IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g94 12/8 iphe. 17-19
  • Izimbo—Ngaba Ndifanele Ndihambe Nomndilili?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izimbo—Ngaba Ndifanele Ndihambe Nomndilili?
  • Vukani!—1994
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Gqala Ukunyathela Kwakho
  • Ingcamango Oyinikela Kwabanye
  • Imfuneko Yokulumka
  • Izimbo—Yintoni Le Ingumtsalane Kuzo?
    Vukani!—1994
  • Kutheni Ndimele Ndahluke Nje?
    Vukani!—1992
  • Ndimele Ndiyijonge Njani Imidaniso Yolutsha?
    Vukani!—2004
  • Lutsha​—⁠wuxhathiseni Umoya Wehlabathi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
Khangela Okunye
Vukani!—1994
g94 12/8 iphe. 17-19

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Izimbo—Ngaba Ndifanele Ndihambe Nomndilili?

‘AYISENTLE ngako!’ ‘Isemcimbini!’ Baya kukuncoma bonke oontanga bakho xa bebona ukuba ulandela isimbo samvanje. Ewe, izimbo zinokuthimba ingqalelo zize zibangel’ imincili.

Noko ke, izimbo zikwaguquguquka oku kwemozulu, yaye zithi dwangu oku komlilo wamaphepha ziphinde zidlule. Ngokutsho kolunye uhlolisiso kwezentengiso, okokuqala isimbo siba ngundaba-mlonyeni phakathi kwamaqela amancinane olutsha olukhaliphileyo nolungaqhelekanga. Njengoko siqalisa ukunwenwa, abenzi nababhengezi bezentengiso basikhuthaza ngokusebenzisa amaphephancwadi, umabonwakude, kunye nezibhengezo zentengiso zikanomathotholo. Iimvumi nabantu abadumileyo bayahlawulwa ukuze benze isimbo sikhangeleke sihloniphekile yaye sinesidima ngokusixhasa. Ulutsha nalo lusenokusikhuthaza ngokuthi lusiwele ngeenyawo ezinkulu. Ukuba siye saziwa kakhulu, singasefashonini phakathi “kwabeshumi elivisayo.”

Noko ke, ekugqibeleni isimbo esithile siyaphelelwa size siphoswe kwelokulibala. (American Demographics) Kodwa ngoxa isimbo esitsha, umngqungqo, okanye isixhobo esithile sisefashonini, usenokuziva unyanzelekile ukuba uhambisane naso. Abaninzi bavakalelwa njengoKim oneminyaka eli-15 ubudala othi: “Wenziwa uzive ulikheswa xa wahlukile.”

Ukulandela umndilili kusenokuba yinto ebiza imali eninzi. Ngokomzekelo, thabatha isimbo sokunxitywa kwesipeliti sokuhomba esaqala kulutsha lwaseFransi kwiminyaka embalwa edluleyo. Ngokutsho kwenqaku lowe-1991 elikwiThe New York Times, “yi-de rigueur [akunakungabi nayo] ikepusi yebaseball okanye ibhatyi enamadlebe afumbe izipeliti eziyimibalabala, ezinamachokoza asicaba e-inameli alingana nawedayisi.” Eso simbo sasikhangeleka singenangozi ngokupheleleyo—kodwa kwakufuneka uhlawule ama-R44 onke ngesipeliti ngasinye esiyilwe ngumyili owaziwayo.

Kwakhona osemtsha usenokufumanisa ukuba “ubuhle” buthetha okungaphezu kokuhlawula imali eninzi. Phakathi kwamaqela athile apho kuyifashoni ukuthwala ikepusi yebaseball, ufanele ukhethe ikepusi enombala owamkelwayo, omela iqela elithile elamkelwayo, yaye inxalenye yeso simbo yindlela oyithwala ngayo ikepusi leyo.

Kulutsha oluninzi lo ngumbandela onzulu kakhulu. Bakugqala ukulandela izimbo ezithile njengondoqo wokuzuza udumo okanye ukwamkeleka. Sekunjalo, siza kubona ukuba ukuhamba nomndilili akusoloko kuyinto efanele kukwenziwa.

Gqala Ukunyathela Kwakho

IBhayibhile ayizichasi izimbo ngokwazo. Zimbi iindlela zokuzonwabisa ezaziwayo zinokuba zifanelekile phezu kwako nje ukuba ziluhlobo oluthile lwesimbo. Ngokomzekelo, ukwenza umthambo ngokunkcunkca, bambi babekugqala kusisimbo xa kwakuye kwabalasela kwiminyaka embalwa eyadlulayo. Kodwa ngubani onokuzikhanyela iingenelo zokwenza umthambo osempilweni nangobungcathu?—Thelekisa eyoku-1 kuTimoti 4:8.

Sekunjalo, zimbi izimbo zisusela kwezibubuhiba ukusa kweziyingozi ngokupheleleyo. Ngaloo ndlela isilumkiso somzekeliso wamandulo sifanelekile: “Isiyatha sikholwa ngamazwi onke; onobuqili uyakuqonda ukunyathela kwakhe.” (IMizekeliso 14:15) Umntu onobuqili ulumkile, uyaqonda. Akathi ngokumfameka alandele ifashoni entsha ethile kuba nje idumile. Ngobulumko, uyibeka esikalini imiphumo yezenzo zakhe.

Indleko yenye into ekunokucingwa ngayo. Iphephancwadi laseKhanada libalisa ngentombazana ekwishumi elivisayo esebenza kwivenkile ethengisa ukutya okuphekiweyo. Ngaphezu kwesiqingatha somvuzo wayo ewusebenzela nzima isichithela ekuthengeni impahla esisimbo samvanje. IBhayibhile ithi: “Imali ingumthunzi,” oko kukuthi, iyafuneka yaye iluncedo. (INtshumayeli 7:12) Ngaba unokuyichithela kwizinto, njengoko omnye umbhali ezichaza ukuba, “ziyilelwe ukuba ziphelelwe lixesha kwithutyana nje elingephi”?

Iingozi zasemzimbeni zifanele zibe yenye into ekunokucingisiswa nzulu ngayo. Kwithutyana nje elidluleyo ukwenza ibreak dance kwakudumile. Kodwa kwabangela abaninzi baqaqanjelwa ngumqolo. Kuthekani namhlanje? Inqaku elikwiphephancwadi iRolling Stone lithetha ngezimbo ezingaqhelekanga nezingalawulekileyo ezenziwa kwiindawo zolonwabo nakwiikonsathi zomculo werock, ezinjenge-“stage-diving” (ukutsiba usuka eqongeni utsibela ezandleni zababukeli abanemincili), i-“slamming” ne-“moshing”—“imingqungqo” yogonyamelo lokwenene oluhambelana nesingqi somculo. Omnye osemtsha ukhalaza athi: “Le nto yayingalawuleki ngokugqithiseleyo. Yayingalawuleki ngokwenene.” Lo uchaza indlela abo baphanjaniswe yi-“moshing” baya “kulithimba ngayo iqonga lokungqungqa baze bangqungqe ngesantya esiphezulu kungekho nto ibathintelayo, bengqungqa bejikeleza ngokuphindaphindiweyo, ngokungekho zingqondweni begila nabani na onelishwa lokuma kufutshane nabo.” Bambi oontanga bakho banokuthabatheka yile ndlela yokuziphatha. Kodwa ngaba ukuba kwindawo ezinjalo okanye ukwenza izinto ezinjalo kuya kumkholisa uThixo, oyalela amaKristu ukuba ‘akuncame ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, ahlale ngokunesidima’?—Tito 2:12.

Kuthekani ngeengozi zempilo ezibangelwa kukugqobhoza amalungu omzimba nokuvamba—nazo eziye zaduma phakathi kolutsha? Oogqirha bathi ukuvamba kunokudala izifo, ezinjengehepatitis mhlawumbi kwanoGawulayo, ukuba imigaqo yococeko ayilandelwa. Kwakhona kusenokwenzeka ukuba ubani uya kuhlala ehonjiswe ngokusisigxina nasemva kwethuba elide isimbo eso singasekho fashonini. Liyinyaniso elokuba eminye imivambo inokususwa ngokusebenzisa ilaser. Kodwa ukusebenzisa ilaser kubandakanya izihlandlo ezahlukeneyo zokuva iintlungu nezixabisa amakhulu eerandi sihlandlo ngasinye.

Okona kubi ngakumbi kukonakala ngokomoya okunokuba ngumphumo wokulandela izimbo ezithile. Ezininzi zibonelwa ebantwini abadumileyo—kubadlali beqonga, kubadlali, kwiimvumi nakwabanye abantu abanjengabo. Uzibona “umhle” xa uzilungise okanye usenza izinto njengaye nabani na ongundaba-mlonyeni ngelo xesha. Kodwa uYehova uThixo ukujonga njani ukunqulwa kwamaqhawe okunjalo? Ukujonga njengohlobo oluthile lokunqula izithixo. Ngaloo ndlela iBhayibhile ilumkisa isithi: “Kubalekeni ukubusa izithixo.” (1 Korinte 10:14) Abantu abadumileyo abaninzi batyeshela nayiphi na imilinganiselo yokuziphatha yeBhayibhile. (1 Korinte 6:9-11) Ekubeni oku kunjalo, ngaba kunokwenzeka ukuba uThixo akholiswe ukuba wena wenza okanye uzilungisa ngendlela yokuba, ngokungathi kunjalo, ube unikela imbeko kubantu abanjalo?

Ingcamango Oyinikela Kwabanye

Kwakhona iBhayibhile iyalela ulutsha ukuba lubeke abazali balo. (Efese 6:2) Ngaba asikuko ukungababeki ukuba ufika ekhaya uzihombise ngezinto zokuhombisa umzimba ezenziwe ngamatye anqabileyo okanye ugutyungelwe yimivambo? Yaye kuthekani ngabanye, njengabo ufunda nabo eklasini? Ukuba ungumKristu, ngaba baya kukufumanisa kunzima ukukuthabatha njengonyanisekileyo ukuba kamva uzama ukwabelana nabo ngokholo lwakho?—Thelekisa eyesi-2 yabaseKorinte 6:3.

Kusenokuthethwa okufanayo ngokunxiba ngendlela ezithile ezenziwe zabalasela kakhulu ziimvumi zomculo werap. Kuyavunywa ukuba, kwiindawo ezininzi ikepusi yebaseball yinto nje yokugquma intloko. Kodwa kwiidolophu ezithile ezingabamelwane, “unxibelelwano lwebutho labantu ngoku lunendima enkulu, ekunxityweni kakhulu kweminqwazi ethile.” (Entertainment Weekly) Ngaba ukunxiba iikepusi, iibhatyi, isneakers ezithile, okanye iimpahla ngeempahla ezinxitywa ngabalandeli behip-hop kunikela ingcamango yokuba ulandela indlela yokuphila yabalandeli bomculo werap? Khumbula ukuba uthando lomKristu “alwenzi okuziintloni” okanye ngendlela ekhubekisayo.—1 Korinte 13:5.

Ngokutsho kwephephancwadi iPeople, khawucinge ngoko kwenzeka kwelinye iqela lamantombazana akwishumi elivisayo kwidolophu ekusadliwa ngendeb’ endala kuyo, awachasa iimvakalelo zasekuhlaleni ngokuthi aye esikolweni enxibe “iimpahla eziphawula indlela yokunxiba yabalandeli behip-hop.” Enye intombazana yathi: “Ezi mpahla sizibona kwiMTV [inkqubo kamabonwakude ebonisa ii-video zomculo]. Ndacinga ukuba zibonakala zintle.” Noko ke, ezi zambatho zisefashonini zavuselela iingxwabangxwaba—nogonyamelo lobuhlanga.

Ngoko ke thina njengamaKristu sifuna ‘ukunxiba ngokufanelekileyo yaye sinengqondo ephilileyo.’ (1 Timoti 2:9) Oku kubandakanya ukucingela iimvakalelo nesimo sengqondo sabanye yaye ungagxininisi kukhetho lwakho. Kananjalo kukwathetha ukuphepha iindlela zokuzilungisa nezokuziphatha bambi abanokuzibona njengezigabadeleyo.

Imfuneko Yokulumka

Kakade ke, isimbo ngasinye sifanele sihlolwe singathelekiswa nesinye. Phofu ke, khumbula ukuba, uSathana uMtyholi ngumphathi weli hlabathi yaye usukelo lwakhe ‘kukuginya ubani.’ (1 Petros 5:8; Yohane 12:31; 1 Yohane 5:19) Akuthandabuzeki ukuba izimbo ezithile ezidumileyo bezisetyenziswa nguSathana ukuphazamisa nokukhokelela ulutsha kude kuThixo. Ngaloo ndlela kukho imfuneko yokulumka.

Ngokuqhelekileyo asibobulumko ukuba phakathi kwabo baba ngabokuqala ukulandela nayiphi na ifashoni entsha okanye isimbo; kukhuseleke kakhulu ukutyekela ekubeni ngodla ngendeb’ endala. Kwelinye icala, iBhayibhile ikwalumkisa nxamnye nokuba “lilungisa ngokukhulu.” (INtshumayeli 7:16) Ngokuqinisekileyo akumele uzichase iinguqulelo ezenzekayo kwindlela yokunxiba kangangokuba ude ubonakale ushiywe gqitha lixesha, ungongaqhelekanga, okanye uyinkomo edla yodwa.

Xa isimbo esithile ngokucacileyo sisaphula imigaqo yeBhayibhile okanye sigabadele gqitha, ngoko ke kuhle ukuzinxwema kuso. Kuyinyaniso ukuba akulula ukuba ngowahlukileyo koontanga bakho. Kodwa kwincwadi yakhe ethi How to Say No and Keep Your Friends, umbhali uSharon Scott ubuza oku: “Ngaba unabo nabaphi na abahlobo abakrelekrele kakhulu nabakwazi kakuhle kangangokuba bade babe bakwenzela izigqibo? Mhlawumbi akunjalo!” Ngaba akunakuba kokulunge ngakumbi ukukhokelwa yiminqweno yabazali bakho nasisazela sakho esiqeqeshwe ngeBhayibhile? Ukwenjenjalo kusenokubangela ukuba abahlobo bakho bangakholiswa nguwe, kodwa kuya kukuzisela inkoliseko kaYehova, ngokungafaniyo nesimbo esihlala ixesha elifutshane, yona, inokuba yekanaphakade!—INdumiso 41:12; IMizekeliso 12:2.

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Baya kusabela njani abazali bakho ukuba wamkela isimbo esithile?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share