IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g93 6/8 iphe. 8-11
  • Umculo Wanamhlanje—Ukuphepha Imigibe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umculo Wanamhlanje—Ukuphepha Imigibe
  • Vukani!—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imfuneko Yokulungelelana
  • Umkhwa Wokwenza Izingxengxezo
  • Yenza Isigqibo Esiqinileyo
  • Ndinokwenza Njani Ukuze Umculo Ungabi Yeyona Nto Ibalulekileyo Kum?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Ndinokuwugcina Njani Umculo Ukwindawo Efanelekileyo?
    Vukani!—1993
  • Ukunandipha Umculo—Siyintoni Isikhokelo Sako?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Ngaba Uza Kuwukhetha Ngobulumko?
    Vukani!—2011
Khangela Okunye
Vukani!—1993
g93 6/8 iphe. 8-11

Umculo Wanamhlanje—Ukuphepha Imigibe

BAMBI benza impikiswano ngoko kuyingenelo nokungeyongenelo ngokucalula umculo werock. Abanye baxoxa ngemiphumo yawo eyenzakalisayo kwabo beshumi elivisayo. Kodwa ukuba ungumKristu, ezi ngcamango azifikeleli kowona mbandela oyintloko ongulo: Umculo unokuluchaphazela njani ulwalamano lwakho noThixo?

Kubomi bawo amaKristu akhokelwa liLizwi likaThixo, iBhayibhile. Lona liqulethe imigaqo emalunga nenkalo nganye yobomi, kuquka ukuzonwabisa. Imigaqo yeBhayibhile iyabakhusela abathobelayo koko kungafanelekanga nokuyingozi. Ngokubhekele phaya, ukuzuza inkoliseko kaThixo kuxhomekeke ekuthobeleni iLizwi lakhe. Ngoko ke, imigaqo eseLizwini likaThixo iyamkhokela umKristu ekwenzeni ukhetho ngomculo. (INdumiso 43:3; 119:105; 2 Timoti 3:16, 17) Ngoko, yiyiphi imigaqo engokweZibhalo esincedayo ekwenzeni ukhetho ngomculo?

Imfuneko Yokulungelelana

Incwadi yeNtshumayeli 7:16 ilumkisa isithi: “Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiseleyo; yini na ukuba uziphanzise?” Ngaphambi kokugweba nawuphi na umculo njengongafanelekanga, zibuze enoba ingongoma isekungawuthandini kwakho ngokobuqu kusini na. Khumbula, usenokungawuthandi umculo othile, kodwa oko akuwenzi ube ngumculo ongafanelekanga.

Enye inkalo kulo mcimbi wokulungelelana iboniswe kwiNtshumayeli 7:17, 18 ngokuthi: “Musa ukuba ngongendawo ngokukhulu, ungazenzi isidenge; yini na ukuba ufe lingekabi lixesha lakho? Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela.”

Ngoko, kuthekani ukuba umKristu uphulaphula umculo okhuthaza ugonyamelo, ubuhlanga, ukuziphatha okubi, ukunqulwa kukaMtyholi, nokuzibulala? KumaEfese 5:3, 4 kubekwe ngale ndlela oku: “Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele; kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo. Makube kokukhona ninemibulelo.” Ewe, abo banqwenela ukuba nobuhlobo noYehova abanakuzonwabisa ngezinto ezingafanelekanga. Abayi kuqiqa ngelithi lo gama nje bengazenzi ezi zinto zimbi, kulungile ukuziyolisa ngazo.

Ngokwembono yeziBhalo asikuphela nje koko kuqulethwe ngamazwi engoma okuyenza ibe yefanelekileyo okanye ibe yengafanelekanga. Nguwuphi umoya ewukhuthazayo? Funda eyabaseGalati 5:19 kuse kweyama-23 kwiBhayibhile yakho. Kolu ludwe luluphi oluwuchaza ngokulunge ngakumbi umoya womculo owuphulaphulayo? Ukuba umculo ubonakalisa ‘imisebenzi yenyama,’ ngoko imbono kaYehova ngawo icace gca.

Ukuba umKristu udibanisa ubomi bakhe benkonzo engcwele kuThixo nokuzonwabisa ngomculo othob’ isidima, uya kufumanisa ukuba ngenene ezi zinto azidibani. Oku kufana nokusela incindi yeziqhamo exutywe netyhefu. Incindi yeziqhamo ayinakuze iyithintele ityhefu ekukubulaleni. Amazwi akweyesi-2 yabaseKorinte 6:14-17 akwenza kucace oku: “Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke, kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama? Unakuvumelana kuni na ke uKristu noBheliyali? Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo? . . . Kungoko ndithi, phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi [uYehova, NW], nento engcolileyo ningayichukumisi.”

Ngoko, le yimibandela engokweZibhalo ejongene nabo banqwenela ukuba nolwalamano olusondeleyo noThixo. Ukuba uyayixabisa imigaqo yeBhayibhile, khawuqwalasele ngokunzulu umculo owuphulaphulayo. Khawuwahlolisise ngenyameko amacwecwe neevideo onazo. Walahle lawo aphikisana nemigaqo yeBhayibhile. Ukuba unamathandabuzo ngamanye, nawo walahle. Ngokufanayo nangamatheko omculo nangombandela ofundwayo—nyothula nantoni na engadlelani ngokufanelekileyo nobulungisa.

Umkhwa Wokwenza Izingxengxezo

Ukuba utsalelekele kumculo othandabuzekayo okanye ongavisisaniyo nemigaqo engokweZibhalo, kusenokuba nzima ngawe ukujamelana nalo mbandela ngendlela efanelekileyo. Bambi benza izingxengxezo zokuzama ukukhusela nokuthethelela ikhondo labo lokulalanisa. Ukuba oku ukufumanisa kuyinyaniso kwimeko yakho, khawunqumame uze ucinge. Ngaba indlela oqiqa ngayo iyephilileyo, okanye ngaba nje ibonisa ukubambiseka ngokweemvakalelo emculweni? Khawucingisise ngezi zinto zilandelayo ezithethwa ngabathile uze uphawule ukuba, xa zihlolisiswa ngenyameko, ezo zinto bazithethayo ziba ngumbandela nje wokuzithethelela.

Akuyongozi ukuba ndiphulaphule umculo weli qela kuba amalungu alo achasene nokusetyenziswa kakubi kweziyobisi. Kodwa ngaba eli qela lizichasa ngokungqongqo ezinye izenzo zobungendawo, ezinjengokuhenyuza, ugonyamelo, nokungahlonelwa kwegunya? EyabaseGalati 5:9 ithi, “Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela.”—Thelekisa uYakobi 2:10.

Kweli hlabathi ubomi buzaliswe kokungekho sikweni. Ngaba ngenene sinokuwabeka ityala la maqela ngokuvakalisa ingqumbo yawo ngeemeko ezisehlabathini? IBhayibhile ikhuthaza ingqumbo yokusesikweni ngokuchasene nezenzo zobubi zale nkqubo kodwa yalatha kuBukumkani obungoMesiya njengesicombululo.—Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10.

Ithemba eliqaqambileyo lamaKristu lahlukile kwithemba elimfiliba leemvumi ezininzi ezikhuthaza ukugatywa kobunyaniso bezinto njengesicombululo ekubandezelekeni koluntu. Enyanisweni, ingqumbo yehlabathi iyatshabalalisa yaye yeyobulwanyana, ibonisa ubulumko bale nkqubo yezinto.—Roma 12:9; Yakobi 3:15-18.

Iimvumi zinobuchule, ziqeqeshwe ngendlela esemgangathweni. Kodwa ubuchule obuboniswa yimvumi abunxulumananga nokubaluleka koko kuqulethwe ngumculo okuchaseneyo nemigaqo yeBhayibhile, akunjalo? Ukumkani uSolomon wayenobuchule kwiinkalo eziliqela, kuquka inkalo yomculo. Kodwa xa wakreqayo kunqulo lokwenyaniso, iBhayibhile inikela ingxelo yokuba, “uYehova ke waba nomsindo kuSolomon, ngokuba ibityekile intliziyo yakhe, yemka kuYehova.” Ngokufanayo, uNimrodi wayengumakhi nomzingeli olichule, kodwa uThixo akazange akholiswe nguye nezinxulumani zakhe. Kwakutheni? Kungenxa yokuba uNimrodi waba “ligorha lezingela ngokuchasene noYehova.”—1 Kumkani 11:9; Genesis 10:8, 9, NW.

Iingoma ezimbalwa zeli qela zimsulwa, kuquka ezo zomculo opholileyo. Apha ingozi isekubeni isandi sengoma emsulwa sinokukhokelela ubani ekuthengeni nasekuphulaphuleni umculo okuyo yonke ialbham, ekusenokwenzeka ukuba uninzi lwawo ngokucacileyo alwakhi. Kanye njengokuba ikomityi nje kuphela yamanzi ingenakuyisusa imfumba yodaka, ingoma emsulwa ebakho ngexesha elithile ayiwuguquli umoya okhoyo ngokubanzi othob’ isidima okwialbham okanye welo qela.

Iimvumi ezidumileyo azinquli ngokwenene uSathana okanye ziphile ubomi bokuziphatha okubi. Ziyadlala nje eqongeni. Inyaniso yona yeyokuba umculo eziwusebenzisayo ukonwabisa abaphulaphuli ufakwe, ukuba awuzaliswanga, bubungendawo. EyabaseKolose 3:8 iyalela amaKristu ukuba, angayoliswa zizinto ezinjengomsindo nentetho engamanyala, kodwa amele ‘akulahle oku konke.’ UPawulos waxelela abase-Efese ukuba ‘bangadlelani [noonyana bokungathobeli] ngemisebenzi yobumnyama engenasiqhamo; makube kukhona niyohlwayayo.’ Ngaba umntu oyoliswayo yimisebenzi yobumnyama unalo igunya lokukhalimela abo bayenzayo?—Efese 5:6, 11.

Andiwaphulaphuli amazwi engoma. Ndimamela nje isandi sengoma. Kodwa amazwi engoma anokuthi qatha kwingqondo yomntu engakhumbulele nto aze abangele iingxaki kamva. Nangona sicinga ukuba inkcazelo ilibalekile ezingqondweni zethu, isenokungalibaleki kuphele. Ngoko, hayi indlela ekuyingozi ngayo ukuzichanaba ngabom kwizigidimi ezichasene ngokungqalileyo nesiluleko esikweyabaseFilipi 4:8 sokuba sigcine iingqondo zethu zibambelele koko kunyulu, kuthandekayo, nokuludumo lulungileyo.

Kwakhona, khumbula ukuba, “othe ngoko wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo.” Oku kungenxa yokuba ihlabathi loluntu lahlukanisiwe noThixo yaye umoya wehlabathi uveliswe luTshaba oluyintloko lukaYehova, uSathana uMtyholi. Khawucinge nje ngako oku. Ngaba indoda ibiya kuyixabisa into yokuba umfazi wayo axhome eludongeni umfanekiso wesithandwa sakhe sangaphambili kwanaxa evuma ukuba akasenamvakalelo zikhethekileyo ngaso kodwa umfanekiso uyinto nje yokuhombisa? Akunjalo, ibiya kufuna ukuba ungabikho endlwini yaye awucime tu engqondweni yakhe. Kuthekani ukuba sithathela emakhayeni ethu nasezintliziyweni zethu umculo ohambisana nenjongo yoTshaba lukaYehova? Ngaba ngenene kwenza umahluko kuYehova ukuba sithi, “Ndinomdla nje kuphela kwisandi sengoma; andinamsebenzi namazwi ayo”?—Yakobi 4:4; 1 Korinte 10:21, 22.

Yenza Isigqibo Esiqinileyo

Ukuba uye wazichanaba kumculo obalaselisa isenzo esiphosakeleyo, iyintoni injongo yakho yokwenene? Usenokungavumelani neengcamango zokungendawo, kodwa wona umculo usenokuba nomtsalane kuwe—ukhotyokiswe gqitha sisingqisho, ubambiseke gqitha kuso—kangangokuba ufumanise kuyinto engenakwenzeka nje kwaphela ukwahlukana nawo yaye ungafuni ukunikezela kuwo.

Kodwa ukwenza into elungileyo akusoloko kulula. Siba sesilingweni ngokukodwa xa imigaqo kaThixo isiyalela ukuba siyeke into ethile esitsalelekele kuyo ngokweemvakalelo. Ngaba siya kuqiqa ngelithi imeko yethu yahlukile size sihlale ‘simbaxa,’ okanye ngaba siya kwenza isigqibo esiqinileyo ngokuchasene noko uYehova akuthiyileyo?—1 Kumkani 18:21.

Kungakhathaliseki ukuzincama kobuqu okubandakanyekileyo, siya kuba ngabonwabe gqitha ukuba senza ukhetho olumkholisayo uYehova. Oko kuthetha ukuba simele siyeke ukuchukumisa into engcolileyo. Ngoko, ukuba senza ngolo hlobo uYehova uthembisa ukuba uya kusamkela. Ewe, uya kusibalela kubantu akholiswayo ngabo.—2 Korinte 6:17.

UYehova unomdla onzulu kuthi. Wamisela imiyalelo yokuphucula umgangatho wobomi bethu. Sabela kwisibongozo sakhe esinyanisekileyo esifumaneka kuIsaya 48:17, 18. “Mna Yehova, Thixo wakho, ndingokufundisa okungakuncedayo, ndikunyathelise ngendlela oya kuhamba ngayo. Akwaba imithetho yam ubuyibazele indlebe! Beluya kuba njengomlambo uxolo lwakho, nobulungisa bakho bube njengamaza olwandle.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 10]

Imbopheleleko Yabazali

Ukuba ungumzali, unembopheleleko engokweZibhalo yokufundisa abantwana bakho ukuba bawuqonde ngokucacileyo umahluko phakathi komculo olungileyo nongalunganga. Oku kuthetha ukuba wena uziqhelanise noko bakuphulaphulayo. Kuthetha ukuba umele ube ngqongqo ngohlobo lomculo oya kuwuvumela nongayi kuwuvumela ekhayeni lakho.

Qiqa nabantwana bakho. Ziphephe iimpikiswano eziya kukwenza ungabi nokuthenjwa. Amazwi anjengathi, “Andisazi isizathu sokuba uphulaphule lenkunkuma,” asenokushukumisela abaselula ukuba babambelele ngokuqine nangakumbi kukhetho lwabo lobuqu. Ngokufanayo ukwalatha kwindlela yobuqu ethob’ isidima ephila ngayo imvumi kusenokungabi kokweyisayo, ngokukodwa ukuba ayibhekiselwanga emculweni. Omnye umfana wathi: “Ndisuka nje ndicinge ukuba kukuswela ulwazi ngothile ukundixelela ukuba wonke umculo werap awulunganga!”

Ngoko yiba nolwazi ngombandela. Yiqonde oko ikuko imbono kaThixo ngale micimbi. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda ngokukunika iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni ezinikela inkcukacha engakumbi. Zazi izibakala. Yenza kucace ukuba umbandela ngulowo owalathiswa yimigaqo yeBhayibhile ingekuko ukunyanzelisa oko kuthandwa nguwe ebantwaneni bakho.—Efese 6:4.

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Ukuba umKristu uphulaphula umculo othob’ isidima, ngaba unokubacebisa ngenyameko abanye ukuba bawuchase?

[Umfanekiso okwiphepha 11]

Uya kuba ngowonwabe ngakumbi ukuba ukulahla kude oko uYehova akuthiyileyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share