Unqulo Lwakho—Ngaba Yinqanawa Engafanele Kuze Ishiywe?
INQANAWA ibhudlwa sisivondoviya sesaqhwithi. Oomatiloshe, abazizinxadanxada bezama ukusindisa inqanawa yabo, bamele benze isigqibo esinzima: sokuba bahlale enqanaweni okanye bayishiye baze bazisindise. Ubusazi na ukuba lo mzekeliso woyikisayo uchaza izinto zakwalizwi?
Abafundi ngezakwalizwi, ngokukodwa abaphengululi abangamaKatolika, ngokufuthi bafanisa icawa yabo nenqanawa enyamezele isaqhwithi. Bathi le nqanawa, iqhutywa nguYesu okanye nguPetros, imela ekuphela kwendlela yosindiso. Abefundisi banesi simo sengqondo, ‘Ungaze uyishiye le nqanawa. Icawa ikhe yaneengxaki ezinzulu ngaphambili, kodwa yinqanawa enyamezele zonke iinkqwithela ezisembalini.’ Bambi bathi, ‘Siyintoni isizathu sokuyishiya? Uza kuyishiya uye phi? Kutheni ungahlali uze uncedise ekuyiqhubeleni kumanzi azole ngakumbi?’
Ngokuvisisana nale ntetho ibusafobe, abantu abaninzi, abakwiinkonzo ezahlukahlukeneyo, baqiqa ngolu hlobo, ‘Ndiyazi ukuba unqulo lwam aluchananga kwizinto ezininzi, kodwa ndiyathemba luza kuguquka. Andifuni kulushiya. Ndingathanda ukuba negalelo ekuluncedeni loyise iingxaki zalo.’ Le ndlela yokuqiqa isenokubonisa uthando olunyanisekileyo ngonqulo lwabazali bakabani okanye kwanoloyiko “lokulungcatsha.”
Umzekelo ofanelekayo ngokaHans Küng, umfundi ngezakwalizwi womKatolika owaziwayo noneembono ezahlukileyo, owaqiqa ngelithi: “Ngaba ndifanele ndiyishiye inqanawa ebudeni boqhwithela, abo bendihamba nabo kude kube ngoku ndibashiye bejamelene nomoya, benqanda amanzi angena enqanaweni, yaye mhlawumbi besilwela ukusinda?” Waphendula ngelithi: “Andisayi kuyeka ukukhuthala kuyo icawa.” Enye into awayesenokuyikhetha “kukuzahlukanisa nale cawa, ngenxa yokudyobheka kwayo, ngenxa yokuthanda imilinganiselo ephakame ngakumbi, yaye mhlawumbi, ukuze abe ngumKristu othembeke ngakumbi.”—Die Hoffnung bewahren.
Kodwa ngaba umntu unokuhlala kwinqanawa elunqulo lwakhe ngethemba lokuba uThixo, ngenceba yakhe, uya kuzinika ixesha elingamiselwanga mda zonke iinkonzo ukuze ziguquke? Lowo ngumbuzo obalulekileyo. Njengoko kuboniswe ngumzekeliso, ukuyishiya inqanawa ezikayo ngokungxama uze ukhwele kwiphenyane lokukusindisa elinganqabisekanga bekuya kuba yingozi kanye njengokuhlala kwinqanawa ezikayo. Ngaba bubulumko ukuhlala ecaweni nokuba sele kumnyam’ entla, enoba injani imeko yayo? Liliphi ithemba elikhoyo lokuba iinkonzo zanamhlanje zinokwenza inguqulelo? UThixo uya kuziyeka kude kube nini zisenza okuchasene nokuthanda kwakhe?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
Chesnot/Sipa Press