Luhlobo Luni Lwehlabathi Olifunayo?
UKUBA ubunamandla, ngaba ubungadala ihlabathi elitsha, ihlabathi elingenazo zonke iingxaki ezithwaxa abantu namhlanje? Ukuba ubungenjenjalo, akukho ngqiqweni na ukulindela ukuba uMdali wethu oluthando, uYehova uThixo, onamandla, uya kudala ihlabathi elitsha lobulungisa?
IBhayibhile ithi: “Ulungile uYehova kubo bonke, imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe. Uyasivula isandla sakho, uzihluthise [“wanelisa umnqweno wayo yonke,” NW] iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.” (INdumiso 145:9, 16) Ziziphi ezinye zezinto ozinqwenelayo? Hlobo luni lwehlabathi olilangazelelayo?
Kwincwadi yabo iA Sane and Happy Life: A Family Guide, uAbraham noRose Franzblau babhala oku: “Ukuba besinokuhlolisisa uluvo lwabemi behlabathi size sibuze abantu ngohlobo lwehlabathi sonke esingathanda ukuphila kulo, phantse kunokwenzeka ukuba sonke besingavumelana ngeemfuneko ezithile ezimbalwa.”
Makhe sihlolisise ezi mfuneko zadweliswa ngaba gqirha size sibone enoba asizozinto ezifanayo kusini na nezo uzifunayo wena. Njengoko sisenjenjalo, siza kubona kwakhona enoba uMdali wethu oluthando uthembisile kusini na ukuzizisa ezi zinto.
Imfuneko Yokuqala
Entloko kuludwe lwabo aba gqirha babhala “ihlabathi elingenamfazwe.” Emva kokubandezeleka ngenxa yeemfazwe ezimanyumnyezi eziliqela, abaninzi balangazelela ihlabathi elinabantu abangasokuze baphinde balwe baze babulalane. Ithemba labo libonakala kumbhalo oseludongeni kwiSakhiwo seZizwe Ezimanyeneyo kwisiXeko saseNew York, ofundeka ngolu hlobo: ZIYA KUKHANDA AMAKRELE AZO ABE NGAMAKHUBA. NEMIKHONTO YAZO IBE NGAMAGWEGWE OKUTHENA IZITYALO: UHLANGA ALUYI KUPHAKAMISELA UHLANGA IKRELE. ZINGASAYI KUPHINDA ZIFUNDE IMFAZWE.
Ubusazi na ukuba loo mazwi ayinxalenye yedinga elenziwa nguYehova uThixo? Loo mazwi abhalwe kwiBhayibhile Engcwele kuIsaya isahluko 2, indinyana 4, kwiKing James Version. Kanjalo ngokufunda INdumiso 46:8, 9, uya kubona ukuba kuyinjongo kaThixo ukutshabalalisa zonke izixhobo ‘nokuphelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi.’ Kwihlabathi elinoxolo nelingenamfazwe elenziwe nguThixo, kuya kuzalisekiswa esi siprofeto sivuyisayo seBhayibhile: “Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo.”—Mika 4:4.
Ngaba kolwakho uludwe ubungayi kulifaka “ihlabathi elingenamfazwe” njengemfuneko esisiseko yohlobo lwehlabathi olifunayo? Ibe khawufan’ ucinge nje, uMdali wethu Ozukileyo uthembise olo hlobo lwehlabathi!
Ihlabathi Elinentabalala
Yiyiphi into yesibini obungathi iyimfuneko? Ngaba ibingayileyo ifana neyesibini echaziweyo, “ihlabathi ekungalanjwayo kulo, apho indlala nokuswela izinto kungayi kubakho ngonaphakade”? Ngaba bekungayi kuba kuhle ukuba bekungasokuze kuphinde kubekho mntwana ulambayo? Ngokuqinisekileyo ungathanda ukuphila kwihlabathi elinentabalala. Kodwa ngubani onokuqinisekisa oku?
Qwalasela oko uThixo akuthembisayo: “Umhlaba uyivelisile indyebo yawo.” “Makubekho intabalala yengqolowa ezweni.” (INdumiso 67:6; 72:16) Ewe, kwihlabathi elitsha likaThixo, kuya kubakho intabalala yokutya okumnandi. IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uYehova “[ngokuqinisekileyo, NW] uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo . . . isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sezinto ezityebileyo ezinomongo.”—Isaya 25:6.
Ngoxa abantu bona bengasokuze bakwazi ukuzisa ihlabathi ekungalanjwayo kulo, ngamandla akhe uThixo yena unako ukulizisa. UNyana wakhe, uYesu Kristu wabonisa ukuba ukulungiselela bonke abantu ukudla akuyi kuba yingxaki kuBukumkani bukaThixo. Xa wayesemhlabeni, uYesu wondla amawaka-waka ngokuthi ngokungummangaliso andise izonka neentlanzi ezimbalwa.—Mateyu 14:14-21; 15:32-38.
Ihlabathi Elingenakugula
Akunakubona mntu ugulayo naphi na kuhlobo lwehlabathi sonke esilifunayo. Ngoko imfuneko yesithathu ayimangalisi. Aba gqirha babhala, “Ingalihlabathi elingenazifo, ihlabathi ekuya kuthi kulo bonke babe nethuba lokukhula besempilweni baze baphile ubomi babo bonke bengakhathazwa zizigulo ezithintelekayo nezinyangekayo.”
Cinga ngesiqabu esingakho ukuba bekungekho bani unokuze angenwe ngumkhuhlane okanye nakuphi na okunye ukubandezeleka! Abantu abanako ukukususa ukugula, kodwa uYehova uThixo unako. Kwaye uthembisa ukuba kwihlabathi lakhe elitsha “akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.” Kunoko, “[ngelo xesha, NW] aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge.” (Isaya 33:24; 35:5, 6) Ewe, uThixo uya “[kuzisula] zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu.”—ISityhilelo 21:4.
Xa uYesu Kristu wayesemhlabeni, wabonisa oko sinokukulindela ngomlinganiselo omkhulu kwihlabathi elitsha likaThixo. Wabuyisela ukubona kwiimfama, wavula iindlebe zezithulu, wakhulula ulwimi lwezimumu, wanceda iziqhwala zakwazi ukuhamba, wade wabuyisela nabafileyo ebomini.—Mateyu 15:30, 31; Luka 7:21, 22.
Umsebenzi Owanelisayo Nokusesikweni Kubo Bonke
Alithandabuzeki elokuba, umsebenzi owanelisayo nokusesikweni kubo bonke bekungakho kwihlabathi olifunayo wena yaye phantse nabo bonke abanye. Ngoko aba gqirha babhala: “Okwesine, ibingaba lihlabathi elinomsebenzi ukwenzela abo banqwenela ukuziphilisa ukuze bazinyamekele bona neentsapho zabo.” Yaye bongezelela oku: “Okwesihlanu, ibingaba lihlabathi apho wonke umntu ebenganandipha inkululeko elawulwa ngumthetho, kukho okusesikweni kubo bonke.”
Ulawulo lwabantu aluzange lube nako ukwanelisa ezi mfuneko ukuze kuphilwe ngolonwabo. Kodwa ihlabathi elitsha likaThixo liya kwenjenjalo. Ngokuphathelele umsebenzi ozisa iingenelo oya kwenziwa ngabantu ngelo xesha iBhayibhile ithembisa oku: “[Ngokuqinisekileyo, NW] baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. . . . Badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam. Abayi kuzixhamla ngokulambathayo.”—Isaya 65:21-23.
Kuthekani ngenkululeko nokusesikweni kubo bonke? Kungakhathaliseki indlela abaye bazama ngokunyaniseke ngayo abalawuli babantu, boyisakele ukunika wonk’ ubani ezi zinto. Okungekho sikweni nokucinezelwa kusaqhubeka kugquba ehlabathini lonke. Ngoko abantu abanakuze bayanelise le ntswelo. Kodwa uThixo onguSomandla unako. UMlawuli wakhe ammisileyo nguYesu Kristu owavuswayo, yaye uYehova uthi ngaye: “Umnyulwa wam, okholwa nguye umphefumlo wam. . . . Uya kukuphumelelisa okusesikweni ezintlangeni.”—Isaya 42:1; Mateyu 12:18.
Ewe, iBhayibhile ithembisa ukuba kuBukumkani bukaThixo “nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.” (Roma 8:21) Elinjani lona ukonwabisa elo hlabathi xa kukho inkululeko nokusesikweni kubo bonke!
Amathuba Nexesha
Ngokuqinisekileyo kuhlobo lwehlabathi olifunayo, bonke abemi bebenganandipha amathuba alinganayo enoba ngabasiphi na isizwe okanye uhlanga. Ngoko ke, akumangalisi ukuba imfuneko engephi yesithandathu edweliswe ngaba gqirha ibe yile: “Ibingaba lihlabathi ekuya kuthi kulo wonke umntu abe nethuba lokuvelisa ngokupheleleyo ubuchule neziphiwo zakhe, aze avuzwe ngemizabalazo yakhe, ngaphandle komkhethe.”
Abantu abazange bakwazi ukumisela ihlabathi apho bonke abantu banandipha impatho entle. Umkhethe kwanokutshutshiswa kwamagcuntswana angathandwayo kuye kwaqhubeka ngaphandle kokuthintelwa. Noko ke, uKumkani wehlabathi elitsha likaThixo, uYesu Kristu, uya kuxelisa umzekelo kaYehova, uYise, “ongakhethi buso, ongamkeli sicengo.” (Duteronomi 10:17; Roma 2:11) Okuya kwenza ihlabathi elitsha elizayo libe lelimangalisayo kukuba bonke abantu abayi kufundiswa nje kuphela ukuba baxelise ukungakhethi buso kukaYehova uThixo kodwa baya kukuqhelisela oko.—Isaya 54:13.
Ngokufuthi abantu baye bachithela ubomi babo kumsina-ndozele ongaphele ndawo womsebenzi onganiki siqabu kangako. Ngoko ngokuqinisekileyo uya kuvumelana nemfuneko engephi elandelayo, eyile: “Okwesixhenxe, ibingaba lihlabathi ekuya kuthi kulo bonke abantu babe nexesha elaneleyo lokunandipha ezo zinto bazigqala njengezinto ezilungileyo ebomini.”
Njengoko esazi ukuba abantu bayakufuna ukuphumla nokukhe bathi khebevu, uYehova uThixo walenza ilungiselelo kuMthetho wakhe wamandulo lokuba veki nganye kubekho usuku lokuphumla. (Eksodus 20:8-11) Ngoko ke, sinokuqiniseka ukuba kwihlabathi lakhe elitsha, uThixo uya kuqinisekisa ukuba intswelo yethu yokukhe sithi khebevu neyeentlobo ezihlaziyayo zokuzihlaziya iyaneliswa.
Uhlobo Lwabemi
Into yokugqibela eyimfuneko echazwe ngaba gqirha ichaza iimpawu abanazo abo banokuba ngabemi “kuhlobo lwehlabathi sonke esingathanda ukuphila kulo.” Khawuqinisekise enoba wena akuzigqali zibalulekile kusini na iimpawu abazidwelisileyo. “Okwesibhozo, ibingaba lihlabathi ekuya kuthi kulo eyona nto ibalaseliswayo ibe ziimpawu ezahlula umntu kwizidalwa ezingaphantsi kwakhe, njengobukrelekrele nokuyila izinto, imbeko nengqibelelo, uthando nokunyaniseka, ukuzihlonela nokungazingci nokuxhalabela abantu aphila phakathi kwabo.”
Ngaba ubungenakunandipha ukuphila kwihlabathi apho wonk’ ubani ebonakalisa iimpawu zokuziphatha zengqibelelo, uthando, ukunyaniseka, ukungazingci nokuxhalabela abantu aphila phakathi kwabo? Ngokuqinisekileyo olu luhlobo lwehlabathi olifunayo! Akukho balawuli babantu banokuze bakwenze oku. NguYehova uThixo kuphela onako. Kwaye uya kwenjenjalo ngenxa yokuba ihlabathi elitsha lakhe asilophupha elingekho ngqiqweni, ingekuko nokuza kukaNxele.—INdumiso 85:10, 11.
Liza Kufika Nini?
Njengokuba kuphawuliwe kwinqaku elandulelayo, iqabane elisenyongweni likaYesu Kristu labhala oku: “Ngokwedinga [likaThixo] silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) Njengoko uYesu watshoyo, ixesha lokuzalisekiswa kweli dinga liya kuba ‘sekuzalweni okutsha [“ekudalweni ngokutsha,” NW], xa uNyana woMntu ehleli phezu kwetrone yozuko lwakhe.’—Mateyu 19:28.
Ntlandlolo uThixo wayalela uAdam noEva, isibini sokuqala esingabantu, ukuba bandise umyezo oyiParadisi awayebabeke kuwo. Wayefuna ukuba bazale abantwana baze ndawonye nabo benze wonke umhlaba ube ngumyezo omhle wase-Eden. (Genesis 1:26-28; 2:7-9, 15) Nangona uAdam noEva bengazange bayiphumeze le njongo, kuya kubuyiselwa iParadisi yasemhlabeni ekudalweni ngokutsha, xa uKristu elawula eBukumkanini. Ekugqibeleni, iimeko ezinjengezase-Eden ziya kubakho emhlabeni wonke. Ngaloo ndlela uMdali wethu oluthando uya kuyizalisekisa injongo yakhe yantlandlolo yokuba nehlabathi elinoxolo nobulungisa. Kodwa liya kufika nini?
Ngaba nawe ucinga njengabaninzi abathi, ‘Mhm, liza kufika ngaminazana ithile kodwa kungekhona kumhla wethu.’ Noko ke, wazi njani? Kungenzeka na ukuba ixesha lethu lokubandezeleka okungazange kubonwe ehlabathini lingumqondiso wokuba ihlabathi elitsha likaThixo alifikanga ligalelekile? Sinokwazi njani?
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Kwihlabathi elitsha, kuya kubakho uxolo, impilo egqibeleleyo nempumelelo
[Inkcazelo]
Cubs: Courtesy of Hartebeespoortdam Snake and Animal Park
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Kwihlabathi elitsha, abantu baya kunandipha umsebenzi onemveliso
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Kwihlabathi elitsha, kuya kubakho ixesha lokuzihlaziya