IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g92 11/8 iphe. 27-29
  • Kuthekani Ukuba Umzali Wam Usihlazisile?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuthekani Ukuba Umzali Wam Usihlazisile?
  • Vukani!—1992
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Asilotyala Lakho!
  • Ukuzingqina Wahlukile
  • Ukuqhubana Neemvakalelo
  • Kuthekani Ukuba Umzali Wam Uyasilela?
    Vukani!—1995
  • Kuthekani Ukuba Umzali Wam Ulikhoboka Leziyobisi Okanye Lotywala?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Ndiqhubana Njani Nomzali Oye Wemka Ekhaya?
    Vukani!—1990
  • Ndinokuhlala Njani Kwikhaya Elahluleleneyo Ngokonqulo?
    Vukani!—1991
Khangela Okunye
Vukani!—1992
g92 11/8 iphe. 27-29

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Kuthekani Ukuba Umzali Wam Usihlazisile?

UYISE kaJacob wayesakuba ngumveleli ohloniphekileyo ongumKristu kwilizwe laseAfrika. Kodwa xa washiya unina kaJacob waza wahlalisana nelinye ibhinqa, uyise kaJacob wagxothwa ebandleni lamaKristu. Iimeko zaba mbi ngakumbi xa waqalisa ukuba yindlamanzi. UJacob ukhumbula oku: “Ekule meko wayesiza esikolweni aze andihlazise phambi kwabafundisi-ntsapho bam kwanakwabo ndifunda nabo.”a

Omnye oselula waseAfrika, esiya kumbiza ngokuba nguDavid, naye ngokufanayo wabona uyise egxothwa kwibandla lamaKristu njengomenzi wobubi ongaguqukiyo. UDavid uthi: “Ndandingayikholelwa le nto. Ndandisoloko ndimjonga njengomzekelo endifuna ukuwulandela. Olona loyiko lwam lukhulu lwalukukuba kwakungekho namnye owayeza kufuna ukunxulumana nentsapho enomntu osusiweyo kubudlelane.”

Xa umzali engcolisa igama lentsapho yakhe ngokubandakanyeka kwihambo ehlazisayo, okanye ngokubanjwa aze avalelwe entolongweni, asinto ingaqhelekanga kwaphela ukuziva uhlazisiwe, uthotyiwe yaye unoloyiko ngekamva. Maxa wambi unokuvakalelwa njengomdumisi owabhala oku: “Yonke imihla ihlazo lam liphambi kwam, nokudana kobuso bam kundigubungele.”​—⁠INdumiso 44:⁠15.

Ngenxa yomphumo wehambo yomzali wakho, usenokuziva ungakhululekanga yaye uneentloni xa uphakathi kwabahlobo okanye abantu nje obaqhelileyo. Ngokufanayo, abanye babo basenokubonakala bengonwabanga bubukho bakho. Abanye abaselula abakhohlakeleyo basekwanokuyoliswa kukukuqhula ngemeko elingayo yomzali wakho, okanye abantu abakhulileyo basenokukulumkisa ngokunzulu ukuba kusenokwenzeka ukuba nawe wenze okufanayo.

Asilotyala Lakho!

Isaci esidumileyo samaxesha amandulo sasisithi: “Abazali badla iidiliya ezimuncu, kodwa ngabantwana abeva ubumuncu.” (Hezekile 18:⁠2, Today’s English Version) Ngokufanayo, abantu abaselula namhlanje basenokuvakalelwa kukuba baviswa iziqhamo zehambo embi yomzali wabo. Emva kokuba uyise egxothiwe ebandleni, uDavid oselula waziva onzakele kakhulu yaye engaqinisekanga enoba uThixo wayemohlwaya kusini na.

Kodwa ngaba wayemohlwaya? Liyinyaniso elokuba, uThixo walumkisa uhlanga lwakwaSirayeli ukuba ‘wayebuvelela ubugwenxa booyise koonyana.’ (Eksodus 20:⁠5) Ngokomzekelo, ngesinye isihlandlo, uYehova walunikela lonke olo hlanga ekuthinjweni eBhabhiloni ekude. Nakuba oku ngokuyintloko kwakungenxa yehambo embi yabantu abakhulu, alithandabuzeki elokuba ukuthinjwa kwezisa ubunzima ebantwaneni bakwaSirayeli. Sekunjalo, amaSirayeli aselula aqhubeka ezuza inkoliseko kaThixo, njengoDaniyeli namaqabane akhe, abaqhubeka bemnqula ngokuthembeka.​—⁠Daniyeli 3:​28, 30.

Ngoko, nangona ukuphambuka komzali wakho kusenokukubangela ube buhlungu yaye ubindeke kakhulu, akumele ube noloyiko lokuba ulahlekene nenkoliseko okanye intsikelelo kaThixo. Cinga ngamazwi kaYehova akuHezekile 18:​14, 17 alandela isaci esicatshulwe ngaphambilana esingeediliya ezimuncu: “Yabonani ke, ethe yena lo wazala unyana, othe wazibona zonke izono zikayise azenzayo, abone ke, angenjenjalo. . . . Lowo unyana akayi kufa ngobugwenxa bukayise; inene uya kuphila.”

Noko ke, phawula ukuba, ukuze uhlale uphila, ufanele ubonakalise ikhondo elahlukileyo kwelo eliye lalandelwa ngumzali wakho otenxileyo. IBhayibhile iyabongoza: “Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye.”​—⁠Galati 6:⁠4.

Ukuzingqina Wahlukile

Ngokomzekelo, cinga ngokumkani oselula welakwaYuda lamandulo owayebizwa ngokuba nguYosiya. Uyise noyisemkhulu babedume kakubi ngokunqula izithixo. Sekunjalo, uYosiya “wenza okuthe tye emehlweni kaYehova.” (2 Kumkani 21:​19, 20; 22:​1, 2) Uyise kaKumkani uHezekiya, uAhazi, wayengomnye ukumkani owamisela umzekelo ombi. UAhazi wazivala iingcango zetempile kaYehova, waza njengedini wanikela ngoonyana bakhe kuthixo wobuhedeni! (2 Kronike 28:​1-3, 24, 25) Noko ke, uHezekiya wazingqina engawohlukileyo kuyise. Xa wayenama-25 eminyaka ubudala waqalisa ukulawula yaye kungekudala waqalisa ukubuyisela unqulo lokwenyaniso kwaYuda.​—⁠2 Kumkani 18:​1-⁠5.

Oonyana bakaKora bamisela umzekelo ofanayo. Ngaphambi kokuba uhlanga lwakwaSirayeli lungene kwiLizwe Ledinga, uKora, owayengumLevi obalulekileyo wakhokela ekuvukeleni uMoses noAron. Noko ke, loo mvukelo yapheliswa ngokukhawuleza xa uKora nabalandeli bakhe babulawa ngenyikima nangomlilo ovela ezulwini. Noko ke, okubangel’ umdla kukuba oonyana bakaKora basinda. (Numeri 26:​9-11) Kubonakala ukuba babengekho ngakwicala likayise kule mvukelo. Alithandabuzeki elokuba aba nyana bakaKora baziva behlazisiwe leli khondo likayise lingendawo. Kodwa uYehova wayisikelela inzala kaKora ngenxa yokuba yabambelela ngokuqinileyo kuMthetho wakhe. Phakathi kwezinye iingxelo ezintle ezifumaneka eBhayibhileni, ngamazwi awabhalwa ngoonyana bakaKora.​—⁠Bona INdumiso 45, 48, 84, 85, 87, neyama-88.

NjengoYosiya, uHezekiya noonyana bakaKora, amaKristu amaninzi aselula namhlanje aye angqineka engawohlukileyo kubazali bawo abatenxileyo. Cinga ngomnye okwishumi elivisayo, esiya kumbiza ngokuthi nguMaxwell. Abazali bakhe babengamaNgqina kaYehova athembekileyo ngaphambili, kodwa baba ngabawexuki abangabachasi bobuKristu. Ngesinye isihlandlo, abazali bakhe babephethe izibhengezo ezibhaliweyo yaye begwayimba ngaphandle kwamabala endibano yamaKristu uMaxwell awayekuyo. Uthi: “Kwakubangel’ iintloni ngenene. Abanye ababengazi ukuba ngabazali bam bathi kum, ‘Uzibonile ezaa zidenge zabawexuki ngaphandle?’” Noko ke, uMaxwell akazange alandele ikhondo lemvukelo labazali bakhe. Yaye ngenxa yenkxaso yamalungu entsapho athembekileyo nezinye izinxulumani ezingamaKristu, uye wakwazi ukumelana nokuziva eneentloni yaye edanile.

UMaxwell, uJacob noDavid (abakhankanywe ngaphambilana), baye bazoyisa ngokwenene iimeko zeentsapho zakomawabo. Bonke ngoku bakhonza njengabalungiseleli kwiofisi yesebe leWatch Tower Society eAfrika. UMaxwell uthi: “Ndiyazi ukuba ndisekwanokujamelana nemeko ebangel’ iintloni evela kubazali bam kwixesha elizayo, kodwa kwakhona ndiyazi ukuba, ukuba ndayame ngoYehova, uya kundinika amandla okunyamezela.”

Ukuqhubana Neemvakalelo

Uncedo lusenokufuneka ngokukhethekileyo ukuze ujamelane neemvakalelo zokungonwabi ezibangelwe yihambo elihlazo yomzali wakho. UCharmaine oneminyaka eli-15 ubudala wabhala: “Xa ndibona umama [enxilile], kuba ngathi kukho nto indixhelayo ngaphakathi . . . Ndiba nomsindo kakhulu . . . Abahlobo bam abafanele bayazi ingxaki kamama, ngokuba ndisazihlonela.” (Alcohol Abuse​—⁠The Incredible Lie! nguHenri Naudé) Noko ke, iqhalo lamaXhosa lisikhumbuza ukuba “isilonda siphola msinyane ngokuchanjuzwa.” Enye into, ingxaki yomzali wakho isenokuba yinto eyaziwayo ngandlel’ ithile. Ngoko, kutheni ufun’ ukuyenza indaba yakwamkhozi? Yaye nalapho ekufuneka kusetyenziswe ubulumko, ngaba kusengqiqweni ukuvumela iimvakalelo zobutshaba ziyileke? Ngaba akuyi kunceda ukufumana umKristu okhulileyo onokuzityand’ igila kuye? Ngale ndlela unokufumana amazwi amahle okhuthazo.​—⁠IMizekeliso 12:25; 16:⁠24.

Ukucamngca ngemithetho esisiseko yeBhayibhile kuyenye indlela esebenzayo yokuqhubana neemvakalelo ezidakumbisayo. UJacob uthi: “Izinto utata awazenzayo zandenza ndamthiya ngokusuka entliziyweni.” Noko ke, intiyo ayisayi kuyiphucula imeko, ingekuko nokuhambisana nomyalelo weBhayibhile wokubeka uyihlo nonyoko. (Efese 6:​1-⁠3) Kunokuthiya umzali wakho, ufanele uthiye ngokunzulu isenzo esibi asenzayo. (Thelekisa IMizekeliso 8:13; noYuda 23.) Kukwalungile ukuthobela nokubonisa intlonelo ngomzali wakho otenxileyo. Ukubonakalisa nokuvakalisa uthando lwakho oluqhubekayo kunokunceda ukushukumisela loo mzali ekwenzeni iinguqulelo ezifunekayo.

UJacob oselula wayenenye ingxaki eqhelekileyo​—⁠umkhwa wokuzithelekisa nabanye abaselula ababeneemeko ezilunge ngakumbi. Noko ke, wafumanisa indlela okwakungenamvuzo ngayo ukucinga ngolo hlobo. UJacob uthi: “Kunokuhlala kwiingcinga ezinjalo, kuluncedo ngakumbi ukuqwalasela iindlela zokuhlangabezana naloo meko.” uJacob wafumanisa ukuba ukufunda uncwadi lweBhayibhile nokucamngca ngekhondo lokuphila lamaKristu athembekileyo kwaba luncedo olukhulu.

Ukunxulumana ngokusondeleyo nebandla lamaKristu nako kusenokungqineka kuluncedo. Apho unokufumana “abazalwana, noodade noonina [noomama, NW],” bokomoya. (Marko 10:​30) UDavid oselula wayenoloyiko lokuba amalungu ebandla ayeya kumphepha ngenxa yokususwa kukayise kubudlelane. Kodwa wafumanisa ukuba uloyiko lwakhe lwalusekelwe kugwebo olungafanelekanga. Uthi: “Ebandleni asizange senziwe sizive singamalolo njengokuba ndandicinga ukuba kwakuza kuba njalo. Abahlobo baqhubeka besityelela. Konke oku kwandiqinisekisa ukuba ibandla ngenene lalinenyameko.”

Alithandabuzeki elokuba ukuba nomzali otenxileyo kunokuba buhlungu yaye kwenzakalise. Kodwa awufanele uphelelwe lithemba. Cinga ngamava aba bakhankanywe apha. Funa uncedo lwabahlobo abanothando. Musa ukungabonakalisi ntlonelo ngabazali bakho; ikhondo lakho lokuthembeka ekugqibeleni linokubenza baguquke. (Thelekisa eyoku-⁠1 kaPetros 3:​1, 2.) Yaye kungakhathaliseki okwenzekayo, khumbula ukuba ukuma kwakho phambi koThixo akuxhomekekanga kwihambo yabazali bakho. Kuxhomekeke kuwe!

[Umbhalo osemazantsi]

a Amagama akweli nqaku aguquliwe.

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Akunyanzelekanga ukuba ulandele ikhondo elitenxileyo labazali bakho

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share