Ukunyamekela Abazali Abalupheleyo
“NDANDIXAKEKA imini nobusuku, kodwa ndandisavakalelwa kukuba oko kwakulilungelo.” Leyo yindlela omnye umfazi awakuchaza ngayo ukunyamekela unina owalupheleyo. Kulo mfazi, nakwabanye abaninzi, ukunyamekela abazali abalupheleyo kungamava amyoli.
Kwakhona kuya kusiba yinto exhaphake ngakumbi. Kuthiwa elona qela landa ngokukhawuleza eUnited States ngabantu abaneminyaka engaphezu kwama-75. Ngowe-1900, amaMerika angaphantsi kwesigidi ayeneminyaka engama-75 okanye ngaphezulu. Ngowe-1980 phantse azizigidi ezilishumi ayengaphezu kweminyaka engama-75. Abantu abakhulileyo baphila ithuba elide, yaye malunga nomntu omnye kwabathathu kwabo baneminyaka engama-85 okanye ngaphezulu bafuna uncedo ngokuthe rhoqo.
Ngoxa ukubanyamekela kusenokuba ngamava anomvuzo, kukwabangela uxinezeleko. Ukuba omnye okanye bobabini abazali bakho baluphele yaye kufuneka ubanyamekele, usenokufumanisa iinkalo ezithile zinzima. Ukubabukela besiba nempilo engentle ngokuqinisekileyo kukwenza buhlungu. Yaye ukuba ufumana uncedo oluncinane okanye akulufumani kwaukulufumana kwamanye amalungu entsapho, ngoko usala nomthwalo omkhulu wokubanyamekela.
Kwakhona usenokufumanisa ukuba nokuba umdala kangakanani na, akuze uzive ukhulile xa ukunye nabazali bakho. Basenokutyekela ekukuphatheni njengomntwana, yaye nawe usenokutyekela ekwenzeni izinto njengomntwana. Ukungaxhaswa ngokweemvakalelo ngabahlobo kusenokongezelela uxinezeleko ekubanyamekeleni.
Sekunjalo, ucelomngeni lokubanyamekela alumele luphazamisane nokulondoloza kwakho ulwalamano olusondeleyo nabazali bakho. Ngokucacileyo iZibhalo ziyalela abantu abakhulu ukuba “ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo.” Kwelinye icala, “omgxothayo unina, ngunyana owenza okuziintloni, ongcikivayo.”—1 Timoti 5:4; IMizekeliso 19:26.
Ukuhlonela uThixo okubonakaliswa ngokunyamekela abantu abalupheleyo kunokuba ngamava avuyisayo. Kodwa kuqala, umele wazi olona ncedo abazali bakho balufunayo kuwe. Amanqaku alandelayo asenokukunceda uzibone uze uzanelise ezo ntswelo. Yaye ngoxa la manqaku exubusha ngoko kunokwenziwa ekhaya, kuyaqondakala ukuba kwezinye iimeko, ngenxa yempilo enkenenkene gqitha okanye ukwaluphala kakhulu, umzali usenokufuna uncedo lweengcali, njengolo lufumaneka kwikhaya lokunyamekela abantu abalupheleyo.