IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g99 6/8 iphe. 9-10
  • Xa Zonke Iziphene Ziya Kuphela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Zonke Iziphene Ziya Kuphela
  • Vukani!—1999
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Iziphene Eziya Kupheliswa Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • “Bandixelela Ukuba Andisayi Kuphinda Ndihambe Kwakhona!”
    Vukani!—1990
  • Ubomi Obanelisayo Ungenalo IIungu Elithile Lomzimba
    Vukani!—1999
  • Sithenjiswa Ubomi Obulunge Ngakumbi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
Khangela Okunye
Vukani!—1999
g99 6/8 iphe. 9-10

Xa Zonke Iziphene Ziya Kuphela

OMNYE umntu owayefe amalungu omzimba wakha wathi inkoliso yabantu “inemizimba ephilileyo nje okwexeshana.” Hayi indlela okuyinyaniso ngayo oko, kuba nangaliphi na ixesha, sonke sinokuba neziphene zomzimba! Ngenxa yoko, amashishini eendondo, iicontact lenses, amazinyo emboleko, izixhobo zokuva, izixhobo ze-elektroniki ezincedisana nentliziyo, namadolo afakelweyo ahambela phambili. Njengokuba amaRoma 8:22 esitsho, “yonke indalo ihleli igcuma kunye kwaye isentlungwini kunye de kube ngoku.”

Ngoko ke, sonke singathuthuzelwa sisithembiso sikaThixo sokubuyisela abantu abathobelayo kwimpilo efezekileyo ‘kumhlaba omtsha’ wobulungisa. (2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:3, 4) UIsaya 35:5, 6 uthi: “Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge.”

IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba “isihlwele esikhulu” siya kusinda xa le nkqubo yezinto ingendawo itshatyalaliswa. (ISityhilelo 7:9, 14; INdumiso 37:10, 11, 29) Alithandabuzeki elokuba kungekudala emva kwentshabalalo, abo baneziphene neengxaki zempilo ezinzulu baya kuphiliswa ngephanyazo kubulwelwe babo! (Isaya 33:24) Ebonisa indlela abantu abaya kuphiliswa ngayo kwihlabathi elitsha likaThixo, uYesu waphilisa abantu ngoxa wayesemhlabeni. (Thelekisa uMarko 5:25-29; 7:33-35.) Ubani akanakuqalisa nokuqalisa ukuchaza ulonwabo abantu abaya kuba nalo neenyembezi zemincili eziya kuba lapho njengoko abo babenqunyulwe amalungu omzimba athile baya kulahla amalungu abo angengowamvelo, iintonga kwanezitulo zamavili! Ngoko, beyimiqabaqaba emzimbeni, baya kukwazi ukuphumeza isabelo sabo abasinikwe nguThixo sokuncedisa ekuguquleni umhlaba ube likhaya eliyiparadesi.—Luka 23:43.

Okwangoku, abaneziphene namhlanje kusafuneka bajamelane nobunzima. UNelson, umntu onesiphene waseKhanada, uthi: “Xa ndiqalisa ukuzisizela, ndicinga ngamazwi kaYesu kuMateyu 24:13: ‘Kodwa lowo unyamezele kwada kwasekupheleni ngulowo oya kusindiswa.’” Phezu kwazo nje iintsilelo zabo, abaneziphene basenokuba sempilweni entle ngeyona ndlela ibalulekileyo—ngokomoya—ngokunyamezela kunqulo lobuKristu.—Yakobi 1:3, 4.

AmaNgqina kaYehova aye anceda izigidi ukuba zamkele olu nqulo. UDell, indoda enesiphene ekhankanywe kwinqaku elandulelayo, uthi: “Andikwazi nokuchaza indlela endavakalelwa ngayo xa ndafunda ukuba iingxaki zempilo njengezam zezokwexeshana.” Ewe, esomelezwe lithemba elinjalo, uDell—kwakunye nabanye abaninzi abafana naye—abanakufane babizwe ngokuba yimilwelwe.

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Abasindileyo kwintshabalalo ezayo baya kuphiliswa ngokungummangaliso kubulwelwe babo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share