IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g97 10/8 iphe. 26-27
  • Uncedo Kwiinyawo Eziqaqambayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uncedo Kwiinyawo Eziqaqambayo
  • Vukani!—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukulingana Kakuhle, Ifashoni, Kunye Neenyawo
  • Amacebiso Okukhetha Izihlangu
  • Ngaba Izihlangu Zakho Zikulingana Kakuhle?
    Vukani!—2003
  • Yayiphi Imilenze Yakhe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Vukani!—1997
g97 10/8 iphe. 26-27

Uncedo Kwiinyawo Eziqaqambayo

“INYAWO zam ziyandibulala!” Ngokuqinisekileyo, oku kukubaxwa kwentetho. Noko ke, ingxaki yokuqaqamba kweenyawo inzulu gqitha kwelaseUnited States kangangokuba igcina oogqirha beenyawo bexakekile.

Emva kokucinga ngeenyawo ezingaphezu kwama-2000 enze kuzo utyando kwisithuba seminyaka eli-14, uGqr. Michael Coughlin, ugqirha wotyando wamathambo, wafumanisa into eyothusayo. Uthi: “Ngokungakholelekiyo, ndifumanise ukuba phantse lonke olu tyando bendilwenza kumabhinqa.” Kutheni ngokukhethekileyo amabhinqa ethambekele ekubeni neengxaki zonyawo?

Ukulingana Kakuhle, Ifashoni, Kunye Neenyawo

Kuhlolisiso olwenziwe kumabhinqa angama-356 kufunyaniswe asi-9 kwali-10 ayenxibe izihlangu, ngokomlinganiselo, ezicuthene kakhulu xa kuthelekiswa nobukhulu beenyawo zawo! Inxalenye yengxaki ikwindlela izihlangu zamabhinqa ezenziwe ngayo. UFrancesca Thompson ugqirha wotyando wamathambo ucacisa esithi: “Abenzi bezihlangu abasasebenzisi ii-lasts ekunokwenziwa kuzo izihlangu ezinesithende esinciphileyo kunye nomphambili wesihlangu obanzi.”a

Ngaloo ndlela, xa elinganisa izihlangu, amabhinqa amaninzi, afumanisa ukuba, ukuba umphambili wesihlangu uwalingana kakuhle, isithende sibhetyebhetye; kodwa xa isithende sihambisa kamnandi, umphambili uyawabamba. Amanye akhetha izithende eziwahambisa kamnandi uze umphambili uwabambe, njengokuba okwahlukileyo koko bekuya kuthetha ukutyibilika kwesithende ngenyathelo ngalinye.

Ukucudisela umphambili wonyawo kwindawo emxinwa ekungena kuyo iinzwane kubonakala kukubi ngokwaneleyo. Kodwa kwakhona abenzi bezihlangu basenza siphakame isithende sesihlangu kangangeesentimitha eziliqela. Nangona sigqalwa sisefashonini, isithende sesihlangu esiphakamileyo sibeka bonke ubunzima esithendeni sonyawo, nto leyo enyanzelela unyawo kwibhokisi yozwane ekusenokuba sele imxinwa kakade. UGqr. David Garrett ingcali kunyango lweenyawo uthi: “Ayikho into yezihlangu ezinezithende eziphakamileyo ezinempilo.” Bambi bathi izithende eziphakamileyo ekugqibeleni zinokonakalisa iinyawo zalowo unxibe izihlangu, amaqatha, iziquluba, amadolo kunye nomqolo. Kwakhona zisenokwenza mfutshane izihlunu kunye nemisipha, nto leyo enokubangela ukuba iimbaleki ngokukhethekileyo zichanabeke ekonzakaleni okukhulu.

Unyawo lwebhinqa aluqhelani kakuhle nokubandezeleka kokuphathwa kakubi. Enyanisweni, ukutyhubela iminyaka umphambili wonyawo ngokuqhelekileyo uya usiba banzi—kwanasemva kokuba umntu efikelele kubudala obupheleleyo. Kodwa akunjalo ngesithende. UGqr. Thompson uthi: “Isithende sinethambo elinye kuphela, yaye lihlala lilincinane kubudala beminyaka engama-84 kanye njengokuba lalinjalo kubudala beminyaka eli-14.” Oku kwenza kube nzima ngakumbi ngebhinqa ukufumana isihlangu esililingana kakuhle ukususela esithendeni ukusa eluzwaneni.

Amacebiso Okukhetha Izihlangu

Ukuba kukho ingxaki ephathelele indlela isihlangu esithile esiwalingana ngayo nokuba sisefashonini kusini na, amabhinqa anokukuthintela njani ukuba neenyawo ezibuhlungu? Isicombululo siqala evenkileni yezihlangu. Zimbi izazi ngalo mbandela zicebisa oku kulandelayo:

● Khangela izihlangu ngasekupheleni kosuku, xa iinyawo zakho zinkudlwana.

● Zilinganise zozibini izihlangu—hayi esinye kuphela.

● Qiniseka ukuba isithende somelele nokuba ubude, ukuvuleka, nokuphakama kwendawo ekungena kuyo iinzwane inkulu ngokwaneleyo.

● Khumbula ukuba ivenkile isenokuba nekhaphethi emfumamfuma, nto leyo ebangela ukuba isihlangu esingakulinganiyo sivakale sihleli kakuhle elunyaweni okwethutyana.

● Phepha izihlangu ezenziwe ngofele oluqinileyo okanye ezenziwe ngofele olungumyelelane. Ngokungafaniyo nofele oluthambileyo okanye uthwathwa oluthambileyo lwebhokhwe, imichako enjalo ayithambi ngoxa uhamba.

● Ukuba uthenga izihlangu ezinezithende eziphakamileyo, zama ukufumana ezinesoli yangaphakathi yofele ukongezelela ekuthambeni kwazo ngakumbi. Lungiselela ukunxiba kuphela izihlangu ezinezithende ezide ngamaxesha athile, utshintshele kwezinezithende ezifutshane ebudeni bemini.

Ukongezelela koko sesikuthethile, hlala ukhumbula ukuba izihlangu zifanele zikulingane kakuhle ngethuba uzithenga. Ngokuchasene nenkolelo edumileyo, akukho xesha ziya kuthi zivuleke ngalo. UGqr. Coughlin ulumkisa esithi: “Ungaze uvumele umthengisi akuqinisekise ukuba isihlangu esikutyayo siyakukulingana kakuhle emva kwethuba usinxiba. Eyona nto iya kwenzeka kuqaqamba konyawo lwakho.”

Kodwa kuthekani ukuba ekuphela kwesihlangu onokusikhetha sinomphambili ocutheneyo nesithende esikuhambisa kamnandi okanye umphambili obanzi nesithende esibhetyebhetye? UGqr. Annu Goel ingcali yonyango lweenyawo, uthi ufanele ugqibe ukuba yiyiphi ekulula ukuyilungisa. Uthi: “Kukho iindlela ezimbini zokukwenza oku. Okokuqala unokuthenga izihlangu ezivuleke ngokwaneleyo ngaphambili uze ufake uthwathwa ukwenza isithende sizinze. . . . Ubuchule besibini kukuthenga isihlangu esinesithende esizinzileyo uze umphambili wesihlangu uvulwe. Kodwa ngokuqhelekileyo oku kusebenza kwizihlangu ezenziwe ngofele kuphela.”

Ekubeni amabhinqa amaninzi ehamba iikhilomitha ezithelekelelwa kwezili-15 ngosuku, kuhle ukuba akuhlolisise oko akunxiba ezinyaweni. Njengokuba iphephancwadi iAmerican Health lisitsho, “ngokuphatha iinyawo ngononophelo olungakumbi—ngokukodwa ngokunxiba izihlangu ezikulinganayo—unokuthintela inkoliso yeengxaki zeenyawo ungaze ube nazo.”

[Umbhalo osemazantsi]

a I-“last” yintsimbi okanye umthi omilise okonyawo osetyenziswa xa kusenziwa isihlangu.

[Ibhokisi ekwiphepha 26]

Iingxaki Ezine Eziqhelekileyo Zeenyawo

Ibhanyanisi. Ibhanyanisi liqhuma eliba ngaphantsi kukabhontsi. Ukuba ayibangelwa yimfuzo, ibhanyanisi isenokubangelwa zizihlangu ezikubambayo okanye ezinezithende eziphakamileyo. Ukwenziwa shushu kwayo okanye ukubekwa komkhenkce kunokuzidambisa iintlungu okwexeshana, kodwa utyando luyafuneka ukuze ibhanyanisi isuswe ngokupheleleyo.

Ukuqothola Kweenzwane. Iinzipho ezigoba zijonge ezantsi zinokubangelwa zizihlangu eziwuminxanisela kakhulu umphambili wonyawo. Utyando lunokufuneka ukulungisa eso siphene.

Ikonisi. Amaqhuma angqukuva abangelwa kukuhlikihlana nokucinezelana, maxa wambi aba yimiphumo yokunxiba izihlangu ezincinane kakhulu. Amayeza asekhaya asenokunikela uncedo lokwexeshana, kodwa utyando ngokuqhelekileyo luyafuneka ukulungisa uzwane olunesiphene olubangela ukukhuhlana.

Ukuqina kolusu. Umaleko wesikhumba esingqindilili, ukhusela unyawo ekukhuhlekeni ngokuphindaphindiweyo. Ukuzifaka emanzini ashushu nanesolisi kunozenza zithambe. Kodwa ungazami ukulusika, ekubeni oku kubangela ukwasulela.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 26]

The Complete Encyclopedia of Illustration/J. G. Heck

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share