Imbono YeBhayibhile
Iminikelo Yesisa—Ngaba Yimbopheleleko YamaKristu?
KWIMINYAKA nje engaphantsi kweshumi edluleyo, uMbutho wePTL (Praise the Lord [Yidumiseni INkosi]), onekomkhulu elikumzantsi-mpuma weUnited States, wacela iminikelo njengembonakaliso yokuxhasa unqulo. Usebenzisa ijelo losasazo lukamabonwakude neposi, waqokelela amakhulu ezigidi zeerandi, abantu abawanikela kangangokuba azalisa iingxowa zawo—ezazibonakala injongo yazo ikukusasaza ivangeli.
Khawucinge indlela amawaka abantu ababethumele imali kulo Mbutho wePTL awavakalelwa ngayo xa afunda iingxelo zeendaba ezifana neyavela kwiAssociated Press dispatch isithi uJim Bakker, owayesakuba ngumongameli wePTL, kunye nomfazi wakhe, uTammy, “ingxelo ithi bahlawulwa izigidi [ezisisi-R4,7] njengomvuzo wabo nemali eyongezelelekileyo ngowe-1986.” Okubi nangakumbi, le ngxelo yongezelela yathi: “Loo mali yahlawulwa nakubeni obu bulungiseleli babunamatyala ubuncinane azizigidi [ezili-R145] . . . Imali yePTL [engama-R780 000] yayibekelwe bucala ukuze kuvalwe umlomo [uJessica] Hahn ngeentlobano zakhe [zesini] nalo kaBakker.”
Ngaphambi kokumgwebela entolongweni lo kaBakker ngokuqhatha abalandeli bakhe, ijaji eyayichophele ityala lakhe yathi: “Abo banonqulo kuthi bakruqukile kukuba lilifa labashumayeli nabefundisi abanyolukele imali.”
Unqulo alulodwa ekusebenziseni ihlombe ukuze ludlale ngeemvakalelo zabo banikelayo luze ngaloo ndlela luyitye eninzi yaloo mali. Akunto ingaqhelekanga ukuba abo benza ingxowa-mali bazigcinele ngaphezu kwama-90 ekhulwini kwimali abayiqokelelayo.
Ngoko, ngaba kuyamangalisa ukuba abantu babe bayakruquka yimibutho enjalo? Noko ke, afanele enze ntoni amaKristu? Ngaba anembopheleleko yokunikela kule mibutho ilungelelanisiweyo yokunceda abantu? IBhayibhile inikela yiphi imigaqo ukuqinisekisa ukuba imali isetyenziswa ngobulumko xa kuncedwa abanye? Yiyiphi eyona ndlela inempumelelo yokunceda abanye?
Ukupha—Okulungileyo Nokungalunganga
Esiqinisekileyo ngako kukuba, isiluleko seBhayibhile sikukuba masibe nobubele nesisa kwabo basweleyo. Ukususela kumaxesha amandulo abantu bakaThixo bebekhuthazwa ukuba “babe nokwaba okuhle, babe nobudlelane.” (1 Timoti 6:18; Duteronomi 15:7, 10, 11) Enyanisweni, amaKristu axelelwa oku kweyoku-1 kaYohane 3:17: “Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe?”
Ewe, yipha; kodwa lumka! Sisoloko sibongozwa yimibutho enceda abasweleyo, ziinkonzo zonqulo, ngamaphulo okunceda abanye asekuhlaleni aminyaka le; yaye uninzi lwenza izibongozo ezinyanzelisayo. Noko ke, xa uzihlolisisa kuhle ukukhumbula lo mzekeliso weBhayibhile: “Isiyatha sikholwa ngamazwi onke; onobuqili uyakuqonda ukunyathela kwakhe.” (IMizekeliso 14:15) Ngamany’ amazwi, kulumkele ukwamkela amabango nezithembiso zemibutho enceda abantu ungakhange wenze uhlolisiso. Isetyenziswa njani ngokwenene le mali iqokelelwayo? Ngaba imibutho eza kuxhaswa ngemali yileyo umKristu afanele ayixhase? Ngaba izinto ezenzayo zezobupolitika, zezobuhlanga, okanye zinxulumene nonqulo lobuxoki? Ngaba injongo yayo echaziweyo inokuphumelela yaye ayingqubani nemigaqo yeZibhalo?
Eminye imibutho enikela uncedo iyakwazi ukubanceda kakhulu abantu abasweleyo. Xa engamaxhoba eentlekele zokwemvelo okanye ukugula okungaginyisi mathe, amaxesha amaninzi amaKristu aye afumana iingenelo kwimibutho enjalo. Noko ke, eminye imibutho ineendleko eziphakamileyo zolwalathiso okanye amaphulo ayo okunyusa ingxowa-mali adla imali eninzi, yaye umphumo uba kukuba yimali encinane kuphela kuleyo iqokelelwayo esetyenziselwa injongo ebichaziwe. Ngokomzekelo, uhlolisiso lwakutshanje lwemibutho yaseUnited States engenzi ngeniso eli-117, equka imibutho enikela uncedo kwabasweleyo, luye lwafumanisa ukuba ngaphezu kwekota yayo ihlawulwa abalawuli bayo umvuzo wonyaka ongama-R590 000 okanye ngaphezulu. Ukuhlolwa kwemali ngokufuthi kutyhila inkcitho eyenziwe kwizinto zobunewunewu nobomi obutofotofo. Lingakhathaliseki igama lombutho, kunzima ukukholelwa ukuba ukunikela kumalungiselelo anjalo kuzalisekisa umyalelo weBhayibhile wokunceda abo basweleyo.
Imbono Elungeleleneyo
Nangona kungekho namnye ofuna ukuchitha imali yakhe—okanye okubi nangakumbi, ayibone isetyenziselwa ukutyebisa amadoda asebenzela iingenelo zawo zobuqu—kukwakho nemfuneko yokuzilumkela nxamnye nokuba ngogxekayo kumcimbi wokupha. Musa ukusebenzisa ukungabi nabuchule okanye ukunganyaniseki kweminye “imibutho” njengesingxengxezo sokubajongela phantsi abasweleyo okanye ukuvalela iimvakalelo zemfesane. IMizekeliso 3:27, 28 iyaluleka: “Musa ukwala nento elungileyo kolunge nayo, kwakuba kusemandleni esandla sakho ukuyenza. Musa ukuthi kummelwane wakho, hamba, wobuya uze, ndokunika ngomso; kanti unayo.” (Thelekisa eyoku-1 kaYohane 3:18.) Musa ukucinga ukuba yonke imibutho enikela uncedo kwabasweleyo iyisebenzisa kakubi imali okanye iyaqhatha. Hlolisisa izibakala, wandule ukwenza isigqibo sobuqu sokuba uyanikela okanye akunikeli.
Abaninzi bakhetha ukunceda ngokunikela ngokwabo kwabo bantu okanye iintsapho ezisweleyo ngokuthe ngqo. Ngaloo ndlela, abaphayo bayaqiniseka ukuba iminikelo yabo iya kusetyenziswa ngokunempumelelo nangokukhawuleza. Oku kukwavula ithuba lokwakha nokubonakalisa ububele ngamazwi nangezenzo. Kwanokuba akunazinto ziphathekayo zingako onokuphisa ngazo, sekunjalo usenokuba nalo uvuyo lokupha. Xa kwixesha elizayo usiva ngemfuneko yokwenene yoncedo olunjalo, yipha kangangoko unako unomoya ochazwe kweyesi-2 kwabaseKorinte 8:12: “Kuba intumekelelo, ukuba selikho, yamkeleka kakuhle ngokoko asukuba enako umntu, kungabi ngokoko angenako.”
Kwakhona, khumbula ukuba, maxa wambi nokunye okungeyomali kusenokuba luncedo kakhulu. UYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba ‘bahambe, bavakalise, besithi, ‘Ubukumkani bamazulu busondele.’ . . . Namkele ngesisa yiphani ngesisa.’ (Mateyu 10:7, 8) Ngokufanayo namhlanje, amaKristu ayaqonda ukuba ixesha, amandla nemali echithelwa ekuxhaseni ukunikelwa kobungqina ngoBukumkani—obuphucula ubomi buze bunike ithemba—lolona hlobo lubalulekileyo lokunikela ngesisa.
Ngoko ke, imbono yeBhayibhile ikukuba ube nobubele nesisa yaye uphe ngendlela ephumelelayo. Isikhumbuza ukuba uncedo lwezinto eziphathekayo ngokufuthi luyafuneka, yaye loo mfuneko ayifanele ingasiwa so. Kwangaxeshanye musa ukuziva ubophelelekile ukunikela nakubani na nakubo bonke abasenokucela imali yakho. Hlolisisa eyona ndlela ilungileyo onokuyisebenzisa ngayo imali onayo ukuze ukholise uThixo uze unikele olona ncedo lusebenzisekayo kwintsapho yakho nakwabanye abantu. (1 Timoti 5:8; Yakobi 2:15, 16) Xelisa uYesu ngokuba ngonikel’ ingqalelo noziphaphelayo iintswelo zabanye—ezokomoya nezokwenyama. AmaHebhere 13:16 athi: “Ke ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.”