Iya Kuphela Nini Le Ntlekele?
IYA kuphela nini into yokuba abantwana babe ngamaxhoba okubiwa, okuphathwa kakubi, okuxhatshazwa, nokuba ngokufuthi babe yimpembelelo embi koontanga babo? Ngaba ukuqiniswa komthetho nezigwebo eziqatha ngakumbi zolwaphulo-mthetho olwenziwe ebantwaneni kuya kubakhusela? Ngaba iinkqubo ezingakumbi zasentlalweni zokunikela ukutya, izindlu nemfundo zingakunqumamisa ukuxhatshazwa nokushiya ikhaya? Ngaba ukufundisa abazali ababakhathaleleyo abantwana babo ubuchule obubhetele bokunxibelelana kuya kunceda ukuba abantwana bathande abazali babo ngaphezu kwezinto ezithi ngenkohliso zifake abantwana babo ebugxwayibeni?
Nangona imilinganiselo enjalo isenokunceda, de unobangela oyintloko wezo ntlekele upheliswe, abantwana baya kuhlala bengamaxhoba okubandezeleka okukhulu. Ngokutsho komnye oselula, naliphi na inyathelo lokuqala elithatyathwayo lokuhlangabezana nengxaki yabantwana abashiya ikhaya elingakuthinteliyo ukuxhatshazwa okanye ukungakhathalelwa ekhaya lisenokungaphumeleli kakhulu, ekubeni umonakalo sele wenzekile.
Unobangela Oyintloko
Yintoni unobangela wazo zonke ezi ngxaki? Ziya kupheliswa njani? IBhayibhile icacisa ukuba umanyano lwentsapho luhlaselwa zizidalwa zokomoya ezingendawo nezingabonakaliyo, uSathana needemon zakhe, abayoliswayo yinkohlakalo, ukuxhaphaza ngokwesini nayimvukelo. (Genesis 6:1-6; Efese 6:12) Xa uYesu wayesemhlabeni, abantwana babehlaselwa zezi demon. Enye inkwenkwe eselula yayithuthunjiswa sisathuthwane nakukuphoswa emlilweni.—Marko 9:20-22.
Kwanakwiinkulungwane ngaphambi kokuza kukaYesu emhlabeni, iidemon zazixhelelw’ exhukwane xa kuthuthunjiswa kuze kutshiswe abantwana abancinane de bafe besenziwa amadini koothixo bobuhedeni aboyikekayo, abanjengoBhahali, uKemoshe noMoleki. (1 Kumkani 11:7; 2 Kumkani 3:26, 27; INdumiso 106:37, 38; Yeremiya 19:5; 32:35) Ngoko ke, namhlanje, kweli hlabathi liya lisonakala ngakumbi, alifanele limangalise elokuba iidemon zisenza abantwana amaxhoba okuhlaselwa ngabantu abakuvumayo ukubahlazisa, ukubavisa intlungu nokubulala aba baselula. Abenza ulwaphulo-mthetho olunjalo ukuba manyumnyezi ngokufuthi bondla iingqondo zabo ngezinto ezibonisa amanyala, nto leyo ephembelela ukungcola kwabo.
Ingcinezelo eziswa ziidemon kuhlanga lwabantu iye yanda kwixesha lethu, kuba iBhayibhile ilibiza eli xesha lembali ngokuthi ‘yimihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto ikhoyo ingendawo. Yaxela kwangaphambili ukuba la yayiya kuba ‘ngamaxesha anomngcipheko.’ Ngoku kunanini na ngaphambili, impembelelo yeedemon yenza abantu babonakalise ukonakala kwezi zidalwa zomoya zingendawo. IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba abantu kumhla wethu babeya kuba zizibhoja, abangenakuzeyisa, abangenabubele nabangenakuthanda kulunga.—2 Timoti 3:1-5, 13.
Oko kubachaza kakuhle abantu ababawayo abavelisa imifanekiso bhanya-bhanya, amacwecwe, amaphephancwadi neencwadi ezizukisa ukukrexeza, iziyobisi, ukuzibulala, ukubulala, ukudlwengula, ukuba neentlobano zesini nezizalwana ezisondeleyo, ukuba likhoboka nokuthuthumbisa. Kwezi nakwezinye iindlela, iidemon ziye zakhuthaza impucuko ethe, njengomoya ongcolileyo, yangcolisa iingqondo neentliziyo zabaselula nabadala ngokufanayo, itshabalalisa imilinganiselo yokuziphatha yentsapho nokuziphatha kokuhlonela uThixo.
Ukwanda kokubiwa kwabantwana, ukuxhatshazwa ngokwesini nokubulawa kuyinxalenye yomqondiso wemihla yokugqibela. Ukongezelela, iBhayibhile ichaza ukuba ‘abantu baya kuba ngabazithandayo, abangenatarhu, abangengcwele, abancethezi.’ Ngenxa yoko kule mihla yethu amaqhina omtshato ngokufuthi aqhawuka ngokukhawuleza emva kokuba emanyiwe. Njengokuba uqhawulo-mtshato lusanda, nokuqweqwediswa kwabantwana ngabazali nako kuyanda. Nokubethwa nokubulawa kwamaqabane akhoyo okanye abekhe akho kuyanda, uninzi lwamaxhoba ngamabhinqa. Ngaloo ndlela, sibona isizukulwana sabantwana abanabazali ababakhuthaza ukuba bashiye ikhaya ngokungabakhathaleli baze babaxhaphaze. Ngokungakumbi, ixesha lethu liphawulwa ngabantwana “abangeva bazali,” ‘abazizityhuthutyhuthu,’ nabakhetha ukugcagca noontanga babo kunokuba bahlonele imilinganiselo yokuhlonel’ uThixo.—2 Timoti 3:2-4.
Sele Iza Kuphela Le Ntlekele
Noko ke, impembelelo kaSathana needemon zakhe sele iza kuphela. (ISityhilelo 12:12) Isiprofeto esikwiSityhilelo 20:1-3 sichaza ukuba uThixo uza kumtshabalalisa uSathana needemon zakhe. Emva koko, uBukumkani bukaThixo basezulwini, obusezandleni zikaYesu Kristu, buya kulawula lo mhlaba ngobulungisa, bumisela okusesikweni yaye buqinisekisa ukuba bonke banqabisekile. (INdumiso 72:7, 8; Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10) Ziya kuba zingekho iinkqubo zorhwebo ezibawayo ezicinezela amahlwempu nezisebenzisa kakubi ubuthathaka bomntu ukuze zifumane ingeniso, kuba “ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo.” (1 Yohane 2:17) Bonke abo baqhelisela ubungendawo baya kutshatyalaliswa, njengokuba IMizekeliso 2:22 yaxela kwangaphambili: “Banqunyulwe ezweni abangendawo.”
UMika 4:4 uchaza ukuba kwihlabathi elitsha likaThixo kuya kubakho unqabiseko noxolo kubo bonke: “Kungabikho uboyikisayo.” Kunokwenzeka njani oko? Ngomthetho kakumkani wothando. Lo mthetho uphakamileyo uya kulawula zonke iingcinga nezenzo. Abo baphila ngelo xesha baya kuba befunde ukubonakalisa ubuntu bukaYesu noYise, uYehova uThixo, ekubeni ukuba abenjinjalo, bengayi kuvunyelwa ukuba baqhubeke bephila. Ngokuzambathisa ‘iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali,’ ukuzingca kuya kuncothulwa ebantwini. (Kolose 3:12) Ubomi buya kuzaliswa lulonwabo; amakhaya anobubele nothando aya kuba yinto eqhelekileyo emhlabeni wonke.
UIsaya 65:21-23 uthembisa ukutya okuyintabalala namakhaya amahle kubo bonke: “Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. . . . Abayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazalele ukhwankqiso.” Ukuxhatshazwa akusayi kuphinda kubekho. Abantwana okanye abazali abasayi kuphinda babandezeleke.
Ukuzuza Iingenelo Ngoku
Kwanangoku, kwiiyure zokugqibela zale nkqubo ingendawo, ulwazi ngoYehova nenjongo yakhe yokubuyisela lo mhlaba kwiparadisi luzisa iingenelo. Luye lwanika ulutsha nabazali abaninzi ithemba nesizathu sokonwaba, kwanokuba bebekhe bangamaxhoba exesha lethu. Ngokomzekelo, uTamara, okhankanywe kwinqaku lethu elandulelayo, uchaza okwenzekayo ebomini bakhe.
“Xa ndandineminyaka eli-18 ubudala, ndatshata ndaza ukusa kumlinganiselo othile ndabashiya ‘abahlobo’ bam, abanye kubo abaphelela entolongweni, bekhotyokiswe ziziyobisi okanye bubuhenyukazi. Kodwa ubuntu bam babungaguqukanga, ngoko iimpikiswano phakathi kwam nomyeni wam zaqalisa. Noko ke, kungekudala emva kokuzalwa konyana wethu, kwenzeka into eyabuguqula ngokupheleleyo ubomi bam. Ndafumana iBhayibhile ndaza ndaqalisa ukuyifunda. Ngenye ingokuhlwa ndafunda isahluko esithile kwiMizekeliso esithi ‘ukufumana ubulumko kunjengokufumana ubutyebi obuselelweyo.’ (IMizekeliso 2:1-6) Ngaphambi kokuba ndiye kulala ngaloo ngokuhlwa, ndathandazela obo bulumko. Ngentsasa elandelayo, amaNgqina kaYehova ankqonkqoza endlwini yam. Ndaqalisa ukufunda iBhayibhile kunye nawo, kodwa kwandithabatha ithuba ukuba ndiqhelisele oko ndandikufunda eBhayibhileni. Ekugqibeleni, ndazimisela ukulandela indlela yobomi yobuKristu ndaza ndabhaptizwa. Ngoku, mna nomyeni wam, sinceda abanye bafumane ukuphumla okulungiselelwa nguThixo.”
Ewe, uTamara wafumana uMthombo wako konke ukuphumla, uYehova uThixo. UnguBawo wasezulwini ongasayi kubalahla abo babambelela kuye. INdumiso 27:10 isixelela oku: “Ngokuba ubawo noma bandishiyile, wesuka uYehova wandichola.”
UDomingos, okhankanywe ngaphambilana, naye wafumana intsapho yokwenene eyathi yamthuthuzela, yamkhuthaza yaza yamxhasa. Ubalisa athi: “Ngenye imini ndafumana umbhalo wencwadi ethi Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu yaye ndamangaliswa kukwazi ukuba uThixo wayenegama, uYehova.a Ndaya kwenye yeentlanganiso zamaNgqina kaYehova yaye ndamangaliswa kukubona ukuba apho kwakungekho calucalulo. AmaNgqina aqalisa ukundifundisa iBhayibhile nangona ndandinxiba dlakadlaka, ndikrwada yaye ndingathembi nabani na. Ngokuthe ngcembe andinceda ndahlukana nendlela yam yobomi yangaphambili. Akwandinceda ndafumana umsebenzi. Ekugqibeleni ndancedwa ukuba ndenze inkqubela esa ekubhaptizweni.”
Amabandla amaNgqina kaYehova anjengendawo yokukhusela abantu abaselula. AmaNgqina ayakuvuyela ukunceda nabani na ofuna ukufunda ngethemba elimangalisayo elizayo. Inkulu intuthuzelo eziswa kwabo bafuna ulwalamano noBawo wabo osemazulwini, ekubeni amaNgqina eqeqeshelwa ukunikela isiluleko nokhokelo olusuka eLizwini likaThixo iBhayibhile. Elinye iNgqina lachaza ukuba abantu abaselula bafuna ukuboniswa ukuba imeko enezothe abazibona bekuyo ikwanezothe nakuYehova. Eli Ngqina lithi: “UYehova akafuni ukuba abantwana baxhatshazwe. Akafuni ukuba bangonwabi. Kodwa akafuni ukuba baphume kokunye ukuxhatshazwa bangene kokunye—ukuxhatshazwa abakufumana ezitratweni. Basenokuqhagamshelana nabantu abaqolileyo entlanganweni kaYehova ukuze bathethe nabo ngeengxaki zabo baze baboniswe indlela yokuzicombulula.”
Kubantwana abaneentliziyo ezintle, iLizwi likaThixo linikela ukhuthazo olunamandla ukuze baphephe umgibe wengcinezelo yoontanga. UFrances, intombazana eneminyaka eli-17 ubudala, wakhuthazwa ngomnye afunda naye ukuba angayi esikolweni izihlandlo ezininzi engabaxeleli abazali bakhe. Ekugqibeleni, walishiya ikhaya. Emva kokubangela iiyure zentlungu kubazali bakhe, wabuya. Emva koko, amaNgqina amabini akwibandla lakhe atyelela kowabo. Afumanisa ukuba imekobume yentsapho yayingengonobangela wale ngxaki, ibe anikela isiluleko ngothando. Acacisa ukuba imbopheleleko yobuKristu kulutsha ikukuhlonela abazali balo (Efese 6:1, 2); imfuneko yokuphepha ukunganyaniseki, ekubeni angayi esikolweni (Efese 4:25); nokubaluleka kokuphepha unxulumano olubi. (1 Korinte 15:33) Wasabela ngokuvumayo.
Uncedo Oluvela Phezulu
UCheryl naye wafumana uncedo kuYehova ekuqhubaneni nokuqweqwediswa kwabantwana bakhe ngulowo wayesakuba liqabane lakhe.b Xa wabuzwa okwamncedayo wahlangabezana nale ngxaki ibuhlungu, wathi: “Into yokuqala endayenzayo yayikukufunda iiNdumiso, ngokukodwa INdumiso 35. Kwakuthuthuzela ukwazi ukuba uYehova wayekubona ukungabikho kokusesikweni endandityhubela kuko.” INdumiso 35:22, 23 ithi: “Ubonile, Yehova; musa ukuba sisithulu; Nkosi, musa ukuba kude kum. Zivuse, uphaphe ngenxa yebango lam, . . . ngenxa yento esibambene ngayo.”
Emva kweminyaka emibini, exhaswa nguYehova nangoncedo lwamanye amaNgqina, uCheryl wathetha nalowo wayesakuba ngumyeni wakhe, ibe watyelela abantwana bakhe. Wakwazi ukunikela iimpendulo ezithuthuzelayo ezingesizathu sokuba oku kwenzeke kubo nokubaqinisekisa ukuba wayengabalahlanga. Ngenxa yokuba uCheryl wayeqeqeshe abantwana bakhe ukuba bahlonele uYehova, wakwazi ukubaxelela ngendlela awayebathembe ngayo. Wathi: “Ndiyazi ukuba abantwana bam bayamthanda uYehova, yaye akayi kubavumela ukuba benzakale ngokusisigxina.”
Leyo yaba yindlela loo ngxaki eyacombululeka ngayo. Ngomgudu ozingisileyo kaCheryl ekuqhubaneni namagosa emicimbi yezangaphandle yokufudukela kwelinye ilizwe nokuthembela kwakhe kuYehova ngomthandazo onyanisekileyo, abantwana bakhe babuyiselwa kuye. UCheryl wathi: “Ngokwenene ndimele nditsho ukuba ndibafumene ngesandla sikaYehova.”
Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukufundisa abantwana bethu ngoku ukwazi ukuba ngubani na uYehova nokumnqula! Kweyoku-1 kaPetros 3:12 iBhayibhile ichaza ukuba amehlo kaYehova ‘aphezu kwamalungisa, neendlebe zakhe zisingisele esikhungweni sawo.’ Ngokwenene uYehova uligwiba labantwana bethu. Igama lakhe ‘liyinqaba ende eliqele. Ilungisa ligidimela kulo, libe sengxondeni.’—IMizekeliso 18:10.
Nangona siphila kumaxesha ayingozi kakhulu yaye singasoloko sikwazi okuya kwehlela abantwana bethu, abazali abanqula uYehova bayazi ukuba abaselula babo abathembekileyo abasayi kwenzakaliswa ngokusisigxina. Ukwathembise nokuvusa kwelabafileyo abo baye bangamaxhoba exesha lethu aze acime intlungu nokubandezeleka abakutyhubelayo.—Isaya 65:17, 18; Yohane 5:28, 29.
Ithemba lehlabathi elitsha likaThixo lilelimangalisayo. Kwanokuqonda ukuba kamsinya uThixo uya kumtshabalalisa uSathana emhlabeni nenkqubo yakhe engendawo kulithemba elimangalisayo. Abantwana bethu baya kuba bengasasongelwa. Enye yeengoma amaNgqina kaYehova aziculayo kwiintlanganiso zawo zebandla ichaza loo nkqubo intsha ngale ndlela: “Umoy’ uzal’swe yintswahla,/kubekh’ uyolo nok’vuya,/uyolubona uvuko, ukub’ ujonge umvuzo”!
Kwixesha elizayo udibana nabanye bamaNgqina kaYehova, bacele ukuba bakubonise indlela nawe onokufunda ngakumbi ngayo ngoyolo olungaphambili kwihlabathi elitsha likaThixo lobulungisa. Baya kukuvuyela ukukunceda ubone indlela iLizwi likaThixo elinokukuzisela ngayo intuthuzelo ngoku nobomi obungunaphakade kamva.—INdumiso 37:29; ISityhilelo 21:4, 5.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
b Bona inqaku elikwiphepha 6.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 12]
“UYehova akafuni ukuba abantwana baxhatshazwe”