Imbono YeBhayibhile
Ngaba Ihlabathi Lifuna “Ukushunyayezwa Ngokutsha”?
Ngumbhaleli kaVukani! eItali
UMOYA weenguqulelo zobupolitika obubhudla kwelaseMpuma Yurophu ubuphelekwa kukuvuseleleka konqulo. Ukuze kuzuzwe kweli thuba lokomoya, kwaqhutywa iNgqungquthela Ekhethekileyo yooBhishophu baseYurophu eVatican ukususela ngoNovemba 28 ukuya kutsho ngoDisemba 14, 1991. Bonke “Abaququzeleli BeNgqungquthela” abali-137, abangabameli abaphambili beenkokeli zonqulo zamaKatolika aseYurophu, bahlangana apho ngenjongo yokuxoxa ‘ngokushumayela ngokutsha.’
Ukususela kwixesha lokuvakaliswa kwaloo ngqungquthela ngoAprili 22, 1990, eVelehrad, eCzechoslovakia, yapapashwa njengesiganeko esingokwembali. Noko ke, kunzima ukucinga ukuba loo ngqungquthela yayinokubangela impumelelo, ekubeni iRAI, inkqubo yesizwe kamabonwakude yaseItali, ngoDisemba 14, 1991 yavakalisa oku: “Ingqungquthela eyimpoxeko ifikelele esiphelweni.”
Kwakutheni ukuze loo ngqungquthela ibe yimpoxeko? Yaye ngaba iYurophu, okanye ngaloo ndlela ihlabathi, ifuna “ukushunyayezwa ngokutsha”?
“Ngokutsha” Ngayiphi Ingqiqo?
Iinkokeli zonqulo zamaKatolika zicinga ukuba ukushumayela ngokutsha kuyimfuneko ngenxa yokuba umbandela wonqulo mtsha. Evula loo ngqungquthela, ukhardinale Camillo Ruini washwankathela indlela ayibona ngayo imeko yaseYurophu. Wathi kwiMpuma “izigidi ezininzi azizange zibhaptizwe yaye zityeshela nezona nyaniso zisisiseko zokholo lobuKristu.” Ngesi sizathu “ukuwa kweenkqubo zobuKomanisi kuvula ithuba lokushumayela kweCawa.” Kwelinye icala, imeko yaseNtshona Yurophu iphawulwa ngoko akubiza ngokuthi “kukungakholelwa kuThixo kokoqobo.” Ilizwi leCawa yamaKatolika alisamkelwa njengenyaniso evela kuThixo.
Ukuvuselelwa konqulo kona nje kuzisa olunye ucelomngeni koobhishophu. Ngayiphi indlela? Bonke oobhishophu baseYurophu nabaseMzantsi Merika bakhathazekile kukwanda kwezinye iinkqubo zonqulo. Kutheni? Kuyabonakala ukuba kungenxa yokuba icawa iye yaphulukana namalungelo amaninzi ezigxina eyayikhe yanawo, yaye ngoku izibona “isongelwa lusukuzwano olunobungozi.” Ulindixesha wamaJesuit oyiLa Civiltà Cattolica walatha kumaNgqina kaYehova njengabanye abakolo sukuzwano ngenxa yokuba “ayakwazi ukutsalela kuwo inani eliphawulekayo lamaKatolika namaProtestanti.”
Amazwi okuqukumbela “eSigqibo” saloo ngqungquthela achaza ukuba ukushumayela ngokutsha kubangela ukuba “kuphinde kufunwe iziseko zobuKristu bukabani.” Kutheni abantu baseYurophu kufuneka baphinde bafune “iziseko zobuKristu babo”? Oobhishophu bachaza ukuba imilinganiselo yokuziphatha yobuKristu ayisagqalwa isebenza. ILa Civiltà Cattolica yathi, unqulo, “ngokwendlela abantu abaninzi baseYurophu ababhaptiziweyo ababona ngayo, luyinto yeentsana, yintsomi emnandi yabantwana ngokuqinisekileyo abantu abakhulu abangenakuyithabatha nzulu, ngokungathi luyinto enokuphembelela ubomi babo. . . . Abanye abantu baseYurophu balujonga unqulo lobuKristu njengebali lakudala elalimiselwe ukuba linyamalale njengokuba impucuko isiya ihambela phambili . . . Sekunjalo abanye abantu baseYurophu balugqala unqulo lobuKristu luyingozi.”
Ngenxa yezi zizathu oobhishophu bakubona kuyimfuneko ‘ukushumayela ngokutsha.’
Isizathu Sokuba Ibe Yimpoxeko
Ukuze kuphunyelelwe ‘ukushumayeza ngokutsha’ iHlabathi Elidala, kuya kufuneka kuqaliswe umsebenzi omkhulu. Kanti, enye yezona ngxaki zinkulu ebichaphazela icawa eYurophu kukunqongophala kwabefundisi. Omnye ubhishophu othile wachaza ukuba kwiminyaka eli-13 edlulileyo, ngokoqikelelo lwakutshanje eYurophu, inani labefundisi liye lehla nge-9 ekhulwini.
Abaninzi bayigqala loo ngqungquthela iyimpoxeko ngenxa yokuba zazimbalwa iingongoma ezisengqiqweni ezingendlela okunokwenziwa ngayo oko “kubuyiselwa kobuKristu” eYurophu. Ubhishophu waseFransi uJoseph Duval wayala abo bebekuloo ndibano: “Sifanele siziphephe iintetho ezingaqondakaliyo ngokushumayela . . . Sonke sithetha kakhulu okwamagqwetha. Kwanga isigidimi sethu singaphinda sibe neempawu nobulula bentshumayelo.”
Liqaqobana nje loobhishophu elakhankanya iindlela zabapostile zokushumayeza abantu. Ngokomzekelo, uBhishophu uFrantišek Tondra waseSpiš, iRiphabliki yeSithili iCzech neSlovak, wathi: “Ukuze sishumayele ngokutsha eYurophu, simele sibuyele kuhlobo lwakuqala lokushumayela. . . . AmaKristu okuqala, ayesithi nje akubhaptizwa, avakalelwe kukuba yimbopheleleko yawo ukuhambisa iVangeli.”
Ukushumayela—Indlela YeBhayibhile
Ngaba onke amaKristu enkulungwane yokuqala ayengabashumayeli? Ewe! Incwadi ethi Evangelism in the Early Church ebhalwe nguMichael Green, waseOxford, eNgilane, ithi: “Enye yezona zinto zinomtsalane kwintshumayelo yemihla yangaphambili yayingabantu ababebandakanyeke kuyo. . . . Ukushumayela yayililungelo elikhethekileyo nembopheleleko yawo onke amalungu eCawa. . . . Ubukhulu becala ubuKristu babungumsebenzi ohanjiselwa phambili ngabantu abaqhelekileyo, obabusasazwa ngabavangeli abangamiselwanga.”
Igama elithi “umshumayeli” lithetha “umvakalisi weendaba ezilungileyo,” yaye oko uKristu Yesu wakuthethayo ngokushumayela kwakucetyelwe ukuba kusebenze kubo bonke abalandeli bakhe: “Ezi ndaba zilungileyo [iintshumayelo] zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo lonke ihlabathi njengobungqina ezintlangeni. Kuya kwandula ukufika ukuphela.” (Mateyu 24:14, The New Jerusalem Bible) Ngaloo ndlela, owona msebenzi mkhulu wokushumayela nosele uqalisiwe umele wenziwe ‘ngexesha lokuphela.’—Daniyeli 12:4.
Kunyaka ophelileyo, amaNgqina kaYehova, angaphezu kwezigidi ezine, achithe phantse izigidi eziliwaka zeeyure kumsebenzi wokushumayela kumazwe angama-211, kuquka iMpuma Yurophu. Ziziphi iindaba ezilungileyo abezivakalisa? Ziindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo nezosindiso ngokukholwa kuYesu Kristu. (2 Timoti 1:9, 10) Esi sigidimi siyile nto ihlabathi liyifunayo ngoku—ngaphambi kokuba isiphelo sifike.—Mateyu 24:3, 14.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 24]
Jesus Preaching at the Sea of Galilee, by Gustave Doré