje ufuna unxulumano olwakhayo lwentsapho. Kuyaqondakala ukuba, usenokuziva ungakukhululekelanga ukwenza iimfuno zakho zaziwe ngale ndlela. Kodwa khumbula ukuba, abadala basebandleni baye bamiselwa ukuba banyamekele iimfuno zokomoya zaye wonk’ ubani ebandleni​—⁠kuquka abantu abaselula. (1 Petros 5:⁠2) Basenokuba luncedo lokwenene.

Ukuhlakulela Inkxaso Ekhaya

Ngoko, ngaba oku kuthetha ukuba akukho nto unokuyenza ukuphucula imeko yasekhaya? Akunjalo konke konke. Ngokomzekelo, cinga ngoJoe oselula. Uyichaza indlela awayexhaswa ngayo ngokomoya ngabazali bakhe abangakholwayo ‘njengelinganiselweyo.’ Sekunjalo, uJoe uyavuma ukuba usenokuba wafaka isandla ngokwenene ekusileleni kwabo ukumxhasa. Njani? Kaloku, kuyabonakala ukuba xa uJoe waqala ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, wenza okuncinane ukusebenzisa oko wayekufundile kubomi bakhe bobuqu. Ngoko waqhubeka engabathobeli abazali bakhe. Njengoko sinokulindela, abazange basibone isizathu sokuba bona bafundisise iBhayibhile, kungasathethwa ke ngokumkhuthaza ukuba afundisise iBhayibhile ngokubhekele phaya.

Kuthekani ngawe? Ukuba abazali bakho abakholwa, ngaba izenzo zakho zibanika isizathu sokuba bakholelwe ukuba ukufuna ngokuzimiseleyo ukukhonza uThixo? Abafazi abangamaKristu baxelelwa ukuba bazuze amadoda abo angakholwayo ngehambo yabo entle. Ngaba abazali bakho ngokufanayo ‘bebengazuzeka lingekho ilizwi’ ukuba ububathobela yaye ubahlonela ngakumbi? (1 Petros 3:⁠1; Efese 6:​1-⁠3) Ukuba kunjalo, ngaba bekungebi nokwenzeka ngakumbi ukuba bakuxhase?

Noko ke, kuthekani ukuba abazali bakho bangamaKristu kodwa bengakwenzi konke abafanele bakwenze ukukunceda nokukukhuthaza? Nokuba siyintoni isizathu sokuba njalo kwabo, usenokwenza okuthe chatha ekukhuliseni imeko-bume entle neyokomoya ekhayeni lakho ngokumisela umzekelo omhle. (1 Timoti 4:​12) Xa kulixesha lokuba kuyiwe kwiintlanganiso zamaKristu, zilungise uze ulungele ukuhamba. Yenza imisebenzi ethile eyongezelelekileyo yasekhaya ngokuzithandela ukuze ngokukwanjalo abazali bakho balunge kwangexesha. Ngubani owaziyo ukuba kuya kwenzeka ntoni? Mhlawumbi ukuzikhuthalela kwakho iintlanganiso kuya kuba nempembelelo entle kubo.

Ngaba abazali bakho bayasiqhuba isifundo seBhayibhile sekhaya kunye nawe veki nganye? Ukuba akunjalo, kutheni ungabaceli ukuba benjenjalo ngendlela enobubele, kungekhona ngokukruqulayo okanye ngokukhalazayo. Xa kuqhutywa isifundo, musa ukubenza basebenze nzima bekumba ukuze ugqabaze; yiba ngolungiselele ngokucokisekileyo ukuze ube nenxaxheba. Yenza eyakho indima ukusenza sibe sisihlandlo esinandiphekayo. Vakalisa umbulelo wakho kubo ngokuba nesifundo. Oku kusenokubakhuthaza abazali bakho ukuba basiqhube rhoqo isifundo.

Kuthekani ukuba imigudu yakho ayisiwa so kangako? Musa ukuncama. (Galati 6:⁠9) Luvakalise ngokuphandle uthando lwakho ngoThixo nangenyaniso yeBhayibhile. Musa ukwetha amandla okanye urhoxobise ekuncedeni abanye bafunde ngoThixo. Qhubeka ‘uzakha elukholweni lwakho olungcwele, uthandaza ukumoya oyingcwele.’ (Yuda 20) Oselula ogama linguLaverne wenza kanye oko. Uthi, “Ndiye ndagqiba kwelokuba ndingamvumeli utata ukuba andithintele ekufundeni inyaniso. Ngoko ndizifundela IMboniselo ngokwam kunokuba ndibukele umabonwakude.b Ndikwafunda isibhalo esithile seBhayibhile ntsasa nganye. Ndiyakwazi ukuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela ngokuthi ndihambe nabanye abazalwana noodade abangamaKristu.”

Bonisa ukuzimisela okufanayo. Musa ukuvumela ukungaxhaswa ekhaya kukudimaze. Bambelela ngokuqinileyo kwiinkolelo zakho. Ukuba kunokwenzeka, sondelelana noontanga abanosukelo lwezinto zokomoya nabantu abakhulileyo abakwanjalo ebandleni. Kodwa enoba uyaxhaswa okanye akunjalo, zimisele ukulondoloza ubuhlobo bakho noThixo. Ungathembela kuye ngenkxaso.​—⁠Thelekisa INdumiso 119:116.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo ngeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, bona inqaku elithi, “Zinokundinceda Njani Iintlanganiso ZamaKristu?” kuVukani! kaJulayi 8, 1991.

b IMboniselo liphephancwadi eliliqabane likaVukani! Isenokufunyanwa ngokubhalela abapapashi beli phephancwadi.

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Amalungu aqolileyo ebandla asenokukunceda ngokuthi abe nomdla kuwe

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share