Ukuphila Kwihlabathi Elibawayo
“NDINOKUPHILA njani?” UJames Scott wabuza loo mbuzo xa wayephelelwe lithemba elahleke kwiiNtaba zeHimalaya. Wayesemngciphekweni wokufa ngenxa yengqele eyayiqhaqhazelisa amazinyo okanye ngenxa yenxele likaKhetsekile. Wakhumbula ebukele abantu kukhuphiswano lwekarati. Wathi: “Babesiya kancinane baze bankaleke phantsi emhlabeni, isithonga ngasinye sasitsho baphelelwe ngamandla, bade . . . bangakwazi ngokupheleleyo ukuzikhusela. Leyo yindlela endandivakalelwa ngayo njengoko ndandivala ibhegi yam yokulala ndiphelelwe ngamandla ndisitya ikhephu. Umoya wam wawuwile yaye yonke iminqweno yam yokuphila yayife namthanyana. Andizange ndavakalelwa ndoyisiwe ngolo hlobo.”—Lost in the Himalayas.
Ngandlel’ ithile, abaninzi namhlanje bafana naye—babambiseke kwihlabathi elilawulwa kukubawa. Usenokuvakalelwa kukuba uya usiwela emhlabeni kancinane yaye woyisiwe. Bambalwa abantu abanokuwubaleka ngokupheleleyo umphumo wokubawa. Kuxhomekeka kwindawo ohlala kuyo ehlabathini, iingxaki ojamelana nazo ziya kwahluka ngokungenakulinganiswa—ukubawa kuchaphazela abantu kumazwe asakhasayo ngokwahluke kakhulu kunamazwe afumileyo. Sekunjalo, enoba kunzima kangakanani, mhlawumbi unokufunda indlela yokuphila ungaphazanyiswa ngokwasenyameni, ngokweemvakalelo nangokwasemoyeni de kufike ukuhlangulwa. Njani? Ngokulandela icebiso eliyintloko elinikelwa ziingcali.
Kumacebiso azo zibalaselisa iingongoma ezimbini. Eyokuqala kukuphepha ukuyenza mbi ngakumbi imeko ehleli inzima. IThe Urban Survival Handbook ithi, “Ubuchule omele ubusebenzise kukuphepha ukuzibeka esichengeni ngokungeyomfuneko . . . yaye wunciphise umonakalo obangelwa zizinto ongakwaziyo ukuziphepha.” Eyesibini—yaye mhlawumbi ebaluleke ngakumbi—inento yokwenza nesimo sengqondo. IThe SAS Survival Handbook ithi, “Ukuphila, kuxhomekeke kwisimo sengqondo kanye njengokuba kunjalo nangokunyamezela ngokwasenyameni nokuba nolwazi.”
Yenza Okusemandleni Akho Xa Ukwiimeko Ezilolo Hlobo
IStaying Alive—Your Crime Prevention Guide inikela le ngxelo: “Rhoqo ngemizuzu engama-22 eUnited States kubulawa umntu, rhoqo ngemizuzwana engama-47 umntu uyaphangwa yaye rhoqo ngemizuzwana engama-28 kwenzakaliswa umntu ngokumasikizi.” Kwiimeko ezilolo hlobo, yintoni onokuyenza? Ubuncinane, unokuzama ukukuphepha ukuzibeka esichengeni ube sisisulu okanye ixhoba elilula. Hlala uphaphile uze ulumke. Yenza okusemandleni akho ukunciphisa ingozi.a
Ngokomzekelo, musa ukuyenza mbi kakhulu imeko yakho ngokuqhatheka lula. IThe New York Times inikela ingxelo yokuba abali-18 ekhulwini kubemi baseMerika bayakuvumela ukuba ngamaxhoba obuqhetseba—baqhathwa ngamawaka eedola ngabantu abangoohlohlesakhe abafuna amaxhoba angenakuzikhusela. Ngokufuthi amaxhoba iba ngabantu abakhulileyo njengomnye umhlolokazi owayeneminyaka engama-68 ubudala owaphangwa ii-$40 000 (ama-R174 000). Amava akhe aba ngumxholo ophambili kumaphephandaba owawusithi: “Ukuba Uneenwele Ezingwevu, Abaphangi Babona Okuluhlaza [imali eluhlaza okanye iidola].”
Kodwa musa ukuba sisinyabi, uzenze ixhoba elingenako ukuzinceda elilindele ukuxhatshazwa. IStaying Alive iyasilumkisa: “Lumkelani ingcuka enxibe iimpahla zemvu.” Omnye umakhulu oneminyaka engama-70 ubudala walithabatha eli cebiso. Wathengiselwa i-inshorensi ehlawula iindleko zonyango, exabisa i-$10 (i-R44) kuphela ngenyanga. Ingxelo ithi “ekuphela kwento lo Makhulu awayemele ayenze, yayikukuhlawula lo mthengisi i-$2 500 [i-R10 875] kusengaphambili.” Akazange akuvume oko. Ekutsaleleni kwakhe umnxeba ikhampani yaloo inshorensi, wafumanisa ukuba loo ndoda yayilimenemene. “Ngoxa wayegalelela loo mthengisi ikomityi yesibini yeti, abakwantsasana bagaleleka baza bahamba nayo.”
Ukwenza okusemandleni akho uzikhusela kuvisisana ngokupheleleyo necebiso elinikelwa eBhayibhileni. “Isiyatha sikholwa ngamazwi onke; onobuqili uyakuqonda ukunyathela kwakhe.” (IMizekeliso 14:15; 27:12) Abaninzi bayayikhupha engqondweni iBhayibhile njengephelelwe lixesha nengasebenziyo. Kodwa icebiso layo elisebenzayo linokukunceda uphile. UKumkani osisilumko uSolomon wabhala: “Ngokuba ubulumko [njengobo bufumaneka eBhayibhileni] bungumthunzi, imali ingumthunzi: ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo.”—INtshumayeli 7:12.
Abafundi abaninzi bakaVukani! bakufumanise kuyinyaniso oku. Ngokomzekelo, bambi baye bakhuseleka ngokukhala kakhulu xa besongelwa ngokudlwengulwa okanye olunye uhlobo logonyamelo, ngokuvisisana noko kukhankanywe kwiDuteronomi 22:23, 24. Abanye baye balandela icebiso leBhayibhile lokuba bazihlambulule kuyo yonke into “engcolisa inyama okanye umoya.” (2 Korinte 7:1, The Twentieth Century New Testament) Ngaloo ndlela bayazikhusela kubathengisi becuba nabeziyobisi, abazenza izityebi ngempilo yabanye abantu. Kwakhona abafundi abaninzi baye bayiphepha imigibe yobuqhetseba bokufumana imali kwabashumayeli bakamabonwakude nabezobupolitika abalambele igunya. (Bona ibhokisi, kwiphepha 7.) Funda iBhayibhile. Usenokumangaliswa yindlela elisebenziseka ngayo uncedo elunikelayo.
Kuphephe Ukwasulelwa Kukubawa
Kambe ke, kukho enye ingozi ekubaweni—wena ngokwakho usenokuba libawa. Oku kuya kukwahlukanisa neempawu zokuziphatha okuhle ezikwahlulayo kumarhamncwa. Sichaza ngendawo yezorhwebo apho bonke oosomashishini bazixhwithela konke abanako, esinye isakhi mkhanya sacatshulwa sisithi: “Iihagu zazixhafuza. Ukubawa . . . kwakugqith’ emgceni.” Oku kusisinyeliso ngakumbi ezihagwini kunokuba kunjalo koosomashishini abangoongxowa ayizali! Ngokuqinisekileyo babonakala belityeshela ngokupheleleyo icebiso elihle elanikelwa nguYesu Kristu elithi: “Gcinani amehlo enu evulekile nize nizilinde ngokunxamnye nalo lonke uhlobo lwenkanuko.”—Luka 12:15.
UYesu Kristu wanikela eso siluleko ngenxa yokuba wayeyazi indlela onokuzonakalisa ngayo xa unokubanjiswa kukubawa. Ukunyolukela izinto eziphathekayo—kambe ke, kwanokunyolukela igunya okanye isini—kunokukwenza ungabi nazimvakalelo ebomini bakho, kuphange lonke ixesha okanye uvelwano obusenokuba nalo lokunyamekela abantu okanye izinto ezixabisekileyo zokomoya. UAnthony Sampson, kwincwadi yakhe ethi The Midas Touch, uthi: “Imali, kukhonya yona kwezonqulo.” Njani? Imali inguthixo. Yonke into yenziwa ngenxa yokubawa nenzuzo. Oyena ndoqo yingeniso. Ukufumana ingeniso eninzi, kokona kulungileyo. Nangona, eneneni, kungakhathaliseki ixesha olinikela kuyo, ukubawela izinto eziphathekayo akunakuze kukwanelise ngokupheleleyo. INtshumayeli 5:10 ithi: “Othanda isilivere; nalowo uthanda intabalala, akangenelwa nto, kwanaloo nto ingamampunge.” Noko ke, ngokufanayo, “umthandi nje” wegunya, wezinto eziphathekayo okanye wesini akanakuze aneliseke, kungakhathaliseki ukuba kuninzi kangakanani oko akufumanayo.
Ungaze Ulahl’ Ithemba Lokuhlangulwa
Oyena ndoqo ubalulekileyo ekuphileni kukugcina ithemba nokuba nembono efanelekileyo. Maxa wambi kuncinane kakhulu onokukwenza ukuwubaleka umphumo wabantu ababawayo. Ngokomzekelo, abantu abalambayo, ngokufuthi kuncinane kakhulu abanokukwenza ukuphepha ingxaki abazibona bekuyo. Noko ke, musa ukulahl’ ithemba; unganikezeli. IThe SAS Survival Handbook, ithi: “Kulula ukunikezela, uphelelwe ngamandla uze uzisizele” xa uchanabeke kwimeko embi okanye eyingozi. Musa ukunikezela kwiingcinga neentshukumisa ezingalunganga. Usenokumangaliswa yindlela onokunyamezela ngayo. Le ncwadi ikwanye, ithi: “Amadoda namabhinqa abonise ukuba anokuphila nakwezona meko zimbi.” Akwenze njani oku? Ithi aye aphila, “ngenxa yokuba ezimisele ukuphila.” Zimisele ukuba akunakuze woyiswe yile nkqubo ibawayo.
UJames Scott, okhankanywe ngaphambilana, ekugqibeleni wahlangulwa koko kwakunokuba lingcwaba lakhe laseHimalaya. Wathi umzabalazo wakhe wokuphila wamfundisa ubuncinane isifundo esinye esibalulekileyo. Sasiyintoni eso sifundo? Wathi, “akukho celomngeni ebomini ekunzima kakhulu ukujamelana nalo.” UTim Macartney-Snape, onamava ekunyukeni iintaba owamangaliswa kukuba uJames Scott wakwazi ukunyamezela ephila ithuba elide, naye wafumana isifundo. Wathi: “Lo gama nje ithemba lisekho, ungaze unikezele.” Ngoko, enoba zisenokubonakala zimbi kangakanani na izinto, uzenza mbi ngakumbi izinto ukuba uphelelwa lithemba. Ungaze ulahl’ ithemba lokuhlangulwa.
Kodwa ngaba kukho naliphi na “ithemba elibonakalayo,” naliphi na ithuba lokwenene lokuhlangulwa ehlabathini elizaliswe kukubawa? Ngaba baya kuze baphele abantu ababawayo abatshabalalisa esi sijikelezi-langa besenzakalisa ubomi bamawaka ezigidi? Eneneni, likho ithemba lokuhlangulwa. Qwalasela impendulo yeBhayibhile kweli nqaku lilandelayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Ugonyamelo—Unokuzikhusela,” kwinkupho kaVukani! kaMeyi 8, 1989, iphepha 28-32.
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
Izilumkiso ZeBhayibhile Ezisexesheni
Imizekeliso 20:23 “Ngamasikizi Kuyehova Amatye Ngamatye; Nesikali Esikhohlisayo Asilungile.”
Yeremiya 5:26, 28 “Ngokuba kufunyanwa abangendawo phakathi kwabantu bam; bayalela ngokuncathama kwabathiyeli, benza isihogo, babambisa abantu. Batyebile, bagudile; kananjalo bagqithisele ngezinto ezimbi, ityala abalilungisa, ityala leenkedama, ukuze zibe nempumelelo; abaligwebi ityala lamahlwempu.”
Efese 4:17-19 “Oku, ke ngoko, ndikutsho kwaye ndinikela ubungqina kuko ndiseNkosini, ukuthi ningabi saqhubeka nihamba kanye njengokuhamba kweentlanga ngamampunge eengqondo zazo, ngoxa zisebumnyameni ngengqondo, yaye zahlukanisiwe nobomi bukaThixo, ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zazo. Zingasaziva konke konke ngokokuziphatha, zizinikele kwihambo evakalala ukuze zisebenze ukungahlambuluki kwalo lonke uhlobo zibawa.”
Kolose 3:5 “Bhubhisani, ke ngoko, amalungu enu omzimba asemhlabeni ngokuphathelele uhenyuzo, ukungahlambuluki, umnqweno wesini, umnqweno owenzakalisayo, nenkanuko, elunqulo-zithixo.”
2 Timoti 3:1-5 “Kodwa yazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kubakho amaxesha amanqam ekunzima ukuqhubana nawo. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, abangabathobeliyo abazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, bengenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abajindi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangenakuthanda kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele yinkqayiso, abathandi beziyolo kunokuba ngabathandi bakaThixo, benohlobo lozinikelo lobuthixo kodwa bewakhanyela amandla alo; yaye zikhwebule kwaba.”
2 Petros 2:3 “Kanjalo, benenkanuko baya kunixhaphaza ngamazwi alalanisayo. Kodwa, umgwebo wabo osusela kwakudala awucothi, nentshabalalo yabo ayinqwalazi.”