IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g93 9/8 iphe. 23-25
  • Ndinokukuphepha Njani Ukwasulelwa NguGawulayo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndinokukuphepha Njani Ukwasulelwa NguGawulayo?
  • Vukani!—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UGawulayo—Ukwahlula Inyaniso Kubuxoki
  • “Kuthekani Ngesini Esikhuselekileyo”?
  • Iingcinezelo
  • Ukusichasa
  • UGawulayo—Ngaba Ndisengozini?
    Vukani!—1993
  • UGawulayo—Indlela Yokumlwa
    Vukani!—1998
  • UGawulayo—Amanqam Kwabeshumi Elivisayo
    Vukani!—1991
  • Ukunceda Abo BanoGawulayo
    Vukani!—1994
Khangela Okunye
Vukani!—1993
g93 9/8 iphe. 23-25

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ndinokukuphepha Njani Ukwasulelwa NguGawulayo?

UKAYE uthi, “Kundenza ndibe nomsindo ukucinga ukuba ndavumela oku kwenzeka. Ukhetho endalwenzayo lundiphulukanise nokhetho endandisenokulwenza kwixesha elizayo.” (Iphephancwadi iNewsweek, ka-Agasti 3, 1992) Kwiminyaka eli-18 ubudala, uKaye waba nentsholongwane kaGawulayo.

UKaye ngomnye wabantu abangaphezu kwesigidi abasulelwa yiHIV eyingozi eUnited States (Human Immunodeficiency Virus)—ntsholongwane leyo abathi oogqirha ibangela isifo esoyikekayo esinguGawulayo.a Ngokwenene akukho namnye owazi ngokuchanileyo ukuba lungakanani ulutsha olwasulelweyo, kodwa ngokucacileyo abantu abaselula baxhalabile. Uhlolisiso lubonisa ukuba kulutsha lwaseBritani, uGawulayo uyeyona ngxaki inkulu. Phezu kwako nje ukuxhalaba okunjalo, Amaziko Okuthintela Izifo aseUnited States athi: “Ngokuqhubekayo kunikelwa ingxelo yokuba uninzi lwabo bafikisayo lubandakanyeke kwiindlela zokuziphatha ezinokuluzisela ingozi yokwasulelwa yiHIV.”

Ngokuthe rhoqo uGawulayo uyabulala, ibe zwenibanzi usasazeka ngemilinganiselo emikhulu. Unokuzikhusela njani?

UGawulayo—Ukwahlula Inyaniso Kubuxoki

Incwadana elungiselelwe ngamaZiko Okuthintela Izifo aseUnited States ithi: “Ukwasulelwa yiHIV akwenzeki ‘ngamabona-ndenzile.’ ‘Akunakuyifumana’ ngendlela ofumana ngayo ingqele okanye umkhuhlane.” Ngoko ke ukudibana okuqhelekileyo kwamihla le namaxhoba kaGawulayo akubonakali kuyingozi. Akunasizathu sakuxhalabela ukufumana uGawulayo kulowo wasulelweyo ofunda naye kuba nje uhlala kufuphi naye. Ekubeni iHIV ingeyontsholongwane ihamba emoyeni, akufanele uxhalabe xa ixhoba likaGawulayo likhohlela okanye lithimla. Enyanisweni, iintsapho zamaxhoba kaGawulayo zibolekisana ngamalaphu okuhlamba, izixhobo zokutya, kwaneebrashi zokuhlamba amazinyo ngaphandle kokuyisasaza le ntsholongwane.b

Oku kungenxa yokuba le ntsholongwane iyingozi ihlala egazini lomntu, kumadlozi okanye kulwelo olukhutshwa lilungu lesini lomntu obhinqileyo. Ngoko ke, kwiimeko ezininzi, uGawulayo udluliselwa ngeentlobano zesini—ubufanasini okanye iintlobano zesini nomntu wesini esahlukileyo.c Kwakhona amaxhoba amaninzi osuleleke ngokusebenzisa kunye iinaliti okanye isirinji, ngokufuthi ekusebenziseni kakubi iziyobisi, kunye nothile owasulelwe yiHIV.d Yaye ngoxa oogqirha besithi le ngozi “phantse ukuba iphelisiwe” ngeendlela ezinamandla zokukhusela, kwakhona uGawulayo unokudluliselwa ngokutofela igazi.

Ngoko nabani na obandakanyeka kwisini sangaphambi komtshato okanye osebenzisa iziyobisi ezitofelwayo nezingekho mthethweni usengozini enkulu yokwasulelwa nguGawulayo. Enyanisweni, lowo usenokuba neentlobano zesini naye usenokukhangeleka engabikwa hlaba. Kodwa incwadana ethi Voluntary HIV Counseling and Testing: Facts, Issues, and Answers isikhumbuza oku: “Akunakumjonga nje umntu ube sele ugqiba enoba wasulelwe yiHIV. Uthile unokukhangeleka aze azive engabikwa hlaba ibe sekunjalo abe enayo. Ngenxa yesi sizathu, inkoliso yabantu abasulelwe yiHIV abazazi ukuba banayo.”

“Kuthekani Ngesini Esikhuselekileyo”?

Ngoko ke, abasebenzi nabafundisi bezempilo abaninzi bakhuthaza ukuba kusetyenziswe iicondom.e Ezentengiso kumabonwakude, izibhengezo ezixhonyiweyo kwanezifundo esikolweni ziye zasasaza ingxelo yokuba ukusetyenziswa kwesi sixhobo sokuthintela ukukhawula kubangela ukuba isini sibe ‘sesikhuselekileyo’—okanye ubuncinane “sikhuseleke ngakumbi.” Zimbi izikolo zide zasasaza iicondom kubafundi. Lukhuthazwa bobo buxoki busasazekileyo, ulutsha oluninzi ngakumbi luyazisebenzisa.

Naxa kunjalo, sinqabiseke kangakanani “isini esikhuselekileyo”? Incwadana ebhalwe ngumbutho Womnqamlezo Obomvu waseMerika ithi: “Iicondom zinokuwaphucula amathuba onawo okuthintela ukwasulelwa.” Kodwa ngaba ubuya kuziva unqabisekile ukuba nje kuphela ‘ubuphucule amathuba onawo’ okuthintela isifo esingqineka sibulala ngokuthe rhoqo? AmaZiko Okuthintela Izifo aseUnited States ayavuma: “Iilatex condom zichazwe njengezo zinceda ekuthinteleni ukwasulelwa yiHIV nezinye izifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini . . . Kodwa azikhuselekanga kwaphela.” Eneneni, zinokuqhawuka, zikrazuke okanye ziphume ebudeni beentlobano zesini. Ngokutsho kweTime, iicondom “zinokusilela ngomlinganiselo ophakathi kwe-10 ne-15 ekhulwini”! Ngaba ubuya kubeka ubomi bakho engozini phezu kwawo nje umlinganiselo ophakame ngolo hlobo ezisilela ngawo? Yaye okubi ngakumbi kukuba, eUnited States lungaphantsi kwesiqingatha ulutsha olubandakanyeka kwiintlobano zesini olusebenzisa iicondom.

Ngaloo ndlela lifanelekile eli cebiso likwiMizekeliso 22:3 elithi: “Onobuqili ubona into embi, azifihle; ke zona iziyatha ziya kugqitha kuyo, zihlawuliswe.” Enye yezona ndlela zibalaseleyo zokuphepha ukuba noGawulayo kukuzikhwebula ngokupheleleyo ekusebenziseni kakubi iziyobisi nasekuziphatheni kakubi ngokwesini. Ngaba kulula ukukuthetha oko kunokukwenza? Abaninzi bavakalelwa ngaloo ndlela, ingakumbi xa kucingwa ngeengcinezelo ezingamandla ulutsha olujamelene nazo.

Iingcinezelo

Ebudeni bexesha lokuba ‘sentlahleni,’ iminqweno yesini ibakho ngamandla. (1 Korinte 7:36) Ngoku, yongezelelwa yimpembelelo kamabonwakude kunye nemifanekiso eshukumayo. Ngokutsho kolunye uhlolisiso, mihla le ulutsha lubukela umabonwakude isithuba esingaphezu kweeyure ezintlanu—uninzi lwezinto oluzibukelayo zibonisa isini ngokuphandle. Kodwa kweli lizwe lobuxoki likamabonwakude ukuba neentlobano zesini akunamiphumo. Olunye uhlolisiso lwabonisa ukuba kumabonwakude waseUnited States “izibini ezingatshatanga ezinesini esahlukileyo zibandakanyeka kwiintlobano zesini izihlandlo ezine ukusa kwezisibhozo ngakumbi kunamadoda nabafazi abatshatileyo. Akufane kuthethwe ngeendlela zokuthintela ukukhawula okanye zisetyenziswe, kodwa kunqabile ukuba amabhinqa akhulelwe; kunqabile ukuba amadoda namabhinqa abe nezifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini ngaphandle kokuba ngoonongogo okanye amafanasini.”—IZiko Eliphanda Ngezinto Ezithandwa Ngabantu.

Ngaba ngokwenene ukubukela gqitha iinkqubo ezinjalo kunokuyichaphazela ihambo yakho? Kunjalo, ngokutsho komgaqo weBhayibhile okumaGalati 6:7, 8: “Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona; ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni.” Olunye uhlolisiso olwenziwa kulutsha olungama-400 lwafumanisa ukuba “abo babukela iinkqubo zikamabonwakude ‘ezivuselela isini’ ngomlinganiselo ophakamileyo kunokwenzeka ukuba babandakanyeke kwiintlobano zesini ngakumbi kunabo bazibukela ngomlinganiselo omncinane.”

Enye impembelelo enamandla yingcinezelo yoontanga. Okwishumi elivisayo ogama linguDavid uyavuma: “Ndandifuna iqela lolutsha endandinokuba ngolungeleleneyo kulo, ibe oko kunzima. Izihlandlo ezininzi ndandizifaka engozini yokwenene . . . Ndafunyaniswa ukuba ndinoGawulayo.” Ngokukwanjalo, ngokufuthi ulutsha lwamaxesha okubhalwa kweBhayibhile lwaluchanabeke kwingcinezelo yoontanga. Lithini icebiso leBhayibhile mayela noku? Umbhali weMizekeliso wathi, “Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda, uze ungavumi ke.”—IMizekeliso 1:10.

Ukusichasa

Abo bakhuthaza “isini esikhuselekileyo” babonisa ukuba akunto isengqiqweni ukuzikhwebula ngokupheleleyo kuso. Kodwa ekugqibeleni, ngaba ngokwenene kuyanceda ukukubetha ngoyaba ukuziphatha okubi? Omnye okwishumi elivisayo uyavuma ukuba oku kwenza nje ulutsha ludideke esithi: “Basixelela ukuba masisichase isini ibe kulungile ukuziphatha kakuhle nokuba nyulu. Kwangaxeshanye, basasaza [iicondom] baze basixelele indlela esinokubandakanyeka ngayo kwisini ngaphandle kokuvuzwa ngemiphumo emibi.”

Musa ukuba lixhoba lokudideka okunjalo ngokokuziphatha. IBhayibhile—nangona isenokubonakala iphelelwe lixesha—ikubongoza ukuba uyiphephe ihambo enokukufaka engozini yokwasulelwa nguGawulayo. Ukuba uthobela umyalelo weBhayibhile ‘wokuzila igazi,’ awunakuze wasulelwe nguGawulayo ngokutofela igazi. (IZenzo 15:29) Thobela isalelo seBhayibhile nxamnye ‘neziyobisi’ yaye akuyi kubakho mfuneko yokuba woyike ukwasulelwa ngenaliti enesifo. (Galati 5:20; ISityhilelo 21:8; The Kingdom Interlinear) Umthetho weBhayibhile wokuziphatha kakuhle ngokwesini uya kukukhusela ngakumbi. IBhayibhile iyayalela, “Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba.” (1 Korinte 6:18) Amanqam abangelwa nguGawulayo agxininisa ubulumko baloo mazwi.

Ulutsha ‘lunokukubaleka’ njani ukuziphatha okubi? Kangangeminyaka amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza . . .” aye anikela amacebiso amaninzi asebenzisekayo, afana nokwenza amadinga abantu bengamaqela, ukuphepha iimeko ezinokukwenza ulalanise (njengokuba wedwa kunye nothile wesini esahlukileyo endlwini okanye kwigunjana okanye kwinqwelo-mafutha emisiweyo), ukuzibekela imilinganiselo yokubonakalisa uthando, ukuphepha ukusebenzisa isiselo esinxilisayo (ngokufuthi esibangela ubani angazijongi izinto ngendlela efanelekileyo), kwanokuchasa ngokungqongqo ukuba imeko iqalisa ukunenza nithabatheke ngokwesini.f Nokuba sekumnyam’ entla ungaze uvumele nabani na akunyanzelele kwihambo eyingozi kungekuphela nje ngokwasemzimbeni kodwa eyonakalisayo ngokomoya. (IMizekeliso 5:9-14) Ibhinqa eliselula elibizwa ngokuba nguAmy ekucatshulwe amazwi alo kwinqaku leNewsweek labuza, “Ngaba ufuna ukunikela ubomi bakho ezandleni zomnye umntu?” Wasulelwa yinkwenkwe athandana nayo ngeHIV ngaphambi kokuba aphumelele kumabanga emfundo ephakamileyo. Ngokufutshane ubuza oku: “Ngaba loo nkwenkwe okanye loo ntombi ilunge kangangokuba ungade uyifele? Andiqondi.”

[Imibhalo esemazantsi]

a Bona inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . UGawulayo—Ngaba Ndisengozini?” elikwakule nkupho kaVukani!

b Owayesakuba ngugqirha wesizwe waseUnited States uGqr. C. Everett Koop waphendula abo babethandabuza ngokuthi: “Ingxelo yokuqala yamaxhoba kaGawulayo yanikelwa kweli lizwe ngowe-1981. Xa kungoku, besimele ukuba sesisazi enoba uGawulayo wadluliselwa ngokudibana okuqhelekileyo nokungekho ngokwesini.”

c Oku kuquka iintlobano zesini ezenziwa emlonyeni nezenziwa ezimpundwini.

d Ngokubhekele phaya amaZiko Okuthintela Izifo aseUnited States alumkisa ngelithi: “Ukuba uceba ukugqobhoza iindlebe zakho . . . , qiniseka ukuba uya emntwini oyingcali yokwenza oko osebenzisa izixhobo ezitsha kraca okanye ezikhutshwe iintsholongwane. Musa ukuba neentloni zokumbuza imibuzo.”

e Iphephancwadi iFDA Consumer lithi: “Icondom sisingxobo esigquma lonke ilungu lesini lendoda. Ikhusela kwiiSTD [sexually transmitted diseases (izifo ezidluliselwa ngesini)] ngokuthi isebenze njengesithintelo, okanye udonga, ukuze amadlozi, igazi nolwelo oluphuma kwilungu lesini lomntu obhinqileyo zingadluleli komnye umntu.”

f Ngokomzekelo, bona inqaku likaMeyi 8, 1986; Meyi 8, 1989 nelikaMeyi 8, 1992 eenkupho zikaVukani! athi “Abantu Abaselula Bayabuza . . .”

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Ukuyekelela kwingcinezelo engokwesini kunokukhokelela kuGawulayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share