IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g01 2/8 iphe. 11-14
  • Ukoyisa Iingxaki Ngokuzibekela Usukelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukoyisa Iingxaki Ngokuzibekela Usukelo
  • Vukani!—2001
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuqalisa Kweengxaki
  • Akakwazi Ukuthetha Yaye Akaphangeli
  • Yaphinda Yehl’ Intlekele
  • Womelezwa Kukwazi Unobangela Wezi Ngxaki
  • Ukwenza Uhlengahlengiso Olungakumbi
  • Ukwenza Okuthile Okwanelisayo
  • Usukelo Olusaseleyo
  • “Bandixelela Ukuba Andisayi Kuphinda Ndihambe Kwakhona!”
    Vukani!—1990
  • UGawulayo—Lo Bhubhani Usagqugqisile
    Vukani!—1998
  • Ukuzukisa Uxolo Kunemfazwe
    Vukani!—2001
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
Vukani!—2001
g01 2/8 iphe. 11-14

Ukoyisa Iingxaki Ngokuzibekela Usukelo

KWINDLU ekufutshane neSikhululo Seenqwelo-moya saseNew York iLa Guardia kuhlala uWilliam (Bill) Meiners nomfazi wakhe, uRose. Apho uRose, ongumamkeli-zindwendwe onobubele ophakathi kwiminyaka engama-70 ubudala, ulwamkela ngobubele undwendwe lwakhe. Phakathi kule ndlu eyona nto ukhawuleza uyibone kukuba eli gumbi litofotofo libonisa imeko-bume yobubele. Ukulungiswa kweentyatyambo ngendlela enomtsalane ngasemnyango nemizobo embejembeje eseludongeni ibonisa uvuyo nempilo.

Ngakwigumbi lokuphumla kukho igumbi elithe qhakra, apho uBill oneminyaka engama-77 ubudala, alele khona, umqolo wakhe uxhaswe ngumandlalo olungelelaniswayo. Uthe esakubona ukuba batyelelwe, amehlo akhe azala ububele waza watsho ngolude uncumo. Ebengathanda ukuphakama, asibambe izandla aze asiwole, kodwa akakwazi. Ngaphandle nje kwengalo yakhe yasekhohlo, umzimba kaBill ufe ukususela entanyeni ukuya kutsho ezantsi.

Ngenxa yokuba uBill eye waneengxaki zempilo ukususela eseneminyaka engama-26 ubudala, uye wabuzwa ukuba yintoni eye yamnceda wahlangabezana nempilo enkenenkene ngaphezu kwesiqingatha senkulungwane. UBill noRose bajongana befuna ukuhleka. “Akukho mntu ugulayo simaziyo!” utsho njalo uRose njengoko esithi gquzu intsini. UBill uyaqhwanya-qhwanyaza ebonakala anelisekile; uthi qhuzu qhuzu aze anqwale evumelana nale nto ithethwayo. “Akukho mntu ugulayo apha,” watsho ngelizwi elingqokolayo. URose noBill baqalisa ukuqhulana yaye akubi kudala, wonke umntu athi ya-a yintsini. Ngokucacileyo, uBill noRose basathandana ngalaa ndlela babethandana ngayo ukudibana kwabo emva phayaa ngoSeptemba-1945. Kuphindwa kubuzwe uBill: “Kodwa ngokwenene, ziziphi iingxaki oye wajamelana nazo? Yaye yintoni eye yakunceda wahlangabezana nazo uze ube nembono elungeleleneyo ngobomi?” Emva kokucengwa ethundezwa, uBill uyavuma ukubalisa ngobomi bakhe. Ngokulandelayo uza kuva izicatshulwa ezithatyathwe kwiincoko ezahlukeneyo uVukani! aye wanazo noBill nomfazi wakhe.

Ukuqalisa Kweengxaki

Ngo-Oktobha 1949—iminyaka emithathu emva kokuba etshate noRose neenyanga ezintathu emva kokuba kuzelwe intombi yabo, uVicki—uBill waxelelwa ukuba unethumba elibangelwa ngumhlaza elikhula kwimiphimbo yakhe, yaye liye lasuswa. Kwiinyanga ezimbalwa kamva, ugqirha kaBill wamxelela ngenye ingxaki—yokuba lo mhlaza uchaphazele yonke ingqula. “Ndaxelelwa ukuba, ukuba andinakutyandwa ingqula—nto leyo ethetha ukususwa kwayo yonke ingqula—ndiya kuphila iminyaka emibini kuphela.”

UBill noRose baxelelwa ngemiphumo yolu tyando. Imiphimbo okanye ingqula, isuka kwingcambu yolwimi ukuya kutsho ekuqaleni kukaqhoqhoqho. Phakathi kwimiphimbo kukho imithambo emibini. Xa umoya osuka emiphungeni udlula kule mithambo, iyangcangcazela ize ikhuphe ilizwi. Xa imiphimbo isusiwe, umphezulu kaqhoqhoqho unxulumana nomngxuma ongaphambili entanyeni. Emva kotyando, umguli uphefumla ngalo mngxuma—kodwa aphelelwe lilizwi.

UBill uthi: “Ndathi ndakuchazelwa ngale nto, ndanomsindo. Sasinentombazana, ndandinomsebenzi oncumisayo, sasilindele lukhulu ebomini yaye ngoku yonke into endandinethemba layo yemka namanzi.” Kodwa ekubeni utyando lwemiphimbo lwalunokubusindisa ubomi bakhe, uBill wavuma ukwenza utyando. UBill ubalisa athi: “Emva kolu tyando, ndandingakwazi ukuginya. Ndandingakwazi nokuthi a. Ilizwi laliphele tu.” Xa uRose wayetyelele uBill, wayethetha ngokubhala encwadini. Eli yayilixesha elinzima ngokwenene. Ukuze boyise le ngxaki, kwafuneka bazibekele usukelo olutsha.

Akakwazi Ukuthetha Yaye Akaphangeli

Utyando olwenziwa kwimiphimbo lwamshiya uBill engathethi yaye engaphangeli. Wayephangela kumzi-mveliso woomatshini, kodwa ekubeni ngoku wayephefumla ngomngxuma osemqaleni wakhe, uthuli nomsi lwaluyingozi kwimiphunga yakhe. Wayefuna omnye umsebenzi. Engekakwazi ukuthetha, wabhalisa kwisikolo sokufundela ukwenza iiwotshi. UBill uthi: “Kwakufana nomsebenzi wam wokuqala. Ndandikwazi ukudibanisa oomatshini, yaye naxa usenza iiwotshi, uyadibanisa. Kuphela nje ngoku ndandidibanisa amasuntswana angezizo iiponti ezingama-50 [iikhilogram ezingama-23]!” Emva kokuba egqibile kwisikolo sokwenza iiwotshi, wafumana umsebenzi njengomenzi weewotshi. Lwafikelelwa usukelo lokuqala.

Okwelo xesha uBill waqalisa iiklasi zokufunda ukuthetha. Kwezi klasi, isandi siphuma kuqhoqhoqho ngokungcangcazela kommizo, umbhobho ohlisa ukutya ngomqala ukuya esiswini. Okokuqala, ufunda ukuginya umoya uze uwunyanzele uhle ngommizo. Wandule ke uwukhuphe kancinane lo moya umana ukuwubamba. Njengoko lo moya uphuma, ungcangcazelisa amacala ommizo. Loo nto ibangela ilizwi elirhwexayo, elinokulungiswa ngumlomo nemilebe ukuze kuphume intetho.

Encumile, uBill uthi: “Kuqala ndandikwazi ukubhodla xa nditye kakhulu, kodwa ngoku kufuneka ndifunde ukubhodla ngokuqhubekayo. Ekuqaleni, ndandikwazi ukukhupha igama libe linye ngexesha, ngale ndlela: ‘[Ndandisezela, ndiginye, ndibhodle, ndize ndithi] Injani [ndiphinde ndisezele, ndiginye, ndibhodle, ndize ndithi] impilo?’ Kwakungelula. Emva koko, umfundisi wam wandixelela ukuba ndisele ijinja eninzi kuba ukuhlwahlwaza kwejinja kwakuya kundinceda ndibhodle. Ngoko nanini na uRose esiya kubethwa ngumoya noVicki, ndandisela ndibhodle, ndiphinde ndisele ndibhodle. Ndandizama ngamandla!”

Nangona ama-60 ekhulwini abo bonke abo batyandwe ingqula bengakwazi ukuthetha ngommizo, uBill wenza inkqubela. UVicki, owayemalunga neminyaka emibini ubudala ngelo xesha, engaqondanga wamnyanzelela ukuba akwazi. UBill uthi: “UVicki wayedla ngokuthetha aze andijonge, elindele ukuba ndimphendule. Kodwa ndandingakwazi ukumphendula. Wayedla ngokuphinda athethe kodwa ndingamphenduli. Enomsindo, uVicki wayedla ngokuya kunkosikazi wam aze athi: ‘Xelela uTata athethe nam!’ Amazwi akhe atsho kwathi xhokro kum ndaza ndazimisela ukuphinda ndithethe.” Into eyonwabisa uVicki, uRose nabanye, kukuphumelela kukaBill. Wayephinde wafikelela olunye usukelo.

Yaphinda Yehl’ Intlekele

Ngasekupheleni kowe-1951, uBill noRose bajamelana nenye ingxaki. Besoyikela ukuba lo mhlaza uya kuphinda ubekho, oogqirha bacebisa uBill ukuba afumane unyango lwemitha. UBill wavuma. Lwathi lwakuphela unyango wabulangazelela kwakhona ubomi. Ayizange ithi thiki nakancinane into yokuba kuseza kwehla enye intlekele kwimpilo yakhe!

Kwadlula malunga nonyaka omnye. Kwathi ngenye imini iminwe kaBill yandindisholo. Emva koko, kwaba nzima ukunyuka izinyuko. Akuzange kube kudala emva koko, wathi esahamba wawa kwanzima ukuphinda eme. Uhlolisiso lwadiza ukuba unyango lwemitha olwalufunyenwe nguBill (olwalungekabikho mgangathweni ngelo xesha, njengoko kunjalo namhlanje) lwalonakalise umnqonqo wakhe. Waxelelwa ukuba imeko yakhe iza kubuyela umva. Omnye ugqirha wada wamxelela ukuba “akanawo” amathuba okusinda. UBill noRose babetshonelwe lilang’ emini.

Sekunjalo, ezama ukoyisa le ngxaki, uBill wangena esibhedlele kangangeenyanga ezintandathu ukuze anyangwe. Nangona olu nyango lungazange luyitshintshe imeko yakhe yomzimba, ukuhlala esibhedlele kwabutshintsha ubomi bakhe—utshintsho olwathi ekugqibeleni lwamkhokelela ekwazini uYehova. Kwenzeka njani oko?

Womelezwa Kukwazi Unobangela Wezi Ngxaki

Kangangezo nyanga zintandathu, uBill wayehlala kwisibhedlele samaYuda namadoda ali-19 angakwazi kuzenzela nto—onke engamaYuda Esithethe. Mva kwemini nganye la madoda ayexubusha iBhayibhile. UBill, owayehamba icawa yaseBhaptizi, wayephulaphula nje kuphela. Wathi esimka esibhedlele, wabe sele eqinisekile ukuba uThixo onguSomandla ungumntu omnye yaye imfundiso kaBathathu Emnye iyaphikisana neBhayibhile. Oko kwaphumela ekubeni, uBill angaphindi abuyele kwicawa yakhe. Noko ke, wayefuna ukhokelo lokomoya lokuhlangabezana neengxaki zobomi. UBill uthi: “Ndaqhubeka ndicela uThixo ukuba andincede, yaye imithandazo yam yaphendulwa.”

Ngomnye uMgqibelo ngowe-1953, uRoy Douglas, iqina lendoda elakha langummelwane kaBill nelalive ngengxaki akuyo, lamtyelela. URoy, owayengomnye wamaNgqina kaYehova, wacela uBill ukuba afundisise iBhayibhile kunye naye yaye uBill wavuma. Oko uBill wakufunda eBhayibhileni nakwincwadi ethi “UThixo Makabe Nenyaniso”a kwamvula amehlo. Wabelana noRose ngoko wayekufundile, yaye naye wangenelela kwesi sifundo. URose ukhumbula oku: “Ecaweni sasixelelwa ukuba ukugula kusisohlwayo esivela kuThixo, kodwa isifundo sethu seBhayibhile sabonisa ukuba oko akuyonyaniso. Kwathi qabu.” UBill wongezelela ngelithi: “Sathi sakufunda eBhayibhileni ngonobangela wazo zonke iinkathazo, kuquka ukugula kwam, nokufumanisa ukuba kwakuseza ikamva elibhetele kwasinceda sayamkela imeko endikuyo.” Ngowe-1954 uBill noRose bafikelela olunye usukelo. Bobabini babhaptizwa njengamaNgqina kaYehova.

Ukwenza Uhlengahlengiso Olungakumbi

Sekunjalo, ukungabi nakuzenzela nto kukaBill kwakusele kuhambe kwaya kutsho kwinqanaba apho wayengasenakuqhubeka esebenza. Ukuze baqhubeke bezixhasa, uBill noRose batshintshana ngemisebenzi: UBill wahlala ekhaya kunye noVicki waza uRose waqalisa ukusebenza kwinkampani eyenza iiwotshi—umsebenzi awayewenza kangangeminyaka engama-35!

UBill ubalisa athi: “Ukunyamekela intombi yethu kwandivuyisa gqitha. NoVicki oselula wayekunandipha oko. Ezidla, wayedla ngokuxelela nabani na adibana naye athi: ‘UTata unyanyekelwa ndim!’ Kamva, wathi akuya esikolweni, ndamncedisa kumsebenzi wakhe wasekhaya yaye sasisoloko sidlala kunye. Ngaphezu koko, ndaba nelungelo elihle lokumfundisa iBhayibhile.”

Ukuya kwiintlanganiso zamaKristu kwiHolo yoBukumkani kwakuyenye yezinto ezivuyisa uBill nentsapho yakhe. Kwakumthabatha iyure ukujingxela esuka ekhayeni lakhe ukuya kwiHolo yoBukumkani, kodwa wayengaphoswa ziintlanganiso. Kamva, emva kokufudukela kwenye inxalenye yesixeko, uBill noRose bathenga inqwelo-mafutha encinane, yaye uRose wayeqhubela intsapho ukuya eholweni. Nangona uBill wayethetha nje ithutyana, wabhalisa njengomfundi kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. UBill uthi: “Intetho yam ndandiyibhala ize inikelwe ngomnye umzalwana. Emva kwentetho, umveleli wesikolo wayendiluleka kuloo nto ndiyibhalileyo.”

Kwanabanye abantu abahlukahlukeneyo ebandleni bamnceda uBill waba nesabelo rhoqo kumsebenzi wokushumayela. Yaye, akuzange kubamangalise abo babebukele indlela awayezinikele ngayo ukuba kamva uBill amiselwe njengesicaka solungiselelo ebandleni. Kwandula ke, yakunikezela imilenze yakhe nokungabi nakuzenzela nto kwakhe kwamongamela ngakumbi, wavaleleka emzini wakhe yaye kamva walala ngandletyana-nye. Ngaba wayenokuyoyisa le ngxaki?

Ukwenza Okuthile Okwanelisayo

UBill uthi: “Njengoko ndandiba sekhaya imini yonke, ndakhangela into endinokuyenza. Ndandikunandipha ukufota ngaphambi kokuba ndingabi nakuzenzela nto. Ngoko ndacinga ngokuzama ukuzoba imifanekiso, nangona kungekho nto ndakha ndayizoba ebomini bam. Kwakhona, ndisebenzisa isandla sasekunene, kodwa sonke isandla sam sasekunene neminwe emibini yesandla sam sasekhohlo yayifile. Sekunjalo, uRose wathenga isipha seencwadi ezithetha ngobuchule bokuzoba. Ndazifunda ndaza ndaqalisa ukuzoba ngesandla sam sasekunene. Uninzi lwemifanekiso yam yayiphelela enkunkumeni, kodwa ekugqibeleni ndaqalisa ukufunda.”

Ingqokelela yemizobo emibalabala nemihle ngoku ehombise umzi kaBill noRose ibonisa ukuba uBill waphumelela ngendlela angazange ayicinge. UBill wongezelela ngelithi: “Malunga neminyaka emihlanu eyadlulayo, isandla sam sasekhohlo saqalisa ukungcangcazela kangangokuba kwafuneka ndingaphinde ndizobe, kodwa wawundonwabisa kangangeminyaka emininzi lo msebenzi.”

Usukelo Olusaseleyo

UBill ubalisa athi: “Sele kudlule iminyaka engama-50 ngoku zaqalisayo iingxaki zam zempilo. Ufundo lweBhayibhile lusandithuthuzela, ingakumbi xa ndifunda IiNdumiso nencwadi kaYobhi. Yaye ndiyakunandipha ukufunda iimpapasho zeWatch Tower Society. Kwakhona ndiye ndakhuthazeka kakhulu xa amalungu ebandla lethu nabaveleli abahambahambayo besityelela baze babelane nathi ngamava akhuthazayo. Ukongezelela, ukunxibelelana kwam ngefowuni neHolo yoBukumkani kwenza kube lula ukuba ndiphulaphule iintlanganiso, yaye ndifumana neekhasethi zevidiyo zocwangciso lwendibano.

“Ndiyabulela kuba ndiye ndasikelelwa ngomfazi onothando. Ukutyhubela iminyaka, ebesoloko eliqabane lam elisondeleyo. Kwakhona, intombi yethu, ngoku ekhonza uYehova nentsapho yayo, isengumthombo wovuyo olukhulu. Ndimbulela ngokukhethekileyo uYehova ngokundinceda ndihlale ndisondele kuye. Namhlanje, njengoko umzimba nelizwi lam ziya zisiba buthathaka, ndisoloko ndicinga ngala mazwi ompostile uPawulos: ‘Asiyeki, kodwa kwanokuba umntu esinguye ngaphandle uya esonakala, ngokuqinisekileyo umntu esinguye ngaphakathi wenziwa mtsha kwakhona imihla ngemihla.’ (2 Korinte 4:16) Ewe, ukuhlala ndithe qwa ngokomoya lo gama ndisadla amazimba—kuselusukelo lwam.”

[Umbhalo osemazantsi]

a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.; ngoku ayisashicilelwa.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 12]

“Emva kolu tyando, ndandingakwazi ukuginya. Ndandingakwazi nokuthi a. Ilizwi laliphele tu.”

[Umfanekiso okwiphepha 13]

UBill noRose, namhlanje

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share