Impilo Nemekobume
Ngumbhaleli kaVukani! eNigeria
Nyaka ngamnye ehlabathini lonke, abantu abazizigidi ezingama-49 bayafa. Ngokwengxelo yeWorld Health Organization (WHO), malunga nama-75 ekhulwini abantu abafayo bafa ngaphambi kwexesha, unobangela unxulunyaniswe nemekobume nendlela yokuphila engekho mgangathweni. Khawuqwalasele eminye imizekelo:
◼ Umhlaza ubulala izigidi ezihlanu nyaka ngamnye. IWHO inikela ingxelo yokuba, Ubukhulu becala oku “kubangelwe ngokungqalileyo kukwanda okukhulu kokutshaywa komdiza kwiminyaka engama-30 edluleyo.”
◼ Izifo zokuhambisa sisisu, ezibulala ngaphezu kwezigidi ezithathu zabantwana minyaka le, ngokufuthi zibangelwa kukutya nangamanzi angcolileyo, kwanokungabikho kogutyulo.
◼ Isifo sephepha, esibulala abantu abazizigidi ezithathu minyaka le, siyaphumelela kwiindawo ezinobuhlwempu nezixineneyo, ingakumbi apho inkqubo yogutyulo ikumgangatho ophantsi.
◼ Iingxaki zokuphefumla, ngokuyintloko inyumoniya, ibulala izigidi ezithathu ezinesiqingatha zabantwana abangaphantsi kweminyaka emihlanu nyaka ngamnye. Abaninzi bahlala ezixekweni ezichanabeke kungcoliso lomoya olugqithiseleyo.
Ngaphandle koku kufa, minyaka le abazizigidi ezingama-2500—phantse isiqingatha sabemi behlabathi—banezigulo ezibangelwa kukungabi namanzi awaneleyo okanye angcolileyo nenkqubo yogutyulo ekumgangatho ophantsi. Ukongezelela, iWHO inxulumanise izinto ezixhalabisayo kweli xesha njengemvula enemichiza, ukwenziwa buthathaka komoya okhusela umhlaba kwimitha eyingozi nokufudumala okusemhlabeni nempilo yabaninzi ekumgangatho ophantsi. Lilonke, ingxelo yeWHO yathi, abantu abangaphezu kwamawaka amabini ezigidi baphila kwiimekobume ezisongela ubomi okanye impilo.
UGqr. Hiroshi Nakajima, umalathisi jikelele weWHO, ulumkisa ngelithi: “Ukuba asithabathi manyathelo ngoku, ixesha lobunzima eMhlabeni nakubemi bawo liya kuba lelinganyamezelekiyo ngokupheleleyo, kunye nemekobume engasayi kuhlala ihleli.”
IBhayibhile ithembisa ukuba kuya kubakho ixesha laxa ‘kungayi kubakho mmi uthi, ndiyafa.’ (Isaya 33:24) Oku kuya kufezwa, kungekhona ngemigudu yomntu, kodwa buBukumkani bukaThixo, obuya kuphelisa izigulo noonobangela bazo.—ISityhilelo 21:3, 4.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 18]
Godo-Foto