IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g97 10/8 iphe. 8-11
  • Iparadesi Engenazingxaki—Kungekudala Iza Kubakho Ngokwenene

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iparadesi Engenazingxaki—Kungekudala Iza Kubakho Ngokwenene
  • Vukani!—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umntu Onamandla Okuzisa Le Paradesi
  • Sele Ikho Ngoku
  • “Sakubonana EParadesi!”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • Indlela Esinge EParadesi
    Vukani!—1997
  • Yintoni Iparadesi Yokomoya?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Sithenjiswa Ubomi Obulunge Ngakumbi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
Khangela Okunye
Vukani!—1997
g97 10/8 iphe. 8-11

Iparadesi Engenazingxaki—Kungekudala Iza Kubakho Ngokwenene

“UYA kuba nam eParadesi.” Hayi indlela loo mazwi awayithuthuzela ngayo indoda eyayisisaphuli-mthetho esivunyiweyo! Kaloku asikuba yayicinga ukuba yayiya kusinda kwisihogo esitshisayo ize iye ezulwini xa ifile. Kunoko, eli sela lalisecaleni koYesu lathuthuzelwa lithemba lokuba laliya kuvuselwa ebomini xa iParadesi yayibuyiselwe kwesi sijikelezi-langa. Khawuphawule lo mntu wathetha amazwi ahlab’ umxhelo ngolu hlobo ngeParadesi—uNyana kaThixo, uYesu Kristu.—Luka 23:43.

Yintoni eyashukumisela uKristu ukuba athembise ngeParadesi? Eli sela lenza esi sibongozo: “Yesu, uze undikhumbule xa uthe wangena ebukumkanini bakho.” (Luka 23:42) Buyintoni obu Bukumkani, ibe budibana njani neparadesi esemhlabeni? Oku kusiqinisekisa njani ukuba iParadesi ayisayi kuba nazingxaki?

Umntu Onamandla Okuzisa Le Paradesi

Uya kuvuma ukuba iparadesi yokwenene iya kubakho emhlabeni kuphela xa iingxaki ezikhoyo namhlanje zingasekho. Ukuza kuthi ga ngoku imigudu yabantu yokuziphelisa iwe phantsi, njengoko imbali iye yakungqina ngokuphandle oku. Umprofeti ongumHebhere uYeremiya wathi: “Ndiyazi, Yehova, ukuba . . . akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.” (Yeremiya 10:23) Ngoko ngubani onokutshayela zonke iingxaki ezikhoyo namhlanje?

Imozulu Embi Gqitha Nongcoliso. Xa isivunduvundu soqhwithela sazamazamisa amaza awayemakhulu kangangokuba kwakubonakala ukuba angawaphula umkhombe kuLwandle lwaseGalili, oomatiloshe bavusa iqabane labo ababehamba nalo njengoko lalikobentlombe. Lona, lathi kolu lwandle: “Yithi tu! Yithi zole!” Ingxelo yeVangeli kaMarko ibalisa ngoko kwenzekayo: “Umoya wadamba, ibe kwabakho ukuzola okukhulu.” (Marko 4:39) Elo qabane labo babehamba nalo lalinguYesu. Wayenamandla okulawula imozulu.

Yayikwangulo Yesu owaxela kusengaphambili esebenzisa umpostile uYohane ukuba kwakuya kufika ixesha laxa uThixo wayeza “konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.” (ISityhilelo 1:1; 11:18) Lo asingommangaliso nje ungenakwenziwa nguLowo watshayela lonke ihlabathi labantu abangahloneli Thixo kuNogumbe womhla kaNowa.—2 Petros 3:5, 6.

Ulwaphulo-mthetho Nogonyamelo. IBhayibhile iyathembisa: “Abenzi bobubi baya kunqunyulwa; ke bona abamthembayo uYehova, baya kulidla ilifa ilizwe. Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:9, 11) Kwakhona, nguThixo, uYehova, othembisa ukususa lonke ulwaphulo-mthetho nogonyamelo, aze agcinele abalulamileyo iParadesi.

Ubuhlwempu Nendlala. Ngenxa yokungabikho kokusesikweni namhlanje oorhulumente abakomnye ummandla womhlaba “bafumba” ukutya logama amazwe ahlwempuzekileyo ethwaxwa bubuhlwempu. Imibutho enikela uncedo, ixhaswa ngabantu abanenkxalabo ehlabathini lonke, izama ukulungiselela abantu izinto ezisisiseko kodwa isoloko isiwa phantsi kuba kunzima ukuzithumela ngenxa yokungabikho komthetho nocwangco. Khawuphawule indlela okwahluke ngayo oku koko kwabhalwa ngumprofeti uIsaya: “UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo kule ntaba, isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sezinto ezityebileyo ezinomongo, sewayini egcinwe ngeentsipho, yaza yahluzwa.” (Isaya 25:6) Ngaba oku akuthethi ukuba indlala nokunqongophala kokutya akusayi kuphinda kubekho? Ngokuqinisekileyo kunjalo.

Imfazwe. Imigudu yokulawula zonke iintlanga zalo mhlaba ingqineke ingeyompumelelo. UManyano Lwezizwe, olwasekwa ngowe-1920, lwasilela ukuthintela ukuqhambuka kweMfazwe Yehlabathi II lwaza lwaya kuhlaba ngedolo phantsi. IZizwe Ezimanyeneyo, ezisoloko zidunyiswa njengelona themba loxolo, azikwazi ukunqanda amaqela angquzulanayo kwimimandla enemilo. Phezu kwayo nje imigudu yazo yokuzisa uxolo esoloko ipapashwa, kugquba iimfazwe, ezamakhaya, ezobuzwe okanye ezebutho labantu. Urhulumente obuBukumkani bukaThixo uthembisa ukutshayela amaqela alwayo namhlanje aze afundise abalawulwa bakhe iindlela zoxolo.—Isaya 2:2-4; Daniyeli 2:44.

Ukuwohloka Kwentsapho Nemilinganiselo Yokuziphatha. Iintsapho ezingoontlaba-zahlukane zixhaphakile. Ubunjubaqa bolutsha butshatshele. Wonke umntu uthe ti kukuziphatha okubi. Sekunjalo, imilinganiselo kaThixo ayizange iguquke kwasekuqaleni. UYesu wanikela ubungqina bokuba “indoda iya kumshiya uyise nonina ize inamathele emfazini wayo, yaye aba babini baya kuba nyama-nye . . . Ngoko ke, oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungabikho mntu ukwahlukanisayo.” (Mateyu 19:5, 6) Ngokubhekele phaya uYehova uThixo wanikela lo myalelo: “Beka uyihlo nonyoko . . . ukuze kukuhambele kakuhle uze uhlale ixesha elide emhlabeni.” (Efese 6:2, 3) Leyo yimilinganiselo eya kusebenza phantsi koBukumkani bukaThixo.

Ukugula Nokufa. Umprofeti uIsaya wanikela esi sithembiso: ‘UYehova . . . uya kusisindisa yena. Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.’ (Isaya 33:22, 24) Umpostile ongumKristu uPawulos wathi: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa, kodwa isipho uThixo asinikelayo bubomi obungunaphakade ngoKristu Yesu.”—Roma 6:23.

UYehova uThixo uya kuzitshayela zonke ezi ngxaki ngorhulumente wakhe wasezulwini obulawulwa nguNyana wakhe, uKristu Yesu. Noko ke, usenokuthi, ‘Oku kubonakala kuliphupha nje elifana ne-Utopia. Ngokuqinisekileyo iya kuba yinto eyolisayo ukuba iya kuze yenzeke, kodwa ngaba iya kwenzeka?’

Sele Ikho Ngoku

Kwabaninzi, into yokuba banokuphila kwiparadesi engenazingxaki apha emhlabeni ikhangeleka ilithemba elingekho ngqiqweni. Ukuba ucinga ngolo hlobo, hlolisisa ubungqina obubonisa ukuba oku kuya kwenzeka ngokwenene.

Namhlanje ehlabathini lonke kukho amaNgqina kaYehova angaphezu kwezigidi ezihlanu asele enandipha imekobume engenazingxaki kumabandla angama-82 000 akumazwe angama-233. Unokutyelela iintlanganiso zawo, ezinkulu nezincinane, ibe uya kubona ntoni?

(1) Imekobume Entle, Necocekileyo. Umphathi webala lebhola ekhatywayo wagqabaza wathi ngenye indibano yamaNgqina kaYehova eyayiseNorwich, eNgilani: “Umoya woxolo obakho ebudeni beentsuku ezine . . . uyahlaziya. Uyaphola nto leyo eyahluke lee kuzo naziphi iintsuku ezine ozichithela kwihlabathi elixakekileyo loshishino nakubomi bemihla ngemihla esiphila phakathi kwabo. Ngokwenene amaNgqina ahlukile, ibe kunzima ukuchaza le nto iwenza ahluke.”

Umcebisi wezoqeqesho kushishino lokwakha owatyelela iiofisi zaseLondon zamaNgqina kaYehova wathi: “Ndachukunyiswa gqitha koko ndakubonayo ndaza ndakuva ibe ndachukunyiswa gqitha luxolo olupheleleyo nenzolo ekhoyo kungekuphela nje phakathi kwezakhiwo zenu kodwa naphakathi [kwamadoda namabhinqa]. Ndicinga ukuba indlela eniphila ngayo nenonwabe ngayo ingabafundisa lukhulu abantu beli hlabathi lineengxaki.”

(2) Unqabiseko Noxolo. Umbhali wemihlathi yeJournal de Montréal yaseKhanada wabhala wathi: “AndiloNgqina. Kodwa ndilingqina lokuba amaNgqina alungelelene yaye aziphethe kakuhle. . . . Ukuba ibingawo kuphela ehlabathini, bekungayi kufuneka siqamangele iminyango yethu size sifakele izixhobo zokulumkisa xa kuqhekezwa.”

(3) Ukunyaniseka kurhulumente obuBukumkani bukaThixo kubalasele phakathi kwamaNgqina. Ubundilele bawo buyabacaphukisa abanye abantu nangona kungeyomfuneko ukuba kube njalo. Ukungabandakanyeki kwawo ekubopheni amaxonya kwezobupolitika namhlanje akubangelwa kukuba engazinikelanga ekuncedeni ibutho labantu. Kunoko, azama ukuziphatha ngendlela ekholisa lowo ulawula ngorhulumente wasezulwini, uMdali womhlaba, uYehova uThixo.

Iinkolelo zamaNgqina ezisekelwe ngokupheleleyo kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile, ziyawakhusela ekuweleni kumgibe wokuba lihlelo. Abonisa umdla wobubele kubo bonke abanye abantu, enoba ngabaluphi na unqulo. Kaloku, akathi ngetshova anyanzele aba bantu ukuba batshintshe iimbono zabo. Azabalazela ukuxelisa iNkokeli yawo, uKristu Yesu, ngokunikela ubungqina obungokweZibhalo ngeParadesi engenazingxaki eza kumiselwa emhlabeni kungekudala.—Mateyu 28:19, 20; 1 Petros 2:21.

(4) Impilo Engokomoya Nolonwabo. Ngokusengqiqweni, amaNgqina kaYehova akazingomb’ isifuba esithi akazingxaki ngokupheleleyo ngoku. Oku akunakwenzeka phakathi kwabantu abasenophawu lwesono abasizuz’ ilifa kuAdam. Kodwa ngoncedo lomoya oyingcwele kaThixo, asebenzela ukuhlakulela iimpawu ‘ezinjengothando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa.’ (Galati 5:22, 23) Kukunqula kwawo uYehova ngoKristu Yesu okuwamanyanisayo kuze komeleze ukholo lwawo.

Sinethemba lokuba ukutyelela kwakho kwindawo yasekuhlaleni ahlanganiselana kuyo amaNgqina kuya kukwenza weyiseke ukuba uThixo uya kuwuguqula umhlaba ube yiparadesi yokoqobo.

Ziya kuba zingasekho iingxaki zanamhlanje. Kwanokungafezeki okukhoyo kuya kuphela ngokuthe ngcembe njengoko iingenelo zedini lentlawulelo likaKristu ziza kusebenza kuluntu oluthobelayo. Ewe, unokufumana impilo efezekileyo nolonwabo.

Ukuzilungiselela kuya kukunceda uhlale unelo themba. Cela amaNgqina ukuba akunike umbhalo wakho wobuqu wencwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade.a Ngale ncwadi unokufunda oko uThixo akufunayo kuwe ukuze nawe unandiphe ubomi ngonaphakade kwiparadesi engenazingxaki, ngexesha nje elifutshane.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 10]

Iinkolelo zamaNgqina ezisekelwe ngokupheleleyo eBhayibhileni, ziyawakhusela ekubeni lihlelo

[Imifanekiso ekwiphepha 8, 9]

Ngoku sele sibekiwe isiseko separadesi engenazingxaki

Kungekudala, kuya kubakho iparadesi yokoqobo emhlabeni wonke

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share