Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Kuthekani Ukuba Intsapho Yakowethu Ihlwempuzekile?
ILOKISHI yamatyotyombe yaseMzantsi Afrika awakhulela kuyo uGeorge akumonwabisi ukucinga ngayo. Ukhumbula oku, “Sasihlala kwindlu engumukhukhu—ibobosi lokwenene elincinane elakhiwe ngeenkcenkce nelinamagumbi amabini.” Wayesebenzisa igumbi elinye nabantakwabo noodade wabo abasibhozo. Ebudeni beenyanga zobusika, wayedla ngokunyamezela umoya wasebusika ukuze aye kukha amanzi kwenye impompo yamanzi eyayinceda ilokishi yonke. UGeorge uthi, “Kodwa eyona nto ndandiyithiye egazini ngokukhula ndilihlwempu yayikukubukela utata wam esebenza ade agobe umqolo ukuze nje asigcine siphilile. Ndandiyicekisa into yokuba kwakubonakala kungekho sicombululo kuloo ngxaki.”
Ubunzima bezoqoqosho buyinto yemihla nezolo kumazwe asakhasayo. Yaye kwanamazwe afumileyo aseNtshona anamanani awothusayo abantu abangamahlwempu. Mhlawumbi ungomnye wabo. NjengoGeorge usenokude uzive uhlwempuzeke gqitha. Ngoxa iimvakalelo ezinjalo zinokuqondwa, zisenokukuqhubela ukuba wenze izinto ngendlela ezenza mbi gqitha iingxaki zokuba lihlwempu, kunokuba izinciphise.
Umgibe Wokuzikhulula Kubo
Amanani axhomis’ amehlo olutsha olungamahlwempu azama ukuzikhulula kwintlungu yobuhlwempu ngokubulala iimvakalelo zalo ngotywala nangeziyobisi. Ngokutsho komphandi uJill Swart, abantwana basezitratweni besinye isixeko sasemazantsi eAfrika “iglue abayifunxeli ukwenzela ukuzonwabisa kuphela. Bayisebenzisa ukuze . . . bazikhulule kwingqele, ubulolo nokulamba.”
Kodwa olu lutsha luvakalelwa njani xa lubuyela ezingqondweni zalo nomqhele uphelile? UJill Swart wanikela ubungqina ngeempawu ‘ezinjengodandatheko olukhulu,’ “iingcwangu,” “ukuguquguquka kweemvakalelo ngokukhawuleza,” “Umbono onganik’ ithemba,” nentlaninge yezinye ezikukuphazamiseka emzimbeni okungenako ukuchazwa ‘njengokuzikhulula’ okusengqiqweni kubuhlwempu.
UKumkani uSolomon osisilumko wathi: “Isela-wayini . . . liyahlwempuzeka; kona ukozela kwambesa amajacu.” (IMizekeliso 23:21) Ukuzama ukuzenza ongabuboniyo ubunyaniso bobuhlwempu ngokutshintshatshintsha ubume bengqondo kabani ngokuzinkcinkca ngotywala, ukufunxa iglue okanye ngokusebenzisa iziyobisi akusayi kwenza ukuba ingxaki inyamalale. (Thelekisa IMizekeliso 31:7.) Kunjengokuba uMaria, intombazana eneminyaka eli-16 ubudala yentsapho enomzali omnye olihlwempu eMzantsi Afrika yaphawula oku: “Ukuzama ukuzenza ongaziboniyo izinto njengoko zinjalo kubangela iingxaki ezingakumbi kunokuba kuzicombulula.” Ngaphandle koko, iindleko ezichithelwa ekulondolozeni enjalo imikhwa ukonakalisa zimenza ubani aye ehlwempuzeka ngakumbi. Kuphela kuxa oselula olihlwempu ejamelana ngokuthe ngqo nemeko yakhe anokuthi abe nethemba lokuba uza kuqhubana nemeko leyo.
Umsindo Nonxunguphalo
Lunomsindo kuba lungamahlwempu, ulutsha oluninzi luphelisa ingqumbo yalo ngogonyamelo, ukonakalisa izinto ngenkohlakalo, ubusela nezinye iindlela zobunjubaqa bolutsha. IThe World Book Encyclopedia ithi ulutsha olunjalo lukubona oku ‘njengekuphela kwendlela yokuzikhulula ekukruqukeni, kubuhlwempu nakwezinye iingxaki.’ UGeorge, okhankanywe ngaphambilana, ukhumbula ukuba abanye boontanga bakhe baba nomsindo yaye banxunguphala baza banxulumana namaqela athile eenjubaqa awayephehluzelisa ekuhlaleni. Wongezelela ngelithi, “ikakhulu babelwela yaye besiba nje ukuze bafumane into yokuzixhasa.” Kanti olunye ulutsha luzama ukoyisa ubuhlwempu ngokuzifaka kumaphulo okwenza ingeniso ngoondlela-mnyama, abanjengokuthengisa, okanye ukubhengeza iziyobisi.
Noko ke, kude lee nokunciphisa ubuhlwempu ukuziphatha njengenjubaqa kuphela nje kwenza izinto zibe mbi ngakumbi. Amandla angesetyenziselwe emisebenzini enemveliso—njengokufunda ubuchule okanye umsebeni othile oluncedo—kudlalwa ngawo. Kunokuphucula imeko yakhe, osemtsha ongalawulekiyo usuka nje azichanabe ekwenzakaleni okungakumbi komzimba nokweemvakalelo. Lumbi ulutsha luphelela ekuchitheni ixesha entolongweni—okanye ekuphulukaneni nobomi balo ngogonyamelo. Kunjengokuba uKumkani uSolomon walumkisa wathi: “Unobuhlwempu nocukucezo ophulukene noqeqesho.”—IMizekeliso 13:18.
Ukungabi Nakuzinceda Nokuphelelwa Lithemba
Mhlawumbi eyona miphumo yenzakalisayo obunokuyibangela ubuhlwempu kosemtsha ziimvakalelo ezihlalayo zokungabi nto yanto nezokuziva uphantsi. Kwabaninzi, inqanaba eliphezulu lobuhlwempu kuzo zonke iinkalo zobomi liye lacima naliphi na ithemba lokuze baphucule umgangatho wabo wokuphila. IThe World Book Encyclopedia inikela amagqabaza okuba abantu abaselula ngokufuthi “baba neemvakalelo ezifanayo zokungabi nakuzinceda nezokuphelelwa lithemba abaye abazali babo banazo.” Ekugqibeleni, “isithethe sobuhlwempu” sisenokunyebelezela, amaxhoba abo ezinikela kusizi lobomi bonke.
Kodwa ngaba ukuzinikela kwiimvakalelo zokungabi nakuzinceda nezokuphelelwa lithemba kuya kuyiphucula imeko yakho? Akunjalo! Endaweni yoko, ukwenza njalo kusuka nje kuyenze mandundu ngakumbi imeko yobuhlwempu. Kunjengokuba umzekeliso wamandulo usithi: “Ogqala umoya akayi kuhlwayela; okhangela amafu akayi kuvuna.” (INtshumayeli 11:4) Ukuba umlimi ebeqwalasele kuphela kwizinto ezingakhuthaziyo ezinokwenzeka—umoya onokuvuthulula imbewu yakhe okanye imvula enokubulala izityalo zakhe—ebeya kusilela ukuthabatha amanyathelo afunekayo. Ngokufanayo, ngokucamngca kuphela ngeemvakalelo ezingakhuthaziyo, unokutyhafisa yonke imigudu yokuziphucula.
Ngaloo ndlela, uKumkani uSolomon wahlabela mgama enikela eli cebiso: “Kusasa hlwayela imbewu yakho, nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba ungazi ukuba kolunga yiphi na.” (INtshumayeli 11:6) Ewe, kunokuba ungabi nantshukumo ngenxa yoloyiko lokusilela okanye imvakalelo yokuba izinto azinik’ ithemba, thabatha isenzo! Zikho izinto onokuzenza ukuzinceda ngokuthe ngcembe uthabathel’ indawo iimvakalelo ezingakhiyo ngezakhayo.
Ukwakha Ukuzihlonela
Qwalasela uJames oneminyaka eli-11 ubudala. Uhlala nonina nodade wabo kwindawo yabangcuchalazi kufutshane naseRhawutini, eMzantsi Afrika. Ngokwezinto eziphathekayo, phantse abanayo nempunde. Mpelaveki nganye uJames ngokuzithandela uncedisa kumsebenzi wokwakha iHolo yoBukumkani yasekuhlaleni yamaNgqina kaYehova. Oku akupheleli nje ekubangeleni ukuba ixesha lingabonakali licotha ngokuyindinisa kuye kodwa kukwamenza abe nemvakalelo yokufeza okuthile. Etsho ngoncumo olugoso uJames uthi: “Suku ngalunye emva kokusebenza esakhiweni, ndiba nale mvakalelo inzulu yolwaneliseko ngaphakathi!” Ehlwempuzeke enjalo lo usemtsha, zikho izinto ezixabisekileyo anazo: ixesha namandla.
Omnye umsebenzi onemveliso ngumsebenzi wokufundisa ngeBhayibhile kwindlu ngendlu. (Mateyu 24:14) Abaselula abaninzi abangamaNgqina kaYehova baxakeka kuloo msebenzi ngokuthe rhoqo. Ngokwenza njalo abaniki abanye kuphela nje ithemba lobomi obulunge ngakumbi kwikamva kodwa bakhuthaza iimvakalelo zobuqu zokuzihlonela, ukuzixabisa nezokuba nesidima. Kuyinyaniso ukuba, ubani akafumani mali ekwenzeni umsebenzi onjalo. Kodwa khumbula isigidimi uYesu awasidlulisela kumaKristu kwibandla lamandulo laseSmirna. Ayehlwempuzekile noko ngokwezinto eziphathekayo, kodwa ngenxa yobumoya bawo obunzulu, uYesu wayenokuthi ngawo: ‘Ndiyayazi imbandezelo nobuhlwempu bakho—noko usisityebi.’ Ekugqibeleni, ngenxa yokuba ngenkuthalo ayenokholo kwigazi likaYesu elaphalalayo, ayeza kuba zizityebi ngokugqithiseleyo, efumana isithsaba sobomi obungunaphakade.—ISityhilelo 2:9.
Ukukhula ulihlwempu akuyondlwan’ iyanetha. Noko ke, akukho sizathu sokuziva uneentloni, ungenakuzinceda okanye uphelelwe lithemba ngemeko yakho. Ubuhlwempu bukho ngenxa yokuba ‘umntu ugunyazele umntu kwaba kubi kuye.’ (INtshumayeli 8:9) Ubungqina bubonisa ukuba kamsinya uThixo uya kuluthabathela kuye ulawulo lwemicimbi yehlabathi aze aphelise ubuhlwempu nemiphumo yabo eyonakalisayo. (INdumiso 37:9-11) Unyana wakhe, uKristu Yesu, uya kukhokelela izigidi zezigidi zoluntu kwiParadisi yasemhlabeni, kanye njengokuba wathembisa umenzi-bubi owayengenathemba owavakalisa ukholo kuye njengokuba babesifa kwimithi ababexhonywe kuyo. (Luka 23:43) Noko ke, okwangoku kukho okuninzi onokukwenza ngendlela esebenzisekayo ukuze uhlangabezane nobuhlwempu. Oku kuza kuxutyushwa kwinkupho yexesha elizayo.
[Ibhokisi ekwiphepha 13]
“Ndandiziva Ndibanjiswe Bubuhlwempu”
UGeorge wayengosemtsha waseAfrika owayekufuna ngamandla ukuqhubeka nesikolo ade agqibe imfundo yakhe esisiseko. Waqiqa ngelokuba ngokwenjenjalo wayenokufumana umsebenzi ohlawula kakuhle owawuya kuhlangula yena nentsapho yakowabo kubuhlwempu. Sekunjalo, izinto azizange zihambe ngolo hlobo. Intsapho yakowabo yathwaxeka gqitha ngokwasezimalini kangangokuba emva kweminyaka emithandathu efunda esikolweni, uGeorge waziva enyanzelekile ukuba ashiye isikolo aze afune umsebenzi. Wada ekugqibeleni wafumana umsebenzi wokufaka iibhotile ezibhokisini kumzi-mveliso weebhotile, esamkela iirandi ezili-14 kuphela ngeveki. Umvuzo wakhe wonke wawunceda ekugcineni intsapho yakowabo iphilile.
UGeorge uthi, “Nangona ndandiziva ndibanjiswe bubuhlwempu ndaqonda ukuba ukunxulumana neqela leenjubaqa okanye ukuba ukuze ndifumane into yokuzixhasa akusayi kundinceda konke konke. Namhlanje, bonke abo baziintanga zam abenza izinto ezinjalo bangamatshivela awayeka isikolo angoongantweni, amakhoboka otywala neziyobisi okanye bankolonkoloza ngaphaya kwezitshixo. Abanye bade babulawa ngenxa yendlela ababephila ngayo.”
Ngoko uGeorge wadibana namaNgqina kaYehova. UGeorge uthi, “Enye yezinto zokuqala endaziphawulayo yayikukuba kwiintlanganiso zamaKristu, wonk’ ubani wayedla ngokuza kum aze athethe nam ngokunentlonelo.” Waleka umsundulo esithi: “Ngokuthe ngcembe ndaba nokuzithemba nokuzihlonela endandingenako ngaphambili.” UGeorge wakwafumana intuthuzelo enkulu kwizicatshulwa zeBhayibhile ezinjengeNdumiso 72:12, 13, ethi: “Ngokuba [uKumkani onguMesiya] uya kulihlangula ihlwempu elizibikayo . . . Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu; asindise imiphefumlo yamahlwempu.” Izithembiso zeBhayibhile zamzalisa ngomdla ohlaziyiweyo nethemba ebomini.
Ukuba ukhangela uGeorge namhlanje, akusokuze uyikholelwe indlela ekube ngumgudu ngayo ukuba aguqule iimvakalelo zokungabi nakuzinceda nezokuphelelwa lithemba zibe lithemba lekamva elikhuthazayo. Uyindoda etshatileyo neyonwabileyo, ngoku ekhonza njengomveleli owongamelayo kwibandla lamaNgqina kaYehova eSoweto, eMzantsi Afrika.
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
Ukusebenzisa ixesha namandla akho ukuze wenze okuthile okuxabisekileyo kulunge ngakumbi kunokuzinikela kwiimvakalelo zokuphelelwa lithemba