Ihlabathi Elitsha Elanelisayo Kubo Bonke
ENOBA kunokuba nzima ukukukholelwa oku, ngokuqinisekileyo ihlabathi elitsha lisemnyango. Kungekudala liza kufika ukuze lihlangule umhlaba wethu ngaphambi kokuba amandla awo okulondoloza ubomi atshatyalaliswe ngokupheleleyo. Yaye eli hlabathi litsha liya kushenxisa zonke iingozi ezisongela ukuphila komntu. Liya kukwenza njani oku?
Emva kokwalatha ukuba mandundu kwemeko yeli hlabathi, umbhali-mbali uArnold J. Toynbee kwiminyaka edluleyo wabuza oku: “Siya kwenza ntoni ukuze sisindiswe?” Ephendula umbuzo wakhe, wathi: “Kwiipolitiki, masimisele inkqubo engokomthetho nesisiseko yentsebenziswano yorhulumente wehlabathi.”
Noko ke, nangona ‘liyinkqubo yentsebenziswano,’ ihlabathi elitsha elizayo aliyi kusekelwa “kwiipolitiki.” Aliyi kuza nolawulo-melo okanye nayiphi na inkqubo yopolitiko eyenziwe ngabantu. Eli hlabathi litsha liya kuziphumeza iinjongo zalo ngenxa yokuba mnye kuphela urhulumente oya kulawula kulo. Ngongcelele lwezenzo ezimangalisayo, lo rhulumente wazwenibanzi ngokukhawuleza uya kuzitshayela kuthi tu zonke iingxaki abantu abajamelene nazo namhlanje. Njani? Ngokuncothula neengcambu oonobangela bezi ngxaki nemiqobo esoloko ibangela imigudu yokuzilungisa ingaphumeleli.
Enyanisweni, kungafezwa njani oko? Ngaba abantu abangafezekanga abayi kuba besalawula, abantu abangqineke benganyanisekanga yaye bengakwazi ukucombulula iingxaki zabantu? Kaloku, khawucinge nje ukuba abalawuli borhulumente weli hlabathi bebefezekile, ngokungazingci benomdla wokwenene kubalawulwa babo. Ngoko khawuqwalasele indlela ezinokuconjululwa ngayo iingxaki.
Izicombululo Ezifika Ngaxeshanye
Xa kukho abalawuli abafezekileyo borhulumente wazwenibanzi, akusayi kubakho hlanga lunohlobo olwahlukileyo lorhulumente. Oosomaqhuzu bezaseburhulumenteni, abameli bamazwe nabanye abantu bezopolitiko abasayi kuba negunya phezu kwamazwe, izizwe neentlanga zoluntu. Amakomkhulu amaninzi asekuhlaleni nawelizwe, ndawonye nezakhiwo nezindlu zamagosa aseburhulumenteni, azisayi kufuneka. Oku kuya kuphelisa ukulondolozwa okubiza imali eninzi kwaloo mabhotwe, kuquka neenkcitho zokuhamba kwamagosa aseburhulumenteni esiya kwiingqungquthela, kwiintlanganiso zeekomiti nakwiintlanganiso zelizwe nezibalulekileyo. Namagosa aseburhulumenteni anenkcitho aya kuba engasekho, kunye namasekela awo, oososiba noonobhala abaninzi, kuquka neeofisi zaseburhulmenteni ezibambezela inkqubela.
Kuya kubakho uxolo ngenxa yokuba ubuhlanga obubanga iyantlukwano buya kuba bungekho, buthatyathelwe indawo ligunya lazwenibanzi elimanyeneyo. Imikhosi, iinqanawa zokulwa nemikhosi yomoya, nazo zonke izixhobo zayo, abaphathi-mikhosi abakudidi oluphezulu namagosa angaphatsi akuyi kuba safuneka ukuze akhusele ulawulo lwelizwe ngalinye. Nokusetyenziswa kwenkqubo yeentlola nako akusayi kubakho. Phantsi korhulumente wazwenibanzi onabalawuli abafezekileyo akusayi kubakho mashishini asemthethweni okanye angekho mthethweni apho kunokuthengwa okanye kuthengiswe izixhobo; nokruthakruthwano ngemihlaba luya kuphela. Bonke abantu bomhlaba baya kuba yimbumba yamanyama. Ngoko ke, ubuhlanga buya kuphela.
Qwalasela iingenelo ezingakumbi eziya kongezelelwa ebantwini phantsi korhulumente oluqilima onabalawuli abafezekileyo. Oosomashishini abadumileyo, abanjengabavelisi bezixhobo, abayi kukwazi ukuphembelela abezopolitiko ukuba baqhubeke bevelisa baze bathengise iimveliso zabo ezitshabalalisayo. Akusayi kubakho maqela akrelekrele alawula abasemagunyeni kwimithetho ethile okanye kwimithetho eyilwayo echaphazela abantu abamsulwa basekuhlaleni; umdudo wamasele okumasebe akhethekileyo aseburhulumenteni asebenza ngokungavisisaniyo, achitha intywenka yemali kwizinto ezingeyomfuneko eziluncedo kwabambalwa uya kuphela; imiqobo yokucombulula iingxaki zongcoliso ezibangelwe lurhwebo oluzingcayo (ukugcina ingeniso iphakamile); iya kube ishenxisiwe; akuyi kubakho ukupheliswa kwemithetho ebiya kukhusela abathile abangxwelerhwe ngamaqela afuna iingenelo ezizezawo kwezoshishino.
Ukulungiswa Kwezinye Iingxaki
Lo rhulumente wehlabathi ufezekileyo akayi kukunyamezela ukungabikho kokusesikweni. Kulawulo lwakhe, uya kuqinisekisa ukuba izenzo zolwaphulo-mthetho zisingathwa ngokufanelekileyo nangokusesikweni. Ngaloo ndlela, abemi baya kukhululeka ekoyikeni izikrelemnqa ezingakumbi eziya kuqhubeka zibulala abantu.
Yaye kuthekani ngamaqela amanyeneyo olwaphulo-mthetho oluchuliweyo azwenibanzi nemibutho edumileyo ethengisa iziyobisi ngokungekho mthethweni? Urhulumente wehlabathi ofezekileyo uya kuziphelisa kuthi tu ezo zinto. Imithetho yamazwe yokubuyisela izaphuli-mthetho kumazwe akowazo ayisayi kuba lelona tyholo likhuselekileyo kwizaphuli-mthetho zamazwe ngamazwe. Ukusetyenziswa kweendlela ezichuliweyo zokuphepha imithetho yasekuhlaleni nonxibelelwano olunempembelelo kwabezopolitiko lwezi zaphuli-mthetho luya kuba yinto yexesha elidluleyo. Kwakhona inyathelo elinye kuphela lokuphelisa ulwaphulo-mthetho liya kuphelisa emhlabeni nezinye iingxaki ezininzi zabantu, ezinjengokungcakaza, iimfazwe zamaqela eenjubaqa, izinto ezibonisa amanyala, ubunongogo nokuthengelana namanye amazwe izinto ngokungekho mthethweni. Enjani inguqulelo ukuba nempumelelo nobuchule!
Ewe, zonke iintsindabadala zeengxaki ezingacombululekiyo nezididayo eziphixanisa iinkcubabuchopho zoluntu namhlanje ziya kuconjululwa ngokupheleleyo kwelo hlabathi litsha. Yaye nganye iya kulungiswa ngokupheleleyo—ngonaphakade. Izizukulwana ezilandelayo azisayi kuphinda zithwaxwe zizo.
Alikokuza KukaNxele
Usenokubuza, ‘Kodwa baya kuvela phi abo balawuli bafezekileyo baya kulawula kwelo hlabathi litsha?’ Baya kulungiselelwa nguMdali woluntu! Ngaba oku kubonakala kungakholeleki? Kaloku, khawucinge ngolu hlobo: Ukuba ubunamandla okwenjenjalo, ngaba ubungayi kuziphelisa zonke iimeko emhlabeni ezibangela ukubandezeleka okungaka? Kakade ubuya kwenjenjalo! Ngoko, ngaba sifanele sicinge ukuba uMdali wethu akayi kukwenza oko?
Isibakala sikukuba, uMdali wethu onothando unenjongo yokwenza ihlabathi elitsha, aze amisele kulo urhulumente wehlabathi wobulungisa. Oku koko uNyana wakhe, uYesu Kristu, wafundisa abantu ukuba bakuthandazele ngamazwi athi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.”—Mateyu 6:10.
Obo Bukumkani bungurhulumente wokwenene, urhulumente wehlabathi. UKumkani wabo, uYesu Kristu, ‘uya kuphatha ubukhosi ethabathela elwandle ase elwandle. Ethabathela kuwo uMlambo ase eziphelweni zehlabathi.’ (INdumiso 72:8) Yaye kungekudala uya kuthabathel’ indawo bonke oorhulumente babantu, kunjengokuba iLizwi likaThixo lithembisa ngokuthi: “Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani [urhulumente olawulwa nguKumkani kaThixo, uYesu Kristu] obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani [zanamhlanje], bona bume ngonaphakade.”—Daniyeli 2:44.
Ekubeni lo rhulumente wehlabathi omiselwe nguThixo wamazulu eya kulawulwa ngabalawuli abangaphezulu kunabantu, uya kufeza zonke izinto ezilungileyo abalawuli babantu abangakwaziyo ukuzifeza. IBhayibhile imchaza urhulumente kaThixo njengolawulo lobuthixo oluya kuba noKumkani, uYesu Kristu, oncediswa liqela labantu bokomoya abali-144 000. Bonke aba balawuli baya kuba ngabantu abathembekileyo ababonisa ingqibelelo engaxengaxengiyo ebudeni bobomi babo emhlabeni ngaphambi kokuba bavuselwe kubomi basemazulwini. Bonke baya kuba kwimeko elunge kakhulu ukuba benzele uluntu izinto ezilungileyo ngenxa yokuba benamava eemfuno zabantu ngoxa babelapha emhlabeni.—ISityhilelo 14:1-3.
Khawucinge nje ngeengxaki aziphelisayo. Ngenxa yokuba benokungafi, aba balawuli bokomoya abayi kudinwa okanye bafe. (1 Korinte 15:50, 53) Yaye abanakonakaliswa zizihendo zokugqwethwa kokusesikweni okanye babe nomkhethe ngenxa yokunyotywa. Ngapha koko, yintoni ubani anokumnyoba ngokufihlakeleyo ngayo umntu wokomoya nongafiyo? Ngaba yimali, yibhokisi yotywala obunexabiso eliphezulu, luhambo oluya kwisiqithi esikwelinye ilizwe, okanye itikiti lokuya kumboniso okanye kwikonsathi ethile? Ezi zinto ziphathekayo zinokuyihenda inyama negazi kodwa kungekhona ezi zidalwa zomoya. Ngoko abantu abalawulwa ngaba balawuli abayi kukhathazwa kukunganyaniseki okuxhaphake kakhulu koorhulumente banamhlanje.
Ihlabathi Elitsha Liya Kukwanelisa
Ngaba sewaluphele? Cinga nje ngalo lonke ulwazi, ubuchule namava oye wawazuza ebudeni beminyaka emininzi. Kodwa ngaba uye waphawula ukuba ngoxa ingqondo okanye amandla akho okucinga esenokuba kwimeko entle, ngokuthe ngcembe amandla omzimba wakho aya esiba buthathaka? Umzimba wakho awusasabeli kwimiyalelo esuka engqondweni yakho njengokuba ubunjalo ngaphambili. Ewe, intsabelo yakho engokwasemzimbeni iyadodobala, amandla akho aya ephela yaye ukunyamezela kwakho kuyancipha. Amehlo akho aya esiba norhatyazo neendlebe zakho ziya zisiba buthuntu yaye izihlunu zakho ziya zisiba buthathaka, ngoxa iingqaqambo zisithi ndikho.
Kodwa khawucinge ngobulumko obufumene kwiminyaka emininzi edluleyo yobomi unomzimba ohlaziyekileyo olunge ngakumbi kunalowo ubukhe wanawo xa ubukwiminyaka yama-20—ewe, amandla akho omzimba efana nqwa nengqondo yakho. Cinga ngezinto ezininzi obunokuzenza unaloo mzimba usempilweni! Ewe, unaloo mzimba wakhekileyo usabelayo kwingqondo yakho ekhulileyo, ubuya kufumanisa ukuba nawuphi na umsebenzi owenzileyo uyanandipheka kakhulu. Amava akho ebeya kukunceda ukuba ukwazi ukwenza izinto ngokunempumelelo ngakumbi, nto leyo ebiya kongezelela kulwaneliseko lwakho. Yaye ukuba ungumntu oselula, khawucinge nje ngochulumanco lokuhlala umtsha yaye usemandleni ngoxa ufumana ubulumko, ulwazi namava ngonaphakade.
Ngoku, khawudlulele kwinqanaba elingasentla uze ucinge ngabalingane nabahlobo, amaqabane nezizalwana zakho, bonke bekwimeko efanayo. Yiba nombono woko ninokukwenza njengokwakha izindlu, okanye ukwenza imisebenzi yobugcisa. Asithethi ke ngokumangalisa kwamathemba oku okuwafumbathele bonke abantu abanobuchule, abanjengabenza imisebenzi yobugcisa, iimvumi, abayili, abalungisi bomhlaba, abalimi nabatyali bezityalo! Imisebenzi yabo iya kumangalisa. Imifanekiso, izindlu, izitiya iigadi neepaki ezithi ndijonge—ewe, imveliso yezixhobo zomculo oyolisayo nobuchule obubalaseleyo bokukwazi ukuzenza isezizinto nje ezimbalwa kwabaya kuzenza.
Enye yeenjongo eziyintloko zalo rhulumente wehlabathi elitsha kukubuyisela uhlanga loluntu kwimfezeko engokwasemzimbeni. Amandla akho okubona, okuva nezinye izivamvo ziya kusebenza ngokupheleleyo. Ithuba elingakanani? Kaloku, ukuba urhulumente ongumntu ebekuthembise ngonyango oluqinisekiswe ukuba luya kukuhlaziya ukusebenza komzimba wakho konke kangangama-50 ekhulwini kwithuba elingangonyaka ngentlawulo nje encinane, ngaba ubungayi kutsiba kuqala ukuya kufumana olo nyango? Lo rhulumente wehlabathi elitsha uqinisekisa unyango olupheleleyo lwasimahla—kungekhona olonyaka, iminyaka emi-5 okanye engama-50, kodwa olukanaphakade.
Ungaphoswa leli themba limangalisayo likhangeleka lingakholeleki ngokuqinisekileyo eliya kunanditshwa ngabantu kulo mhlaba. Qwalasela, kwiphepha-15 ukusa kwele-18, ezinye zeentsikelelo abathandi bakaThixo abaya kuzinandipha.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 15-18]
Oko Ihlabathi Elitsha Liya Kukuzisa
Ukupheliswa Kweemfazwe
“Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.”—Isaya 2:4.
Ukupheliswa Kolwaphulo-mthetho Nogonyamelo
“Banqunyulwe ezweni abangendawo.”—IMizekeliso 2:22.
Amakhaya Amahle Nomsebenzi Onandiphekayo Kubantu Bonke
“Baya kwakha izindlu, bazihlale; . . . abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi.”—Isaya 65:21, 22.
Intabalala Yezinto Ezilungileyo Zokutyiwa Ngabo Bonke
“Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yentaba.”—INdumiso 72:16.
Uxolo Phakathi Kwabantu Nezilwanyana
“Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe ibuthe netakane lebhokwe; . . . nomntwana aziqhube ezo zinto.”—Isaya 11:6.
Ukugula, Ukwaluphala Okanye Ukufa Akusekho
“Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.” —ISityhilelo 21:4.
Uvuko Lwabafileyo Abathandekayo
“Kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi [likaYesu]; baphume ke.”—Yohane 5:28, 29.