Iindyikitya Zokufa—Ngaba Zingumqondiso Wesiphelo Sehlabathi?
NGABA iindyikitya zokufa zomhla wethu zibonisa ukuba isiphelo sehlabathi sisemnyango? Ngaphambi kokuba siphendule loo mbuzo, makhe siqwalasele oko kuthethwa libinzana elithi “isiphelo sehlabathi.”
Abantu abaninzi bacinga ukuba isiphelo sehlabathi sithetha ukuba uThixo uya kutshabalalisa umhlaba nazo zonke izinto eziphila kuwo. Noko ke, iLizwi likaThixo lithi “walibumba [ihlabathi] ukuba limiwe.” (Isaya 45:18) Injongo yakhe kukuzalisa esi sijikelezi-langa ngabantu abayimiqabaqaba nabonwabileyo abazimisele ukuphila ngokwemilinganiselo yakhe yobulungisa. Ngoko isiphelo sehlabathi asithethi ukuphela komhlaba nabo bonke abemi bawo. Kunoko, sithetha isiphelo sale nkqubo ikhoyo nesabo bangafuniyo ukwenza ukuthanda kukaThixo.
Oku kwaboniswa ngumpostile uPetros, owabhala wathi: “Ihlabathi [lomhla kaNowa] latshabalala xa lakhukuliswa ngamanzi kanogumbe.” Xa kwatshatyalaliswa ihlabathi ngomhla kaNowa, kwatshabalala kuphela abo bangendawo. Kwasala umhlaba kwakunye noNowa olilungisa nentsapho yakhe. UPetros uthi ngokulandelayo, uThixo uya kuphinda athabathe amanyathelo ‘okutshabalalisa abantu abangenabuthixo.’—2 Petros 3:6, 7.
Ezinye iindinyana zeBhayibhile ziyixhasa ngendlela efanayo le mbono. Ngokomzekelo, IMizekeliso 2:21, 22 ithi: “Abathe tye baya kulima ilizwe, basale kulo abagqibeleleyo, banqunyulwe ezweni abangendawo, abanginizayo bancothulwe kulo.”—Kwakhona bona INdumiso 37:9-11.
Iindyikitya Zokufa Nesiphelo Sehlabathi
Kodwa kuya kwenzeka nini oku? Abafundi abane bakaYesu bambuza loo mbuzo. Babuza: “Ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho nowokuqosheliswa kwenkqubo yezinto [okanye, njengokuba ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zisitsho, “isiphelo sehlabathi”]?” UYesu waphendula wathi: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani, yaye kuya kubakho ukunqongophala kokutya neenyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo.” (Mateyu 24:3, 7) Kwingxelo ekwanye ekuLuka 21:10, 11 uYesu walek’ umsundulo esithi: ‘Kuya kubakho iindyikitya zokufa kwiindawo ngeendawo ibe kuya kubakho imibono eyoyikekayo nasezulwini imiqondiso emikhulu.’
Phawula ukuba uYesu akathi ziindyikitya zokufa kuphela ezaziya kubonisa ukuba isiphelo sikufuphi. Kunoko, wadwelisa neemfazwe ezinkulu, iinyikima zomhlaba nokunqongophala kokutya. Kwisiprofeto sakhe esineenkcukacha esifumaneka kuMateyu 24 nesama-25, kuMarko 13 nakuLuka 21, uYesu waxela kwangaphambili nezinye izinto ezininzi ezaziza kwenzeka. Zonke kwakuza kufuneka zenzeke ngaxeshanye ngaphambi kokuba uThixo athabathe amanyathelo okuphelisa ubungendawo emhlabeni. Kukho ubungqina obunamandla bokuba ngoku siphila kwelo xesha.
IParadesi Ezayo
Kwikamva uluntu alusayi kutshatyalaliswa, enoba oko kubangelwa zizifo ezingubhubhani okanye sisandla sikaThixo. UYehova uThixo uthembisa ukuguqula lo mhlaba ube yiparadesi. (Luka 23:43) Phakathi kwezinye izinto, uya kuphelisa izifo ezithwaxa uluntu.
Siyaqiniseka ngoku xa siqwalasela ubulungiseleli bukaYesu Kristu, owazibonakalisa ngendlela egqibeleleyo iimpawu zikaYise. Ekubeni wayenikwa amandla nguYise wasemazulwini, uYesu waphilisa iziqhwala, izilima, abangaboniyo, okanye abazizimumu. (Mateyu 15:30, 31) Wanyanga nabo babethiwe nqo liqhenqa. (Luka 17:12-14) Wanyanga ibhinqa elalisopha, indoda eyayinesandla esomileyo, nendoda eyayinomlambo. (Marko 3:3-5; 5:25-29; Luka 14:2-4) Waphilisa ‘abanesathuthwane nabantu abafe imizimba.’ (Mateyu 4:24) Wada wavusa nabafileyo kangangezihlandlo ezithathu!—Luka 7:11-15; 8:49-56; Yohane 11:38-44.
Oku kuphilisa kungummangaliso kubonisa ukuthembeka kwedinga likaThixo lokuba kwikamva elilungiselelwe nguye, “akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.” (Isaya 33:24) Izifo ezingubhubhani azisayi kuphinda zibangele abantu bagule baze bafe. Hayi indlela esinokuba nombulelo ngayo kuba uMdali wethu onothando enamandla yaye ekwazi ukutshayela ukugula nezifo ngokupheleleyo nangonaphakade!—ISityhilelo 21:3, 4.
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
UYesu wanikwa amandla okuphilisa abagulayo nguThixo
[Umfanekiso okwiphepha 10]
KwiParadesi ezayo emhlabeni, uYehova uya kutshayela ukugula nezifo