Ukugcina Ezemidlalo Zikwindawo Efanelekileyo
XA ABANTU bedlala imidlalo abayithandayo, baziva bechwayitile njengoko imizimba yabo isabela ize yenze izenzo zobuchule okanye ezonyamezelo. UThixo wasidalela ukuba siyinandiphe imisebenzi yenyama. Mhlawumbi kwanabantu abangakumbi bayonwatyiswa kukubukela abanye bedlala. Ngoko ezemidlalo zifana nezinto ezininzi ezilungileyo xa zigcinwe zikwindawo yazo efanelekileyo.
Ngokomzekelo: Xa abantu besiya elunxwemeni ukuze banandiphe ubushushu belanga, kwenzeka ntoni xa begqatswa kakhulu lilanga? Batshiswa lilanga kabuhlungu nto leyo esisiphazamiso kwixesha labo elimnandi yaye kukwababeka esichengeni esibi. Oku kuyafana nangezemidlalo. Okuncinane kulungile, kodwa ukuchanabeka ngokugqithiseleyo kuzo kunokwenzakalisa.
Imidlalo inokubangela ukuphumla nolonwabo olukhulu, sekunjalo ayinakuba lusukelo oluphambili. Ayiluzisi ulwaneliseko lokwenene okanye ulonwabo oluhlala luhleli. Ngelishwa maxa wambi umntu ukuqonda oku emva kokuba efumene intlekele embi. UMary Wazeter, imbaleki elibhinqa eyaziphosa ebrorhweni yaza yafa umzimba, wachaza oku: “Zonke iindebe neembasa zam azibalulekanga.”
Wanikela le ngxelo: “Ndiye ndafunda iinyaniso ezininzi ngobomi. Enye yeyokuba ulwaneliseko lokwenyaniso alufunyanwa ngeendlela abantu abaninzi abazama ngazo ukuba bafezeke baze baphumelele. Andilufumananga ulonwabo ngokuthi ndibe ngumfundi ophumelela emagqabini, imbaleki eyintshatsheli kwilizwana lakowethu okanye ngokuba nomzimba onomtsalane.”
Siyijonga imicimbi ngendlela ebangela intlungu, isazi ngemekobume yoluntu uJohn Whitworth saphawula oku: “Ekupheleni komdlalo, ekuphela kwento oba nayo luludwe lweengxelo zabaphumeleleyo nabangaphumelelanga. Konke abakufumanayo akunambuyekezo inzulu. Noko ke, ndicinga ukuba oku kuyafana nebutho labantu banamhlanje.” Ukubalaselisa ngokugqith’ emgceni imidlalo namhlanje kubangela ukuba kungabikho kuqondwa kakuhle kwezinto ezixabiseke ngokwenene.
Emva kokuphumelela kwakhe kugqatso lweembaleki lweemitha ezingama-200 kwimini yeOlimpiki ngowe-1964, uHenry Carr wacacisa oku: “Xa ndandibuyela kwiiDolophana zeOlimpiki, ndaqalisa ukuyijonga ngokwenene imbasa yam yegolide. . . . Ngokwenene ndazibuza oku: ‘Kanye kanye yintoni le! Kuyo yonke le minyaka bendibila ndisoma, ukuze ndifumane le nto?’ Kunokuba ndonwabe, ndasuka ndaba nomsindo. Ngokwenene kwakubangela udano.” UMarlon Starling wavakalelwa ngendlela efanayo emva kokuba ephumelele kumlo weenjinga ezikudidi oluphakathi kuMbutho Wehlabathi Wezamanqindi ngowe-1987. Wathi: “Intshinga ayilingani nokuthi komntwana wam, ‘Tata ndiyakuthanda.’”
Ngoko kunokufundwa isifundo esibalulekileyo: Umsebenzi oyingenelo, intsapho, yaye ngokukodwa ukunqula uThixo kufanele kube kwindawo yokuqala ngokufanelekileyo. IBhayibhile ichanile xa isithi: “Eyeyomzimba ingqeqesho [eveliswa yimidlalo] inceda kancinane.” (1 Timoti 4:8) Oko kubonisa indawo efanelekileyo imidlalo efanele ibe kuyo kubomi bethu. Ayifanele ize kuqala. Ekubeni imidlalo inokonwabisa kangaka, umntu ufanele ahlale ephaphele ukuba izinto ezibaluleke ngakumbi zingatyeshelwa.
Ngoko ke, ngobulumko yenza okuthile xa amalungu entsapho yakho ekhalazela ukuba uchitha ixesha elininzi gqitha uthetha, ubukela okanye udlala imidlalo. Elinye ibhinqa, umyeni walo owenza iinguqulelo kwindlela awayenikela ngayo ingqalelo emidlalweni, ngovuyo lathi: “Ngoku uchitha ixesha elingakumbi enabantwana kunye nam. Maxa wambi intsapho yethu ibukela umdlalo kumabonwakude, kodwa ngeengokuhlwa ezininzi sihamba kunye size sincokole ngeziganeko zosuku. Kumnandi kakhulu oku yaye kuyanceda ukusigcina sonwabile.”
Ngenxa yeengxaki ezisenokubakho, kutheni ngokunyanisekileyo ungazibuzi lo mbuzo: Ngaba ndichitha ixesha nengqalelo eninzi kwimidlalo kunokuba kuyimfuneko? Sekunjalo, kukho ezinye iinkalo kulo mbandela wokugcina ezemidlalo zikwindawo efanelekileyo.
Kuthekani Ngokhuphiswano?
Ukuze imidlalo ibe yingenelo kunokuba ibe yeyenzakalisayo, kubalulekile ukuba nesimo sengqondo esifanelekileyo ngokhuphiswano. Ugqirha weqela leencutshe zehockey wavakalisa ubuhlungu wathi: “Abaqeqeshi, abafundisi-ntsapho bomthambo, abazali nabantwana ngokwabo baye bagxininisa kakhulu ekuphumeleleni kangangokuba bayayilibala injongo yemidlalo [kubantu abaselula].” Wathi injongo yemidlalo ifanele ibe “kukwakha umoya wokusebenzisana njengeqela noqeqesho, ukwakha ukomelela komzimba, ibe ngaphezu kwako konke, ukonwabisa.”
Noko ke, ngelishwa ukugxininisa ekuphumeleleni kuye kwabuphelisa ubumnandi kwabaninzi. Isazi ngengqondo yabadlali uBruce Ogilvie saphawula oku: “Ndandikhe ndadlan’ indlebe nabadlali abakunyaka wabo wokuqala abakwiinkampu ezili-10 neziphambili zamaqela ebaseball yaye ama-87 ekhulwini abo athi anga ngewayengazange ayidlale ibaseball kwiLittle League ngenxa yokuba yaphelisa uvuyo kumdlalo obusonwabisa.” Ingxaki ehlobene noku kukuba ukhuphiswano olukhulu lunegalelo ekwenzakaleni kwabaninzi.
IBhayibhile inikela imigaqo yokusikhokela, isithi: “Masingabi ngabozuko olulambathayo, sivusa ukhuphiswano omnye nomnye, simonelana.” (Galati 5:26, NW) Ngokutsho kwezichazi-magama zesiGrike ukuya esiNgesini, igama lesiGrike apha eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuvusa ukhuphiswano’ lithetha “ukuhlab’ ikhwelo,” “ukucel’ umngeni ukulwa okanye ukukhuphisana nomnye umntu.” Ngaloo ndlela iAn American Translation inale nguqulelo: “Masingathi ngokuzingca kwethu sicel’ umngeni omnye nomnye.” Yaye umbhalo osemazantsi weNew World Translation unikela enye indlela yokuchaza oku: “Ukunyanzelela omnye nomnye kukhuphiswano.”
Ngoko, kucacile ukuba akubobulumko ukuvusa ukhuphiswano. Akudali ulwalamano oluhle. Ukuba unyanzelwa ukuba ungenele ukhuphiswano uze woyiswe, aze lowo ukoyisileyo aqhayise ngako oko, unokuba namava adandathekisayo. Ukuba nesimo sengqondo sokhuphiswano olukhulu kukungabi naluthando. (Mateyu 22:39) Kwangaxeshanye, ukuba ukhuphiswano lugcinwe lukumlinganiselo wobuhlobo nobubele, lunokufak’ isandla ekubangeleni umdla nasekunandiphekeni komdlalo.
Bambi basenokukhangela iindlela zokudlala ngohlobo lokunciphisa ukhuphiswano. Omnye umqeqeshi webhola ekhatywayo noliNgesi wathi, “Ndikholelwa ngokunzulu ukuba abantwana abangaphantsi kweminyaka eli-13 okanye eli-14 bangadlaleli ukhuphiswano.” Wancomela ukuba kungagcinwa zingxelo zeziphumo okanye zomgangatho wamaqela—“kungabikho migangatho yakufikelelwa, kungabikho midlalo yokhuphiswano lokugqibela.” Ewe, ukugxininisa ekuphumeleni kufanele kuncitshiswe ngokufanelekileyo okanye kususwe ngokupheleleyo.
Isimo Sengqondo Ngakubadlali
Ukugcina ezemidlalo zikwindawo yazo efanelekileyo kwakhona kuya kubandakanya isimo sethu sengqondo ngakubadlali abaneziphiwo nabadumileyo. Kodwa ngaba bafanele benziwe izithixo? Ngokufuthi ulutsha lubonwa luxhome imifanekiso yabadlali abanjalo emagumbini alo. Ngaba oko kufezwayo ngabantu abanjalo ngokwenene kubenza ukuba bafanelekele imbeko? Mhlawumbi okufunekayo kokuchasene noko.
Umdlali omtsha kwiqela elalidlala kumdlalo weentshatsheli phantsi kweNational Football League okokuqala wawondela ngolangazelelo amalungu eqela lakhe. Wathi kodwa ihambo nesimo sawo sengqondo “saziphelisa iimvakalelo nentlonelo endandinayo ngabo.” Wachaza oku: “Ngokomzekelo, baya kuthi: ‘Uyazi, kwiveki ephelileyo bendilele namantombazana amahlanu, ngaphandle komfazi wam.’ Yaye ndaye ndamjonga lo mntu ndaza ngaphakathi ndacinga oku: ‘Ngoko lo ngumntu ebendimenza uthixo wam.’”
Ngokwenene, akufanelekanga ukunqula nawuphi na umntu, yaye ngokukodwa oku kuya kuba yinyaniso ngakwabo babalasela koko iBhayibhile ithi kunceda kancinane okanye ngokulinganiselweyo. Abakhonzi bakaThixo babongozwa ukuba ‘bakubaleke ukubusa izithixo.’—1 Korinte 10:14.
Indlela Eluncedo Ngayo Imidlalo
Njengokuba siphawulile, iBhayibhile ithi ingqeqesho yomzimba, njengaleyo ifumaneka emidlalweni, “inceda kancinane.” (1 Timoti 4:8) Oku kwenzeka ngaziphi iindlela? Ungangenelwa njani emidlalweni?
Ugqirha ongumGrike uGalen owayephila kwinkulungwane yesibini nowayengugqirha womlawuli waseRoma uMarcus Aurelius, wabethelela ukuba umthambo ubalulekile ukuze umntu abe nempilo eqhelekileyo. Ibe wancomela imidlalo yebhola, ekubeni le midlalo iqeqesha umzimba wonke ngendlela yemvelo. Kwakhona ngokuqhelekileyo kumnandi ukudlala imidlalo yebhola, ngoko umntu usenokuthanda ukudlala le midlalo ayinandiphayo kunokuba enze ezinye iindlela zomthambo.
Abantu abaninzi bafumanisa ukuba umthambo abawufumana emidlalweni ubenza bazive besempilweni. Emva kokwenza umthambo okanye umdlalo obavuselelayo, baziva bebatsha yaye behlaziyekile. Sekunjalo, oku akufanele kusimangalise, ekubeni, ngokutsho kukaGqr. Dorothy Harris, “umthambo ulelona yeza lokwemvelo elibangela ukuzola.”
Ingqeqesho yomzimba, njengaleyo iphunyezwa kukwenza umthambo womzimba, ukubaleka nokudlala, ngokuqhelekileyo namhlanje iye yaphawulwa njengebalulekileyo ukuze uzuze impilo entle. IThe World Book Encyclopedia ithi: “Abantu abanemizimba ephilileyo bayenza imisebenzi yabo ngokulula nangaphandle kokudinwa baze babe nawo amandla okwenza ezinye izinto abazinqwenelayo. Kwakhona banokumelana nemiphumo yokwaluphala ngokulunge ngakumbi kunabo banemizimba engaphilanga kakuhle.”
Noko ke, ingakhathaliseki indlela imidlalo enokumnceda ngayo umntu ukuba athambe ngokwasemzimbeni, inengenelo elinganiselweyo. Ukwaluphala nokufa akunakuthintelwa yimizamo umntu ayenzayo. Kanti, emva kokuthi “ingqeqesho yomzimba inceda kancinane,” iBhayibhile ithi: “Ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho.”—1 Timoti 4:8.
Kuphela nguYehova uThixo, uMdali wethu, onokusinika ubomi. Ngoko ke, akukho nto ibaluleke ngaphezu ‘kokuhlonela uThixo,’ oko kukuthi, ukumbeka, ukumnqula nokumkhonza uThixo. Ngoko abo baqhelisela ukuhlonela uThixo baya kubeka ukuthanda kukaThixo kwindawo yokuqala. Baya kuzibhokoxa enkonzweni kaThixo, besebenzisa ubutsha babo njengoko uYesu Kristu wenzayo, bexelela abanye ngezinto ezilungileyo ngoThixo nangoBukumkani bakhe.
Ewe, ngokubeka izilangazelelo zikaThixo kuqala, abantu banokuthandwa nguye baze bafumane ubomi obungunaphakade kwihlabathi lakhe elitsha lobulungisa. Apho uThixo owonwabileyo, uYehova, uya kubanika ulonwabo nolwaneliseko lokwenyaniso noluhlala luhleli.