URhulumente
Ingcaciso: Lilungiselelo lokwenza imithetho nokuyiphumeza. Oorhulumente badla ngokuchazwa ngokomthombo nomlinganiselo wegunya labo. UYehova uThixo unguMongami Wendalo Iphela, ojizeka igunya kwabanye ngokuvisisana nokuthanda nenjongo yakhe. Noko ke, uSathana uMtyholi, ongoyena mvukeli mkhulu wolongamo lukaYehova, ‘ungumlawuli wehlabathi’—oku kwenzeka ngokuvunyelwa nguThixo okwethuba elilinganiselweyo lexesha. IBhayibhile ichaza le nkqubo yomhlaba yolawulo lobupolitika njengerhamncwa ize ithi “inamba [uSathana uMtyholi] yalinika amandla ayo, netrone yayo, negunya elikhulu.”—Yoh. 14:30; ISityhi. 13:2; 1 Yoh. 5:19.
Ngaba abantu banokummisela urhulumente oya kuthi ngenene azise ulonwabo oluhlala luhleli?
Ibonisa ntoni ingxelo yembali yabantu?
INtshu. 8:9: “Ngexesha athi umntu agunyazele umntu, kube kubi kuye.” (Oku kuyinyaniso nakubeni oorhulumente nabalawuli abathile baye baqalisa ukucinga ngezinto ezintle gqitha.)
“Yonke impucuko eyayikhe yakho iye yawohloka ngokupheleleyo. Imbali izele ludederhu lwemigudu eyasilelayo, okanye ngamabhongo awathi akazaliseka. . . . Ngoko, njengombhali-mbali, ubani umele aphile eqonda ukuba akanakuyiphepha intlekele.”—Henry Kissinger, isazinzulu sezobupolitika nonjingalwazi karhulumente, njengoko wacatshulwa kwi The New York Times, Oktobha 13, 1974, iphe. 30B.
Yintoni ethintela imigudu yabantu ekuyileni urhulumente?
Yer. 10:23: “Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.” (UThixo akazange ayigunyazise indalo yakhe engumntu ukuba iyile indlela yayo ingaxhomekekanga kuThixo.)
Gen. 8:21: “Ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe.” (Abantu abazalelwe esonweni asingobalawuli nje kuphela kodwa kunjalo nangabalawulwa, banotyekelo lokuzingca.)
2 Tim. 3:1-4: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, . . . abangenatarhu [abangayifuni kwaphela imvisiswano, NW] . . . abathiwe lwale likratshi.” (Iingxaki ezijongene noluntu namhlanje azinakuconjululwa ngokusisigxina luhlanga nje olunye; zifuna intsebenziswano epheleleyo yezizwe ngezizwe. Kodwa izilangazelelo zokuzingca ziyakuthintela oko ibe zikwathintela kakubi nayiphi na intsebenziswano yokwenene phakathi kweentlangano ezahlukahlukeneyo ezisemazweni.)
IBhayibhile ikwatyhila ukuba imikhosi engaphaya kwamandla omntu iphembelela imicimbi yabantu. “Ihlabathi liphela lilele kongendawo.” (1 Yoh. 5:19) “Umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana . . . nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.” (Efe. 6:12) “Bangoomoya beedemon, . . . abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.”—ISityhi. 16:14.
Abantu banokukhululeka njani ngokusisigxina ekonakaleni koorhulumente nakwingcinezelo yabo?
Ngaba ukubeka abanye abantu esikhundleni kuya kuyicombulula le ngxaki?
Akuyonyaniso na ukuba apho abantu benza ukhetho olukhululekileyo abantu abalawulwayo badla ngokukhutshwa esihlalweni kangangeminyaka embalwa ngokwentelekiso? Kutheni? Kungenxa yokuba uninzi alwaneliswa yindlela abenza ngayo.
INdu. 146:3, 4: “Musani ukukholosa ngamanene, ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso. Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.” (Ngoko, naziphi na iinkqubo zokuphucula abalawuli abazimiselayo kungekudala zidluliselwa ezandleni zabanye yaye zidla ngokutyeshelwa.)
Kungakhathaliseki ukuba ungubani na umlawuli, usaya kuba yinxalenye yeli hlabathi lisemandleni kaSathana.—1 Yoh. 5:19.
Ngaba imvukelo yogonyamelo isisicombululo?
Nokuba abalawuli abonakeleyo bayakhutshwa ize imithetho engekho sikweni isuswe, urhulumente omtsha uya kubunjwa ngabantu abangafezekanga ibe usaya kuba yinkqubo yobupolitika iBhayibhile ngokucacileyo ethi iphantsi kolawulo lukaSathana.
Mat. 26:52: “Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.” (UYesu wathetha oku komnye wabapostile bakhe ngexesha laxa igunya loburhulumente lalisetyenziswa ngokungekho sikweni nxamnye noNyana kaThixo. Umntu ebenokulwela siphi isizathu esifaneleke ngakumbi, ukuba oko kwakuyinto efanelekileyo ukuyenza?)
IMize. 24:21, 22: “Nyana wam, moyike uYehova nokumkani, ungazibandakanyi nabanokumbi; kuba kofika ngesiquphe ukusindeka kwabo; ilishwa leminyaka yabo, ngubani na olaziyo?”
Ngoko, siyintoni isicombululo kwiingxaki zokonakala nengcinezelo?
Dan. 2:44: “UThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani [urhulumente] obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani; bona bume ngonaphakade.”
INdu. 72:12-14: “[Ukumkani omiswe nguYehova, uYesu Kristu] uya kulihlangula ihlwempu elizibikayo, nabaziintsizana abangenaluncedo; abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu; asindise imiphefumlo yamahlwempu; akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni; linqabile emehlweni akhe igazi lawo.” (Ukuxhalabela kwakhe abantu abanjalo xa wayesemhlabeni—ukubaphilisa kwakhe, ukondla inginginya yabo, kwanokuncama ubomi bakhe ngenxa yabo—kubonisa ukuba ngokwenyaniso uya kuba luhlobo lomlawuli owaxelwa kwangaphambili kwesi siprofeto.)
Bona kwanephepha 86-91, phantsi komxholo othi “UBukumkani.”
Kutheni le nto simele sikuqwalasele ngokunzulu okuthethwa yiBhayibhile ngekamva lorhulumente?
Abalawuli abangabantu abakulungiseleli oko kufunwa luluntu ngokungxamisekileyo
Qwalasela ezi zinto abantu kuzo zonke iindawo abazifunayo, oorhulumente babantu abangakwaziyo ukuzilungiselela kodwa uThixo aye wazithembisa: (1) Ubomi kwihlabathi elingenaso isisongelo semfazwe.—Isa. 2:4; INdu. 46:9, 10. (2) Ukutya okwaneleyo komntu wonke.—INdu. 72:16. (3) Izindlu ezifanelekileyo kumntu wonke.—Isa. 65:21. (4) Umsebenzi owanelisayo kubo bonke abawufunayo, ukuze bazondle bona neentsapho zabo.—Isa. 65:22. (5) Ubomi obungonakaliswa kukugula nezifo.—ISityhi. 21:3, 4. (6) Okusesikweni; ukukhululeka kwikhethe lonqulo, lobuzwe, loqoqosho, nelobuhlanga.—Isa. 9:7; 11:3-5. (7) Ukunandipha unqabiseko ngaphandle kokwenzakaliswa kukabani zizaphuli-mthetho okanye ukonakaliswa kwezinto zakhe.—Mika 4:4; IMize. 2:22. (8) Ihlabathi ekuya kubakho kulo iimpawu ezixatyiswa ngokugqithiseleyo eziquka uthando, ububele, ukuxhalabela umntu onguwenu, nokunyaniseka.—INdu. 85:10, 11; Gal. 5:22, 23.
Kangangamawakawaka eminyaka, abalawuli bobupolitika bebethembisa abantu babo iimeko ezilunge ngakumbi. Ngawuphi umphumo? Nangona abantu abakumazwe amaninzi benezinto eziphathekayo ezingakumbi, abonwabanga, ibe iingxaki abajongene nazo zintsonkothe ngaphezu kunangaphambili.
Iziprofeto zeBhayibhile zingqineke zinokuthenjwa ngokupheleleyo
Kwinkulungwane ngaphambili iLizwi likaThixo lasixela kwangaphambili isigxina seBhabhiloni sokulawula ihlabathi, kwanendlela igunya layo elaliya kuphela ngayo ekugqibeleni, kwanesibakala sokuba yakuba iphanzile, ikomkhulu layo lalingayi kuphinda libe nabemi. (Isa. 13:17-22) Phantse kwiinkulungwane ezimbini ngaphambili, kwanangaphambi kokuzalwa kukaKoreshi, iBhayibhile yamxela kwangaphambili ngegama kwanendima yakhe kwimicimbi yezizwe ngezizwe. (Isa. 44:28; 45:1, 2) Ngaphambi kokuba amaMedi namaPersi abe ligunya lehlabathi, ukuvela kwawo, imo yawo entlu-mbini, nendlela awayeya kuphanza ngayo zonke ezi zinto zaxelwa kwangaphambili. Ngaphezu kweenkulungwane ezimbini ngaphambili ikhondo lobukhosi behlabathi lamaGrike phantsi kokumkani wabo wokuqala laxelwa kwangaphambili, kwanokwahlulwa okwalandelayo kobo bukhosi baba ziinxalenye ezine.—Dan. 8:1-8, 20-22.
Ngokweenkcukacha iBhayibhile yaxela kwangaphambili ngeemeko zehlabathi zomhla wethu, ibe iyasazisa ukuba bonke oorhulumente babantu baya kufikelela kwisiphelo sabo ngokuthi bapheliswe nguThixo nokuba uBukumkani bukaThixo obulawulwa nguNyana wakhe uYesu Kristu, buya kulawula lonke uluntu.—Dan. 2:44; 7:13, 14.
Asililo na ikhondo lobulumko ukuphulaphula kumthombo wenkcazelo ongqineke unokuthenjwa ngendlela evisisana kangaka?
Urhulumente olawulwa nguThixo ukuphela kwesicombululo sokwenene kwiingxaki zoluntu
Iingxaki ekufuneka ziconjululwe zifuna amandla, ubuchule, kwaneempawu ekungekho bantu banazo. UThixo unokulukhulula uluntu kwimpembelelo kaMtyholi needemon zakhe, ibe Yena ukuthembisile ukwenjenjalo, kodwa akukho bantu banokwenjenjalo. UThixo wenze ilungiselelo lokwenza oko inzululwazi yamayeza ingenakuze ikufeze—ukushenxisa isono, ngaloo ndlela kupheliswe ukugula nokufa kuze kubangelwe kube nokwenzeka ngabantu ukuba luhlobo lwabantu abakufuna ngokwenene ukuba lulo. UMdali unolwazi olufunekayo (ngomhlaba nangazo zonke iinkqubo zobomi) lokucombulula iingxaki zokuveliswa kokutya nokuthintela ungcoliso oluyingozi, kodwa imigudu yabantu idla ngokubangela iingxaki ezingakumbi. ILizwi likaThixo sele liguqula ubomi babantu ukuze abo baluthobelayo ukhokelo lwalo babe ngabantu abanobubele nabanothando abaziphethe kakuhle gqitha, babe libutho labantu elikugatyayo ukuthabatha izixhobo baze balwe nabantu abangoowabo nokuze babe ngabaphila kuxolo nobuzalwana bokwenyaniso nangona bephuma kwiintlanga, kwizizwe, namaqela eelwimi zonke.
UBukumkani bukaThixo buya kuyisusa nini inkqubo yehlabathi ekhoyo? Bona umxholo omkhulu othi “ImiHla Yeziganeko” nothi “ImiHla Yokugqibela.”