Ukupha Okukholisa UThixo
UYESU nabafundi bakhe babekwisidlo esimnandi eBhetani neqela labahlobo babo, kuquka uMariya, uMarta noLazaro owayesandul’ ukuvuswa ekufeni. Xa uMariya wathabatha amafutha amaninzi anexabiso elikhulu waza wathambisa iinyawo zikaYesu, uYudas Skariyoti wacaphuka. Wakhalaza esithi: “Kutheni le oli yobulawu ibingathengiswa ngeedenariyo ezingamakhulu amathathu [imali engangomvuzo wonyaka] zize zinikwe amahlwempu?” Nabanye bakhalazela into efanayo.—Yohane 12:1-6; Marko 14:3-5.
Noko ke, uYesu waphendula: “Myekeni. . . . Kuba amahlwempu nisoloko nikunye nawo, yaye xa sukuba nifuna ninako ukusoloko niwenzela okulungileyo, kodwa mna anisoloko ninam.” (Marko 14:6-9) Iinkokeli zonqulo zamaYuda zazifundisa ukuba ukunikela amalizo akuyonto ilungileyo nje kuphela kodwa kwakunokwenza ubani ade axolelwe izono. Kwelinye icala, uYesu wakwenza kwacaca ukuba ukupha ngendlela ekholisa uThixo akuthethi ukupha abantu abangamahlwempu izipho nje kuphela.
Ukuqwalasela nje ngokufutshane indlela ekwakulizwa ngayo kwibandla lamaKristu okuqala kuya kubalaselisa iindlela ezithile eziluncedo esinokubonisa ngayo inkxalabo ngabanye size sibaphe ngendlela ekholisa uThixo. Kwakhona kuya kubonisa neyona ndlela ikhethekileyo yokupha eluncedo.
‘Nikelani Izipho Zenceba’
Izihlandlo eziliqela uYesu wakhuthaza abafundi bakhe ukuba ‘banikele izipho zenceba,’ okanye njengoko ezinye iinguqulelo ziliguqulela eli binzana, “ninikele amalizo” okanye “ninikele kwimibutho yokucel’ amalizo.” (Luka 12:33; New English Bible; A Translation in the Language of the People, nguCharles B. Williams) Noko ke, uYesu walumkisa ngokuqhayisa ngenjongo yokuzukisa lowo uphayo kunoThixo. Wathi: “Ngoko ke xa usenza izipho zenceba, musa ukuvuthela ixilongo phambi kwakho, kanye njengoko besenza abahanahanisi kwizindlu zesikhungu nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu.” (Mateyu 6:1-4) Esebenzisa esi siluleko, amaKristu okuqala akuphepha ukuqhayisa nto leyo yayiqhelekile kwiinkokeli zonqulo zelo xesha ezazinamabhongo aza akhetha ukunceda abo basweleyo ngokubanceda ngokobuqu okanye ngokubapha izipho ngasese.
Ngokomzekelo, kuLuka 8:1-3 sixelelwa ukuba uMariya ekuthiwa nguMagadala, uYowana, uSusana nabanye basebenzisa ‘impahla yabo’ ukulungiselela uYesu nabapostile bakhe ngaphandle kokuqhayisa. Nangona la madoda ayengengomahlwempu, ayeyishiyile indlela yawo yokuziphilisa aza anikela ingqalelo ekhethekileyo ekushumayeleni. (Mateyu 4:18-22; Luka 5:27, 28) Ngokuwanceda afeze umsebenzi awayewunikwe nguThixo, enyanisweni aba bafazi bazukisa uThixo. Yaye uThixo wabonakalisa uxabiso ngokuyilondoloza le ngxelo yokunikela kwabo amalizo eBhayibhileni ukuze ifundwe zizo zonke izizukulwana ezizayo.—IMizekeliso 19:17; Hebhere 6:10.
UDorkas naye wayengomnye umfazi onobubele ‘owayephuphuma zizenzo ezilungileyo nezipho zenceba.’ Wayebathungela impahla abahlolokazi ababengamahlwempu ababehlala kwidolophu awayehlala kuyo ekunxweme lwaseYopa. Enoba nelaphu wayelithenga ngokwakhe okanye wayebathungela nje kuphela, asazi. Sekunjalo, ububele bakhe bamenza wathandwa ngabo wayekwazi ukubanceda, kuquka noThixo, owamsikelela ngenxa yemfesane awayenayo.—IZenzo 9:36-41.
Kubalulekile Ukuba Nenjongo Entle
Yintoni eyabenza aba bantu babe nesisa? Yayiyinto engaphezu kwemfesane umntu aba nayo xa ebona omnye ecel’ uncedo. Baziva benyanzelekile ukwenza okwakusemandleni abo suku ngalunye ukunceda abo bangamahlwempu, ababandezelekileyo, abagulayo okanye abanezinye iingxaki. (IMizekeliso 3:27, 28; Yakobi 2:15, 16) Olu luhlobo lokupha olumkholisayo uThixo. Ngokuyintloko lubangelwa luthando olunzulu ngoThixo nomnqweno wokufuna ukumxelisa njengomntu onenceba nesisa.—Mateyu 5:44, 45; Yakobi 1:17.
Umpostile uYohane wabalaselisa le nkalo ibalulekileyo yokupha xa wabuza: “Kodwa nabani na onezinto zokuxhasa ubomi zeli hlabathi aze abone umzalwana wakhe eswele, kodwa azivalele iimfesane zakhe kuye, lungathini na ukuhlala kuye uthando lukaThixo?” (1 Yohane 3:17) Impendulo izicacele. Uthando ngoThixo lubangela abantu babe nesisa. UThixo uyabaxabisa yaye uyabavuza abo babonakalisa umoya wokupha njengaye. (IMizekeliso 22:9; 2 Korinte 9:6-11) Ngaba ukho lo moya wokupha namhlanje? Khawucinge ngoko kuye kwenzeka mvanje kwibandla lamaNgqina kaYehova.
Ikhaya lelinye ibhinqa elingumKristu elalikhulile lalikwinkangeleko embi gqitha. Eli bhinqa lalihlala lodwa yaye lalingenamntu olilungu lentsapho wokulinceda. Ukutyhubela iminyaka, kwakuqhutyelwa iintlanganiso zamaKristu kwikhaya lalo, yaye lalidla ngokumema nabani na ovumayo aze kudla nalo. (IZenzo 16:14, 15, 40) Ebona uncedo olwalufuneka, amalungu ebandla agilana ukuza kunceda. Wambi anikela ngemali, amanye ngamandla awo. Ngeempela-veki nje ezimbalwa, la matsha-ntliziyo afaka uphahla olutsha, alilungisa lalitsha igumbi lokuhlamba, atyabeka aza awupeyinta wonke umgangatho wokuqala, aza afaka iikhabhathi ezintsha ekhitshini. Oku akuzange kuncede nje kuphela eli bhinqa kodwa kwalimanyanisa ibandla kwaza kwabonisa abamelwane umzekelo wokwenene wamaKristu wokupha.
Zininzi gqitha iindlela esinokunceda ngazo abanye. Ngaba sinokuchitha ixesha nenkwenkwe okanye intombazana engenayise? Ngaba sinokumyela ezivenkileni okanye simthungele into ethile umhlolokazi othile owalupheleyo esimaziyo? Ngaba sinokumphekela isidlo okanye sincede umntu othile olihlwempu ngokumhlawulela iindleko ezithile? Akuyomfuneko ukuba side sibe zizityebi ukuze sincede abanye. Umpostile uPawulos wabhala: “Ukuba umntu unolangazelelo kuqala, umnikelo wakhe wamkeleka ngakumbi ngokoko anako, kungekhona ngokoko angenako.” (2 Korinte 8:12) Noko ke, ngaba uThixo usisikelela kuphela xa siphe umntu othile ngokungqalileyo? Akunjalo.
Kuthekani Ngokunikela Uncedo Ngomlinganiselo Omkhulu?
Maxa wambi uncedo oluvela kumntu omnye alwanele. Eneneni, uYesu nabapostile bakhe babenengxowa-mali yamahlwempu, yaye bayamkela iminikelo eyayivela kubantu abanovelwano ababedibana nabo emsebenzini wabo. (Yohane 12:6; 13:29) Ngokufanayo, amabandla enkulungwane yokuqala ayeqokelela imali xa kwakuyimfuneko aze anikele uncedo ngomlinganiselo omkhulu.—IZenzo 2:44, 45; 6:1-3; 1 Timoti 5:9, 10.
Oku kwakhe kwenzeka malunga nowama-55 C.E. Amabandla akwelakwaYuda aswela, mhlawumbi ngenxa yembalela enkulu eyayisandul’ ukubakho. (IZenzo 11:27-30) Umpostile uPawulos, owayesoloko ekhathazeka ngamahlwempu, wacela uncedo kumabandla ayekude aseMakedoni. Ngokwakhe walungiselela ukuba kuqokelelwe imali waza wathumela amadoda avunyiweyo ukuba ayise. (1 Korinte 16:1-4; Galati 2:10) Yena nabanye awayesebenza nabo abazange bahlawulwe ngenxa yalo msebenzi.—2 Korinte 8:20, 21.
Namhlanje amaNgqina kaYehova nawo ayakhawuleza ukunceda xa kukho iintlekele. Ngokomzekelo, kwihlobo lowama-2001, kwanetha izantyalantyala zemvula ezabangela isikhukula esikhulu eHouston, eTexas, eUnited States. Imizi yamaNgqina engama-723 yaba nomonakalo nje ongephi, yaye emininzi yonakala kakhulu. Ngokukhawuleza abadala abafanelekayo abangamaKristu bamisela ikomiti yokunikela uncedo eyakhangela umonakalo yaza yanika amaNgqina asekuhlaleni imali ukuze akwazi ukujamelana nemeko nokulungisa amakhaya abo. Amatsha-ntliziyo asuka kwamanye amabandla awenza wonke loo msebenzi. Elinye iNgqina lalinoxabiso kakhulu ngolu ncedo kangangokuba xa lafumana imali eyayivela kwi-inshorensi ukuze lilungise umonakalo wendlu yalo, kwangoko layithabatha loo mali laza lanikela ngayo kwingxowa-mali yokunceda abanye abasweleyo.
Noko ke, xa sicinga ngemibutho yokucel’ amalizo, sifanele silumke njengoko siqwalasela izicelo ezininzi esizifumanayo. Eminye imibutho yokucel’ amalizo isebenzisa imali eninzi ukwenza lo msebenzi okanye ukunyusa ingxowa-mali yayo, nto leyo ebangela ukuba ibe ncinane gqitha imali eseleyo kweqokelelweyo esetyenziselwa loo njongo. IMizekeliso 14:15 ithi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” Ngoko ke, kububulumko ukuhlolisisa zonke izinto ngokucokisekileyo.
Ukupha Okuphumeza Okona Kukhulu
Kukho uhlobo lokupha olungaphezu kokunikela kumbutho wokucel’ amalizo. UYesu wabhekisa kulo xa umlawuli oselula nosisityebi wabuza ngento afanele ayenze ukuze afumane ubomi obungunaphakade. UYesu wathi: “Hamba uye kuthengisa impahla yakho uze unike amahlwempu yaye uya kuba nobuncwane ezulwini, uze ube ngumlandeli wam.” (Mateyu 19:16-22) Phawula ukuba uYesu akazange athi, ‘Yipha amahlwempu yaye uya kufumana ubomi.’ Kunoko, wongezelela esithi, “Uze ube ngumlandeli wam.” Ngamanye amazwi, nakuba kuncomeka yaye kuyinzuzo ukunikela kwimibutho yokucel’ amalizo, ukuba ngumfundi ongumKristu kubandakanya okungaphezu koko.
Injongo kaYesu eyintloko yayikukunceda abanye ngokomoya. Kungekudala ngaphambi kokufa kwakhe, wathi kuPilato: “Ndizalelwe oku, yaye ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.” (Yohane 18:37) Ngoxa uYesu wayekujonga njengento ebalulekileyo ukunceda amahlwempu, ukuphilisa abagulayo nokondla abalambileyo, ngokuyintloko wabaqeqesha abafundi bakhe ukuba bashumayele. (Mateyu 10:7, 8) Enyanisweni, phakathi kwemiyalelo yakhe yokugqibela kubo wathi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke.”—Mateyu 28:19, 20.
Phofu ke, ukushumayela akusayi kuzicombulula zonke iingxaki zehlabathi. Sekunjalo, ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kwiindidi zonke zabantu kuzukisa uThixo kuba oku kufeza ukuthanda kwakhe yaye kuvula ithuba lokuba abo bamkela isigidimi esivela kuThixo bazuze ngonaphakade. (Yohane 17:3; 1 Timoti 2:3, 4) Kutheni ungawaphulaphuli amaNgqina kaYehova xa ephinde akutyelela? Akuphathele isipho sokomoya. Yaye ayazi ukuba leyo yeyona nto ibalulekileyo anokukupha yona.
[Imifanekiso ekwiphepha 6]
Zininzi iindlela esinokubonakalisa ngazo ukuba siyabakhathalela abanye
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ukushumayela kwethu iindaba ezilungileyo kuyamvuyisa uThixo yaye kuvula ithuba lokuzuza ngonaphakade