IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g93 5/8 iphe. 23-25
  • Ngaba Ndifanele Ndifudukele Kwilizwe Elimi Kakuhle?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ndifanele Ndifudukele Kwilizwe Elimi Kakuhle?
  • Vukani!—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Musa Ukungxama Wenze Isigqibo
  • Musa Ukukholelwa Yonke Into Oyivayo
  • Cinga Ngezinto Eziyingenelo Nezingeyongenelo
  • Ukufunda Kwiimpazamo ZikaEsawu
  • Sebenzela Ukuba Isigqibo Sakho Siphumelele
  • Khumbula Izinto Eziyimfuneko Ngokwenene Kuwe
  • Londoloza ILifa Onalo Ngokwenza Ukhetho Lobulumko
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Kuye Kwandivuyisa Ukukhonza UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Kutheni Kufuneka Sifuduke?
    Vukani!—1994
  • Ividiyo ethi Young People Ask—How Can I Make Real Friends?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
Khangela Okunye
Vukani!—1993
g93 5/8 iphe. 23-25

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ngaba Ndifanele Ndifudukele Kwilizwe Elimi Kakuhle?

UTARA walishiya ilizwe lakhe lokuzalwa iTrinidad, uSheila walishiya elakhe elaseJamaica, yaye uErick wayishiya iSuriname. Bobathathu aba baselula bafudukela kwilizwe elimi kakuhle. Kwakutheni?

UTara ucacisa esithi, “Thina baselula baseTrinidad, siphenjelelwe kakhulu zizinto esizibona kumaphephancwadi nakumabonwakude. Okulusizi kukuba, oku kusenza sibe nembono engeyonyaniso ngelaseUnited States nangamanye amazwe ami kakuhle.”

USheila ubalisa okufanayo: “Ndikhumbula ndixelelwa ngamathuba amaninzi omsebenzi nemfundo engahlawulelwayo.” Noko ke, wongezelela wathi: “Andisazi isizathu, kodwa abo babekhe bakula mazwe abazange bazikhankanye izinto ezingathandekiyo ezikumazwe abo. Mhlawumbi babeneentloni zokusivuma isibakala sokuba iimeko zalapho azihambi kakuhle kangako njengokuba kucingwa.”

Sekunjalo, abantu bafudukela kwezinye iindawo. Ingxelo ekwiLos Angeles Times yabonisa ukuba ukususela kunyaka we-1980 ukusa kowe-1990, inani labantu ababefudukela kwamanye amazwe laliphindeke kabini yaye kulindeleke ukuba liphindeke kwakhona ngonyaka wama-2000. Nyaka ngamnye abantu abangaphaya kwama-7000 000 bafudukela eUnited States. Lizwe ngalinye kula, iCôte d’Ivoire, iKhanada, iOstreliya, nelaseSaudi Arabia lamkela abantu abavela kwamanye amazwe abangaphezu kwama-50 000 nyaka ngamnye, uninzi lwabo lukwiphulo lokufuna ukuba ngabami kakuhle.

Ukuba uhlala kwilizwe elihlwempuzekileyo okanye elisakhasayo, ngokufanayo nawe usenokuzibuza enoba ikamva lakho belingayi kuqaqamba kusini na kwilizwe elinobutyebi. Esi sisigqibo esinzulu. Unokulwenza njani ukhetho lobulumko?

Musa Ukungxama Wenze Isigqibo

UErick, waseSuriname, ukholelwa kwelokuba awufanele ungxame kodwa kuqala ufanele uhlanganise yonke inkcazelo onokuyifumana ngelizwe elo. Uthi, “nkqu naseSuriname, kukho iintsapho ezininzi ezinezalamane ezikumazwe ami kakuhle, yaye kuzo usenokufumana inkcazelo esexesheni uze ufunde ngoko zikuko ngokwenene iimeko zoqoqosho zehlabathi.”

Ngaphambi kokuba wenze isigqibo, khumbula: “Iingcinga ziyatshitsha ngokungabikho kokucweya; ke zona zima ngamaphakathi amaninzi.” (IMizekeliso 15:22) Ngoko kuxubushe oko ukucingayo ngokuphandle nabazali bakho, abadala abangamaKristu kunye nabanye abanamava nabanenkxalabo ngawe.

Musa Ukukholelwa Yonke Into Oyivayo

Xa usiva iingxelo ezinik’ ithemba ngamazwe akude ami kakuhle, bekuya kuba kokufanelekileyo ukukucingisisa kakuhle oko. Umzekeliso wobulumko uthi: “Isiyatha sikholwa ngamazwi onke, onobuqili uyakuqonda ukunyathela kwakhe.”—IMizekeliso 14:15.

USheila, owayehlala eJamaica, wathi: “Umfundisi-ntsapho wam wesiNgesi wayesoloko esithi ukufudukela eUnited States, ibiya kuba yeyona nto ilungileyo bendinokuyenza. Bambi abantu abakhulu bandixelela ukuba ukuba ndandinokuya eKhanada, eUnited States okanye eNgilane, ndandinokungenelwa enoba ngowuphi na umsebenzi endikhethe ukuwenza. Ngamafutshane, bekuya kuba bubudenge ukuwayeka amathuba anjalo.”

Ngaba ukufudukela kwakhe eUnited States ngokwenene kwamnceda? “Indlela yam yokuphila yaphucuka ngokungakumbi, kodwa kwanabahlobo bam ababehlala eJamaica bayiphucula indlela yabo yokuphila. Ngokuqhelekileyo xa ucombulule ingxaki ethile kuvela enye. Indawo ohlala kuyo ayinakusuka ngokuzenzekelayo yahluke kangako.”

UTara, owafudukela eUnited States esuka eTrinidad, uyavuma: “Abantu bawachaze amazwe ami kakuhle njengamazwe anamathuba amaninzi—elokufunda, ukusebenza, ukwenza imali eninzi nokuphila phantsi kweemeko eziphucukileyo. Kodwa ngoku abaninzi abafuduke kumazwe abo bayaqonda ukuba iimeko ziya zisiba mbi kuzo zonke iindawo. Bambi babuyele kumakhaya abo.”

Cinga Ngezinto Eziyingenelo Nezingeyongenelo

Ukuze wenze isigqibo esicingisiswe kakuhle, cinga ngokungakumbi kuneengxelo ezintle zobutyebi obuninzi obufumaneka kwamanye amazwe. Cinga ngezinto eziyingenelo nezinto ezisenokubandakanyeka ekufudukeni—ezoqoqosho, ezentlalo, ukuziphatha nezokomoya.

Ngokomzekelo, imeko yezoqoqosho isenokuba imaxongo apho uhlala khona. Kodwa ngaba akukho mathuba avulekileyo omsebenzi kufuphi nekhaya lakho? UTara uthi: “Emva kwilizwe lakowethu, inani labantu abangaqeshwangwa laliphakamile, ingakumbi kwabo bangenayo imfundo ephakamileyo.” Ngoko wafuduka; abantakwabo basala kwilizwe lakowabo. “Abantakwethu ababini abandalekelayo bafundela ukwenza ifanitshala nokulungisa iisofa. Ngoku basebenza kwimizi-mveliso yaye bafumana umsebenzi omninzi wokusebenzela abantu ababacelayo abawuthandayo umsebenzi wabo. Mhlawumbi benza kakuhle kwilizwe lakowethu ngaphezu kwam ‘ndikwilizwe ebekufanele ukuba linamalungelo amaninzi.’”

Ukuba uyafuduka, ngokufanayo uya kujamelana neemeko ezothusayo zenkqubo yelizwe oya kulo, mhlawumbi nokuhlaselwa ngokupheleleyo kwemigaqo ephakamileyo engokokuziphatha oyixabisileyo. Ngaba ukufuduka kukufanele ukuzibeka esichengeni ngolo hlobo? Ngoko, kwakhona ukuthanda izinto eziphathekayo kwesamele kumazwe ami kakuhle. Oko kusenokukuchaphazela njani ngokomoya?

Ukufunda Kwiimpazamo ZikaEsawu

Xa kwafuneka acinge ngezinto eziyingenelo nezingeyongenelo kwizigqibo zakhe, uEsawu wamaxesha okubhalwa kweBhayibhile waba nengxaki enzulu. Ngokuphindaphindiweyo wasilela ukucinga ngezinto ezibalulekileyo—ubumoya bakhe kunye nentsapho yakowabo. Ngokomphumo, zimbi zezona zigqibo zakhe ziphambili zaguqukela ekubeni yintlekele.

IBhayibhile isilumkisa ngokunxamnye ‘nokungazixabisi izinto ezingcwele, njengoEsawu, owathi ngenxa yentwana yokudla wananisa ngobuzibulo bakhe.’ (Hebhere 12:16, NW) Obu buzibulo bakhe babungcwele. UThixo wenza ukuba intsapho kaEsawu ibe nelungelo lokuba kumnombo wokuzalwa kukaMesiya, imbangi yosindiso loluntu. (Genesis 22:18) Sekunjalo ‘uEsawu wabudela ubuzibulo bakhe.’ Ngokulula nje wabuthengisa ngesidlo seentlumayo eziphekiweyo! (Genesis 25:30-34) Eyona nto ingcwele onayo lulwalamano lwakho noMdali wakho. Musa ukunanisa ngalo, ukulutyeshela, okanye ulibeke emngciphekweni ngenxa yalo naliphi na ilungelo onalo lwezinto eziphathekayo.—Marko 12:30.

Kamva, xa uEsawu wayefuduka kwikhaya awayekhulela kulo esiya kwelinye ilizwe, watshata abafazi ababini abangamaHeti. Ngenxa yezizathu ezithile le mitshato yayibonakala ifanelekile, kodwa kwicala lokomoya yazisa iingxaki kuphela kuba abo bafazi babengamnquli uThixo wabazali bakaEsawu, uIsake noRebheka. Abo bafazi “babacaphukisa” abazali bakhe.—Genesis 26:34, 35.

Kuyinto eqhelekileyo ngabantu abaselula ukutshata nje kuba befuna indlela yokungena kwilizwe elimi kakuhle. Ingxelo ibonisa ukuba eIndiya ngabantu abatshatileyo abangama-4 000 ngonyaka abafudukela eUnited States, kuqikelelwa ukuba kwakhona ngabangama-10 000 abasajonge ukwenjenjalo. Noko ke, umtshato sisipho esixabisekileyo esivela kuThixo. Awumele upheliswe isidima, usetyenziswe njengetikiti lokuwela umda. Kwakhona, khawucinge ngendlela ebeya kukhathazeka ngayo uYehova kunye namalungu athembekileyo entsapho yakowenu ukuba ubuye ‘wanxulumana nongakholwayo.’—2 Korinte 6:14.

Sebenzela Ukuba Isigqibo Sakho Siphumelele

Indlela owenza ngayo ukuze siphumelele isigqibo sakho isenokuba ibaluleke ngakumbi kunesigqibo ngokwaso. Enoba ugqibe ekubeni uhlale kwilizwe lakho okanye ufuduke, eyona nto ibalulekileyo kukusebenzela ukuba isigqibo sakho siphumelele.

Ukuba Uyahlala: Musa ukubagxeka abo bafudukayo. Indlela abagqibe ngayo ingumthwalo wabo. (Roma 14:4; Galati 6:4, 5) Funda ukuzixabisa izinto ezintle neziyingenelo ezifumaneka kwilizwe lakowenu kuphela. Khulisa uthando olungakumbi ngabantu novelwano ngenxa yezinto ezibatsalisa nzima nezilucelomngeni.

Ukuba uyafuduka: Zicwangcise ngobulumko izinto eziza kuqala njengoko ufunda izithethe ezitsha mhlawumbi nolwimi olutsha. Ungabanjiswa kukusebenza iiyure ezigqith’ emgceni kuba nje ufuna ukufumana izinto eziphathekayo ongazange uzifune ngaphambili. Kungenjalo kungekudala usenokuba ngoxakeke kakhulu ukuba unyamekele izinto zokomoya.

USheila uyavuma: “Kwihlabathi lanamhlanje kubaluleke kakhulu ukufumana umsebenzi. Noko ke, intsapho, izihlobo kunye nemicimbi yokomoya zibaluleke ngakumbi. Nokuba zonke ezinye ziyasilela, ezi zezona zisigcina siphilile.” Ngobulumko iBhayibhile isicebisa ukuba ‘singabi ngabalixhamlayo eli hlabathi; kuba ukumila kwalo kuyadlula.’ (1 Korinte 7:31) Abo baphumelela ngokwenene bagcina inkxalabo yabo engomsebenzi nemali kwindawo efanelekileyo—ingathabathel’ indawo iimfuno zentsapho kunye nosukelo lwezinto zokomoya.

Bakhethe ngobulumko abahlobo abatsha. UErick uthi: “Gcina ulwalamano lwakho nezihlobo ezikhuthaza indlela yobomi eyakhayo.”

Khumbula Izinto Eziyimfuneko Ngokwenene Kuwe

Izinto esizifuna ngokwenene ukuze sonwabe aziguquki. USheila uphawula ukuba, “Enokuba sihlala phi na, izinto ezifunwa nguYehova kuthi aziguquki.” Ziziphi ezo zinto? UYesu uzichaza ngokufutshane esithi: “Banoyolo abangamahlwempu ngokomoya.” “Musani ukuxhala” ngokuba nokudla okanye into yokunxiba eyaneleyo. Kuqala funani “ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.”—Mateyu 5:3; 6:31, 33.

Ukuphila ngale migaqo kunokukunceda ufumane ubomi obulunge ngakumbi nakweliphi na ilizwe.

[Imifanekiso ekwiphepha 24]

Amazwe ami kakuhle anokubonakala enomtsalane ngakumbi kunokuba enjalo ngokwenene

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share