Ukusuka EOlympia Ukuya Kuma NgeSydney
ABANINZI bayigqala iMidlalo yeeOlimpiki ilolona khuphiswano lwemidlalo lubalulekileyo. IThe World Book Encyclopedia ithi: “Ayikho eminye imidlalo etsala ingqalelo njengayo. Izigidi zabantu zibakho kule midlalo yaye amakhulu ezigidi ehlabathini lonke ayibukela koomabonwakude.”
Amavandlakanya Nje Embali Yayo
IMidlalo yeeOlimpiki yaqala kumawakawaka eminyaka eyadlulayo. Ekholelwa ukuba imidlalo ikholisa imimoya yabafileyo, amaGrike amandulo aqhuba iminyhadala yelizwe eyayixuba unqulo nemidlalo. Le midlalo yayiquka imidlalo yeIsthmus, eyaseNemea, eyeOlimpiki neyePythian. Kule midlalo, eyona yayixatyisiwe yeyeeOlimpiki, kuba yayizukisa uZeyus, owayegqalwa ngamaGrike njengokumkani woothixo.
Kuyabonakala ukuba iiOlimpiki zamaxesha angaphambili zazinomdlalo omnye, ugqatso lweenyawo. Kodwa ekuhambeni kwexesha yaquka nezinye iindlela zokhuphiswano njengogqatso lweenqwelo zamahashe novavanyo olunzima lonyamezelo. Iindwendwe zazithontelana zisuka kude zize kweli theko. Ukuqinisekisa ukuba zikhuselekile, kwakudla ngokuqinisekiswa ukuba akukho mfazwe ngaphambi nasemva kwale midlalo.
Kuthe xa kuqalisa ukulawula kweRoma, zaqala zanqaba iiOlimpiki. Eneneni, yayikho indawo yokuyicaphukela imidlalo kumaRoma. Omnye owayephume yedwa yayinguMlawuli uNero. Wayingenela le midlalo ngowe-67 C.E. yaye waphumelela yonke imidlalo awayeyingenela. Kuyabonakala ke ukuba abo wayekhuphisana nabo babezicengezela kuye! Sekunjalo, ngowe-394 C.E., imidlalo yeeOlimpiki yathi nqum.
Ukuvuselelwa KweeOlimpiki
Kwiinkulungwane ezili-15 kamva, izinto ezavunjululwa ngabembi bezinto zakudala baseJamani kwintili yeOlympia yamandulo zawuhlaziya umdla kuloo midlalo. Wandula ke, uBaron Pierre de Coubertin, indoda engumFrentshi eneminyaka engama-29 ubudala, yacebisa ukuba ivuselelwe le midlalo. Ngenxa yoko, ngowe-1896 iMidlalo yeeOlimpiki yokuqala yakutshanje yaqhutyelwa eAthens. Ukususela ngaloo nyaka, imidlalo yeeOlimpiki iye yaqhutywa, phantse rhoqo emva kweminyaka emine.
Namhlanje abaninzi bayilindela ngolangazelelo le midlalo. Kulo nyaka iza kuqhutywa eSydney, eOstreliya, ngoSeptemba 15 ukuya kutsho ngo-Oktobha 1. Iya kuquka imidlalo engama-28, ukhuphiswano olungama-292, nemijikelo engama-635, yaye bangaphezu kwama-10 300 abadlali abaya kuthabatha inxaxheba.
Noko ke, kwiminyaka yakutshanje, iiOlimpiki zibangela impikiswano. Abanye abantu bathi injongo yeeOlimpiki ayisekho. Ukuyiland’ emva le nto kuya kusivul’ amehlo yaye kusothuse.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 19]
Scala/Art Resource, NY