Imbono YeBhayibhile
Uthando Olumanyanisayo
NGOWE-1978 kuMntla weAtlantika uqhwithelo olukhulu lwantlitha inqanawa eyayitofo-tofo iQueen Elizabeth 2. Amaza ayephakame kangangesakhiwo esinemigangatho elishumi abetha inqanawa ayenza ayazinza emanzini. Ifanishala nabakhweli babengqubeka ngaphakathi njengoko inqanawa yayintlithwa ngamaza. Okumangalisayo kukuba phakathi kwabakhweli abali-1200 bambalwa kakhulu abenzakalayo. Ubugcisa nezinto eyayakhiwe ngazo nendlela eyakhiwe ngayo zayinceda loo nqanawa ayaphuka.
Kwiinkulungwane ezadlulayo kwakukho inqanawa eyayisemngciphekweni wokuhlaselwa luqhwithelo. Umpostile uPawulos ekunye nabangama-275 babekuloo nqanawa. Benoloyiko lokuba inqanawa ingaphuka ngenxa yoqhwithelo olwaluze ngamandla, oomatiloshe baqalisa ukusebenzisa “uncedo”—basebenzisa amatyathanga okanye iintambo—ukuze baqinise inqanawa kuwo onke amacala nokuze baqinise amaplanga eyayenziwe ngawo loo nqanawa. Bonke abakhweli ababelapho basinda, nangona inqanawa ingazange isinde.—IZenzo, isahluko 27.
Izilingo esizifumana ebomini maxa wambi zingasenza sivakalelwe ngokungathi sikwinqanawa ehamba kulwandle olungazolanga. Ukwanda kwamaxhala, udano, nokudandatheka kungasenza sidakumbe, kuze kuvavanye uthando esinalo. Ukuze sisinde kwezi nkqwithelo size siphephe ukwenzakala kufuneka sifumane uncedo.
Xa Kuvela Iinkqwithelo
Ukholo nonyamezelo lompostile uPawulos lubalaseliswe ngokucacileyo eBhayibhileni. Wabandezeleka ngenxa yamabandla amaKristu enkulungwane yokuqala. (2 Korinte 11:24-28) Izinto awazifezayo kumsebenzi weNkosi zanikela ubungqina bothando olunzulu awayenalo ngabamelwane bakhe nolwalamano olomeleleyo noThixo. Sekunjalo, uPawulos wayengasoloko ehamba lula ebomini. Lo mpostile wasinda ngokoqobo nangokufuziselayo kwiinkqwithelo ezininzi.
Ngomhla kaPawulos, xa inqanawa yayihlangana noqhwithelo olukhulu, ukusinda kwabakhweli nenqanawa kwakuxhomekeke ebuchuleni babaqhubi nasekomeleleni kwenqanawa. Oku kwaba njalo xa lo mpostile wajamelana neenkqwithelo zokomfuziselo. Nangona uPawulos wakwazi ukoyisa ukuphathwa kakubi ngokwasemzimbeni, ukufakwa entolongweni, nokuthuthunjiswa, ezona nkqwithelo zinamandla ezavavanya ukomelela kwakhe ngokomoya nangokweemvakalelo nothando awayenalo zavela kwibandla lamaKristu.
Ngokomzekelo, uPawulos wasebenza ngokukhutheleyo kangangonyaka onesiqingatha ezama ukuseka ibandla kwisixeko saseKorinte. Amava awayenawo ngabantu baseKorinte amnceda wakwazi ukwakha ubuhlobo nothando ngomhlambi. Kwakhona uPawulos wayezigqala njengoyise wabo. (1 Korinte 4:15) Phezu kwalo nje uphawu oluhle lothando awalubonakalisayo nokusebenza kwakhe nzima nebandla, bambi eKorinte bamnyelisa uPawulos. (2 Korinte 10:10) Ngenxa yako konke awakwenzayo ngokuzincama, hayi indlela ekunokuba kwaba buhlungu ngayo oko!
Abo babesamkela uthando olungasikelwe mda lukaPawulos babengathini ukumthoba isidima ngolo hlobo? UPawulos umele ukuba waziva ngathi uyadlakazeliswa, njengenqanawa ixhathisa kuqhwithelo olukhulu. Hayi indlela engekwakulula ngayo ukuba anikezele, evakalelwa kukuba imizamo yakhe yangaphambili yaba lilize, okanye azive ecaphukile! Yintoni eyabangela ukuba uPawulos ahlale omelele? Yintoni eyambangela ukuba angadimazeki?
Uthando Olusenza Sihlale Simanyene
UPawulos akazange ashiye mathandabuzo ezingqondweni zabafundi bakhe ngokuphathelele umthombo wamandla nokhuthazo awayenalo. Wabhala: “Kuba uthando analo uKristu luyasinyanzela.” (2 Korinte 5:14) UPawulos wabhekisela kowona mthombo wamandla nokhuthazo. Amandla asinyanzelayo “luthando uKristu analo.” Ngokuphathelele esi sibhalo omnye umphengululi weBhayibhile wabhala wathi: “UPawulos akathethi kuthi uthando lwethu ngoKristu lusenza sibambelele kubulungiseleli bethu . . . Oko bekuya kuthetha ukungaluphumezi. Uthando esinalo ngoKristu lushukunyiswa luze luqhutywe luthando analo ngathi.”—Akekeliswe sithi.
Uthando uKristu awalubonakalisayo ngokuzinikela ekufeni okubuhlungu kwisibonda sentuthumbo—ngaloo ndlela enikezela ngobomi bakhe bobuntu obufezekileyo ukuze bube yintlawulelo yokukhulula bonke abantu abanokholo—lwashukumisela lwaza lwanyanzelela uPawulos ukuba aqhubeke ekhonza ngenxa yezilangazelelo zikaKristu nezabazalwana. Ngaloo ndlela, uthando lukaKristu lwamlawula uPawulos, lwamthintela ekubeni ngozingcayo lwaza lwamenza wanomnqweno wokukhonza uThixo nabazalwana bakhe.
Ngokwenene, uthando lukaKristu lungumthombo wokhuthazo kwikhondo lobomi bokuthembeka bomKristu. Xa sijamelene nezilingo ezinokuthi zisityhafise ngokwasemzimbeni, ngokweemvakalelo nangokomoya, amandla entshukumisa othando lukaKristu ayasinceda sikwazi ukudlulela ngaphaya kwendawo apho umntu ongenalukhuthazo ebeya kunikezela khona. Lusinika amandla okunyamezela.
Asinakuthembela kwiimvakalelo zethu ezingafezekanga ukuba zisomeleze zize zisikhuthaze. Oku kuyinyaniso ngakumbi xa izilingo zibakho ngenxa yokudana okanye ixhala. Kwelinye icala, uthando lukaKristu lunamandla okusenza sibambelele kubulungiseleli bethu, okusomeleza nokusikhuthaza, enoba ziziphi izilingo esinokujamelana nazo. Uthando lukaKristu lubangela umKristu akwazi ukunyamezela kungekhona ngaphezu koko abanye bakulindeleyo kuphela kodwa mhlawumbi nangaphezu koko yena ebekulindele.
Ngaphezu koko, ekubeni uthando lukaKristu lunyamezela, umphumo ukukuba aluze luphele. Lungamandla anyanzelayo othando angenakuze axengaxenge okanye anciphe. “Uthando aluze lusilele.” (1 Korinte 13:8) Lusinceda sikwazi ukuhlala simlandela ngokuthembeka, enoba kungenzeka ntoni.
Izilingo ezongokweemvakalelo zingasenza sidimazeke. Ngoko ke, hayi indlela ekubaluleke ngayo, ukuba sicamngce ngothando uKristu awalubonakalisa kuthi. Uthando lukaKristu lusenza somelele. Uthando analo ngathi lusinceda sikwazi ukuphepha ukwaphukelwa ngumkhombe wokholo lwethu. (1 Timoti 1:14-19) Ukongezelela, uthando lukaKristu lusishukumisela ukuba senze konke esinako size sizukise lowo wenza saba nokulubona uthando lukaKristu, uYehova uThixo.—Roma 5:6-8.