I-inshorensi Efunwa Ngumntu Wonke
ENOBA uhlala kwindawo apho iqhelekileyo i-inshorensi okanye apho ingekhoyo, lukho uhlobo lweinshorensi olufunwa ngumntu wonke nofanele ulufumane. Ekubeni “i-inshorensi” inokubhekisela “kukhuseleko oluqinisekisiweyo,” unokulufumana njani olo hlobo lweinshorensi?
Ungakwenza oko ngokuthabatha amanyathelo aluncedo ukunciphisa ingozi osenokuchanabeka kuyo. IBhayibhile ithi bonke abantu bafikelwa “lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshumayeli 9:11) Kodwa, xa ungazibeki engozini ngokungeyomfuneko, usenokungenzakali okanye ulahlekelwe.
Cinga Ngekamva
Ukulumka kunokukukhusela. Xa ezoqoqosho zisemi kakuhle, usenokukwazi ukuzibekela imali—usenzela izanzwili zexesha. Mandulo phayaa indoda eyoyika uThixo uYosefu wazibalula ‘njengendoda eyingqondi nesisilumko’ ngokonga ukutya esenzela lonke ilizwe laseYiputa ebudeni bexesha lentlutha. Xa kamva ilizwe lathwaxwa yindlala, oko wakwenzayo uYosefu kwanceda kungekuphela nje amaYiputa kodwa kwanentsapho yakowabo.—Genesis 41:33-36.
Enye into enokusikhusela kukonga. Sinokonga imali size sinciphise uxinezeleko ngokungasoloko sifuna izinto ezintsha, ifashoni, okanye ukuzonwabisa—nto leyo esenza singakhuseleki. Enyanisweni, njengoko sele kubonisiwe, okukhona umntu esiba nezinto eziphathekayo, kokukhona esengozini yokuba zibiwe okanye alahlekelwe zizo.—Luka 12:15.
Luxhalabele Ukhuseleko
Sinokunciphisa iingozi ezininzi ebomini ngokuxhalabela ukhuseleko. Ngezingaphi iingozi zenqwelo-mafutha ebezinokuphetshwa ukuba wonke umntu ebeqhuba ngenyameko nangesantya esikhuselekileyo? Kwakhona, cinga ngobomi ongebusindisiwe ukuba bekungekho mntu uqhuba ediniwe okanye esele utywala. Zikho nezinye iingozi zokuqhuba esinokuziphepha.
Ngokomzekelo, kumazwe amaninzi akuvunyelwa ukuba usebenzise icelullar ngoxa uqhuba. Olunye uhlolisiso lwabonisa ukuba loo nto iwandisa ngokuphindwe kane amathuba okwenza ingozi. Iyandisa ingozi kanye njengokuqhuba unomlinganiselo we-0,1 wotywala egazini lakho, mlinganiselo lowo othi xa unawo kwiindawo ezininzi ugqalwe unxile gqitha ukuba ungaqhuba.
Kanti nokuwasebenzisa rhoqo amabhanti okhuseleko kuyayinciphisa ingozi yokufa kwabaqhubi nabo bakhweleyo. Kodwa ungacingi ukuba nezi zixhobo zokhuseleko njengamabhanti okhuseleko okanye iiair bag okanye ukuba neinshorensi kukunika ithuba lokuzichanaba engozini. Uphengululo lubonisa ukuba ukucinga ngolo hlobo kubangela iingozi ezininzi.
Kwakhona ukuxhalabela ukhuseleko kuyi-inshorensi elungileyo ekhayeni nasemsebenzini. Ngaba indawo ohlala kuyo nosebenza kuyo icocekile yaye ayinazingozi? Khawujonge nje kufutshane. Ngaba kukho into esendleleni abanokukhubeka kuyo abantu? Ngaba izinto ezitsolo okanye izixhobo ezitshisayo—izitovu, izifudumezi, iiayini—zikwindawo apho zinokusika abantu okanye zibatshise? Ngaba kukho amaphepha amaninzi okanye ezinye izinto ezitshayo? Eyona nto umele uyiphaphele ziingozi ezinokwehlela abantwana. Ngokomzekelo, ngaba iziselo ezinxilisayo nazo zonke izinto zokucoca ezinetyhefu zikude ebantwaneni abancinane?
Nyamekela Impilo Yakho
Ngokuxhalabela impilo yakho ngendlela esengqiqweni, ungayinciphisa ingozi yokugula. Kule nkalo, ulwazi lunokubonakala luluhlobo oluthile lweinshorensi. Zilumkele iingozi kwimpilo yakho, yaye thabatha amanyathelo ayimfuneko xa uvelelwe ziingxaki zempilo. Okubaluleke ngakumbi, funda indlela yokunyamekela impilo yakho neyentsapho yakho. Phambili phayaa kwakudla ngokuthiwa: “Kulungile ukuba into inyangwe isavela kunokuba iyekwe de yendele.”
UVukani! kudala enikela inkcazelo ekhuthaza abantu ukuba baphile ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile baze baphephe imikhwa nendlela yokuphila eyingozi empilweni. Ngokomzekelo, phakathi kwemibandela emininzi eye yaxutyushwa kuVukani! ibikukubaluleka kokucoceka, ukutya okufanelekileyo, ukulala ngokwaneleyo, nokwenza umthambo rhoqo kwakunye nemfuneko yokulawula uxinezeleko nokuxakeka ebomini.
I-inshorensi Ebalulekileyo
Kweli hlabathi lingafezekanga, i-inshorensi inokuba luncedo, kodwa ayikho i-inshorensi enokusikhusela okanye iyibuyisele ngokupheleleyo ilahleko yethu. Kodwa, enoba banayo i-inshorensi okanye abanayo, bakho abantu abaziyo ukuba abasayi kushiywa enyanyeni. Ngoba? Ngenxa yokuba ngexesha lentlekele, abalandeli bakaYesu Kristu bokwenene—abo bakhonza uYise, uYehova uThixo—benza konke okusemandleni abo ukuwenza lula umthwalo wamadlelane abo.—INdumiso 83:18; Yakobi 2:15-17; 1 Yohane 3:16-18.
Ngaphezu koko, uYehova uthembisa ukuba akasayi kuze abashiye abakhonzi bakhe abanyanisekileyo. Umdumisi weBhayibhile wabhala wathi: “Nokuba ubawo noma bangandishiya, ke yena uYehova uya kundithabatha.” (INdumiso 27:10) NjengoMthombo wobomi, uYehova unokubavusa abo bafayo, yaye ngokutsho kweBhayibhile, uye wanika uNyana wakhe, uYesu Kristu, amandla okuvusa abafileyo. (INdumiso 36:9; Yohane 6:40, 44) Kodwa, iLizwi likaThixo libonisa ukuba akusayi kuvuswa wonke umntu. (Yohane 17:12) Ngoko, sinokuqiniseka njani ukuba siya kukhunjulwa nguThixo eluvukweni?
KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni edumileyo, uYesu wathetha ngolona hlobo lweinshorensi lunokuthenjwa. Wathi: “Musani ukuziqwebela ubuncwane emhlabeni, apho kudla khona inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekeza khona ebe. Kunoko, ziqwebeleni ubuncwane ezulwini, apho inundu nomhlwa zingadliyo khona, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe. Kuba apho bukhoyo ubuncwane benu, nentliziyo yenu yoba lapho.”—Mateyu 6:19-21.
Abantu badla ngokucinga ukuba ukuzalisa uvimba kuya kubenza baphile ubomi obutofotofo xa sele bebadala. Noko ke, uYesu wayichaza le inshorensi iyeyona ikhuselekileyo. Ukuxabiseka kwayo akunakulinganiswa nanto yaye ayisayi kuphelelwa! Wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.
Ngokufumana ulwazi oluchanileyo ngoThixo noNyana wakhe nokusebenzisa oko sikufundayo ebomini bethu, siya kuzenzela udumo oluhle kuThixo. (Hebhere 6:10) Besekela iinkolelo zabo kwimfundiso yeNkosi yabo, uYesu Kristu, umpostile uPetros noYohane, bagxininisa kwelokuba le nkqubo ikhoyo ilawulwa ngabantu iya kuphela. Kodwa uYohane wathi: “Lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17; Mateyu 24:3, 14; 2 Petros 3:7, 13.
Sinokuqiniseka ukuba, ukuba sikhonza uThixo de sife, uya kusivusa okanye ukuba siye saphila de kwafika ixesha aya kuphelisa ngalo le nkqubo yezinto, uya kusilondoloza siphila ukuya kwihlabathi lakhe elitsha elinobulungisa. Enyanisweni, idinga likaThixo ‘kukusula zonke iinyembezi emehlweni ethu’ aze enze ‘zonke izinto zibe ntsha.’ (ISityhilelo 21:4, 5) Ukukhonza uThixo nokuthemba amadinga akhe ngokwenene kuyeyona inshorensi ilunge kunazo zonke. Yaye iyafumaneka kumntu wonke.
[Imifanekiso ekwiphepha 26, 27]
Ukuxhalabela ukhuseleko nempilo luhlobo oluthile lweinshorensi
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Ukufunda ngoThixo nokwenza ukuthanda kwakhe kuyeyona inshorensi ilungileyo yekamva