IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g95 3/8 iphe. 8-9
  • Ngaba UThixo Uyakholiswa Kukusibona Sibandezeleka?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UThixo Uyakholiswa Kukusibona Sibandezeleka?
  • Vukani!—1995
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Noyibandezela Imiphefumlo Yenu”
  • Ngaba UThixo Uyakholiswa Kukuzingcungcuthekisa?
  • Ukuzila Ukutya—Ngaba Kukusondeza KuThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Ithini IBhayibhile Ngokuzila Ukutya?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ngaba Ukuzibandeza Uyolo Kunika Ubulumko?
    Vukani!—1997
  • Ngaba Ukuzila Ukutya Kushiywe Lixesha?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
Vukani!—1995
g95 3/8 iphe. 8-9

Imbono YeBhayibhile

Ngaba UThixo Uyakholiswa Kukusibona Sibandezeleka?

IXOMOLOZA isindwa ngumnqamlezo omkhulu owenziwe ngomthi, indoda ethile ihamba ikhubeka phakathi kwezihlwele njengoko igazi lithontsiza lisuka kwisithsaba sameva esisentlokweni yayo. Ukufika kwayo kwindawo “ekubulawelwa” kuyo, ilaliswa emnqamlezweni; kubethelelwa izikhonkwane ezikhulu ezandleni zayo. Iyazibhijabhija ngenxa yeentlungu njengoko izikhonkwane zikrazula inyama yayo. Xa umnqamlezo uphakanyiswa, iintlungu azinyamezeleki. Ngokutsho kwePanorama, iphephancwadi lakwiiPhilippines, izithethe ezingcungcuthekisa ngolu hlobo zibakho rhoqo kwimibhiyozo yeVeki eNgcwele kwiiPhilippines.

Okusandul’ ukuchazwa yindlela okucaciswa ngayo namhlanje ukubandezeleka kukaYesu. Kodwa le ndoda ayilinganisi nje umboniso womdlalo. Izikhonkwane, igazi, iintlungu—zonke ezo zinto zezokwenene.

Kwezinye iindawo, amaRoma Katolika azinikeleyo anokubonwa esidlangalaleni ezityakatya enomnqweno wokuva ukubandezeleka kukaKristu. Ngoba? Bambi bakwenza oku benenkolo yokuba ukubandezeleka kwabo kuya kuvelisa imimangaliso, efana nokuphilisa abagulayo ababathandayo. Abanye bakwenza oku ukuze bacamagushele izono, zono ezo banoloyiko lokuba, azinakuxolelwa ngaphandle kokuba kuphalale elabo igazi. Incwadi ethi The Filipinos icacisa isithi: “Iintlungu ziyinto elungileyo yokucoca ingqondo nomphefumlo. . . . Umoni ufanele acoceke ezonweni yaye akhululeke kwiingcinezelo ebenazo emva kokuba eve iintlungu.”

Noko ke, asingomaKatolika akwiiPhilippines kuphela azivisa ubuhlungu ngabom. Abantu beenkonzo ezahlukahlukeneyo nakumazwe ahlukeneyo bakholelwa ukuba ukuzivisa ukubandezeleka ngabom kuzisa inkoliseko kaThixo.

Ngokomzekelo, kwiphulo lakhe lokufuna inyaniso, uBuddha, uSiddhārtha Gautama, washiya umfazi nonyana wakhe waza wabalekela entlango, apho wahlala iminyaka emithandathu ephila ubomi bomntu ozinikele elunqulweni. Wema ngendlela engaqhelekanga nengcungcuthekisayo kangangeeyure ezininzi ibe kamva wathi ukhe wahlala ixesha elide esitya ukhozo olunye lwerayisi ngosuku, wabhitya kangangokuba wathi: “Isikhumba sesisu sam sathi nca emqolo.” Kodwa ukuzithuthumbisa kakhulu kwakhe akuzange kumzisele ukhanyo awayelufuna.

Ngokukwanjalo, amaHindu angqibayo aseIndiya ayezivisa ubuhlungu ngeendlela ezahlukahlukeneyo ezithi maxa wambi zigqithise—ukulala phakathi kwemililo, ukujonga ilanga de abe ziimfama, ukuma ngomlenze omnye okanye ezinye iindlela ezingaqhelekanga zokuma kangangexesha elide kakhulu. Kwakucingelwa ukuba abathile abazinikele elunqulweni babekhaliphe kangangokuba babenokukhusela isixeko ekuhlaselweni lutshaba.

Ngokufanayo, iBhayibhile ithetha ngabanquli bakaBhahali abazicenta “ngokwesiko labo ngamakrele nangezikhali, lada latsaza igazi kubo” kwilinge elaphanzayo lokutsala ingqalelo yothixo wabo.—1 Kumkani 18:28.

“Noyibandezela Imiphefumlo Yenu”

Ngoxa kuyinyaniso ukuba uYehova wayalela uhlanga lwakhe olunyuliweyo wathi: “noyibandezela imiphefumlo yenu,” oku kuqondwa ngokuqhelekileyo njengokuthetha ukuzila ukudla. (Levitikus 16:31, NW) Oko kuzila ukudla kwakuyimbonakaliso yokuba buhlungu nokuguquka kwizono okanye kwakusenziwa xa ubani ephantsi kweemeko ezicinezelayo. Ngaloo ndlela, ukuzila ukudla kwakungekuko ukuzohlwaya kodwa kwakubonisa ukuzithoba kukabani phambi koThixo.—Ezra 8:21.

Noko ke, kwakukho amaYuda athile awathi ngempazamo acinga ukuba ukungonwabi okubandakanyekileyo ekubandezeleni umphefumlo kwakunomvuzo nokuba kwakumnyanzela uThixo ukuba abuyekeze ngokuthile. Xa engazange afumane mvuzo unjalo, ngekratshi abuza uThixo ngentlawulo awayecinga ukuba iwafanele esithi: “Yini na ukuba sizile ukudla, ungaboni? siwubandezele umphefumlo wethu, ungazi?”—Isaya 58:3, NW.

Kodwa ayengachananga. Ukuzila ukudla okufanelekileyo konqulo kwakungabandakanyi ukuzibandeza, ukuthwaxa umzimba ngendlala, ngokungathi iintlungu zomzimba okanye ukungonwabi ngokwako kwakunokubazisela umvuzo. Iimvakalelo ezinamandla zazisenokuyinciphisa indlala yawo. Ukuba ingqondo ixinwe ziingxaki ezinkulu, umzimba usenokungakunqweneli ukutya. Oku kubonisa uThixo iimvakalelo ezinzulu aba nazo lowo uzila ukudla.

Ngaba UThixo Uyakholiswa Kukuzingcungcuthekisa?

Ngaba uMdali onothando uyonwaba xa ebukele abantu bezithuthumbisa? Ngoxa kuyinyaniso ukuba ngamanye amaxesha amaKristu asenokunyanzeleka ukuba abe “ngamadlelane ngeentlungu zikaKristu,” oku akuthethi ukuba makahambe ezingela inkathazo okanye isithsaba sokuba ngabafeli-nkolo.—1 Petros 4:13.

Ngokuqinisekileyo, uYesu akazange azibandezele. Iinkokeli zonqulo zakhalaza ngenxa yokuba abafundi bakhe bengazange bazile ukudla, ibe bada bamtyhola naye ngokuba ‘ngumntu olidla-kudla, olisela-wayini.’ (Mateyu 9:14; 11:19) UYesu wabonisa ubungcathu kwiinto zonke yaye akazange alindele okungaphezulu ngokungekho ngqiqweni kuye siqu nakwabanye.—Marko 6:31; Yohane 4:6.

EZibhalweni akukho ndawo apho sinokufumana isiseko sokuzibandeza, ngokungathi ukuzibandeza imfuneko okanye ulonwabo ebomini kuya kwenza uThixo asithande. Phawula amazwi ompostile uPawulos ngokuphathelele olo qheliselo lubuhlungu: “Okunene zizinto ezo ezidunyelwe bubulumko ngokunqula okuzithandelayo, nangokuthobeka kwentliziyo, nangokubandezela umzimba, kodwa kungengambeko yanelisa inyama.”—Kolose 2:23.

UMartin Luther, xa wayeyimonki, wazingcungcuthekisa ngokoqobo. Noko ke, kamva waluchasa olo qheliselo, esithi lwalukhuthaza ingcamango yeendlela ezimbini eziya kuThixo, engaphezulu nengaphantsi, ngoxa iZibhalo zazifundisa indlela enye esa elusindisweni—ngokuba nokholo kuYesu Kristu noYise, uYehova. (Yohane 17:3) Kwelinye icala, izithethe ezingcungcuthekisayo bambi bebezigqala njengendlela yokuzizuzisa usindiso.

Incwadi ethi Church History in Plain Language igqabaza ngokuzibandeza ithi: “Ukwenza onke loo matile-tile kwakuyimbono ephosakeleyo ngomntu. Umphefumlo, ngokutsho kweemonki, uqanyangelwe enyameni njengebanjwa eliqanyangelwe kwisidumbu. Oku akuyiyo imbono yeBhayibhile ngobomi bomntu.” Ewe, kwaingcamango yokuba ukuzingcungcuthekisa ngabom kunokumkholisa uThixo ayingqinelani neZibhalo. Isekelwe kubuxoki bamaGnostiki bokuba yonke into enxulumene nenyama ingendawo yaye ifanele ixhatshazwe kangangoko kunokwenzeka ukuze ubani asindiswe.

Ekubeni uYehova efuna ukuba sonwabe, ukuze sikhonze uThixo owonwabe ngolu hlobo akuyomfuneko ukuba side sizibandezele. (INtshumayeli 7:16) Ngaloo ndlela, akukho ndawo eZibhalweni apho sixelelwa ukuba ukuzibandezela ngabom kuyindlela esa elusindisweni. Ngokwahlukileyo koko, iLizwi likaThixo likwenza kucace ukuba ligazi likaKristu, kunye nokuba nokholo kwethu kulo, okusihlambulula kuzo zonke izono.—Roma 5:1; 1 Yohane 1:7.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share