Kungekudala—Kuza Kufika Elona Xesha Lilungileyo!
NGOKUTSHO kweBhayibhile, uThixo wayecebe ukuba uhlanga lwabantu luphile ngonaphakade kwiparadisi esemhlabeni wonke. (Genesis 1:28; 2:8, 9) Licacile elokuba sikude lee kwinjongo kaThixo yantlandlolo. Kwenzeke ntoni?
Isibini sokuqala esingabantu asizange simthobele uThixo, nto leyo eyaphumela kukungafezeki nasekufeni kwaso kunye nenzala yaso yonke. (Genesis 2:16, 17; 3:6, 7, 17-19; Roma 6:23) IBhayibhile ithi: “Isono sangena ngomntu omnye ehlabathini, yaye isono sakhe seza nokufa. Ngenxa yoko, ukufa kusasazeke kulo lonke uhlanga lwabantu kuba wonk’ ubani wonile.”—Roma 5:12, Today’s English Version.
Phezu kwayo nje le meko, injongo kaThixo ayiguqukanga. “Ilizwi lam linjengekhephu nemvula ehlayo evela esibhakabhakeni ukuze imanzise umhlaba. Zenza izityalo zikhule zize zinike imbewu yokutyala nokutya ukuze atye. Ngoko nelizwi endilithethayo liya kuba njalo . . . Liya kwenza konke endilithumele ukuba likwenze.” (Isaya 55:10, 11, TEV) UThixo usithembisa ngantoni?
IINTSIKELELO PHANTSI KOBUKUMKANI BUKATHIXO
Ubomi obungunaphakade
“Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.
“Kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu.”—ISityhilelo 21:4.
Unqabiseko
“Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo; uthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho.”—INdumiso 37:10.
Umsebenzi owanelisayo
“Abantu baya kwakha izindlu baze bahlale kuzo—azisayi kusetyenziswa ngomnye umntu. Baya kutyala iidiliya baze banandiphe iwayini—ayisayi kuselwa ngabanye. Njengemithi, abantu bam baya kuphila ubomi obude. Baya kuzinandipha ngokuzeleyo izinto abaye bazisebenzela.”—Isaya 65:21, 22, TEV.
Impilo
“Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa; abantu abahleliyo khona babuxolelwe ubugwenxa babo.”—Isaya 33:24.
Iziphene ziya kube zingekho
“Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge.”—Isaya 35:5, 6.
Intabalala yokutya
“Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba.”—INdumiso 72:16.
Uxolo
“Yizani nikhangele imisebenzi kaYehova; owenze iziphanziso ehlabathini; ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi.”—INdumiso 46:8, 9.
OMELE UKWENZE
Yintoni omele uyenze ukuze unandiphe ezi ntsikelelo uThixo azithembisileyo? IBhayibhile iyaphendula kuYohane 17:3: “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.” Ewe, ngokufunda ngoThixo—ngegama lakhe, ngenjongo yakhe, nangemithetho yakhe—siyazi ukuba sisingise kweliphi icala. Ngaphezu koko, ngokufunda ngoYesu—ngobomi bakhe emhlabeni, idini lakhe lentlawulelo lezono zethu, isikhundla sakhe njengoMlawuli woBukumkani bukaThixo—sinokuba nentembelo yokuba injongo kaThixo iya kuzaliseka.
Ukukunyamezela kukaThixo ubungendawo kuye kwabonisa ngokungathandabuzekiyo ukuba umntu, njengomhambi kummandla angawuqhelanga, akanako ukuqinisela ukunyathela kwakhe. (Yeremiya 10:23) Eneneni, ngendimbane yoorhulumente—ukusuka kubuzwilakhe ukusa kulawulo-melo—umntu uye wazama zonke iindlela onokuzicinga. Sekunjalo, impumelelo yakhe isikelwe umda ngokupheleleyo.
Hayi indlela esinokuba nombulelo ngayo kuba uBukumkani bukaThixo buya kuphendula umthandazo owenziwa zizigidi: “Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.” (Mateyu 6:10) Iintsikelelo zoBukumkani bukaThixo ziya kunanditshwa emhlabeni xa ngokukhawuleza buthabathel’ indawo bonke oorhulumente babantu. IBhayibhile ithembisa oku: “Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.”—Daniyeli 2:44.
Elinjani lona ukuzuka ixesha ekuya kuba lilo! Ulwazi lweBhayibhile ngokwenene lungasizalisa ngethemba. Ewe, la ngamaxesha aneenkathazo—yaye aya esiba mabi. Kodwa oko kuphela kungqina ukuba siphila kwimihla yokugqibela yale nkqubo indala yezinto. Kungekudala la maxesha mabi aya kuthatyathelw’ indawo ngawona maxesha alungileyo phantsi koBukumkani bukaThixo!