Imbono YeBhayibhile
Ngaba Ukhuphiswano Kwimidlalo Luphosakele?
AMADODA amabini akhulileyo ahleli epakini ngemini efudumeleyo neshushu, edlala iindolotyi. Kufuphi apho zizandi zabantwana abatswinayo yaye bebaleka bedlala icekwa. Kude kufuphi nalapho, iqela labafana lidlala umdlalo webhola yomnyazi. Ewe, yonke imihla abantu esikunye nabo, abaselula nabakhulileyo bayayithanda imidlalo. Xa idlala, inkoliso yabantu abadlalayo izama ukwenza konke okusemandleni ayo. Mhlawumbi nawe wenjenjalo.
Kodwa ngaba kunokuthiwa ezo ndlela zinobuhlobo zokhuphiswano ziphosakele? Abaninzi bayasazi isiluleko sompostile uPawulos esikweyabaseGalati 5:26, apho wathi amaKristu akafanele ‘axhokonxe ukhuphiswano omnye nomnye.’ (NW) Ngenxa yoku, ngaba bekuya kuba kokungafanelekanga ngamaKristu ukukhuphisana kwimidlalo yokuzihlaziya?
Ngamafutshane, akunjalo. Ngoba kutheni? Ngaphambi kokuphendula loo mbuzo, makhe sikhangele ngokufutshane kwimbali yemidlalo.
Imbali Yemidlalo
Ukudlala imidlalo kususela emva phayaa kumaxesha amandulo kwaye bekusoloko kuyinto ephawulekayo ukutyhubela imbali—kuquka imbali yabantu bakaThixo. Igama elithi “ibhola” liyavela nokuvela eBhayibhileni. UIsaya 22:18, xa ethetha ngokugweba kukaYehova uThixo abantu abangendawo, uthi: “Uya [kubasonga] njengebhola.” Zimbi iibhola zala maxesha—njengeebhola zegalufa kunye nezebaseball—isenziwa ngokuthi kusongwe loo nto yenziwa ngayo. Le ndinyana ifanayo iguqulelwe ngolu hlobo kwiKing James Bible: “Uya . . . kukuphosa njengebhola.” Ukuze esi sifaniso sisebenze kakuhle, iibhola zimele ukuba zazisetyenziswa ngabo babephila ngelo xesha.
Ukongezelela, eBhayibhileni kukho imeko kasolusapho uYakobi ejijisana nesithunywa sezulu. Le ngxelo ibonakala inikela ingcamango yokuba uYakobi wayenobuchule awayebuqhelisele kwangaphambili, ekubeni kungekho mntu waphumelelayo kulo mlo wathabatha iiyure ezininzi. (Genesis 32:24-26) Okubangel’ umdla kukuba, ngokwabanye abaphengululi, le ngxelo isenokubonisa ukuba uYakobi wayeyazi imithetho yomdlalo wewrestling. Kusenokwenzeka ukuba amaSirayeli ayedlala nomdlalo wokutola—omnye umdlalo ofuna uqheliselo nobuchule. (1 Samuweli 20:20; IZililo 3:12) Ukubaleka yayingomnye umdlalo abantu bamandulo ababewuqhelisela nababeziqeqeshela wona.—2 Samuweli 18:23-27; 1 Kronike 12:8.
Imidlalo ebandakanya ukusetyenziswa kwengqondo—njengokucombulula amaqhina—ngokucacileyo yayixhaphakile yaye ixatyiswa gqitha. Mhlawumbi owona mzekelo uphawulekayo woku liqhina awathi uSamson maliconjululwe ngamaFilisti.—ABagwebi 14:12-18.
KwiZibhalo zamaKristu zesiGrike, maxa wambi imidlalo yayisetyenziswa njengentetho esisikweko yokuchaza ukuphila kwamaKristu. Ngokomzekelo, kweyoku-1 kwabaseKorinte 9:24, 25, uPawulos uthetha ngemithetho elawula ukuziqeqesha kwembaleki aze ayisebenzise ekuboniseni amaKristu ukuba kufuneka abe nokuzeyisa nokunyamezela. Kwakhona, kucacile ukuba uYehova wafaka umnqweno wokudlala kuninzi lwendalo yakhe, kuba umntu kwanesilwanyana baba nethuba lokudlala.—Yobhi 40:20; Zekariya 8:5; thelekisa amaHebhere 12:1.
Xa Ukhuphiswano Lugqithisela
Noko, wayethetha ukuthini umpostile uPawulos xa waxelela amanye amaKristu ukuba ‘angaxhokonxi ukhuphiswano omnye nomnye’? (Galati 5:26, NW) Impendulo ifumaneka kumongo. UPawulos watshayelela la mazwi ngokuwaxelela ukuba ‘angabi ngawozuko olulambathayo’ okanye, njengokuba ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zikubeka, angabi “ngaqhayisayo,” “aziphakamisayo,” “anqwenela uzuko olulambathayo.” Ukusukela udumo nozuko kwakuxhaphakile phakathi kweembaleki zomhla kaPawulos.
Nanamhlanje kwihlabathi lozuko olulambathayo, iimbaleki ezingakumbi nangakumbi zibhenela ekuzigwagwiseni nasekutsaleleni ingqalelo kwiziqu zazo nakubuchule bazo. Zimbi zide zifikelele nakwinqanaba lokuthoba abanye. Ukugculela, ukubabek’ ityala nokubatyhola abanye kunye nokuthetha izinto ezithoba abanye, okanye oko ezinye iimbaleki zikubiza ngokuba “yintetho ehlab’ amadlala,” ngokukhawuleza kuya kusiba yinto eqhelekileyo. Konke oku ibiya kuba ‘kukuxhokonxa ukuphiswano,’ (NW) okukhokelela koko abhekisela kuko uPawulos kwibinzana lokugqibela lencwadi yamaGalati 5:26—umona.
Eyona nto kubi ngayo oku, ukhuphiswano olungalungelelananga lukhokelela kwimilo kwanasekufeni. Khawucinge ngokuhlangana kwamadoda kaSawule namadoda kaDavide eGibheyon, xa uAbhinere noYowabhi bavumelana ukuba “amadodana makakhe asuke adlale phambi [kwabo].” (2 Samuweli 2:14-32, Tanakh) Oku kubonakala kubhekisela kukhuphiswano lohlobo oluthile lwewrestling. Kungakhathaliseki ukuba olo khuphiswano yayilolwantoni na, ngokukhawuleza yaba lidabi elibi nekwaphalala kulo igazi.
Imbono Elungeleleneyo
Imidlalo yokuzihlaziya ifanele yonwabise—ingabi yenxunguphalisayo. Oku sinokukufumana ngokuzijonga izinto ngendlela eziyiyo, sikhumbula ukuba ukuxabiseka kwethu kuThixo nakummelwane wethu akunanto yakwenza nobuchule bethu kwezemidlalo.
Bekuya kuba bubudenge ukuvumela iimvakalelo zokuba ngabongamileyo zikhule ngaphakathi kwethu ngenxa yamandla omzimba nawengqondo. Ngoko masiluphephe utyekelo olungafanelekanga, olulolwehlabathi lokutsalel’ ingqalelo kwiziqu zethu, hleze sibangele abanye basimonele, uthando alugwagwisi. (1 Korinte 13:4; 1 Petros 2:1) Kwaye ngoxa kusengqiqweni ukulindela uvuyo, ihlombe elibakho ngokuzenzekelayo nokuvuyisana kwabo badlalela iqela elinye, asingethandi ukuba ezi mvakalelo zibe zezingalawulekiyo zize zibe kukuqhayisa.
Asinakuze silinganise ukuxabiseka kwabanye ngobuchule babo kwezemidlalo. Ngokukwafanayo, asinakuze sizijongele phantsi ngenxa yokungabi nabuchule. Ngaba oku kuthetha ukuba bekuya kuba kokuphosakeleyo ukubala amanqaku? Akuthethwa loo nto. Kodwa sifanele sikhumbule indlela umdlalo ngamnye ongabalulekanga ngayo—ukuxabiseka kokwenene kwabantu akuxhomekekanga kwindlela abadlala kakuhle ngayo. Xa kudlalwa njengeqela amanye amaqela abatshintshatshintsha rhoqo abadlali kwiqela ngalinye ukuze kungasoloko kuphumelela iqela elinye.
Kwakhona amaKristu afanele akhumbule ukuba nangona imidlalo ikhankanywa eBhayibhileni, ayikhankanywa ngokufuthi. Bekuya kuba yimpazamo ukugqiba ngelithi ukukhankanywa nje kwemidlalo eBhayibhileni kuthetha ukwamkeleka ngokupheleleyo kwayo yonke imidlalo. (Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 9:26 neNdumiso 11:5.) Kwakhona, uPawulos wathi “eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke.”—1 Timoti 4:8.
Ngoko xa ikwindawo yayo efanelekileyo, imidlalo iyanandipheka kwaye iyahlaziya. IBhayibhile ayizigwebi zonke iintlobo zokhuphiswano, kodwa igweba kuphela olo lubangela ikratshi, usukuzwano, ukubawa, umona, okanye ugonyamelo.