‘Wakhumbula UMdali Wakhe Ngemihla Yobutsha Bakhe’
ADRIAN wayesoloko etsala ingqalelo enkulu yabazali,” watsho njalo uyise. “Xa wayeneminyaka emine ubudala watshayisa umthi ngenqwelo-mafutha yentsapho, ebangela wonk’ ubani afike emva kwexesha kwiintlanganiso zebandla. Xa wayeneminyaka emihlanu ubudala waqokelela amasele amaninzi waza wawazisa endlwini. Kwathabath’ iintsuku ukuze sahlukane nawo. Sasiziva ngathi siyintsapho yamaYiputa ngexesha lesibetho samasele esiseBhayibhileni.
“Xa wayeneminyaka eli-11 ubudala, wachola ii-raccoon ezintathu ecaleni kohola wendlela waza waya nazo esikolweni ezifake kwibhegi yakhe yeencwadi. Xa umfundisi-ntsapho wafikayo, kwakusisiphithiphithi nje kuloo klasi—abantwana babengungelene ebhegini ka-Adrian yeencwadi, bethethela phezulu ngenxa yemincili. Umfundisi-ntsapho wajonga apho, wabona ii-raccoon waza wamkhwelisa kunye nazo kwinqwelo-mafutha wazisa kwindawo yokunyamekela izilwanyana eziziinkedama. UAdrian wayegixa xa ecinga ngokuphulukana kwakhe nabo bantwana bakhe, kodwa emva kokuba ekhenkethe kweso sakhiwo waza wabona amantshontsho empungutye nezinye iinkedama zinyanyekelwa kakuhle, wazishiya apho ii-raccoon zakhe.”
Uyise waqukumbela ngelithi: “UAdrian wayengeyonkwenkwe iqaqadekileyo. Nto nje wayesisiquququ. Wayenengqondo ekrelekrele eyayisenza ubomi bubangel’ umdla.”
Unina ka-Adrian wachaza ezinye iimpawu zakhe—inkwenkwe ethanda intsapho yakowayo, esoloko ihleli ekhaya, nenothando gqitha. Uyabalisa: “Abantwana afunda nabo bamchaza njengowayengakhathazi nabani na. Enye intombazana ethile eklasini yakhe yayithabatha kade ngengqondo nangona yayingaguli ngengqondo. Yayikhwela noAdrian kuduladula oya esikolweni. Abanye abantwana babeyihleka, kodwa unina wasixelela ukuba uAdrian wayesoloko eyiphatha ngentlonelo nangobubele obukhethekileyo. Wayezithabatha nzulu izinto—inkwenkwe enolwazelelelo gqitha eneemvakalelo ezinzulu engazivakalisi rhoqo. Kodwa xa ezivakalisa, wayesimangalisa ngamagqabaza awayebonisa indlela azijonga nzulu ngayo izinto.”
Ekuchazeni unyana wakhe waqukumbela ngelithi: “Isigulo sakhe samenza waqola ngokukhawuleza saza savelisa ubumoya obunzulu kuye.”
Wayengaguquguquki—Wayengalifuni Igazi!
Isigulo sakhe? Ewe. Saqalisa ngoMatshi 1993, xa uAdrian wayeneminyaka eli-14 ubudala. Kwafunyanwa ithumba elalikhula ngokukhawuleza esiswini sakhe. Oogqirha babefuna ukulisusa kodwa babesoyikela ukuba angopha kakhulu baza bathi kusenokufuneka atofelwe igazi. UAdrian akazange avume. Wayengaguquguquki. Ethe gwantyi iinyembezi, wathi: “Andinakuzihlonela ukuba ndithiwe igazi.” Yena nentsapho yakowabo babengamaNgqina kaYehova, abangalwamkeliyo utofelo-gazi ngokusekelwe eBhayibhileni kwiLevitikus 17:10-12 nakwiZenzo 15:28‚ 29.
Ngoxa wayekwiZiko Lokunyanga Abantwana likaGqr. Charles A. Janeway, eSt. John’s, eNewfoundland, elindele utyando lokususwa kwelo thumba—olwaluza kwenziwa ngaphandle kwegazi—uAdrian wacelwa ngugqirha osisazi ngamathumba uGqr. Lawrence Jardine ukuba akhe achaze lo mbandela wegazi.
UAdrian wathi: “Akukhathaliseki enoba abazali bam bebengamaNgqina kaYehova okanye bebengengawo. Bendingasayi kulamkela igazi.”
UGqr. Jardine wabuza, “Ngaba uyaqonda ukuba ungafa ukuba akulamkeli utofelo-gazi?”
“Ewe.”
“Yaye ngaba ukulungele ukwenza oko?”
“Ukuba kufuneka kube njalo.”
Unina, owayekho naye, wabuza, “Kutheni usenza esi sigqibo?”
UAdrian waphendula: “Mama, akubobulumko oku. Ukungathobeli uThixo ndize okwangoku ndandise ubomi bam ngeminyaka embalwa ndize ngenxa yokungamthobeli kwam uThixo ndiphulukane novuko nokuphila ngonaphakade kumhlaba wakhe oyiparadisi—bubudenge!”—INdumiso 37:10, 11; IMizekeliso 2:21‚ 22.
Olo tyando lokususwa kwethumba lwenziwa ngoMatshi 18. Lwatyhila ukuba uAdrian wayenethumba elikhulu kwizicwili zelymphoid. Utyando olwalandelayo kumongo emathanjeni lwaqinisekisa ukuba wayeneleukemia ekwakusoyikelwa ukuba unayo. UGqr. Jardine ngoku wachaza ukuba inkqubo yonyango ngemichiza ebuhlungu gqitha notofelo-gazi yayikuphela kwendlela uAdrian awayenokuphila ngayo. Noko ke, uAdrian akazange alwamkele utofelo-gazi. Unyango ngemichiza lwaqaliswa, ngaphandle kotofelo-gazi.
Noko ke, njengokuba unyango lwalukweli nqanaba linzima, kwakukho uloyiko lokuba iSebe Lentlalo-ntle Yabantwana lalisenokungenelela lize lifumane umyalelo wenkundla wokumenzela isigqibo negunya lokunikela utofelo-gazi. Umthetho wawuvumela nabani na oneminyaka eli-16 ubudala okanye ngaphezulu ukuba azenzele isigqibo ngonyango. Ekuphela kwendlela yokuba nabani na ongaphantsi kweminyaka eli-16 ubudala abe nelo lungelo yayikukuba abekwe kudidi labantwana abaqolileyo.
KwiNkundla Ephakamileyo YaseNewfoundland
Ngoko ke ngentsasa yangeCawa, ngoJulayi 18, umalathisi olibambela weNtlalo-ntle Yabantwana wafaka isimangalo enkundleni ukuze afumane ilungelo lokumenzela isigqibo. Ngokukhawuleza, igqwetha elibalaseleyo nelihlonelwa kakhulu, uDavid C. Day, Q.C., waseSt. John’s, eNewfoundland, waqeshelwa ukumela uAdrian. Ngaloo mva-kwemini, nge-3:30, iNkundla Ephakamileyo yaseNewfoundland yahlanganisana, isonganyelwa yiJaji uRobert Wells.
Ebudeni bentlanganiso yangaloo mva-kwemini, uGqr. Jardine wakwenza kwacaca kwijaji ukuba wayemgqala uAdrian njengomntwana oqolileyo oweyiseke ngokunzulu ukuba akafuni kusetyenziswe gazi kuye nokuba, yena Gqr. Jardine, uthembise uAdrian ukuba akasayi kuquka utofelo-gazi kulo naluphi na unyango. IJaji uWells yabuza ugqirha ukuba ukuba kunokukhutshwa umyalelo wenkundla wotofelo-gazi, ngaba ubeya kulitofela na? UGqr. Jardine waphendula: “Hayi, mna ngokobuqu bendingasayi kukwenza oko.” Wakhankanya ukuba uAdrian wayenoluvo lokuba ithemba lakhe elisekelwe eBhayibhileni lobomi obungunaphakade laliya kusongelwa. Ubungqina obunyanisekileyo balo gqirha ubalaseleyo babamangalisa yaye babakhuthaza baza babangela iinyembezi zovuyo kubazali baka-Adrian.
“Ndicela Nindihlonele Nihlonele Neminqweno Yam”
Xa inkundla yaphinda yahlanganisana ngoMvulo, ngoJulayi 19, uDavid Day wakhupha imibhalo yesiqinisekiso uAdrian—owayegula kakhulu ukuba angavela enkundleni—awayeyibhalile waza wayityobela echaza iminqweno yakhe ngokuphathelele unyango lomhlaza wakhe ngaphandle kwegazi okanye iimveliso zegazi. Kuyo uAdrian wathi:
“Xa ugula ucinga ngezinto ezininzi, yaye ukuba uguliswa ngumhlaza, uyazi ukuba ungafa ibe uyakucinga oko. . . . Andisayi kulamkela igazi okanye ndivumele ukuba lisetyenziswe; unotshe. Ndiyazi ukuba ndingafa ukuba igazi alisetyenziswa. Kodwa eso sisigqibo sam. Akukho mntu undinyanzelele koko. Ndimthemba gqitha uGqr. Jardine. Ndikholelwa kwelokuba uyabambelela kumazwi awathethileyo. Uthi uza kundinika olona nyango luphucukileyo ngaphandle kokusebenzisa igazi. Undixelele iingozi ezibandakanyekileyo. Ndiyakuqonda oko. Ndiyakwazi okubi okungenzeka. . . . Indlela endivakalelwa ngayo yile yokuba ukuba nditofelwe igazi oko kuya kufana nokundidlwengula, kuxhatshazwa umzimba wam. Andiwufuni umzimba wam ukuba oko kuyenzeka. Andinakwenza loo nto ukuze ndiphile. Andifuni naluphi na unyango ukuba kuza kusetyenziswa igazi, kwanokusetyenziswa nje kwalo. Andikwamkeli ukusetyenziswa kwegazi.” Isiqinisekiso sika-Adrian saqukunjelwa ngesi sibongozo: “Ndicela nindihlonele nihlonele neminqweno yam.”
Kulo lonke elo xesha lokuxoxwa kwetyala uAdrian wayelele ngandletyana-nye kwigumbi lasesibhedlele, yaye iJaji uWells ngobubele obukhulu yeza kumtyelela apho, ihamba noDavid Day. Enikela ingxelo ngolo dliwano-ndlebe, uMnu. Day wakhankanya indlela uAdrian awatsho kwavokotheka ngayo xa wayethetha naloo jaji ngalo mxholo mnye, esithi: “Ndiyazi ukuba ndigula kakhulu, ibe ndiyazi ukuba ndingafa. Bambi abantu bezonyango bathi igazi liya kundinceda. Andiqondi ukuba kunjalo, ngenxa yazo zonke iingozi endifunde ngazo. Enoba liyanceda okanye akunjalo, ukholo lwam luchasene negazi. Hlonelani ukholo lwam ibe ngokwenjenjalo niya kuba niyandihlonela. Ukuba aniluhloneli ukholo lwam, ndiya kuziva ndixhatshaziwe. Ukuba niyaluhlonela ukholo lwam, ndingajamelana nesigulo sam ngesidima. Into endinayo lukholo kuphela, yaye ngoku luyeyona nto ibalulekileyo endiyifunayo ukuze lundincede ndilwe nesi sifo.”
UMnu. Day wayenawakhe amagqabaza ngoAdrian: “Wayengumntu endandimmele owayekwazi ukusingatha isigulo sakhe esimandundu ngomonde, ngokomelela nangenkalipho. Wawumbona emehlweni akhe ukuba uzimisele; kungavakali kuzithemba elizwini lakhe; enenkalipho. Ngaphezu kwako konke, awayekuthetha ngomlomo nangezimbo zomzimba kwandixelela ukuba wayenokholo olunzulu. Uphawu lwakhe olubalaseleyo yayilukholo. Isigulo esingamniki siqabu sasifuna ukuba akhule ngokukhawuleza eshiya amaphupha obutsha aze abe ngumntu omkhulu. Ukholo lwamnceda ekwenzeni oko. . . . Ngokungathandabuzekiyo wayethetha ngokuphandle yaye ngokwendlela endicinga ngayo, wayethetha inyaniso. . . . Ndandiyicinga into yokuba kusenokwenzeka ukuba abazali bakhe [baye bamhlohla] ukuba akuchase ukusetyenziswa kwegazi kunyango lwakhe lwezamayeza. . . . Ndandanelisekile [kukuba] xa wayechaza umnqweno wakhe wokuba anyangwe ngaphandle kwegazi wayethetha into ephuma kuye.”
Ngesinye isihlandlo uMnu. Day wagqabaza ngeenkolelo zika-Adrian “awayezixabise ngaphezu kobomi bakhe,” waza wongezelela ngelithi: “Le nkwenkwe yomeleleyo, nangona ijamelene neengxaki ezinjalo, indenza ndivakalelwe kukuba zonke iingxaki zobomi bam azibalulekanga. Andinakuze ndiyilibale ngonaphakade. Ingumntwana oqolileyo onenkalipho, oqondayo nokrelekrele gqitha.”
Isigqibo—UAdrian Ungumntwana Oqolileyo
NgoMvulo, ngoJulayi 19, kwagqitywa ukuchotshelwa kwelo tyala, yaye iJaji uWells yanikela isigqibo sayo, esathi kamva sapapashwa kwiHuman Rights Law Journal, kaSeptemba 30, 1993. Naku okucatshulwe kuso:
“Ngenxa yezizathu ezilandelayo, izicelo zoMalathisi Wentlalo-ntle Yabantwana ziyachithwa; lo mntwana akakufuni ukukhuselwa; ukusetyenziswa kwegazi okanye iimveliso zegazi ngenjongo yokutofelwa kwegazi okanye yokuhlatywa inaliti enegazi akukhange kubonakaliswe kuyimfuneko, yaye ngokukodwa kule meko, kusenokuba yingozi.
“Ngaphandle kokuba iimeko ziyatshintsha kuze kufuneke umyalelo ongakumbi, ukusetyenziswa kwegazi okanye iimveliso zegazi xa enyangwa kwalelwe: yaye le nkwenkwe ivakaliswa ingumntwana oqolileyo nekufuneka umnqweno wayo wokufumana unyango lwezamayeza ngaphandle kwegazi okanye iimveliso zegazi uhlonelwe. . . .
“Alithandabuzeki elokuba lo ‘mntu uselula’ unenkalipho gqitha. Ndicinga ukuba uxhaswa yintsapho enothando nenenyameko, yaye ndicinga ukuba ujamelene nembandezelo yakhe ngenkalipho enkulu kakhulu. Inxalenye yenkolelo yonqulo lwakhe ikukuba kuphosakele ngaye ukuba asebenzise iimveliso zegazi ngokuthi zifakwe emzimbeni wakhe, nokuba kungayiphi na injongo . . . ndiye ndanethuba lokufunda isiqinisekiso ebesibhalwe nguA. izolo, yaye ndiye ndanethuba lokuva unina, obenikela ubungqina ndaza ndanethuba lokuthetha noA. ngokwakhe.
“Ndanelisekile lelokuba ukholelwa ngentliziyo yakhe yonke ukuba ukwamkela igazi kuya kuba kokuphosakeleyo nokuba ukunyanzelelwa ukuba amkele igazi kwiimeko esithetha ngazo kuya kuba kukuhlaselwa komzimba wakhe, ukuhlaselwa kwemicimbi yakhe yobuqu, nokuhlaselwa kobuntu bakhe, ukusa kumlinganiselo wokuba bekuya kuba nempembelelo kumandla nasekukwazini kwakhe ukuhlangabezana nale meko yoyikisayo amele atyhubele kuyo, enoba umphumo uya kuba yintoni na.
“Ndiyavuma ukuba ugqirha uthethe into esengqiqweni xa ebesithi umguli umele abe kwisimo sengqondo sentsebenziswano nesivumayo ngokuphathelele unyango ngemichiza nolunye unyango lomhlaza ukuze kubekho naliphi na ithemba, naliphi na ithemba lokwenene, lempumelelo, nokuba umguli ekunyanzelelwe kuye into ngokuchasene neenkolelo zakhe ezinzulu uya kuba ngumguli onyango lwakhe lumfaneleyo luya kuncitshiswa ngamandla. . . .
“Ndicinga ukuba oko kwenzeke kuA. kuye kwamqolisa ukusa kwinqanaba lokuba enze into engalindelekanga ukuba ingenziwa ngumntwana oneminyaka eli-15 ubudala ongajamelananga nengxaki anayo lo nongenangxaki efana neyalo ebomini yaye nongajamelananga noko ajamelene nako lo. Ndicinga ukuba amava akhe ngawona mabi kumava endinokucinga ngawo, yaye ndirhanela ukuba ukholo lwabo luyenye yezinto ezimomelezayo yena nentsapho yakowabo. Ndicinga ukuba oko kwenzekileyo kuye kwenza uA. waqola ngaphezu kwendlela eqhelekileyo ekulindeleke okanye amele aqole ngayo umntwana oneminyaka eli-15 ubudala. Ndicinga ukuba inkwenkwe endithethe nayo ngale ntsasa yahluke gqitha kwene-15 leminyaka ubudala eqhelekileyo, ngenxa yala mava alusizi.
“Ndicinga ukuba uqole ngokwaneleyo ukuba angachaza imbono eyeyisayo, yaye uye wandichazela . . . kwakhona ndanelisekile lelokuba kufanelekile . . . ngam ukuba ndiyihlonele iminqweno yakhe, ibe ndenjenjalo. Iminqweno yakhe yeyokuba iimveliso zegazi zingasetyenziswa, yaye ndikwanelisekile lelokuba ukuba le minqweno ingaphikiswa ngandlel’ ithile nguMalathisi phantsi komyalelo wale Nkundla, iminqweno yakhe emihle iya kubonakala ngokwengqiqo yokwenene ichaphazeleke kabuhlungu . . . Ngaphezu koko, ukuba—ibe oku kunokwenzeka—ngokwenene uyafa ngenxa yesi sifo, uya kwenjenjalo ekwisimo sengqondo sokuba, ecinga ngeenkolelo zakhe zonqulo, oko kuya kuba lusizi gqitha, kube lilishwa gqitha, yaye kuyinto enganqwenelekiyo konke konke. Ndicinga ngazo zonke ezi zinto. . . .
“Kuzo zonke ezi meko, ndivakalelwa kukuba kufanelekile ngam ukuba ndingazamkeli izicelo zokuba kusetyenziswe iimveliso zegazi kunyango luka-A.”
Umyalezo Ka-Adrian Oya KwiJaji UWells
Yayingumyalezo owawucingisiswe nzulu ngokuphawulekayo eyathi le nkwenkwe iselula, eyayisazi ukuba yayisifa, yawuthumela kwiJaji uRobert Wells, owagqithiswa nguMnu. David Day, ngale ndlela: “Ndicinga ukuba bendiya kuba ngongakhathaliyo ukuba bendingakhange, egameni lalowo ndimmelayo endiye ndathetha naye ngokufutshane emva kokuba umkile esibhedlele namhlanje, ndikubulele ngokusuka emazantsi entliziyo yakhe, ntliziyo leyo enkulu gqitha, kuba uye wawusingatha lo mbandela ngokukhawuleza nangeemvakalelo nangokufaneleka okukhulu. Ukubulela gqitha, Nkosi Yam, yaye ndinqwenela ukuba ingxelo ikubonise oko. Enkosi.”
Umama ka-Adrian ubalisa ngeziganeko zokuqukumbela eli bali.
“Emva kwelo tyala uAdrian wabuza uGqr. Jardine oku, ‘Ndiza kuphila ixesha elide kangakanani?’ Impendulo kagqirha yaba yile: ‘Iveki okanye ezimbini.’ Ndabona unyana wam esihla iinyembezi, ezikhama kwiinkophe ezivaliweyo. Ndaya kumanga, waza wathi: ‘Khawume, Mama. Ndiyathandaza.’ Emva kwemizuzwana, ndabuza, ‘Uziva njani, Adrian?’ ‘Mama, ndiza kuphila kakade, kwanokuba ndiyafa. Yaye ukuba ndiza kuphila iiveki ezimbini kuphela, ndifuna ukuzinandipha. Ngoko umele uchwayite.’
“Wayefuna ukutyelela isebe leWatch Tower eGeorgetown, eKhanada. Wakwenza oko. Waqubha equleni lokuqubha nomnye wabahlobo bakhe. Waya kubukela umdlalo weqela leBlue Jays we-baseball waza wafota nabanye babadlali. Okona kubalulekileyo, entliziyweni yakhe wayezahlulele ukukhonza uYehova uThixo, yaye ngoku wayefuna ukubonisa oko ngokuntywiliselwa emanzini. Ngoku imeko yakhe yayimaxongo kakhulu, yaye wayebuyele esibhedlele ibe wayengenakuphinda ahambe apho. Ngoko ngobubele abongikazi bamlungiselela ukuba asebenzise enye yeetanki zentsimbi kwigumbi lokunyanga amathambo. Wabhaptizelwa apho ngoSeptemba 12; wafa ngosuku olulandelayo, ngoSeptemba 13.
“Umngcwabo wakhe wawungowona mkhulu umzi wokugcina izidumbu owakha wanawo—abongikazi, oogqirha, abazali babanye abaguli, abantwana awayefunda nabo, abamelwane nabaninzi babazalwana noodade wabo bokomoya abasuka kwibandla lakhe nakwamanye. Njengabazali, asizange siziqonde iimpawu ezibalaseleyo ezazibonakala kunyana wethu njengokuba wayenyamezele izilingo ezininzi okanye ububele nokucinga nzulu okwakuyinxalenye yobuntu bakhe obukhulayo bobuKristu. Umdumisi ophefumlelweyo wathi: ‘Ilifa likaYehova ngoonyana.’ Ngokuqinisekileyo lo wayelilo, yaye sijonge phambili ekumboneni kwihlabathi elitsha likaYehova lobulungisa, esele liza kumiselwa kungekudala kumhlaba oyiparadisi.”—INdumiso 127:3; Yakobi 1:2‚ 3.
Kwanga singalindela ukuzaliseka kwesithembiso sikaYesu kuAdrian esikuYohane 5:28‚ 29: “Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.”
Ngokungalamkeli utofelo-gazi ekwakucingelwa ukuba lingabandisa ubomi bakhe bangoku, uAdrian Yeatts wazibonakalisa engomnye wabantu abaninzi abaselula ababeka uThixo kuqala.
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
‘Ubomi Busegazini’
Igazi lintsonkothe ngokumangalisayo, lifikelela kuzo zonke iiseli emzimbeni. Kwithontsi elinye, iiseli zegazi ezibomvu ezingama-250 000 000 zithwala ioksijini zize zikhuphe ikharbon diokside; iiseli ezimhlophe ezingama-400 000 zikhangela zize zitshabalalise izinto ezihlaselayo ezingafunekiyo; iiplatelet ezili-15 000 000 ziyahlanganiswa ngokukhawuleza apho kukho inxeba zize ziqalise inkqubo yokuvala neyokuvingca loo ndawo ivulekileyo. Zonke ezi seli zisasazwa kulwelo olucacileyo, olunebala elingqombo olubizwa ngokuba sisiyilelo, sona esenziwe zizithako ezingamakhulu ezinendima ebalulekileyo ekuthwaleni uluhlu olude lwemisebenzi yegazi. Izazinzulu azikwazi ukuyiqonda yonke into eyenziwa ligazi.
Alimangalisi elokuba uYehova uThixo, uMdali wolu lwelo lumangalisayo, esithi ‘ubomi busegazini.’—Levitikus 17:11, 14.
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
Uqhaqho-fakelo Ntliziyo Olungafuni Gazi
KuOktobha odluleyo, uChandra Sharp oneminyaka emithathu ubudala walaliswa kwisibhedlele saseCleveland, eOhio, eUnited States, enentliziyo eyayingenziwanga nkulu nje kuphela kodwa eyayingasebenzi kakuhle. Wayengondlekanga, enqaphele, enobunzima obuziikhilogram ezisithoba kuphela yaye kwakufuneka uqhaqho-fakelo ntliziyo. Kwathiwa wayeza kuphila iiveki ezimbalwa nje kuphela. Abazali bakhe baluvuma uqhaqho-fakelo kodwa abazange baluvume utofelo-gazi. BangamaNgqina kaYehova.
Oku kwakungeyongxaki kugqirha wotyando, uGqr. Charles Fraser. IThe Flint Journal yaseMichigan ngoDisemba 1, 1993 yanikela le ngxelo: “Lo kaFraser wachaza ukuba iKliniki yaseCleveland namanye amaziko ezonyango aya esiba neengcali zokwenza utyando—kuquka uqhaqho-fakelo—ngaphandle kokuba umguli athiwe igazi lomnye umntu. ‘Siye safunda okungakumbi ngendlela yokuthintela ukopha, nangendlela yokutha eminye imichiza engelogazi kumatshini wentliziyo nemiphunga,’ watsho njalo lo kaFraser.” Wandula ke wongezelela ngelithi: “Ezinye izibhedlele ezikhethekileyo kangangamashumi eminyaka bezisenza utyando lwentliziyo nemithambo ngaphandle kotofelo-gazi. . . . Sisoloko sizama ukwenza utyando ngaphandle kwegazi (elitofelweyo).”
Ngo-Oktobha 29, wenza uqhaqho-fakelo ntliziyo kuChandra ngaphandle kwegazi. Kwinyanga kamva kwanikelwa ingxelo yokuba uChandra wayechacha.