Ividiyo ethi Young People Ask—How Can I Make Real Friends?
UYehova wasidala sanomnqweno wokuba nabahlobo. (IMize. 17:17; 18:1, 24) Ukuze izinto zisihambele kakuhle, simele sibakhethe kakuhle abahlobo bethu. (IMize. 13:20) Emva kokubukela ividiyo ethi Young People Ask—How Can I Make Real Friends?, ngaba ungakwazi ukuphendula le mibuzo ilandelayo?
Intshayelelo:
(1) Sinokumbona njani umhlobo wokwenene?
Icandelo Elithi-Roadblocks to Friendship:
(2) Unokukoyisa njani ukuziva ulilolo? (Fil. 2:4) (3) Kutheni simele sikulungele ukuphucula ubuntu bethu, yaye ngubani onokusinceda? (2 Kor. 13:11) (4) Sinokuwavula njani amathuba okudibana nabahlobo abatsha?—2 Kor. 6:13.
Icandelo Elithi-Friendship With God:
(5) Sinokubakha njani ubuhlobo obusondeleyo noYehova, yaye kutheni kungeyonkcitha-xesha nje oko? (INdu. 34:8) (6) Xa uYehova engumhlobo wethu osenyongweni, ngabantu abanjani abaya kuba ngabahlobo bethu?
Icandelo Elithi-The Wrong Kind of Friends:
(7) Ngobani abahlobo ababi? (1 Kor. 15:33) (8) Abahlobo ababi banokusixabanisa njani noYehova?
Icandelo Elithi A Modern-Day Drama:
(9) Ibali likaDina eliseBhayibhileni lisifundisa ntoni? (Gen. 34:1, 2, 7, 19) (10) UTara wabuthethelela njani ubuhlobo bakhe nolutsha olungakholwayo? (11) Abahlobo bakaTara basesikolweni bamfaka kweziphi iingozi? (12) Kwakutheni ukuze abazali bakaTara bangamboni ukuba usengozini, kodwa bamnceda njani ukuze aphinde abe nokholo? (13) Udade onguvulindlela wazibonakalisa njani ukuba ungumhlobo wokwenene kaTara? (14) Wagqiba kwelithini uTara?
Umqukumbelo:
(15) Ufunde ntoni kule vidiyo? (16) Ungayisebenzisa njani le vidiyo ukuze uncede abanye?
Ngamana singakhetha abahlobo abaya kusinceda sigcine obona buhlobo bubalulekileyo—ubuhlobo kunye noThixo!—INdu. 15:1, 4; Isa. 41:8.