IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g99 1/8 iphe. 16-17
  • Uyintoni Umoya Oyingcwele KaThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uyintoni Umoya Oyingcwele KaThixo?
  • Vukani!—1999
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Amandla Asebenzayo
  • Iindlela Ezahlukeneyo Umoya Oyingcwele Osebenza Ngazo
  • Amandla KaThixo Ayasebenza Ngenxa Yethu
  • Uyintoni Umoya Oyingcwele?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Kutheni Sifanele Sikhokelwe Ngumoya KaThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngaba Umoya Oyingcwele Ngumntu?
    Vukani!—2006
  • Ukukhokelwa Ngumoya KaThixo Ngenkulungwane Yokuqala Nanamhlanje
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
Khangela Okunye
Vukani!—1999
g99 1/8 iphe. 16-17

Imbono YeBhayibhile

Uyintoni Umoya Oyingcwele KaThixo?

“Ke kaloku xa bonke abantu babhaptizwayo, kwanoYesu wabhaptizwa yaye, njengoko wayethandaza, izulu lavuleka waza umoya oyingcwele ngokumila komzimba okunjengehobe wehla phezu kwakhe, kwaza kwaphuma ilizwi ezulwini lisithi: ‘UnguNyana wam, oyintanda; ndikholisiwe nguwe.’”—Luka 3:21, 22.

KWINTETHO ebhekiselwe kwiqela leentanda-bulumko kwiGrisi yamandulo, umpostile uPawulos wambiza uThixo ngokuthi “iNkosi yezulu nomhlaba.” UPawulos wathi, ngulo Thixo “owenza ihlabathi nazo zonke izinto ezikulo” ‘nobanika bonke abantu ubomi nempefumlo nezinto zonke.’ (IZenzo 17:24-28) Ukufeza njani konke oku uThixo? Ukufeza ngomoya wakhe oyingcwele, okanye amandla akhe asebenzayo.

Kwakhona iBhayibhile iyacacisa ukuba uThixo ‘unobukhulu bokomelela, ekhaliphile ngamandla.’ (Isaya 40:26) Ewe, uThixo wadala indalo iphela, ebonakalisa amandla akhe akhaliphileyo.

Amandla Asebenzayo

Akunakuba yinto echane kwaphela ukuthi umoya oyingcwele ngamandla kaThixo. Oku kungenxa yokuba amandla asenokungabonakali, okanye angasebenzi emntwini okanye kwinto ethile, njengamandla akwibhetri engasetyenziswayo. Noko ke, iZibhalo ziwubonisa umoya kaThixo njengosebenzayo, ngandlel’ ithile njengomsinga wombane ohambahambayo kwibhetri esetyenziswayo. (Genesis 1:2) Ngenxa yoko, umoya oyingcwele kaThixo ngamandla akhe abangela kwenzeke okuthile, amandla akhe asebenzayo.

Maxa wambi iBhayibhile ithetha ngomoya oyingcwele njengophumeza okuthile okanye njengento ezimele geqe kuThixo. (Mateyu 28:19, 20; Luka 3:21, 22; IZenzo 8:39; 13:4; 15:28, 29) Abanye abaye bafunda izicatshulwa ezinjalo bacinga ukuba umoya oyingcwele yinto ezimele yodwa eyahlukileyo kuThixo. Kutheni iZibhalo zithetha ngolu hlobo? Ngaba umoya oyingcwele yinto ezimele geqe kuThixo?

UThixo uSomandla ukwimo ephakame gqitha kuneyendalo yakhe. Ungumoya, akabonakali ngokwendlela yethu esikelwe umda. (Yohane 4:24) IBhayibhile ithi uYehova uThixo uhlala emazulwini yaye elapho ujonga uluntu. (INdumiso 33:13, 14) Oku kuyaqondakala. Bekumele ukuba uMdali mkhulu kunezinto asebenza ngazo. Uyazongamela, uyazisebenzisa, uyazenza yaye uyazilawula.—Genesis 1:1.

Ukusuka kwindawo yakhe engabonakaliyo ahlala kuyo, uThixo unokubangela kwenzeke izinto nanini na naphi na. Kungoko, kungeyomfuneko ukuba abe kuloo ndawo asebenza kuyo amandla akhe asebenzayo. Unokuthumela umoya wakhe ekufezeni into ethile. (INdumiso 104:30) Oku kusenokuqondwa ngokulula ngabantu abaphila kumaxesha ezi mini abasebenzisa izinto zasekhaya ngokusebenzisa iremote control engenacingo. Namhlanje siyawamkela amandla angabonakaliyo njengamaza ombane okanye einfrared. Ngokufanayo, ngamandla akhe okanye umoya oyingcwele ongabonakaliyo, uThixo unokuyifeza nayiphi na injongo yakhe, ngaphandle kokusuka kwindawo ethile aye kwenye.—Isaya 55:11.

Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile kusenokuba kwakunzima ukukuqonda oku. Alithandabuzeki elokuba ngokuthetha ngomoya oyingcwele njengamandla azimele geqe kwanceda abafundi baqonde indlela uThixo awasebenzisa ngayo amandla akhe nangona engayi ngokobuqu kuloo ndawo asebenza kuyo. Xa iBhayibhile ibhekisela kumoya oyingcwele njengowenze oku okanye okuyaa, ngokungathi kunjalo ithi uThixo ngokwakhe usebenzisa okanye uthumela amandla akhe ebantwini okanye kwizinto ukufeza ukuthanda kwakhe.

Iindlela Ezahlukeneyo Umoya Oyingcwele Osebenza Ngazo

UYehova wasebenzisa umoya oyingcwele ekudaleni izinto eziphilayo nezingaphiliyo. (INdumiso 33:6) Kwakhona uThixo wawusebenzisa ekutshabalaliseni isizukulwana sabantu esinogonyamelo nesingaguqukiyo ngonogumbe. (Genesis 6:1-22) Ikwangala mandla asebenzayo ke uThixo awawasebenzisayo ekudluliseleni ubomi obuxabisekileyo boNyana wakhe kwisibeleko sentombi enyulu yomYuda uMariya.—Luka 1:35.

Maxa wambi, lo moya wawomeleza amadoda ukuba athethe inyaniso ngesibindi nangenkalipho phambi kweentshaba, ngokufuthi ebeka ubomi bawo esichengeni. (Mika 3:8) Yaye kukho imizekelo emininzi eBhayibhileni, ingakumbi equka isiprofeto, xa amadoda namabhinqa ayenikwa ukuqonda okukhethekileyo ngala mandla. Ekubeni kungekho mntu onokuthi ngokuchanileyo axele kusengaphambili oko kufunjethwe likamva, le yindlela emangalisayo umoya osebenza ngayo.—2 Petros 1:20, 21.

Lo moya ukwanokunika abantu amandla amangalisayo. Ngokomzekelo, ngala mandla, uYesu wayenokulawula amandla endalo, aphilise aze avuse nabafileyo. (Luka 4:18-21; 8:22-26, 49-56; 9:11) Kwakusebenza kwalo moya ekulungiseleleni nasekunikeni amaKristu okuqala amandla ekukhonzeni njengamangqina kaThixo kumhlaba wonke.— IZenzo 1:8; 2:1-47; Roma 15:18, 19; 1 Korinte 12:4-11.

Amandla KaThixo Ayasebenza Ngenxa Yethu

Ngaba kunokwenzeka abakhonzi abangabantu bakaThixo namhlanje bawafumane la mandla angapheliyo? Banako! UThixo unika umlinganiselo othile womoya oyingcwele kubantu bakhe ukuze abancede baqonde baze bafeze ukuthanda kwakhe. Unika umoya wakhe abo bacela ngokunyanisekileyo nangomthandazo, abanentshukumisa yentliziyo elungileyo nabavumelana noko akufunayo. (1 Korinte 2:10-16) Loo moya unokuxhobisa uluntu olungafezekanga ‘ngamandla angaphaya koko kuqhelekileyo,’ ulwenze lukhonze uThixo ngokuthembeka phezu kwayo nje imiqobo. Ngoko, ngokuqinisekileyo ngumnqweno wabo bonke abantu abamoyikayo uThixo ukuba bafumane baze bahlale bekhokelwa ngumoya kaThixo.—2 Korinte 4:7; Luka 11:13; IZenzo 15:8; Efese 4:30.

Kungekudala uThixo uza kusebenzisa la mandla ekupheliseni okungekho sikweni nokubandezeleka kweli hlabathi lingendawo, ngaloo ndlela engcwalisa igama lakhe elikhulu nelingcwele. Umoya oyingcwele uya kulenzela okuhle ihlabathi liphela, yaye isiqhamo sawo siya kubonakala kubo bonke, uzukisa uMsunguli wawo.—Galati 5:22, 23; ISityhilelo 21:3, 4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share