Imbono YeBhayibhile
UMkhukula—Ngaba Yintsomi Okanye Yinyaniso?
‘Kuzo zonke izilwanyana kwangena ngambini ngambini, emkhombeni kaNowa.’—Genesis 7:8, 9.
NGUBANI ongazange eve ngoMkhukula womhla kaNowa? Mhlawumbi elo bali ubulazi ukususela ebuntwaneni. Enyanisweni, ukuba uphanda ngoMkhukula kumzi wogcino-zincwadi wasekuhlaleni, usenokufumanisa ukuba iincwadi ezininzi zibhalelwe abantwana kunabantu abadala kulo mbandela. Ngenxa yoko, usenokugqiba kwelokuba ingxelo engoMkhukula yintsomi nje. Abaninzi bavakalelwa kukuba ingxelo engoMkhukula kaNowa, nenxalenye enkulu yeBhayibhile, iyintsomi, okanye ubuncinane, sisifundo ngendlela yokuziphatha okuhle eyilwe ngabantu.
Okumangalisayo kukuba, nabo bazibanga bekholelwa eBhayibhileni bayathandabuza ukuba uMkhukula wabakho ngokwenene. Umfundisi wamaKatolika uEdward J. McLean wakha wathi ibali elingoNowa, lalingamele lichazwe libe njengeliyimbali, kodwa libe “njengeliyintsomi okanye uncwadi nje olwabhalwayo.”
Noko ke, ngaba ibali elingoMkhukula eliseBhayibhileni liyintsomi, alimele ligqalwe ngokoqobo? Ngaba iBhayibhile iyayivumela loo ngcamango?
Iinkcukacha Ezinokuthenjwa
Okokuqala qwalasela ingxelo ebhalwe nguMoses kwincwadi yeGenesis. Apho, sifumana unyaka, inyanga, nosuku owaqala ngalo loo mkhukula, indlela owasinda ngayo loo mkhombe, naxa umhlaba womayo. (Genesis 7:11; 8:4, 13, 14) Nangona kungasoloko kuthethwa ngale mihla kwincwadi yeGenesis, le mihla igxininisa isibakala sokuba uMoses wayewugqala uMkhukula njengesiganeko sokwenene. Khawuthelekise eli bali leBhayibhile liyinyaniso namazwi okutshayelela intsomi athi, “Kwathi ke kaloku ngantsomi . . .”
Njengomnye umzekelo, khawucinge ngomkhombe ngokwawo. IBhayibhile iwuchaza lo mkhombe njengowawuziimitha ezili-133 ubude, unomlinganiselo weemitha ezili-10 ubude nemitha enye ukuphakama nomlinganiselo weemitha ezi-6 ubude nemitha enye ububanzi. (Genesis 6:15) Kwakhona, uNowa wayengengomakhi weenqanawa. Yaye khumbula ukuba, oku kwenzeka kwiminyaka engaphezu kwama-4000 eyadlulayo! Kanti, umkhombe wawakhiwe wamkhulu ngokulungeleleneyo ukuze ukwazi ukuhamba phezu kwamanzi. Enyanisweni, abenzi beenqanawa banamhlanje bafumanise ukuba imilinganiselo enjalo yokwakhiwa kwawo inokuyenza inqanawa yomelele ize izinze kwiilwandle ezinkulu. Nangona iBhayibhile ingabuchazi ngokuthe ngqo ubude bexesha uNowa awalithabathayo ekwakheni umkhombe, ingxelo ibonisa ukuba loo msebenzi wawuya kuthabatha iminyaka engama-50 okanye ama-60. (Genesis 5:32; 7:6) Oku kuyaphikisana neBali elidumileyo laseBhabhiloni likaGilgamesh. Eli bali lichaza isakhiwo esasisikhulu, ibhokisi engabukekiyo enamacala alinganayo aziimitha ezingama-60 ubude neyakhiwa ngeentsuku ezisixhenxe kuphela. Ngokungafaniyo nebali laseBhabhiloni, ingxelo yeBhayibhile engoNogumbe ibangela ukuba sibe nentembelo ekuchaneni kwayo.
Ngaphandle kwengxelo ekwiGenesis, iZibhalo zibhekisela kuNowa okanye kuNogumbe womhlaba wonke izihlandlo ezilishumi. Ngaba ezi mbekiselo zibonisa ukuba ababhali abaphefumlelweyo babewugqala uMkhukula njengembali yokwenene okanye njengentsomi?
Ubunyaniso Bawo Buyangqinwa
EZibhalweni, uNowa ukhankanywa kwiminombo yohlanga lwakwaSirayeli, engowesibini ukuza kuphumela kokaYesu Kristu. (1 Kronike 1:4; Luka 3:36) UEzra noLuka, abahlanganisa le minombo, babengababhali-mbali abanamava yaye bamele ukuba babekholelwa kukuba uNowa wayengumntu wokwenene.
Kwezinye iindawo eBhayibhileni, uNowa udweliswa nabantu abaziwayo embalini, kukwathethwa ngaye njengendoda enobulungisa nokholo. (Hezekile 14:14, 20; Hebhere 11:7) Ngaba bekuya kuba sengqiqweni ukucinga ukuba ababhali beBhayibhile bebeya kuquka eli bali liyintsomi njengomzekelo ofanelwe ukulandelwa? Akunjalo, kuba oko bekuya kubangela ukuba abo bafunda iBhayibhile bagqibe kwelokuba akukho mntu unokukwazi ukubonakalisa ukholo yaye lunokubonakaliswa ngabalinganiswa abakwincwadi yamabali kuphela. UNowa namanye amadoda nabafazi bokholo kuthethwe ngabo kuba babengabantu ababuthathaka nababeneemvakalelo njengathi.—Hebhere 12:1; thelekisa uYakobi 5:17.
Kwezi mbekiselo zeZibhalo ziseleyo, kukhankanywe uNowa noMkhukula ngokuphathelele intshabalalo eyaziswa nguThixo kwisizukulwana esingenalukholo awayephila phakathi kwaso uNowa. Khawuphawule ingxelo kaYesu ngokuphathelele uNogumbe, kwingxelo ekuLuka 17:26, 27: “Ngaphezu koko, kanye njengoko kwenzekayo ngemihla kaNowa, kuya kuba njalo nangemihla yoNyana womntu: babesidla, babesela, amadoda ayetshata, abafazi babenikelwa emtshatweni, kwada kwayiloo mini xa uNowa wangena emkhombeni, yaye umkhukula wafika waza wabatshabalalisa bonke.”
UYesu Kristu wayelingqina lokuzibonela leziganeko awazichazayo, ekubeni wayephile ezulwini ngaphambi kokuphila kwakhe emhlabeni. (Yohane 8:58) Ukuba uNogumbe ngokwenene wayeyintsomi, ngoko kumele ukuba uYesu wayebuthandabuza ubukho bakhe bexesha elizayo okanye wayengathethi nyaniso. Akukho nanye kwezi ngcamango engqinelana neZibhalo. (1 Petros 2:22; 2 Petros 3:3-7) Ngoko ke, uYesu Kristu, ngenxa yoko wakubonayo wayekholelwa, ukuba ingxelo yeBhayibhile engoMkhukula womhlaba wonke yimbali echanileyo. KumaKristu okwenyaniso, akuthandabuzeki ukuba obu bubungqina obubalaseleyo bokuba uMkhukula womhla kaNowa uyinyaniso, awuyontsomi.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
L. Chapons/Illustrirte Familien-Bibel nach der deutschen Uebersetzung Dr. Martin Luthers