IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 11/15 iphe. 24-25
  • Ngaphambi Nasemva—Watshintshwa Yimigaqo YeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaphambi Nasemva—Watshintshwa Yimigaqo YeBhayibhile
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Wakhumbula UMdali Wakhe Ngemihla Yobutsha Bakhe’
    Vukani!—1994
  • “Kubonakala Kunzima Ukuba Sincokole!”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • ‘Ilizwi LikaThixo Liphilile Yaye Liyasebenza’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • ILizwi LikaThixo Liphilile”
    IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 11/15 iphe. 24-25

“Sondelani KuThixo, Naye Uya Kusondela Kuni”

Ngaphambi Nasemva—Watshintshwa Yimigaqo YeBhayibhile

UADRIAN ukhule endlongondlongo kwaye enenzondo. Wayesithi akucatshukiswa abe ligqabi ngumsindo. Wayeyindlamanzi, etshaya yaye eziphethe kakubi. UAdrian wayedume ngokuphila ngokungakhathali yaye wayenetattoo ebonisa ukuthanda kwakhe ukulwa. Xa ebalisa ngaloo minyaka, uthi: “Wawunokubona kwindlela endandizicheba ngayo iinwele ukuba ndiphila ubomi bokungakhathali, ndiziqabe iglu, yaye ndandikhe ndizidaye zibe bomvu okanye zibe ngomnye umbala.” Kanti uAdrian wayegqobhoze nempumlo.

UAdrian wafudukela kwindlu edilikileyo kunye nolunye ulutsha olunemvukelo. Apho babenxila baze basebenzise iziyobisi. UAdrian uthi: “Ndandisebenzisa isiyobisi ekuthiwa sispeed neValium kunye nantoni na eyayifumaneka. Ndandisithi xa ndingafumani ziyobisi okanye iglu, ndifunxe ipetroli ezimotweni zabantu ukuze nje ndinxile.” UAdrian wayeyingozi yaye endlongondlongo kakhulu ngenxa yokuba wayesisaphuli-mthetho. Abantu babengafuni nto yakwenza naye. Kwangaxeshanye, indlela awayeziphethe ngayo yabatsala abantu ababephila njengaye.

Ngokuthe ngcembe, uAdrian waqonda ukuba “abahlobo” bakhe babenxulumana naye kuba befuna okuthile kuye. Ngaphezu koko, waqonda ukuba “umsindo nogonyamelo alumncedi nganto.” Ephelelwe lithemba yaye edandathekile, wabalahla abahlobo bakhe. Xa wachola IMboniselo kwindawo ekwakusakhiwa kuyo, waba nomdla kwisigidimi sayo esisekelwe eBhayibhileni, yaye oku kwakhokelela ekubeni afunde iBhayibhile kunye namaNgqina kaYehova. UAdrian wasamkela ngovuyo isimemo esithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Ngenxa yoko, kungekudala uAdrian wakubona kufanelekile ukuphila ngokuvisisana nemigaqo yeZibhalo Ezingcwele.

Ukufumana ulwazi lweBhayibhile kwamnceda uAdrian waba nesazela esicocekileyo waza watshintsha nekhondo lobomi bakhe. Wakwazi ukulawula umsindo wakhe nokuzeyisa. ILizwi likaThixo labutshintsha ubuntu buka-Adrian.—Hebhere 4:12.

Noko ke, kunokwenzeka njani ukuba iBhayibhile ibe nempembelelo enamandla ngolo hlobo? Ulwazi ngeZibhalo lusinceda ‘sambathe ubuntu obutsha.’ (Efese 4:24) Ewe, ubuntu bethu buguqulwa kukusebenzisa ulwazi oluchanileyo olufumaneka eBhayibhileni. Kodwa ulwazi olunjalo lunokubaguqula njani abantu?

Okokuqala, iBhayibhile ithetha ngokungqalileyo ngeempawu zobuntu ezifanele zilahlwe. (IMizekeliso 6:16-19) Okwesibini, iZibhalo zisibongoza ukuba sibonakalise iimpawu ezinqwenelekayo eziveliswa ngumoya kaThixo. Ezi mpawu ziquka “uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa.”—Galati 5:22, 23.

Ukukuqonda kakuhle oko uThixo akufunayo kwamnceda uAdrian wahlolisisa iimpawu zobuntu afanele azihlakulele nezo afanele azilahle. (Yakobi 1:22-25) Kodwa eso yayisisiqalo nje. Phezu kolwazi, kwakufuneka kubekho nto ithile eza kumkhuthaza—ishukumisele uAdrian lo ukuba atshintshe.

UAdrian wafumanisa ukuba ubuntu obutsha obunqwenelekayo bubunjwe “ngokomfanekiso waLowo wabudalayo.” (Kolose 3:10) Waqonda ukuba ubuntu bomKristu bumele bufane nobuntu bukaThixo. (Efese 5:1) Ngofundisiso lweBhayibhile, uAdrian wafunda ngendlela uYehova aqhubana ngayo nabantu waza wafunda nangeempawu zikaThixo ezintle, njengothando, ububele, ukulunga, inceba nobulungisa. Ulwazi olunjalo lwamshukumisela uAdrian ukuba athande uThixo aze alwele ukuba ngumntu okholisa uYehova.—Mateyu 22:37.

Ekugqibeleni, nangoncedo lomoya oyingcwele kaThixo, uAdrian wakwazi ukulawula umsindo wakhe. Ngoku yena nomfazi wakhe baxakeke ekuncedeni abantu baguqule ubomi babo ngokubanika ulwazi lweBhayibhile. UAdrian uthi: “Ngokungafaniyo nabahlobo bam abaninzi abasele befile, ndisaphila yaye ndinandipha ubomi bentsapho obonwabisayo.” Ububungqina bokuba iBhayibhile inamandla okuguqula ubomi babantu.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 25]

“Umsindo nogonyamelo aluncedi nganto”

[Ibhokisi ekwiphepha 25]

Ukusebenza Kwemigaqo YeBhayibhile

Ngezantsi kukho imigaqo yeBhayibhile eye yanceda abantu abaninzi abavutha ngumsindo nabanogonyamelo ukuba bathande uxolo:

‘Yibani noxolo nabantu bonke. Musani ukuziphindezelela, zintanda, kodwa yikhweleleni ingqumbo.’ (Roma 12:18, 19) NguThixo ogqibayo ngexesha lokuzisa impindezelo kwabo bantu. Unokwenjenjalo kuba ezazi zonke iinkalo, yaye nayiphi impindezelo evela kuye iya kubonisa ukuba usesikweni ngokugqibeleleyo.

“Qumbani, kodwa ningoni; malingatshoni ilanga nicaphukile, ningamvuleli indawo uMtyholi.” (Efese 4:26, 27) Nabani na unokucaphuka maxa wambi. Ukuba oku kuyenzeka, akafanele ahlale ‘ecaphukile.’ Ngoba? Kuba oku kunokumphembelela ekwenzeni okungendawo, ngaloo ndlela evumela “indawo uMtyholi” aze angamkholisi uYehova uThixo.

“Wuyeke umsindo uyishiye ingqumbo; musa ukuvutha ngumsindo uze wenze ububi.” (INdumiso 37:8) Umntu ongazilawuliyo iimvakalelo zakhe ufane enze. Ukuvutha ngumsindo kunokumbangela ukuba, athethe okanye enze izinto ezinokwenzakalisa abanye abantu.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share